University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
South African Voices

South African Voices: Created in Olden Times (2006)

Previous Previous section

Next section Next



 

South African artwork

SIKHULUMA, VERSION ONE

RealAudio Listen to this section

Date:    August 2, 1972
Time:    2:30 p.m.
Place:    Outside, along the side of a ridge, near Masithathu Zenani's home, in Mboxo (Nkanga) Location, Gatyana District, the Transkei
The Performance:    Related in Xhosa
Audience:    Three women, three teenagers, three children
Narrative 2S-16
Tape 1, side 2, and tape 2, side 1

In the beginning, Sikhuluma does not speak. Later, when, on a trip with ten other boys, he is struggling with his brother, Sitshalotshalwana, he does speak. If the boys listen to Sikhuluma, they live; if they heed Sitshalotshalwana's advice, they die. In the end, all but Sikhuluma are dead. Now Sikhuluma is ready to move to manhood, but he refuses to do so until he has a cape fashioned of the skin of a fabulous water monster. His sister lures the monster to their home, where it is slaughtered, and Sikhuluma now has his cape. He then goes to the forbidden place of Mangangedolo, where he seeks a bride. Mangangedolo attempts to destroy Sikhuluma, but in the end the youth overcomes Mangangedolo and returns home with a bride. The performance of this story is cut short, and Masithathu Zenani will later tell it in its entirety.

Kwathi ke kaloku ngantsomi...kwakuyawa semzini komkhulu kanjalo...apho ke ngoko wazala umfazi lowo wenkosi...wazala umntan' oyinkwenkw' owokuzibula...laa mntana igama lakhe...yanguye uSikhuluma[256] ngenxa yokungathethi...akakwazi ukuthetha...kwathiwa ke igama lakhe nguSikhuluma...uphindile ke emzuzwini wokumalekela...wamalekela ke kanjaqo waphinda wazala kwa umntana oyinkwenkwe...waphinda ke lowo umntana igama lakhe yanguSitshalotshalwana[257] ...ngoku ke bakhula k' abantwana...waye ke uSikhuluma lo engakwazi yen' ukuthetha...esenza nje 'b'[258] isith' int' isenziw' engakwazi yen' ukuthetha...uSitshalotshalwana wathetha ke yena...wakwazi ukuthetha...kuhambe ngolo hlobo...yabe ke bezinkosi okwabo kuba 'lo'[259] ngabantwana benkosi...ngoko ke bangamakhos' okwabo...bakhulile ke bangamakhwenkw' amadala bade banodadewabo...ngoku bathe ke bakuba bekhulile...'se bengamakhwenkw' amadala behamba imitshotsho...kwala ngaminazana...lizolile benoyis' omkhulu...uyis' omkhulu ke ehleli ngasesibayeni...ngoko ke kuthe kwakubon' uba ke bahlel' apha noyise kubuthiwe ngamakhwenkw' uba kuthandwa ukuza kubuthwa komkhul' ufike kuzele ngamakhwenkw' apha...kwathi thu iintaka ezinintshi...zathi thu ziliqel' ezi ntaka zaza kugqitha kubo zaya kutshona...kuphindile emzuzwini...'phinda kwathi thu ezinye iintaka zigqitha zaphinda zakutshona[260] ...ezi ntaka ke zivela calani[261] linye zibheka caleni linye...kuthe ke nxa kunjalo wathi ukhehle oo! akoko[262] yayisesithi sisengamakhwenkwe ezi ntaka njengoba 'se zenje[263] nje 'be siza kuzilandela thina 'hambe sizibetha...wathi ke oo siza kukhe ke ngoku sibone le nt' ithethwa ngukhehl' atsho amany' amakhwenkwe...kwalile k' emzuzwini eli xhego lakuba lithetha le nto...hayi...wathi uSitshalotshalwana hayi bo! masithath' iintonga zethu masihambe...tyhini! unyanisile umakhulu...athath' izagweba zawo amakhwenkwe...aze la makhwenkwe alishumi elinambini...azilandela k' ezi ntak' ehamb' ezibetha...esoyisana ngokuzibetha ngokuchana uSikhuluma lo akathethi yena...tu! akakwaz' ukuthetha int' enayo wenza loo nto yenziway' abheke kwelo cala int' ekhoyo uyachana gqith'...zabe zicholwa ke ziman' ukugalelwa k' ezidyongweni[264] ezi...lad' es'ke ilanga laya kutshona...kuba iintaka ezi aziyeki ukuthi thu kweli cala zivela kulo...elek'[265] uba beqhuba ezi ziyavela ngemva bayazibetha njalo...baye bewela imilambo ngemilambo...beqhubela phambili lathi lakutshona ilanga awu! siya kuthini...hayi masilale...kwalalw' apha...kwabaswa umlilo kojiw' ezi ntaka kwatyiwa ezi ntaka kwasa...kwasa iintaka zisengumthongo osavela kwelo cal' osabheka kwelo cala...bemka nazo iintaka bewel' imilambo ngemilambo...zaquthwa ezi ntaka zichanwa zisenjiwa[266] nje...bemka nazo...kwala ukutshona kwelanga ngenye igem'[267] ...bakubon' uba ngonje kuyabaswa litshonil' ilanga kuza kutyiwa kwa iintaka...babona umzi umlilo okhanyayo pha'...wathi uSitshalotshalwana hee bafondini masiye kulaa mzi...ngumzi lowa...wathi uSikhuluma uze aqwabuluke ukuthetha...wathi

