South African Voices: Created in Olden Times (2006)
HAMIOSE, THE WIFE WHO WAS CREATED FROM A TREE
A young woman is created from a tree by a lonely man. When he drives a nail into the carefully prepared tree, it becomes a beautiful woman, and he provides her with many items of clothing and jewelry. But another man falls in love with her and takes her away. Now the husband removes from his wife everything that he has given her, and in the end removes the nail, and the woman becomes a tree again.
Kwathi ke kaloku ngantsomi...yangumfazi nendoda...baze ke umfazi lowo wamitha wazala umntana oyindoda...owokuba[1275] ngunyana...bahlala ke...bengamahlwempu...bengenanto...behamba nzima...kungekho nto ikhoyo...akukho nto konke bahleli nje ukuze batye basebenza nzima...nalo mntana wabo wakhulela kobo bunzima...kwade kwafika ixesha lokokuba bangabikho ngoku ke kwashiyeka unyana...kuba kuqalise ngokungabikho unina...wafa...wahlala ke unyana noyise...bezinto ezinjalo...iinto ezisweleyo...iinto ezingenanto ityiwayo...iinto ezidlakadlaka ezingenazambatho kakuhle ngenxa yokuhamba nzima kwabo...bengenayo nento abangayithathayo bayithengise...konke behleli nje behleli ngokuthi bambulelwe nokuba ngubani na...abaphe noba lidlakadlaka lokwambatha...kuhambe ke kwahamba 'd' es'ke[1276] wafa noyise kwashiyek' umfana...washiyeka yedwa ke ngoku...kweeeeeli khaya lakhe...eyile nto...wahlala ngenye imini...ecingile kakhulu...ukuba angancedwa yintoni na...ngolu sizi alulo...ucinge wacinga wafana[1277] nje wathatha izembe...izembe elo...uhambile walilola labukhali[1278] ...waze wemka ekhayeni...eluvalile ucango...wathi akufika emagageni emithini emahlathini...wajonga wajonga wajonga...nanqumla umthi umsenge...wawunqumla kakuhle wawenza walingana naye...ngobude...waze wawuxoza...ewuxobula amaxolo ngezembe...wawuxobula kakuhle lo msenge wawuxobula waguda...wawushiya apho ungafunquleki kuba unzima...wagoduka...wahlala ekhayeni lakhe...ewutsamisa okokuba mawude ath' akuphakamisa uphakame...kube lixesha elide ke elo elungelelisa loo nto...waphinda...waya...ngaxesha likhabileyo...wafika wathi akuwuphakamisa noko waphakama...kodwa kubonakal' okokuba akangewuthath'...ayofika nawo ekhaya...wawuxoza ke ngoku...kanjaqo...kwangelizembe kakuhle...waye apha kuye kukho izacholo ezibini...esihlahleni...wathatha esinge isacholo...wasolula kakuhle...esibeke phezu kwelitye wasikhand' esi sacholo...ukuba masoluke sifane nesikhonkwane...uthe sakoluka...wesuka wasibethelela kula msenge awuxozileyo...wasibethelela esiphelweni sawo kwelinye icala...wasibethelela esith' ndifuna umfazi...uthe akugqiba ukusibethelela...sitshone siphelele emsengeni...we[1279] chithithi umsenge...waneengalo[1280] nemilenze namabele neempundu wonke wamil' umntu...wangumntu omhle! umntu omhle kakuhle...wathi kuwo nkosikazi yam wathi umsenge hnn...wathi ndifuna sigoduke ngoku...ndiza kukhwela ngeliny' ixesha...kodwa ke ndiza 'khe ndifune umsetyenzana...ukuba ndifuna ube neento zokwambatha...wathi umsenge hayi kulungile...uhambile nawo wathatha idlavana elikuye walembathisa kulo msenge...wahamba lo mfazi mhle kakhulu...wawungena[1281] naye endlini kowabo ufike wahlala apho...wathi ke ngoku ke ndiza kufuna umsebenzi...waze ke wahamba wahlala wona umsenge apha ungulo mfazi...e--- wahamba yena...waya kufuna ke umsebenzi...kundawo eziqeshayo abantu basebenze umnt' abhatalwe ngento...ngoku wathi ke akuba ewufuna lo msebenzi waqeshwa yinkosi yathi inkosi ndifuna waluse ezi nkomo uyakholwa na mfana...uthe yena ndiyakholwa ukwalusa iinkomo ke ndifuna ndibhatalwe kwangoku kuba andizi kuhlala khaya noba ndibhatelwe...ndiya kugqiba ukusebenza kwam...into nje endibange ndifune ukubhatalwa kwangoku yingxaki...phaya ekhaya ndinomfazi uhamba ze...kanti nam