University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
South African Voices

South African Voices: Created in Olden Times (2006)

Previous Previous section

Next section Next



 

South African artwork

THE UMTSHOTSHO, DANCE OF THE YOUNG MEN

RealAudio Listen to this section

Date:    August 13, 1972
Time:    9:00 a.m.
Place:    In a ruined rondavel near Masithathu Zenani's home in Mboxo (Nkanga) Location, Gatyana District, the Transkei
The Storyteller:    Nongenile Masithathu Zenani
The Performance:    Related in Xhosa
Audience:    Two women, one teenaged boy
Narrative 2S-169
Tape 9, side 1, and tape 9, side 2

When the young men have finished eating, they form a procession that meets with other groups, and they all go to a homestead where they have obtained a house for the dance. When the dance is over, the various sections of boys position themselves for stick-fighting. Each boy carries three sticks; there is the stick for defense, the stick for offense, and the stick for fighting in a random, free-for-all contest.

Ke apha ke kwaXhosa...kuthi ke njengoko kululo usapho oluzelweyo lunendima yalo ekuthi kube yimbutho yabo enkulu ekuhlanganisana kuyo izizwe ngezizwe ngosuku osukuba lungolwangoMgqibelo...kuyiwe emtshotshweni umtshotsho lowo wamakhwenkwe aya nentombi zawo...loo mtshotsho ke undidi-mbini owamakhwenkwe amancinci uwodwa ubizwa ngelinye igama kuthiwa wona yiNtuthu yamakhwenkwe a'se mancinci...nawo ke aba nentombi zawo ezo zingangawo...apho ke kuye ke kuyiwe kwa ngoMgqibelo ngokuhlwa bakugqiba ukutya abantwana abo baba luncelele oluhlanganisanayo ukuze ke bahambe baye ke kumzi abathe bafumana kuwo indlu kuba kwandlu leyo bayayiboleka emzini bathi ke bakuyifumana ke bangene kuloo ndlu badlale khona ke ubusuku bonke...aba bancinci ke balo mtshotsho uyiNtuthu bavuka kusasa bagoduke ukuphuma kwelanga...besukela ukuba baphume bona nempahla bayokwalusa kuba amakhwenkwe amadala aya kubuya wona ukutshona kwelanga emitshotshweni...la ke madala amakhwenkwe akufika kowawo umtshotsho afika wona aqhwatyelwe ziintombi zivuma iingoma zomtshotsho kube 'kho ingoma yokuhlala phantsi iintombi ukuze amakhwenkwe ahlale phezu kweentombi...lithi ke eloo xesha libe le lokutshotsha akhuphisane khona amakhwenkwe...kuphume inkwenkwe yelinye icala njengoko la makhwenkwe ezindidi amazwe ngamazwe...ithi iditywe nenye ngokutshotsha ukuze oyisane apho kude kube 'kho inkwenkwe ekuthiwa iyinkunzi yawo ngokutshotsha iyawogqitha amanye...kuphinde kwakugqitywa loo nto kumiwe ngeenyawo ngamakhwenkwe neentombi zime ngeenyawo kube 'kho ke ngoku iingoma eziqhwatywa ke ngoku kungqishwa kujikelezwa...naleyo indawo kube 'kho akuthiwa ziinkunzi eziwogqithayo amanye kuba ziyabalekisa kugxugxume yonke into esemzimbeni ngokokuba ilichule iwogqitha amanye amakhwenkwe...amanye ezizifede ezihamba nje amayilo inkwenkwe engakwaziyo ukungqisha...ufike ke loo nto bemana ukujongisana ngayo kusithiwa iyabhuda amanye iyawabhudisa...loo nto ke ibe yinto engakhathazi bani...kuhambe ke kude kube kusasa kusenziwa loo nto...kuthi ke kwakuba kusasa kusenziwa njalo ebila esoma emane eya kuphozisa phandle neentombi ngokunjalo kuba nazo le nto ziyenza zitsalile ziyixhinele...uthi ke ngoku umtshotsho nxa kukusasa iintombi ziphume ngantathu ngane ngambini zisiya kulungisa ukuba kaloku 'khange zilale ke ngoku zinothuli ebusweni bumdaka kuba le nto yenziwayo kutsho kugxunguke indlu phantsi kuqhume nothuli yabe ke uthuli olu lubangcolisa kuba babilile emizimbeni...kusasa ke siphumela okokuba ziyokuvasa zithi ke kuloo ndawo 'be kutshotshwa kuyo zihambe