wena Sitshalotshalwana hom[268] hom...[269]
's'[270] ukuya kulaa mz' akuyiwa hom hom...
abantwana babantu bakufa[271] bonke hom hom...

kwathiwa tyityo tyityo tyityo tyityo yaze yatheth' inkosi tyhini 'hle' nj'[272] inkosi yakwaz' ukuthetha...wath' uSitshalotshalwana suka mfo esi sibhanxa sifane sidwanduluke singakwaz' ukuthetha utheth' int' angayaziyo suka wakha wakwaz' ukuthetha kakade suka masihambe...hee ahamb' amakhwenkwe wathula ke yen' uSitshalotshal--- uSikhuluma...ahamb' amakhwenkwe...ee! aya kufika kulaa mzi...angena...ewu! kule ndlu...akukho mntu...kule ndlu...kukutya kuphakw' iipleti[273] zilishumi linambini zomnqusho...hee wath' uSitshalotshalwan' uyabona ke...oku kutya kulingene thina su--- kuphekelwe thina uyabona kungangathi ngulowo uza kuty' esakhe ngulowo uza kuty' esakhe ngulowo uza kuty' esakhe...ee...wath' uSikhuluma...

wena Sitshalotshalwana hom hom...
's' ukutyis' abantwana babantu ukuty' akutyiwa hom hom...
abantwana babantu baya kufa bonke hom hom...

tyityo! tyityo tyityo tyityo atsh' amany' amakhwenkwe yho! yaze yatheth' inkosi yatheth' inkosi...wath' uSitshalotshalwana suka akukho nkosi yanto apha akukho--- sisibhanx' esi akakwaz' ukuthetha utheth' int' angayaziyo apha yityan' ukutya kwethu...kwatyiwa kwatyiwa kwatyiwa kwatyiwa kwalalwa...wahlala ke yena uSikhuluma akalala...balal' abanye...wafik' umnikazi-ndlu umfazi...wathi yho! ukuty' o'be kulapha kutyiwe ngubani...wajong' wajong' wajonga...wath' ndiya kuqala ngalo ndize ngalo ndize ngalo ndize ngalo ndize ngalo wabagqiba wathi ndakugqibela[274] ngale ntwan' imagqatyagqatyana...watsh' exel' uSikhuluma...uSikhulum' uhlel' uyayiva le nto...watsho waphuma lo mntu...wath' akuphuma lo mntu...wabavus' uSikhuluma wabavus' wabavus' wabashukumis' wabashukumisa...wathi

wena Sitshalotshalwana hom hom...
ub' umbonile laa mnt' eb' elapha hom hom...
abantwana babantu bakufa bonke hom hom

tyityo tyityo tyityo yatheth'[275] suka suka suka suka...akukho nt' iyinkos' ikwaz' ukutheth' int' engakwaz' ukuthetha...mm vumbululu...'sihambe[276] ...ooo! bemka benje[277] njeya...zay' iintaka zingayeki...kwaye kukho iindlela...zahlukene kukho indlel' engaphambili...ebanzi inkulu yona enye indlelana incinci...watsal' uSitshalotshalwana esithi makubhekwe ngakule ndlela...wathi uSikhuluma

wena Sitshalotshalwana hom hom...
's' ukuhamba ngaloo ndlel' ayihanjwa hom hom...
akuyiboni na laa ndlu imhlophe hom hom...
abantwana babantu baya kufa bonke hom hom...