ndihamba ze...yathi ke inkosi hayi ke kulungile ndinokuthi 'khe ndikubhatale...ndenzele int' okokuba ukh' ugqibe ezo iingxaki...wabhatalwa ke yinkosi umfana ukubhatala kwakhe ke...ufune iinto zokwambatha zomfazi wafuna amabhayi wafuna umbhaco wafuna incebetha wafuna umtishi[1282] wafuna iqhiya wafuna ubutseke wafuna iwatsha wafuna imisesane wafuna intsimb' 'omqala[1283] wafuna amatsheyini[1284] esenzela ukuba ibe ngumfazi obonwa ngabantu 'se engumfazi ogqibekileyo kungekho nto iza kukrokrelwa mntu...emazi kodwa yena indlela amenze ngayo...ngoku ke wafuna iingubo zakhe wazifumana...apha ke komkhulu usebenza ukwalusa walusa emini...abuye nayo impahla ayivalele...athi ukulala ayokulala ekhayeni lakhe...avuke kusasa abuye azokukhupha impahla ayokuyalusa yonke imini uyichithela komkhulu kundawo aqeshwe kuyo...ize ubusuku bona ibebo basekhaya...waqhuba ke umfana njalo...wamambathisa umkakhe wamfaka ubutseke wamfaka imisesane wamfaka iwatsha wamfaka amatsheyini eenyawo wamfaka imibhaco wamfaka imitishi wamfaka iibhuts'[1285] wamfaka yonke into yomntu wamfaka amajikazi yonke into waye eneengxowa zakhe njengamfazi ne--- neento zeengxowa zonke njengamfazi...kwabonwa ngoku yilali le kuba ngumzi owaziwayo okokuba uphantsi kakhulu...asimzi ukh' ubonwe kukho umntu ohambayo o--- oqhumisa epheka engumfazi...ngokw' abantu belali bayaz' uba akukho mntu phaya...babona kukho umntu ovel' emlanjeni...banqwena banqwenela ukumbon' uba ngowaphi na lo mntu uvel' emlanjeni ungumfazi phaya...umntu ahambe ayokuzigqithisa khona afike abone...heee molo ewe...mh! ungowaphi na wethu...ndingowa lapha...ungokabani...ndingumfazi walo mfana[1286] wasekh' apha...tyhini! tyhini tyhini tyhini tyhini heeeee!...uyintombi yaphi...hayi ke ekhaya kukude...ndiyintombi yakude...tyhini tyhini tyhini tyhini angathini uba nomfaz' omhle kangaka! le nto yasisimanga ngoku wamane ke ebonwa nangabanye ngeli xesha bazokugqitha kuye uba makuhanjwe kunye...kuyokuthezwa...yaze indoda le yathi ngenye imini...apha emfazini uyabona...mfaz' 'am...andifuni okokuba uhambe uhamba neziqhu...ndifuna uhlale apha ekhaya...apha ekhaya 'zange kubekho qela...kusekho umama notata...ke kufuneka wena uzihlalele aph' ungab' uhamba nje ugqitha kule mizi...ayenziwa loo nto...ke umfazi lo yena akazazi okokuba ungumfazi owenziwe ngumthi...yena uzibon' ube ngumfazi nje...avume ke endodeni apho...ithe ke le ndoda exesheni elihambileyo yawugqiba unyaka e--- isebenza komkhulu isebenza ukwalusa...yaphinda ke ngoku inkosi yafuna ukumbhatala umfana...uthe ke umfana nxa undibhatala ndifuna yonke imali eb'[1287] ishiyekile undibhatale ngento etyiwayo...yaze ke inkosi yarola ke ukutya...zonke iindidi ezityiwayo...oombona noziimbotyi nomazimba...yenza kangangexabiso lalo mali yamnika...ufike ke umfana wahamba ngoku nomfazi wakhe esiya ke kuthutha ezo 'nto zityiwayo...ezithuthela ekhayeni lakhe...ngoku ke akuba ezithuthele ekhayeni yaba ke iphelile ke indima yokokuba uqeshiwe apho komkhulu...uhleli khona ke esithi ngoku enkosini uyabona ke ngoku nkos' ndifuna ukuphuma apha ndiyokusebenza kude nekhaya...ngokuba nxa usebenza kufitshane nekhaya iingxaki zixelwa kuwe zonke kubhetele ukuba ndiyokufuna omnye umsebenzi...kwenye indawo eya kuthi noko ibe kude nekhaya...ndiya kube ndize apha nxa 'se ndivela kuloo ndawo yavuma ke inkosi wahamba ke umfana lowo eya kusebenza ke ngoku eshiya umfazi wakhe ekhayeni wamyalela umfazi wakhe okokuba ke ngoku ndiya kufuna umsebenzi ke njengoba ke ndiya kufuna umsebenzi...ndandikuxelele ke uba ekhay' apha...akubuthwa liqel' eli...ndiyabona ngoku kuba kubonwa wena...'zange kubuthwe kweli khaya kusekho umama notata...ke nabo babengahambi mizini beba begqiba ilali...'be ndifuna uhlale aph'...e--- ndiya kuthi mhlayimbi