zicela amanzi emizini...nxa intombi ifuna ke ukuya kuvasa ixelela inkwenkwe...inkwenkwe yecala layo ithi sifuna ukuya kulungisa ukuze loo nkwenkwe izenzele ithuba loba zihambe kuba nxa iphume intombi ingathethanga iyabethwa ngamakhwenkwe eyitshova[1185] eyitshovela endlini...loo nto ke zibethwa ngebhanti iintombi naxa kusithiwa ngamakhwenkwe yombelani vumani niqhwabe isuka inkwenkwe ithathele kwelinye icala izibetha zonke iintombi ngebhanti loo nto inguwo umthethwana wale mtshotsho ongengako okokuba ibetha inkwenkwe icaphuka...kufuneka nayiphi na leyo ithandayo isuke izibethe iintombi...kuthiwe ukubizwa kwaloo nto ziyombeliswa ke ngoku zakuba ke zihambile ezo zithe zaya kucela amanzi emzini zifika apho zicele amanzi kumfazi waloo mzi ukuba mama khawusiphe amanzi sivase mfazi ke ngamnye omnye angayifuni loo nto kuba bashiyana ngokuthanda abantwana...omnye azinike iintombi zivase apho ize laa nkwenkwe 'be zicele kuyo xa zifuna ukulungisa imane isiza isithi ezintombini lunganisani msinya kusemini...ngoko ke ziza kulungisa ke zenje njalo ukuvasa ubuso zivase neenyawo zizosule ngeembola okokuba zibe ntle 'ze ziqabe ebusweni iimbola eziyimithoba neembola ezingooNomathekemfana neembola ezingamachitywa ezilolwayo zonke iimbola nezingookratshi zi--- ziziqaba ngokuzithanda intombi iqabe leyo ithanda yona imbola...zibhinqe ke kakuhle emibhinqweni apho ke zifake imiliza neenqwemesha e--- ezithe zabekwa phezu kwezishuba ezimnyama...ke ngoku ziza kuthi zakuba zigqibile ziphinde zikrobe loo nkwenkwe 'be zicele kuyo ibonakale isiza kuzo ifike apho idlalise ngokungathi iyazibetha kwa ngebhanti zibe bukhawuleza ukuya kungena kundlu yomtshotsho...zonke ke iintombi zide ziphelele ukulungisa ziphuma ngoloo hlobo apha endlini njengoko ke endlini apha izizizwe ngezizwe kudityenwe apha isizwe esithile sihlala ndaweni-nye isizwe esithile sihlala ndaweni-nye ukuze kuthi nxa sabuba ngoku beme ngeenyawo ubone ke okokuba ukhona omnye welinye icala ovanayo nomnye kanjalo uza kuthi umtshotsho zakuphelela ke iintombi ekulungiseni kuqiniswe ke ngoku ukungqishwa kusombelwa hayi ke ngoku kwenziwe kakhulu ngokufudumeleyo kuba uza kuphuma umtshotsho uze uthi ukuphuma kwawo umtshotsho...uphume ngoku ziqale iindawo ngeendawo zibonakale kwa ukuma kuba ngokuya kutshotshwayo iintonga zamakhwenkwe zintathu yintonga yokuqula yintonga yokugalela ize ibe yintonga yokulwa umdudu abantu nxa belwa bonke ibe libhunguza igama layo loo ntonga...ke nxa kuhleliwe kuhlaliwa ngentonga yokugalela ize kuhlaliwe ngeebhunguza ize eyokuqula ixhonywe yona phezulu kutshotshwa nje ubusuku obu bonke le ntonga ke yokuqula kuthiwa igama layo lixhadi...ke amaxhadi lawo axhonyiwe phezulu eleyo inkwenkwe ilixhome ixhadi layo kucala ehleli kulo...ngoku ke uza kuphuma ke umtshotsho ziqale ngale nto iintombi ziqale ngokuthatha iintsimbi ezisemakhwenkweni e'be zinxityiwe entloko ezi ntsimbi zizidayimani[1186] nemikhedamo nemikhinxo nookhotsho zikhululwe ngamakhwenkwe namacici e--- ayintsimbi akhululwe ngamakhwenkwe intombi ke ithathe iintsimbi zenkwenkwe yecala layo njalo njalo onke ke anje njalo...uyaphuma ke ngoku umtshotsho ukuphuma ke kwawo uphuma umtshotsho kuthulwe laa maxhadi leyo inkwenkwe ithule ixhadi layo onke ukuze ngoku amakhwenkwe athathe amabhayi ezintombini amabhayi okuqula ngokuba kuza kuqulwa ukuze athi ngoku ukuphuma kwawo alandelelane aqule esephambi kwendlu...zaye iintombi zisombela ngoku nazo okokuba amakhwenkwe eya kudlala loo mdlalo lowo aza kuthi ahambe athi qelele emzini lowo ub' unomtshotsho abe busithela kundawo abaza kuthi bayikhangele