tyityo tyityo tyityo yaze yatheth' inkosi ee suka! akukho nkosi nto akakwazi kuthetha lo...asinakungahambi ngendlel' ehambayo masihambe 'sihambe[278] endleleni...uFamfe[279] wayehambe phi...ee bangen' endleleni...bala net[280] uba becakatha endleleni...kwaqal' owokuqala...we[281] khitha wafa...washiyek' apho lowo...kwahanjwa kwahanjwa kwahanjwa kwahanjwa...kwale nxa bephakathi we[282] khitha owesibini bamshiy' apho...bahamba bahamba...hayi ngoku 'se kubonakala uba noko...akusekho ndawo igeza kakhulu...kwaphinda kwe[283] khitha omnye...baphinda bahamba...bahamba...kwaphinda kwekhitha omnye...nako ke ngonj' uthule ke ngok' uSikhuluma tu! akathethi...bahamba baye besiya kuloo ndlu i--- i--- imhlophe...'ahamba 'ala[284] ...nxa bephakathi kanjaqo kwekhitha omnye...bahamba...kwade kwabonakala ub' ayaphela ngoku la makhwenkwe ahamb' ekhithazeka kule ndlel' esif' ekhithazeka kule ndlel' esifa 'se kuthe cwaka ngok' akusekho mnt' uthethayo...wath' uSikhuluma nxa esithi ngonj' uSitshalotshalwan' ndinxaniwe mna...ndiza kuya kulaa ndlu mna ngoku ndiza kusela...ndinxaniwe...wath' uSikhuluma

wena Sitshalotshalwana hom hom...
's' ukuya kulaa ndlu akuyiwa hom hom...
kukh' inkwenkw' ende yomlungu hom hom...
abantwana babantu baphelile hom

hayi ndiyeke mna ndiya kuthini ukungahambi ndinxaniwe mna ndizokungayi...ee! wahamb' uSitshalotshalwana...wath' ukuza u'Tshalotshalwana...wajika...wafika kulaa nto wafik' ilele pha'...wathi ndiph' amanzi waba ngathi umfazi olapha hayi akungenwa wathi 'soze ndingangeni mna...oo bahlangana nent' e'b' ilapho...wazihambela yedwa uSikhuluma ngok' kwal' uSikhuluma nxa kubonakal' uba konke konke konke konke uyadenga...akayazi nendlela yokugoduka kwathi thu inja yakhe emfuleni ezingcotyeni yeza kuy' ibungezela inja yakhe yafika yamthi yamthi yamthi 'se kubonakal' uba ngoku 'se ephela...wasimelel' uSikhuluma ehamba ehamba wath' akuthi eku--- ukusimelela kwakh' into ethi Sikhuluma...uyasihlaba ngentonga...ayincothul' uSikhuluma ayeke kuloo ndawo...wahamb' uSikhuluma[285] ...wahamba uSikhuluma wathi ke ngonj' uSikhuluma nxa kuphi...'s' eman' ukuqatyulwa yile nt' 'ale[286] nja yakhe' engayazi nendlela uthe ngqooooo aph' emva kwenja 'se iyile nja yakhe le nto yazi ikhaya kuba ikhaya eli ba'[287] belishiye kudala behamba bewel' imilambo ngemilamb' ubusuku nemini abasazi noba kungaphi emakhaya walandela aph' enjeni...waze wade waya kufika kowabo wafika wahlala phandle uSikhuluma akangena endlini...akub' engen'--- ehleli endlini inja yangena yodwa endlini...awu yiyo l' inja kaSikhuluma wabona ehleli phandle uSikhuluma njalo engangenanga endlini elusizi...uSikhuluma uthethile apho xa kuye udadewabo...wathi uSikhuluma makubizwe uyise endlini kwabizwa uyise wathi uSikhuluma

abantwana babantu baphela hom hom...
uSitshalotshalwana ndandimxelele hom hom...
nam ndisindiswe yinja yam hom hom...