ndisebenz' unyaka ube mnye ndibuye...mhlayimbi unyaka ungapheli ndibuye...wavuma umfazi...ke kaloku ke umfazi lo bayavana kakhulu nendoda yakhe gqitha...akukho nocinga enye into bayevana...wahamba ke umfana waya emsebenzini...wasebenza apho aqeshwe khona...ewufumene umsebenzi uthe ke nx' esebenza apho kuloo ndawo...wahlala umfazi ekhaya onwabile naye...uhleli wahlala umfazi...wanokuthi ngoku kwakuba kudala wabaqhela abelali waman' ehambahamba...wabonwa umfana okude kufitshane kude kufitshane kudana...waze lo mfana uyintanga yale ndoda yakhe...waze waneentetho zakhe apha kulo mfazi esithi umfazi omhle kangaka angas'[1288] abe ngowedlakadlak' elinje...sikho thina...e--- wangena ke wamqhathaqhatha okokuba akunakwendela kunt' engenayo nenkomo...int' engenayo negusha int' engenayo nantoni...suka! ndiza kukuthatha ngoku...kakade ke...xa 'se kutheth' int' ethethwayo...wabe umfazana lo 'se ikholiwe naye ngoku ngulo umqhathayo...wavuma bathandana wamthatha wamsa kuye wangumfazi wakhe...ize kanti lowa akanamfazi uyaqala ukuba nomfazi ngalo amthathayo indoda ingekho...wahlala ke apho...uthe ehleli njalo indoda yakhe yeva ukuba umkakho wemka simbona engumfazi wenye indoda...ooo! yamothusa loo nto lo mfana kuba umkakhe wamfumana nzima...watsho ke wabuya engagqibanga ukusebenza...wathi akufika ekhaya walala yedwa apho efika okunene umfazi engekho neengutyana zakhe...wahlala wahlala iintsuku ecinga wacinga kangangokuya wayecinga wacinga wade waya ehlathini...uthe ngenye imini...wafuna wafuna wathi ndibiza amavukuthu...namahotyazana...akhe eze aph'...wazibiza ke zeza ezo ntaka...uthe eselapho...ecalu kwendawo enge inothango ukuba ebenalo zafika ezi ntaka zahlala phambi kwakhe...wathi yena ndiyanithuma...zathi ukuphendula zona yath' enye kwenye...yithi ungasinika ntoni na nxa enosithuma[1289] ...yathi enye ibhekisa kuye vukuthu vukuthu kuthiwa ungasinika ntoni na nxa unosithuma...wathi yena ndinganinika umbona...ithe enye yithi senemiqala yokuginya umbona na...yathi enye vukuthu vukuthu kuthiwa sinemiqala yokuginya umbona na...uphindile umfana wathi ndinganinika amazimba...yatsho enye usinika amazimba...yathi enye sinamqala ungaginya amazimba...yaphinda le yathi vukuthu vukuthu sinamqala ungaginya amazimba...iphindile indodana leyo yathi ndinganinika uhlwaya...wathi uthi angasinika uhlwaya...yaphinda leyo yithi makath' apha sibone...yathi le vukuthu vukuthu 'th'[1290] aph' sibone...yaze ke indoda leyo yabheka endlini...yafika yothula ibhekile enom--- uhlwaya ke ngumthi...umthi ke oneenkozwana ezimnyama eziye zichutywe apha ehlathini othandwa kakhulu ziintaka waze ke wakha ngesandla wagalela...aze ke atya anqol' anqol' anqol' anqol' anqol' anqol' anqola...aphinda athi vukuthu vukuthu phinda...waphinda wakha ngesandla...wagalela...atya atya anela...aqala[1291] ...aqala ke...e--- hambisa ke mfana indlela osithuma ngayo ke ngoku singene emcimbini...wathi umfana hambani niye kuthatha ibhayi...kulaa mfazi...esukile ke amahotyazana mprrrrrrrrrr! akutsho[1292] kulo mzi afika ema ebuhlanti...kwathiwa apho nanga nanga amahobe bethani nanga amahobe...kwathathwa iintonga aza kubethwa njengentaka ebethwayo ityiwe...uthe oyayo ephethe intonga...ukuba esiya kuwo ub' ukugibisela athi
waqala k' lo mfo wathi yintoni na leyo...akakhw' amahobe athethayo...hee! ndayibon' imbali intaka eziza kuthetha ekhaya...aze asuka amahobe...abhabha wiuuuuuuu! aza kum' emnyango endlini...kwaye ngonje kuthe cwaka kuba baxakwa yile nto athethayo...aphinda amahobe...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwa masizothath' ibhayi Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
kwaxakwa!...esuka umfazi ke uhleli kwelinye icala endlini phakathi...indoda ihleli kwelinye icala aph' endlini bahleli kundlw' enye...esuka...akhwela aph' emagxeni emfazini...enye yakhwela kweliny' ical' enye yakhwela kweliny' icala...athi
