South African Voices: Created in Olden Times (2006)
A GREAT BIRD KEEPS WATER FROM THE PEOPLE
During a devastating drought, a great bird drinks up all the water. Death is everywhere. The people go to get weapons, leaving a child behind. The great bird arrives, and the child converses with it, as the bird slowly moves towards her. The child mocks the bird, making it angrier. The people get back in time to kill the bird, and the child is rewarded. The drought has come to an end.
Yathi ke intsomi...kwilizwe elithile...kuli lizwe kuziilali kuyimizi kuyimilambo...kukhiw' amanzi kusithini kwafika imbalela...besithi bona abantu...yimbalela...baze ke abantu aba...babona kwathiwa apha kukho intaka enkulu...le ntaka inkulu yiyo le ifince amanzi emilambo...zaye iimpahla zibhityil' aziseli...ziyafa...abantu bayafa...abaseli abapheki akutyiwa...kutyiwa ugcado...kwathi ekuhambeni kwethuba imiqala yomile...bachame bayigcine imichamo...umntu anyele umqala...kwek'! kwaboniswana ngento enjengale xa ilizwe lifile...kufanele k' ukuthiwani na kuba le nto iyoyikeka...hayi makuhanjwe kweli lizwe...kushiywe umntu abe mnye...umntu oshiyweyo...wamnye apho kwathuthwa iingcango...zezindlu ngezindlu kuvalwa emnyango...amadoda emka neentsapho zawo...kusithiwa kuya kufunwa iminamathi...yokokuba kuzingelwe le ntaka...ibulawe...ngoku akuba eshiyeka lo apha...uvalelwa ukuba ize ingamboni...yathi ke loo nto zaxokonyezelwa ke iingcango zalekiwe zivaliwe zibotshelelwe...wahlala lowo engaphakathi eyedwa...kuvakele...kuba kukudala ke ngoku...bengekho abantu...kwavakala into ekuthe weva naye uba ikho le nt' izayo ingaka...lowo ungaphakathi waye entantazela esoyika...ath' esentla ab' esezantsi...ithe yakufika le nto yangqisha phantsi ngenyawo kwatsho kwashukuma umhlaba...isithi
abantw' aba...abantw' aba...baye phi na ke bona...[1265]
yathi le ntombazana ngaphakathi endlini...
abantw' aba...abantw' aba...baye eMbo ke bona...
yathi le ntaka
eMb' apha...eMb' apha...bayokwenza na ke bona...
wathi lo mtana
eMb' apha...eM'b' apha...bayokufuna izinamathi...
yath' intaka
izinamath' ezi...izinamath' ezi...ziza kwenza na ke zona...
yathi le ntombi
izinamath' ezi...izinamath' ezi...ziza kuhlab' intaka-na-nkulu...
yathi e ntaka
intaka-na-nkulu[1266] le...intaka-na-nkulu le...yiyon' ibenze na ke yona...
yathi intombi
intaka-na-nkulu le...intaka-na-nkulu le...yiyon' ifinc' amanz' emilambo...
booooo! yesuka le ntaka yathi jace!...iingcango zambini yaziphosa pha'...waye umntana engcangcazela endlini...eziqonda okokuba sefil'...yaphinda yathi
abantw' aba...abantw' aba...baye phi na ke bona...
wathi umntana
abantw' aba...abantw' aba...baye eMbo ke bona...
yathi
eMb' apha...eMb' apha...bayokwenza na ke bona...
wathi umntana
eMb' apha...eMb' apha...bayokufun' izinamathi...
yath' intaka[1267]
izinamathi ezi...izinamathi ezi...ziza kwenza na ke zona...
wath' umntana
izinamath' ezi...izinamath' ezi...ziza kubulala intaka-na-nkulu...
yath' intaka
intaka-na-nkulu le...intaka-na-nkulu le...yiyona yenzeni na ke yona...
wath' umntana
intaka-na-nkulu le...intaka-na-nkulu le...yiyon' ifinc' amanz' emilambo...