kwafane kwathiwa tyityo tyityo yathetha inkosi kwaye kufunw' amadoda abizw' amadoda...afik' amadoda ath' akufik' amadod' ehleli phandle...wathetha uSikhuluma wathi isiqalo uba ndiqalise ukuthetha le yoko[288] sesuka apha silandela emva kwezo ntaka...oko sazibeth' oko koko ziyimfumb' engako sade sanokulala endleleni...ndakuba sifikile ezweni umninawa wam wafa wafa kunye nelo qela ndasinda ndedwa...waba nguye oyintshokotsheli okokuba makuhanjwe...ndaba ngathetha wathi isidenge 'zange ndikwazi ukuthetha...loo nto ke baphelela kuloo ndlela yaba nguye owokugqibela...ngoko ke ndiza nent' enjalo...awu ke amadoda ke athi ke ayabulela okokuba kubekho umntan' 'enkosi[289] asinde yena...kuba ke yen' akenzanga nto...aqala ke ngonje le nto ayibong' hayi noko nkos' akunakufane uve int' embi...kuhleliwe ke kwahlaliwa kwahlaliwa...oo kunokuthini int' enje hayi ayinant' int' enje ayinantlawula[290] kwahlaliwa...kuzokwala nxa kunini...kwabonakala okokuba ngoku ke makuthini...e--- uSitshalo--- uSikhuluma ndifuna ukwaluka...tata[291] ...ee!...lo Sikhuluma ke akahleli 'b'[292] ethetha akathethi...uthetha loo nto ngalo mini angaz' akaphind' athethe...oo kulungile...awu! kwafuneka ke kuxelelw' amadoda axelelwa k' amadoda awu inkos' ifun' ukwaluka...ke kulungile ke mayaluke...ngoko ke yakhiwa k' indlu waluka k' uSikhuluma...akub' alukile ke ngonje ke uSikhuluma kuhleli ke kwahlaleka bengabakhwetha njalo engathethi tu...konke engathethi nakwabo bakhwetha engulaa Sikhuluma...kwabonakal' uba ngoku kufanelek' oba[293] 'ze kube amakhwenkwe amele uze abe ayaphuma kudala engamakhwenkwe...oo ngoku ke mabaphume abakhwetha...uSikhuluma...watheth' uSikhuluma...wathi uSikhuluma andinayo indlela yokokuba ndingaphuma ingubo endinokwambatha yona ingekho yaye ke ingubo endiyifunayo ndifuna ingubo yenabulela...iphi ingubo yenabulela ingubo yenabulela isemilanjeni iya kufunwa khona...awu! yint' engathiwan' int' enjalo...hayi bo! ayinakulunga loo nto...wathi andinakuphuma ingekho loo ngubo...ke akaphendulwa ke kuba akathethi...uthetha kube kany' ayeke...kwafuneka ke ngonje wathi kudadewabo makenze umphako...agray' umbona enze izonka zombona ngeengobozi azithwale ukuze eze kuye bahambe eze nomkhonto...wasila ke udadewabo wagray' izonka wazinyela kwas' ezisila wazipheka zayimfumba[294] wathwala ke ukubheka ethontweni...wemka ke noSikhuluma lowo...bebashiya apho abakhwetha abo...bahamba ke bahamba bahamba bahamba bahamba bewela imilambo besiya ezizibeni...bathi bakufika esizibeni...kujulwe isonka kuthiwe

nabulele nabulele phum' unditye[295]

kuthi cwaka!...ingabikho le nto kuhanjwe kuyiwe kweziny' iziziba besenza le nto...ewo! kukude kweli 'zwe bade bafika sizibeni beyigqibile imilambo esithe ncwe!...ngoko wathi

nabulele nabulele phum' unditye phum' unditye[296]