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
yho! sithunywa yindoda Miose!
ithi masizothath' ibhayi Miose!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
yho! sincede mntakatata!
esuka...akhwela entloko...athath' ibhayi macala...yabamb' ibhayi yabamb' i---[1295] alithi c--- alithi ewe ibhayi emka nalo...aphuma ngomnyango...athi prrrrrrrrrrrrrr!...aya kufik' ekhaya...afika lo mfana ke uhleli yen' apha kowabo phandle afik' alibek' athi nalo...nalo ibhayi...ema...wathi yena hambani...niya kuthatha umbhaco...aphinda prrrrrrrrrrrrrrr! akutsho[1296] ngci kanjaqo exhantini...wath' umntu hee! nanga kanjaqo la mahobe az' uba elaa bhayi aye kutshona nalo ngaph' hee!...noko le nto ngoku ise andayiqonda...aphinda...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
ithi masizothath' umbhaco Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
wathi hayi: ngoku! akunanto noba ube--- ezile la mahobe uz' us' uwanike lo mbhaco ndiya kukuthengela...wahlal' umfazi wathi tu...emka apha...azom'[1297] emnyango...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
ithi masizothath' umbhaco Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
bathula bathu tu...ema ngaphambili kwakhe...uhleli phantsi ke umfazi akhwela phezu kwemilenz' 'akhe...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwa masizothatha umbhaco Miose!
yho! sincede mntakabawo ndiyakuthanda!
yho! sincede mntakatata!...
angena esinqeni...hlibilili hlibilili umbhaco emka nawo...aphuma naw' emnyango peeeeeeee! trrrrrrrrriiiiii! aya kufika kulaa mfana kowabo...afika awuthi na[1298] athi nango umbhaco...yinton' enye...wathi hambani na niye kuthatha umtishi...emka...twiiiiiiii![1299] akutsh'[1300] ...'fik' ema enkindleni...emka...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio~Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwa masizothatha umtishi Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
cwaka! akusathethwa ke ngonj' ekh' apha...enyuka!...eza kuye...afika...ahlala phambi kwakhe...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwa masizothatha umtishi Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
atsh' awukhulula umtishi...umbhaco wangaphantsi emka nawo...yasuka indoda yathatha enye into ingubo...yambathisa emfazini...twiiiiiiiiiii! akutsho emfaneni athi nango...wathi umfana kulungile...hambani niye kuthatha incebetha...awu! emka twiiiiiiiii! afika...ema emnyango...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' incebetha Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
cwaka!...ahamba...akhwela kuye...ayiphumi ke indoda ihleli bamangalisekile ngoku liphelile ibongo lokuthandana ngoku...cwaka yakhwela kuye...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' incebetha Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
atsh' ayithatha ayikhulula incebetha xibilili esifubeni...emka nayo trrrrrrrrr!...akufika[1301] emfaneni ekhaya athi nantso incebetha...sithini ngoku...wathi umfana hambani niye kuthatha amatsheyini...emka trrrrrrrrrrriii! akufika...em' emnyango...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' amatsheyini Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
cwaka...aya kuye ezinyaweni afik' ahlala...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' amatsheyini Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
atsh' awakhulula gwilikityi gwilikityi...emka nawo...trrrrrrrrrrrr! akufik' emfaneni uhleli ngasebuhlanti...khaxa! nang' amatsheyini...sithini ngoku...hambani niye kuthath' iibhuts'...emka trrrrrrrrrrii!...afika xikitisi!...emnyango
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' iibhutsi Miose!