o! yanomsind' intaka...yaphinda yathi jace! zambini...yazijula pha' iingcango...yaye ingqingqizela ingqingqizela kakubi...yaphinda...yathi
abantw' aba...abantw' aba...baye phi na ke bona...
umntana
abantw' aba...abantw' aba...baye eMbo ke bona...
yathi
eMbo apha...eMbo apha...bayokwenza na ke bona...
wath' umntana
eMb' apha...eMb' apha...bayokufun' izinamathi...
yathi[1268]
izinamath' ezi...izinamath' ezi...ziza kwenza na ke zona...
wath' umntana
izinamath' ezi...izinamath' ezi...ziza kubulala intaka-na-nkulu...
yathi
intaka-na-nkulu le...intaka-na-nkulu le...yiyon' ibenze na ke yona...
wath' umntana
intaka-na-nkulu le...intaka-na-nkulu le...yiyon' ifinc' amanz' emilambo...
ooo! yacaphuka yaphoseka iingcango...zaphu zambini yaziphosa pha'...kwashiyek' iingcangw' ezimbini...emnyango...ezokugqibela...waye umntana ngoku 'se ebona ukuba hayi bo le nto 'se iyiyo le noko 'se ikufitshane baye abantu besiza nezinamathi...abavela nazo eMbo yaye yona ingajonganga kubo iqhubela umntu othethayo phakathi endlini umsindo wayo...iwujongise kuloo nto yokokuba kukho lo mntu uthetha le nto apha ifuna yena kanye...baye bona besiza kakuhle bebona nokubona okokuba iingcango 'se ziphantsi iyabonakala laa nto bafuna ithuba lokuhamba kakuhle ukuze ingabashiyi...yathi intaka...
abantw' aba...abantw' aba...baye phi na ke bona...
wathi umntana
nyi nyi nyi nyi nyiii...nyi nyi nyi nyi nyiii...nyi nyi nyi nyi...
yaphinda intaka
abantw' aba...abantw' aba...baye phi na ke bona...
wathi umntana
nyi nyi nyi nyi nyi...nyi nyi nyi nyi nyi...
awu! yagqusha ngomsindo yathi[1269]
abantw' aba abantw' aba...baye phi na ke bona...
wath' umntana
nyi nyi nyi nyi...nyi nyi nyi nyi...
yaye intaka le ifuna athethe ngolaa hlobo. ..a--- ade athethe ngolu hlobo ebethetha ngalo...i--- izokwenza le nto...yaphinda bas--- baya besondela...aba bantu nezinamathi...yathi
abantw' aba...abantw' aba...baye phi na ke bona...
wathi umntana
nyi nyi nyi nyi...nyi nyi nyi nyi...nyi nyi nyi nyi...
yathi intaka[1270]
abantw' aba...abantw' aba...baye phi na ke bona...
yathi umntana[1271]
nyi nyi nyi nyi...nyi nyi nyi nyi...