wathath' isonka wasijula...wath' akuthath' isonka asijule...kwo! kwathi yalulu yalulu yalulu yalulu yalulu esizibeni kwayaluluza kwayaluza bayibon' ukub' iza kuphuma ke ngonje ke...babaleka ke ngoku bahamba...yaphuma ke bashiy' isonka saba sinye phezu kwesiziba yatya esi sonka...babe bebaleka ke...babe bebalek' ezi mini...yabaleka le nt' emva kwabo yakugqib' ukuty' esi sonka le nto iyoyikeka le nto ayijongeki...yabasukela le nto yale nx' ikude kufitshane athath' isonka...asigibisele...ee! ity' esi sonka babaleka ke...yale nx' ingathi 'se iza kubafuman'...bajul' isonka...ity' isonka...babaleke ke...abaphumi ke bon' abakhwetha balinde laa nto akakabikho lo mkhwetha...kwala...xa kunini...awu mabaphum' abakhweth' int' ekhoyo bahlale...balinde...baphuma bon' abakhweth' yatshisw' indlu...balinda...yabaleka ke le nt' ibaleqa ibasukela bade bathi thu ekhaya ukutshona kwelanga bathi bakuthi thu ekhaya...bajula isonka...babaleka bakungena[297] ebuhlanti...bafika bajula isonk' ebuhlanti bakuphuma[298] ngezants' ebuhlanti...yabaleka le nto yangen' ebuhlanti yafika le nto ye[299] dibilili latsho lazal' uthango...kwabaleka nenja ekh' apha kwabaleka nenkomo kwabaleka nantoni oko kubonwe le nto nenkuku nantoni kwabaleka kwathi bhe! kwavalwa nasezindlini kusithiwa yint' eyintoni na le nto inje ngale...kuthe ke xa kunjalo ke uSikhuluma yen' wafik' wayihlaba ngomkhonto yaba ifile...kuphunyiwe ke ngonje ke ngamadoda...yaba yiyo ingubo yenabulele yahlinzwa ithe yakuhlinzwa yasukwa yaziingubo[300] ezimbini...wathi ke uSikhuluma kufuneka yambathwe enye lisekela lakh' enye yambathwe nguye bazambatha ke zombini ezi ngubo balala ngazo ke apho enkundleni...bezi--- baziguqula kuba zisoyikeka u--- umphandle wazo...kwaqala ke ngonje kwaba kukusasa kweziwa kuye ngelikakusokwa ngonje kusiza nabanye nxa bebonke...kwabekwa ukhuko kwathiwa makangene endlini...uthethile uSikhuluma wathi andinakungena endlini ndingenaye umfazi kufuneka ngoko ndiphunyelwe nabanye e--- abanokuhamba nam ndifuna intombi kaMangangedolo[301] ...uthe ke oo hayi ke wabiza ke amadoda uyise kaSikhuluma...ke apha ke ndifumana igama e--- uSikhuluma efuna inkosikazi engenakungena endlini engenankosikazi...ke uthabathisa ngokuth' ufuna in--- intombi kaMangangedolo[302] ...ke kaloku ke apho ke ndiva kusithiwa akuyiwa lubuyayo[303] ...uth' ufuna yona kanye...ngoko ke kufuneka ke amadodan' aza kuhamba naye aye naye kwelo 'zwe...ndifuna ke kuphume k' amadoda...abiziwe ke kwathiwa makahambe nenkosi yayileyo[304] hayi andicingi ndayihlawula[305] loo nto ngenkomo ukuba ndisalela inkosi...kwathetha nenye yathi hayi ndiyayihlawula loo nto ngenkomo 'ba[306] ndisalela inkosi...kude kwavuma ke bababini[307] nanko[308] ke ngoku bahamba ke nalo boba--- bobathathu...bathe ke bakuba behamba njalo besiya kucela intombi leyo...balile endleleni badibana nempuku...impuku leyo iphumile...iphantsi...yathi Sikhuluma ndihlinze ndihlinze...ndihlinze undifake engxoweni...awu...yintoni leyo...ndihlinze ndiya kukunceda ngaphambili undifak' engxoweni...wayihlinza impuku wayifaka engxoweni...yathi impuku ukuze--- uze wenje[309] nje inyama yam yifake aph'...uyishiye aph' phaya uz' ungen' esangwen' uyokuphuma ngezantsi...uba ub'[310] ungen' esangwen' ungaphind' uphum' esangweni...phaya uz' ungalandlali ukhuko olutsha phaya uz' unganqumli nkundleni uz' uhambe entla komzi...phaya...zonke izinto zaphaya uzame ukuzigqwetha...kuba kulaa mzi kubuluwa abayeni...nawe lo uza kufa[311] ...ke kaloku ke ngoku ke babe behamba ke ngoku kuhanjwe kwahanjwa ke kwabonakala ke ngonje ee! kuza kufikwa kuza kuthiwa thu...mh! baye beyibona yon' intaba leya...bangayaziyo noba yeyantoni...bahambile ke kwakikizelw' apho kwenziwa ngathi kuyavuywa kuba kusiz' abayeni...bafikile ke bafika bakuhlalela[312] kucala elingapha bathe nxa besahamba njalo ngabant' abatheni n' aba bahamba kanje...bahamba ngolu hlobo...hayi thina senje[313] nje nxa sihambayo...ewe...bafika bahlala bucala enkundleni...uyile ke uMangangedolo...wafika wathi ngqi krotsho ngqi krotsho wathi molweni wahlala bathi bona mhm!...awu kukuvuma kun' oko...kuthi mhm!...hayi sivuma ngolo hlobo thina lesiqhelo...mm! hayi ke kwathiwa mabalungiselwe indlu balungiselwa ke indlu...basiwa kundlu esindwa ngobisi...bathe asiyi apho kuloo ndlu...siza kungena thina kulaa ndlu...basuka bakungena[314] kundlu ehlal' amathola...indl' enomgquba emdaka...awu ngabant' abanjani n' aba benzeka kanje...kwasiwa amakhuko amatsha okwandlala...bafika bathi asiwafuni amakhuk' anje...thina sandlal' izicangca ezimdaka...andlal' ezi cangca ezimdaka awu!...zizinto zini n' ezi ngabany' aba...batheni aba banje...kwaphakwa kwasiwa ukutya...ukutya ngezity' ezitsha...basuka kath' abakufuni...bafun' ukuty' okusezityen' ezidal' ezivusayo...namaceph' amdaka...awu ngabany' aba 'zang' siyibon' int' enje...kwalile ke nxa kunjalo laye litshon' ilanga ngoku...kwaye ke ngonje kuza kufika apha kufike kuziswe abantwenyana bazokulala kubayeni abantwenyana ke ziintombi zineenkciyo zaza ke iintombi...zeza ebayenini...itshil' ukuthi impuku uyabona ke uze nithath'[315] iinkciyo ezi nizifake kuni iintomb' ezi zona zingabinankciyo nizenz' iintombi nina...uze nenje njalo k' ukulala...ize ke ngonje ke ingubo le...e--- uyiphendulele uz' uyiguqule ngokuhlwa...eee...ewu wahlala...a--- bafik--- zafik' iintombi...balala neentombi...awu! kwala ebusuku...kwathiwa khawuye mkhwekazi...kulaa ndlu yabayeni...ee way' umkhwekazi...ngqi ngqi ngqi ngqi ngqi ngqi...wath' nx' esemnyango...yathi impuku