yho! sincede mntakatata!
yo! sincede mntakabawo siyakuthanda!
cwaka! esuk' aya ema--- emanqineni...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' amatsheyini[1302] Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
ziibhutsi ke ezo[1303] ...azikhulula gwiji gwiji gwiji gwiji...emka nazo twiiiiiiiii!...akutsho ekhaya khaxa...nanzo...ajong' umfana...athi nqa athi siza kuthini ngoku...kulungile...nyani...ngoku hambani niye kuthatha inkciyo...ahamba trrriiiiiii!...afik' em' emnyango
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' inkciyo Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
kwathi cwaka!...laye[1304] ...'se endlin' apha bethe manga kungasekho ngoku noncokolayo nomnye int' enayo nje 'se bemangalisekile bebona kakuhle okokuba elabo idinga liphelile ngoku[1305] ...ngoko ke...nanzo...ngoko zibheka esinqeni zafika zahlala...ngasesinqeni...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' inkciyo Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
afik' esinqen' ayikhulul' inkciyo...abambisana ngayo emka trrrrrrrrrrr! akutsho ngasemfaneni afik' ayithi khaxa nantso...ke ngoku sithini...wacing' umfana...oo! hambani yiyani khona...hambani ngoku niye kuthatha ubutseke...ewu! trrrrrrrrrrr! akutsho khon' afika em' emnyango...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' ubutseke Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
cwaka! eza kuye ahlala ecalu kwengalo
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' ubutseke Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
abukhulula ubutseke...muncu! muncu muncu muncu muncu ubutseke...abuthi khaxa pha' emka nabo...prrrrrrr!...afika khaxa nabo...sithini ngoku...wath' umfana...phindani hambani niye kuthatha imisesane...emka trrrrrrrrrrr! afik' em' emnyango...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' imisesane Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
aya kuye...afik' ahlala ngasengalweni
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' imisesane Miose!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
yho! sincede mntakatata!
angena eminweni...ayikhuph' ayikhuph' ayikhuph' ayikhuph' imisesane...emka...hee!...iman' ukuthi k' indoda...akunanto wena...ndakuthengela[1306] ...emka trrrrrrrriiii! akufika afik' ayibeka...nants' imisesane...eee phindani...hambani niye kuthatha iwatsha...trrrrrrrrrriiii!...afika...em' emnyango
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' iwatsha Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
cwaka!...ngokwasebantwini abathethi...aya kuye umfaz' ngasengalweni...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' iwatsha Miose!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
yho! sincede mntakatata!
angen' ewatsheni ayikhulula...woxa woxa woxa woxa woxa woxa woxa woxa woxa woxa emka nayo...trrrrrrrr! akufika afik' athi wolokoxo athi nantso...wathi phindani...hambani niye kuthath' intsimbi yomqala...awu! emka...trrrrrrriiiiiii! ema emnyango. . .
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' intsimb' 'omqal'[1307] Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
kwathi cwaka...enyuka[1308] ...afika ahlala...akhwela emagxeni...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' intsimb' 'omqala Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
ayikhulula emqaleni emka nayo...trrrrrrrrrr!...gxidi! akufik' ekhaya...ayibeka phambi komfana[1309] ...ifumbile ke ngoku le mpahla ithuthwayo ngala mahobe phambi kwalo mfana...heeee! sithini ngoku...phindani...hambani niye kuthatha iqhiya...emka trrrrrriiiiiii!...afika xikitisi em' emnyango...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
ithi masizothath' iqhiya Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede siyakuthanda!
kwathi cwaka!...ahamba enyuka...afika akhwela kuye emagxeni...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
ithi masizothath' iqhiya Miose!
yo! sincede mntakatata!
yo! sincede mntakabawo siyakuthanda!...
athi xhwi iqhiya...emka nayo. ..washiyek' ehleli entloko...trrrrrrrrrrr! afika ayibeka...athi nantso ke sigqibile akanampahla ngoku...uhleli ze...wambethe iinto zalaa mzi...yathi indoda...niya kuthatha ke ngoku impahla yokugqibela kuye[1310] ...phin--- phindani ke[1311] ...niye kuthatha ngoku impahla yokugqibela...ke!...niye kuthatha ngoku ubom...ubom...obo bom ke busentloko...nibuncothule nize nabo...eheee!...ahamba amhobe trrrrr!...aya kufika...ema emnyango...