wafika[1272] umfo wabinza...ngesikhali kuyo intaka leyo yaye isemnyango i--- evela bucala kuba iyamele umnyango lo wasiphosa isikhali wayichana ke isikhali samila kuyo yagqushalaza seso sikhali baye 'se befika ke beyibinza ngokuyibinza bade bayichana...ithe bakuba beyichanile waphuma ke umntana ngokuvulelwa...yaze yathi yakugqojozwa intaka leyo...kwaphuma amanzi amanintshi kwatsho kwagqumeleleka nengca kwatsho kwazala nemilambo yonke loo nto kwazala namadama kwathi qhu...kuthe ke ekubeni kube njalo waze umntana lowo ebeshiywe phakathi iyokulahlwa njalo intaka leyo yona ifile kodwa engaphesheya komlambo into ingasenakufunyanwa imilambo ihambela phandle amanzi...izele...kwabonakala okokuba nxa iyonke into yavuya...zathi ezinye ukuqalisa ukusela zasela zafa ezinye zaphila zaze zavuka ebe zilele 'se zingasakwazi...nabantu ngokunjalo babengasatyi bengasaseli kwangulekeleke ukubheka kumlambo ukuya kukh' amanzi...kwenziwa yonke into namadaka kutyatyekwa nezindlu...'se zisiwa ukuphela kwamanz'...yonke into yabanokukhuphuluka wathi umntu ma'khe kuthethwe ngale nto ngaba amancedo wayo kanye...ngawaphi na ukuze izuzeke le ntaka ifince imilambo...ngoku ke kwaboniswana ngayo leyo into...le ntooooo...ngamadoda ibinziwe ngezikhali...ebe ziyokufunwa eMbo...kodwa ke zakufunwa ke izikhali eMbo...ngey ikhe yabanjwa ngubani na le ntaka...nxa ebengekho laa mntana uphaya endlini ushiyweyo ngaphakathi...isithuba sokokuba ifunyanwe le ntaka...ngumntana othe yena ngokoyika akayithetha into ebifunwa yintaka ukuze iqhawule iingcango...uthe umntana yena ngoku ngokubon' uba iingcango ziphelile le nto iza kufika kum wase[1273] wakuyeka ukuthetha...okusondeza laa nto watshintsha[1274] ngoku...wathi yena nxa le nto isithi abantu aba baye phi na...wase wathi nyi nyi nyi nyi...wayeka ukuthi bay' eMbo...yaze ke ngoku yema kuba ifuna athethe ngolaa hlobo ebethetha ngalo loo nto ke lowo uyihlabileyo ubanjelwe ngulaa mntan' uz' ayihlabe...yaye laa mntana ebencameke ebomini kuba kwayena ayaziwa into engeyenziwe yile ntaka nxa ib' ide yaya kufika kuye...ngoku ke...makuthiweni makhe ngoku kusokwe lo mntana...kubulelwe yena...usibambele le ntaka waphilisa ilizwe...ngecetyana elifike kuye lokuthi angathethi ngoku nxa intak' iza kugqib'...singekabikho sade sakho...ooo kwabonakal' uba yinyani leyo...ukuba ngumntana othe ngoku intaka isithi
abantw' aba...abantw' aba...baye phi na ke bona...
wathi umntana
nyi nyi nyi nyi nyi...nyi nyi nyi nyi nyi...
yabe ikhathazeka intak' ingqisha isithi
abantw' aba...abantw' aba...baye phi...
wath' umntana
nyi nyi nyi nyi...nyi nyi nyi nyi...
hayi az--- ayaqhawula cango ke ngoku...kwafika aba bantu...kuthiwe ke umntana lo makanikwe i--- isibulelo sakhe...waqala ke umntana waphiwa indoda nganye irole ithokazi lenkomo enye irole ibhokhwe enye irole igusha wonke umntu warola into anayo ngokusinda kobom bakhe...waze wazala umzi wakowabo...yimpahla yakhe...watyeba ke lo mzi wamkhulu...lo mntana ngoku wakhelwa kuba asinguye namntana uyinkwenkwe yintombazana...wakhelwa ke umzi ngoku wamkhulu umzi wakhe waphathwa kakuhle kusithiwa ilizwe liphiliswe ngaye iyaphela kuloo ndawo intsomi intaka-na-nkulu.
Notes
[1265] These words are chanted. The girl chants in a high voice throughout this narrative.
[1266] intaka-na-nkhulu: the hyphen indicates a brief pause between the parts of the word.
[1267] The bird is becoming upset.
[1268] Again, the bird is upset.
[1269] With growing exasperation.
[1270] Angrily.
[1271] The child speaks with sarcasm, emphasizing her words.
[1272] A slow, cadenced delivery from this point.
[1273] wase: wasuka.
[1274] watshintsha: ukutshintsha, from English "change."
Text copyright © 2006 by the Board of Regents of the University of Wisconsin System.
Photographs copyright © 2006 by Harold Scheub. Used with permission.
Those interested in using these materials for any purpose not covered under Fair Use must seek the permission of the University of Wisconsin-Madison Libraries and/or Harold Scheub.


Listen to this section