buya nabo buya nabo[316]
mkaMangangedolo buya nabo
buya nab' ubuth' obo buya nabo...

tyhini! wabalek' umfazi ngqi ngqi ngqi wakutsho[317] kulaa ndlu...ehe! kuhleliwe kulaa ndlu...kuthiwe mandibuye nabo ndibuye nab' ubuth' obo...wath' uMangangedolo awu ngabanjani n' aba banamhlanje...batheni n' aba...ee suka...kuza 'khe kuye mna...ewu! waya ngokwakhe...ngqi krotsho...ngqi krotsho...ngqi krotsho...wem' emnyango...wala nx' esemnyango

buya nabo buya nabo
Mangangedolo buya nabo...
buya nab' ubuth' obo buya nabo...

kwo! ngqi krotsho ngqi krotsho ngqi krotsho ukubhek' endlini...wathi ngonje ma'khe kuye inja yam kukhw' inja k' apha...inja yam yona ezaphelela kuyo zonke iinto zam inja yam ijinga neezitofu ma'khe kuye yona ngoku 'soz' uyibon' int' enje ngabany' aba...khawuye nja yam ee yesuka le nja vuku vuku vuku...yavukuza ee yafika yem' emnyango...a--- yaphind' impuku

buya nabo buya nabo
nja kaMangangedolo buya nabo...
buya nab' ubuth' obo buya nabo

yath' inja nhu nhuuuuuu!...yangena...yem' emgubasini...

buya nabo buya nabo
nja kaMangangedolo buya nabo
buya nab' ubuth' obo buya nabo...

