University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
South African Voices

South African Voices: Created in Olden Times (2006)

Previous Previous section



 

South African artwork

THE PREGNANT BOY, VERSION TWO

RealAudio Listen to this section

Date:    August 13, 1972
Time:    2:30 p.m.
Place:    In a ruined rondavel, near Masithathu Zenani's home, in Mboxo (Nkanga) Location, Gatyana District, the Transkei
The Performance:    Related in Xhosa
Audience:    Six women, two teenagers, five children
Narrative 2S-175
Tape 10, side 1

This is another version of a story told earlier this year and also in 1967: A mother bears a son, then becomes barren. When the boy is older, she sends him to a doctor for medicine to cure her barrenness. The boy drinks the medicine, becomes pregnant, and bears a child.

Kwathi ke kaloku ngantsomi...yangumfazi nendoda...bahlala ke bobabini...wa--- umfazi akaz' amithe iminyaka ngeminyaka engamithi lo mfazi...'d' ese[1355] ke le ndoda yafuna umntu onokuba neyeza...lokumnisela umfazi...awu lo mntu ke akuba emsile hayi kulungile ndingampha iyeza umfazi...wampha ke...umfo oligqira umfazi iyeza...efune into yokunyanga wabeka njalo umfo...wamnika iyeza eliziingcambu...ezine...ezi ngcambu ke wathi ezi zimbini aze aziqhushek' eziko...azihlafune azitye...ezi ke zimbini uze azikhande azigalele ebhotileni[1356] asele[1357] ...uyenzile ke loo nto umfazi wakhanda ke iyeza elo lokusela egqibile ukutya iingcambu eziqhushekwayo eziko...awu wamitha...engayigqibanga ibhotile...umithile ke waqhuba ke ngokwasezinyangeni...ekhulelwe...zade iinyanga zaya kufika ekubeni makazale...wazala ke umfazi lowo wazala inkwenkwe...akuyizala inkwenkwe...hayi wakhula umntan' oyinkwenkwe kakuhle...umntana ke kwafika ixesha loba alunyulwe ngoku...walunyulwa umntana...kwafika ixesha lokuba...makaphinde unina...amithe...akaz' amithe...hayi bo yaqengqeleka iminyaka...engamithi tu ngoku...wakhula umntana...'d' es'ke wayinkwenkwana ngoku...akasamith' unina oko wagqibela ngalo mntana...kutheni ngoku...lo mntana wangaka engasamithi lo mfazi...hayi le nto le ndoda yamana iyithetha-thetha...hee Nobani noko a--- nxa ungasamithi 'ngekhe[1358] noko ndiye kwa kulaa mntu wayekunyangile[1359] ...ngokuba ngoku kudala akumithi...indala ke inkwenkwe...'se iyinkwenkwe eyalusayo...kangangokuba nxa ib' iyintombi 'nge 'se[1360] iyintombi enamabele...waya umfo lowo ukhathazekayo ukakh' engamithi apho ke egqireni...hayi ndihambele kuwe m-mh...hayi 'be ndisithi noko ngawukh'[1361] uphe lo mfazi iyeza...azang' ab'[1362] aphind' amithe...lathi igqira ukuphendula...hayi...ewe okokuba wawundinikile[1363] ...inkomo...kaloku 'zang' undinike nankomo nxa umkakho wayengamithi kodwa ke ndandimithisile wazala...ngoku akunakuphinda uze kum...uzokufuna oyeza kanti 'zang' undigqibe nangokuya...yathi indoda hayi ndiza kuyikhupha inkomo...yabe ihamba ke igoduka...yafika ke yayibalisa into...ethethwa ligqira ukufuna inkomo nxa 'be ndifuna ukuba aphinde akunik' iyeza mfazi...babonisene ke nonkosikazi...uba hayi mayikhutshwe le nkomo...uyikhuphile ke umfo inkom' ukunika igqira...lathi ke igqira kuba kwakuse kubonakala ukuba noko...umzuzu lo 'ngeze[1364] lize nalo iyeza kuba iyeza alikho khaya...iyeza yinto eye iyokufunwa kundawo elikuyo...hayi uze uzolithatha ngomso iyeza ngoba ke alikho ngoku noko ndiya kulifuna...oo thumela ke indoda leyo...yabona k' uba yothumela...kuba nok' inkwenkwe le 'se indala iyayazi into ethethwayo...ifikile indoda yab'[1365] igodukile ekhaya...yachaza emfazini ukuba hay' iyeza andilifumananga ngokuba lingekho ekhaya...kuthiwe ke 'ze[1366] lokuthathwa[1367] ngomso kuza kuya bani ke...hayi makuye