ha-Mio ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' ubom Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!...
yathi le ndoda hayi akukho nto ngokw' apha...akukho nto iinto zithathiwe zonke...buph' obo bom...wath' umfazi hayi andinanto ngoku andinanto...akukho nt' ithathwayo zithathwe zonk' izinto...andinanto ngoku...enyuka amahobe afika ahlala ngasentla...ahlal' aph' emagxeni...athi
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizotbath.' ubom Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
esuk' ecoph' entloko...ngaphezulu...
ha-Mio ha-Mio-Mio-Mio-Miose!
sithunywa yindoda Miose!
kuthiwe masizothath' ubom Miose!
yho! sincede mntakatata!
yho! sincede mntakabawo siyakuthanda!
asuka athe rutyu esaa sikhonkwane sasibethelelwe ngulaa mfana...nxa wayexoza lo mthi ezenzela umfazi...rutyu aphuma naso...athi net' uba abe asirolile...we[1312] qhabalala umthi kwavela iingcambu zawo yazala indlu watsho oyindoda waphakamela phezulu ziingcambu zomthi namasebe namagqabi yazal' indlu yathi cwaka kwavaleka nomnyango...umthi uphindele kundawo yaw' owawungumthi omkhulu...ngoku ke ahamba wona amahobe aya kufika...athi ke nabo k' ubom atsho asibeka isikhonkwane sesacholo...umfana uthathe uhlwaya ebekile njalo wawagalela amahobe lawo anqola ke amahobe...atya ahlutha wawaphinda abulela emka wawabulela naye uwancedile esithi akanakwenzela enye indoda umfazi ukuze ngoku abone 'se engasenamfazi...uya kusuka ke abon' uba nxa ingumthi uya kukwazi na yena ukumjika[1313] ibe ngumntu...phela phela ngantsomi.
Notes
[1275] owokuba: orokokuba.
[1276] 'd'es'ke: wadeesuke.
[1277] wafana: wafumana.
[1278] labukhali: lababukhali.
[1279] we: wathi.
[1280] waneengalo: wabaneengalo.
[1281] wawungena: wayakungena.
[1282] umtishi: alsounomtishi.
[1283] iintsimb''omqala: intsimbiyomqala.
[1284] amatsheyini: from English "chain."
[1285] iibhuts': from English "boots."
[1286] ndingumfaziwalomfana: note that the noun, umfana, refers to an unmarried man.
[1287] eb': ebe.
[1288] angas': angasuka.
[1289] enosithuma: enokusithuma.
[1290] 'th': yithi.
[1291] A brief pause, as she coughs, then goes on.
[1292] akutsho: ayakutsho.
[1293] She sings these words.
[1294] masizothath': masizakuthatha. Miose is the name of the wife.
[1295] i---: there is a brief interruption here.
[1296] akutsho: ayakutsho.
[1297] azom': azakuma.
[1298] na: naba.
[1299] twiiiiiiii!: all bird sounds in this narrative are created in a falsetto tone.
[1300] akutsh': ayakutsho.
[1301] akufika: ayakufika.
[1302] amatsheyini: this seems to be an error. She means to say, iibhutsi, and she does correct this when the song is completed.
[1303] ziibhutsike ezo: "These are boots that we are talking about," Masithathu Zenani here corrects the error that she made in the song.
[1304] laye: kwaye.
[1305] ngoku: there is a rather long pause here.
[1306] ndakuthengela: ndiyakuthengela.
[1307] intsimb''omqala: intsimbiyomqala.
[1308] enyuka: "They ascended." The image is one of the birds stopping at the entrance to the home, then moving inside and "ascending" to the uppermost part of the interior.
[1309] phambikomfana: with the use of the word, umfana, the audience is again reminded that the young man is unmarried.
[1310] A pause, as she clears her throat, coughs.
[1311] Again, a pause; again, she coughs.
[1312] we: wathi.
[1313] ukumjika: ukuwujika.
Text copyright © 2006 by the Board of Regents of the University of Wisconsin System.
Photographs copyright © 2006 by Harold Scheub. Used with permission.
Those interested in using these materials for any purpose not covered under Fair Use must seek the permission of the University of Wisconsin-Madison Libraries and/or Harold Scheub.


Listen to this section