yath' inja nhu nhuuuu...yakuchopha[318] nga--- ngakuye...ewe...ee yala nxa ilapho...ichoph' apho...yesuka ingubo kaSikhuluma...yaxobuka yayithatha le nja...yayisongela yayisongela yayaphula yayinqunqa yayinqunqa yayinqunqa yayinqunq' iyaphul' umqolo yaya kuyibek' emnyango kowayo...kokway' yabuya yaza kwambatha kumntu wayo...walal' apha...kwasa kusasa...oo 'a'khe[319] siyokukhangela ebayenini...ath' umnt' akuthi xovu tyhini le nj' ibulewe yintoni...yho yho yho...ezi mini uman' ukuthi haa iza kubafuman' eyam inja...kant' inja yafa...kwewo! ngabany' aba...siza kuhlangana...kwahlaliwa kwacingwa kuza kuthiwa nxa benje...awu hayi...mabayi--- mabokutshatelwa ebuhlanti...ewe...zimkile k' iintombi ngoku kusasa...kwafuneka ke ngonje abayeni babhek' ebuhlanti babukwe baxhelelwe...hayi ke ngonje kwathiwa ke niyabizwa ebuhlanti babizwa ke ngonje k' ebuhlanti...baya abayeni abayeni besuk' aba bayeni...kwathiwa njengokuba bejong' ukungena esangweni bas'ke baya kungena ngezantsi kutheni ningena ngethuba ningabakhwetha kakade nenzela ntoni...hayi sinjalo thina mm hayi molweni bafo bethu mhmm awu kukuvuma kun' oku bahlala...kwaxhelwa k' apha...[320]


Notes

[256] uSikhuluma: "eloquent speaker," i.e., when he speaks, he speaks eloquently. Or, from asikhulumi, "he who does not speak."

[257] uSitshalotshalwana: she sometimes pronounces the name uSitshalutshalwana. From the ideophone, tshalu, meaning a momentary appearance, a passing flash.

[258] 'b': kuba.

[259] 'lo': kaloku.

[260] zakutshona: zayakutshona.

[261] calani: caleni.

[262] akoko: okoko.

[263] zenje: zenze.

[264] ezidyongweni: idyongo, from Afrikaans jong, "young."

[265] elek': from Afrikaans elk, "each."

[266] zisenjiwa: zisenziwa.

[267] igem': from English "game, to take turns."

[268] hom: from Afrikaans om, "round," to turn cattle around. "You, Sitshalotshalwana, turn from what you are doing!"

[269] She sings these words.

[270] 's': musa.

[271] bakufa: bayakufa.

[272] 'hle' nj': kuhleliwenje.

[273] iipleti: ipleti, from English "plate."

[274] ndakugqibela: ndiyakugqibela.

[275] yatheth': yatheth'inkosi.

[276] 'sihambe: masihambe.

[277] benje: benze.

[278] 'sihambe: masihambe.

[279] uFamfe: the word is unclear.

[280] net: from Afrikaans net, "just."

[281] we: wathi.

[282] we: wathi.

[283] kwe: kwathi.

[284] 'ahamba'ala: bahambabala.

[285] There is a brief pause here.

[286] nt''ale: ntoyale.

[287] ba': babe.

[288] yoko: ya plus oko.

[289] umntan''enkosi: umntanawenkosi.

[290] ayinantlawula: ayinantlawulo.

[291] tata: I am not certain of this transcription.

[292] 'b': abe.

[293] oba: okokuba.

[294] zayimfumba: zayazimfumba.

[295] These words are chanted.

[296] She sings these words.

[297] bakungena: bayakungena.

[298] bakuphuma: bayakuphuma.

[299] ye: yathi.

[300] yaziingubo: yabaziingubo.

[301] There is a brief pause here.

[302] kaMangangedolo: Mangangedolo means "as big as the knee." Mangangedolo keeps his magical materials in his knee, which is therefore very big.

[303] lubuyayo: uhambolubuyayo.

[304] yayileyo: yabayileyo.

[305] ndayihlawula: ndiyakuyihlawula.

[306] 'ba: kuba.

[307] bababini: babababini.

[308] nanko: nako?

[309] wenje: wenze.

[310] ub': ube.

[311] A brief pause.

[312] bakuhlalela: bayakuhlalela.

[313] senje: senza.

[314] bakungena: bayakungena.

[315] These instructions are whispered.

[316] Masithathu Zenani sings these words.

[317] wakutsho: wayakutsho.

[318] yakuchopha: yayakuchopha.

[319] 'a'khe: masikhe.

[320] An interruption here ends this performance.

Previous Previous section

Next section Next




Go up to Top of Page