inkwenkwe le...wayibiza ke inkwenkwe...oo mntan' 'am yasabela inkwenkwe...kufuneka uyokuthatha iyeza phaya egqireni...eli yeza 'be ndolifunela[1368] unyoko...uthathe ke nantsi iqhiya uze ulibophelele kuyo...yayithatha k' inkwenkwe iqhiya esithi ke uyise uz' uliqwalasele uyayiqonda na le nto...yath' inkwenkwe ewe ndiyayiqonda...ndiya kuliqwalasel' iyeza baye ke phofu noko bemthembile kub' umntana 's'[1369] eqabukile akukho nt' angayaziyo mdala...ihambile ke inkwenkwe yaya kufika k' egqireni...oo...nqo ngaphakathi molweni ewe...uvela phi nkwenkwe ndivel' ekhaya...hayi ndithunywa apha ngutat' uth' mandizokuthatha iyeza eliya eb' eze kulo izolo...oo mhm hayi ke igqira lalenza ke ngoku iyeza...lamnika ke...kwa elaa yeza lalinikiwe unina uze kumithwe inkwenkwe...lamnika ke iingcambu zane...lathi ke igqira uyabona ke kwedini ezi ngcambu...zombini...'ze[1370] aziqhusheke eziko...azihlafune aziginye...uyabona ke ezi zombini...uze azikhande azigalel' ebhotileni...agalele amanzi asele...uyeva ke ewe ndithini...hayi ndiyeva uthi ezi az' aziqhusheke eziko azihlafune aziginye...ezi azikhande azigalele ebhotileni agalele amanzi asele...oo...yaziqhinela k' eqhiyeni ke inkwenkwe...yahamba ke yagoduka...kwalile nxa ikude kufitshane ekhaya...yakhulula iqhiya...yabona ezi ngeambu...kwo zintle...ezi ngcambu...yaluma...kwez' za--- zakrakra yaluma kwezi kwo zamandi yathi mca mca mca...oo! yazihlafuna zombini yaziginya zimandi ezi iingcambu...yaphinda yathi yakuthi kwezi yathi kwo zimb' ezi yazibophelela...yahamba...yaya kufika ekhaya...ulifumene mntan' 'am ewe ndilifumene...yakhulula ke iyeza...yathi ke kuthiwe ke...uze le uyihlafune le u--- uyikhande ugalel' ebhotileni usele...watsh' ukwenza unina...iyeza lakhe...walihlafuna...nanxa lingafani njalo...wakhanda wagalel' ebhotileni wasela wasela ke iyeza lakhe...kwahlaleka ke...yatyeb' inkwenkwe...yaphum' amabel' inkwenkwe...hee! yahlal' inkwenkwe namabel' ayo...yamane la mabele...iwajonga iwagqume...akhula amabele nesisu...inkwenkwe yath' ukwambath' oku yakhukhusheka inamabele...wawabona unina la mabele...apha enkwenkweni ngeliny' ixesha...tyhini tyhini Bani unamabele ngoku uphum' amabele...wacikide wabethe...yaba ngasuk' isenza loo nto iwabhucabhuc' iwacikid' iwabethe...akhul' amabele...hee! le nto yasisikrokro kunina wenkwenkwe wabe yena enganant' anayo akamithanga...iyeza liyaphel' aph' akamithi...le nkwenkwe kwala ngaminazana...inkwenkwe...ethubeni elikude...yalunywa...yathi yakulunywa inkwenkwe apha yayinto...engatyiyo into ese[1371] yayinto egqumbileyo kumane kuthiwa yintoni na...akwafuna kutya utheni...hayi bo...yayintloko yayintoni hayi khawugwade hayi yaze inkwenkwe ingenzi nto apha ibonwa okuba konke le nkwenkwe ayonwabanga...yazikhupha iimpahla kusile injalo ibuhlungu ingaphilanga yahamba inkwenkwe...yaya kwalusa yathi yakuba isalusa njalo...kwaqinisa ukulunywa...kwafunek' ibhekis' ezantsi...yathi yabona isiduli...yemba esi siduli...yemba yemba yemba yemba yemba...yemb' indawo ebheke phaya...yafuna ilitye lokuval' aph' emnyango kulo mngxunya...yazala inkwenkwe...yazal' umntana...oyintombazana...yakrazul' ingubo yay' inkwenkwe...lo mntana yambuka apha...yambuka yamncancisa yambhijel' yambhijel' yambhijela ngesiziba yamthi qhushe...kulo mngxunya yavala ngelitye...yaya ezinkomeni...yafika ezinkomeni...yalusa yalusa lafik' ixesha yazigodusa iinkomo yho! yazigodusa iinkomo...yahamba neenkomo...yaye yakufika ekhayeni...yafika yavalela iinkomo...yangena endlini...yahlala...ngoku ke unina wayibon' uba noko ngoku ayibambekanga...awu kunjani na hayi ndibhetele[1372] ...mm! yahlala inkwenkwe kwala ebusuku...yaphuma inkwenkwe...yaqinisa ukuya emntaneni wayo...yafika yamrola umntana wayo...yamncamisa yamncancisa yamthini yamthini...yaphinda yabhijela yamfak' emngxunyeni yagquma yabuya yeza yangen' endlini...wayiqonda unina le nto kodwa akathetha...yaphinda yaya kwalusa inkwenkwe...yathi yakuba iyokwalusa wathi unina wabugadagada kude enkwenkweni...wayibona indawo eya kuyo yafik' apho yateketis' inkwenkwe kuyint' eyoliley' apho manqokazana manqokazana manqo--- imphuz' umntana imncis'[1373] imthini imncancisa wabuy' umva unina...yayenza yayenza le nto yayo kodw' unina wayiqondisisa yafik' yambhijel' umntana yamfaka yambek' apho...yavala ngelitye yanqand' iinkomo unina wahlala ekhaya...yafika inkwenkwe yazivalela iimpahla yahlala...ngoku isahleli njalo apha inkwenkwe...iyaphuma ebusuku iphuma phandle wasuk' unina waphuma naye...yathi inkwenkwe uya phi mama kubanda ku--- kunetha hayi andiyi ndawo...wangena unina endlini wangena nje waphinda waphuma...hayi ndifuna ukuhlal' apha phandle mna...ndifun' ukungqengqa phandIe...yesuk' inkwenkwe yangen' endlini...yacaphuka yile nto yenziwa ngunina...wabaleka unina ukuya phaya wafika phaya wathatha elaa litye waliphosa phaya wathath' umntana...wamgusha...wabuya nomntana kwasa kusasa yakhuph' iinkomo inkwenkwe...yakhawulezisa ukuya kutshona...yathi yakuya kutshona wab' ehleli yena nomntana aph' endlini...yaya kutshona yath' ukubheka phaya kulaa ndawo yafika umntan' engekho...yakhala yakhala yakhala kule ndawo umntan' engekh' isihl' inyuka unin' ekrobile ihle ibheke ngaph' ibheke ngaph' iphind' ibuye ize kulo mngxunya akakho umntana iphind' ithini ke isihl' intlambo...akubonakali nesiziba somntana konke akubonakali nto int' enay' elaa litye lijulwe phaya kude lo mngxunya ukhamisile...kwewo!...iye ezinkomeni iphind' ibuye ibhuq' ibhuq' ibhuq' ibhuq' ibhuq' ifuna lade lafika ixesha lokuba mayigoduke...yazingenisa inkomo...ngokuya kungenisa iinkomo unina ke s' emxelel' umyeni...uba umntana waty' iyeza ndimchole...ngonje yangena inkwenkwe ukub' iza kusenga...yafika unina ehleli nomntana...umntana wakhe...yathi tyhini! umama unomntana...yeha ke mama 'hle' nje unomntana umthatha phi umntana...akasemhl' umnta' kamama hee yonwab' inkwenkwe tyhini! umam' unomntana...mh! kwo! loo nto leyo...yaququzela...ukusengela nomntana kanina uba umntana kanina atye izinto mam' umthathe phi lo mntana...wathi unina ngumntana wam lo ndizicholele ngowam lo mntana...uyabona wena...waty' iyeza lam...u--- umntana ngoku nguye lo uya kuhlazeka kwamany' amakhwenkwe...lo mntana lo ngowam...wena lo mntana ngudadewenu...ngumntana kanyoko...ewe mama ngoku ke hayi loo nto yamandi ke ngok' enkwenkweni uba imbonile lo mntana uthe kanti ukho akatyiwanga nto ukunina...yanguye ke ngoku umntana ongumntana ongudadewabo...wahlala ke ngoku onwabile int' enayo ekuthele ukulungiselel' int' 'ob'[1374] usana alusengele lutye ubisi[1375] ...yiyo ley' intsomi.


Notes

[1355] 'd'ese: yadayasuka.

[1356] ebhotileni: ibhotile, from English "bottle."

[1357] Masithathu Zenani maintains her characteristically deliberate pace throughout this narrative.

[1358] 'ngekhe: andingekhe.

[1359] wayekunyangile: wabeekunyangile.

[1360] 'nge'se: ingeise.

[1361] ngawukh': a variation of khawukh'.

[1362] ab': abuye.

[1363] wawundinikile: wabeundinikile.

[1364] 'ngeze: alingeze.

[1365] yab': yakuba.

[1366] 'ze: lize.

[1367] lokuthathwa: liyekuthathwa.

[1368] ndolifunela: ndiyekulifunela.

[1369] 's': use.

[1370] 'ze: aze.

[1371] ese: esuke.

[1372] ndibhetele: bhetele, from English "better."

[1373] imncis': imncancisa.

[1374] int''ob': intoyokokuba.

[1375] Masithathu Zenani asks, Uyivilekeloonto?

Previous Previous section




Go up to Top of Page