ukuba sakuma kakuhle nxa sidlalayo...apho ke emdlalweni kuza kuhlaliwa iziqhu ngeziqhu awecala e'be kuziwe kulo ngamanye ahlale wodwa kunye nesinye isizwe kwahlulelwane kuba le nto iza kwenziwa kuza kuphuma enye inkwenkwe kweli cala iphume enye kweliya icala ukuze lawo adibane ke abethane kuthiwa ngumdlalo xa iteketiswayo loo nto kanti ngenye indlela kusenzeka okokuba enye inkwenkwe ifele apha lo mdlalo ulikhuni kuyabethwana amabhunguza abekwe ezintombini amanye ngamanye akhona kodwa umsebenzi webhunguza awudibananga nalo wokudlala owokudlala aphuma ngamabini abethane ize ithi eyoselweyo yoselwa yenye yabethwa yoyiswa nangamandla nangokubethwa kakhulu enye ngenye indlela ayikwazi ukuhlanganisa kugalelwa qho kuyo entloko ide ibe neenduma ezophayo ezininji loo nto ke ide ibe nokoyiswa ke ithi ke loo nkwenkwe nxa injalo isuke ithi hlala phantsi mfondini undoyisile...ahlale ke lawo kuphume amanye nawo ukuphuma kwawo aza kuphuma kwa njengala kuphinde kuphum' enye kwelinye icala enye iphume kwelaa cala aphinde adibane lawo...qho ke ezi mini kusenziwa loo nto id' es'ke ke amanye ngokulingana kwamandla kwa njengokuba ukuba kuthe kuwo nxa idlala kwafana ukubethana aze laa makhwenkwe athi naxa kubonakala ukuba ayabethana ngokufanayo ayenzakalisana ngokufanayo kodwa ifuna ukuyeka...kuthethwe ngala ahleli phantsi athi hayi bo noko afanelwe kukunqandwa la kuba akukh' iyekayo kodwa ke wona ayabethana int' ekhoyo intliziyo zawo zilukhuni anqandwe ke lawo kuthiwe sinqandile hlalani phantsi ahlale ke lawo anjalo esoloko ezondana kuba akukho ikhe yade yatsho ukuthi undoyisile...loo nto ke akuhlala ngokuthi wona nx' ethetha andizange ndoyiswe mna ngubani sanqandwa loo nto ke ikho ke emitshotshweni apho kanti ke aza kuyenza ke loo nto iqalisa ke apho kumakhwenkwe amancinci kwa lapha kula madala kuloo mtshotsho wamakhwenkwe madala kukho amakhwenkwe ekuthiwa ukubizwa ziidyongo[1187] kube 'kho amakhwenkwe ekuthiwa ngamakhwenkw' amadala...loo nto ke ixela ukungalingani kuba embuthweni wonke ukhona umntu ongemva komnye ize kanti bayalingana emtshotshweni ke kunjalo kukho iidyongo zamakhwenkwe amadala emtshotshweni uze kuthi ke phaya nxa kudlalwayo 'ze kuqaliswe ngeedyongo ezo...ngoku ke kufike ixesha lamakhwenkwe amadala kuthiwe ke ngoku phantsi iidyongo sifuna oophopho ngoku kuqale ke ngoku kusuke inkwenkwe endala kwa kwelaa cala kuphinde kusuke endala kwa kweli aphinde adibane kanjalo ngokulwa oko koyiswane ke kwa ngolu hlobo kubethwana kuligazi apho indawo edlala amakhwenkwe kuba bomvu nje ligazi labanye ngabanye into engakhathaziyo loo nto into ethandwayo imvela yesiXhosa ukhula umntu ebethwa kusithiwa nxa ungazange wabethw' entloko wophe akunangqondo kuba 'zange ukhe wophe entloko...yenziwa ngathi loo nto yinto kuba iyint' esetyenziswayo...ngoko ke inkwenkwe eyoyikayo kuthiwa ligwala engayenziyo loo nto eyoyika ukubethwa ufike apho kudlaliswa ngayo kuthathwe iingubo zifunjwe phezu kwayo ize yona ibile ibe manzi ikhohlwe nakukushukuma onke amakhwenkwe kuthiwe makazifumbe phaya iingubo kulaa nto ingaboneli nokubonela kuba akukho nto iya kuze iyenze...ke kuza kuthi ke ngoku adlalayo wona amakhwenkwe apha iintombi zawo zona ziphaya kulaa ndlu 'be kutshotshelwa kuyo ngaphakathi endlini zona zithe njengoko amakhwenkwe engapha endle esenza loo nto apha zona ziyabethana nazo zibethana ngolaa hlobo lamakhwenkwe koko zona zibethana ngamanqindi izandla loo nto zikhabana...kukho ke izinto ezinxitywayo apha ezihlahleni ziintombi zesiXhosa amaqaba zinxiba izinto ezizacholo ezilukhuni ezisesihlahleni nezinto eziseminweni izinto ekuthiwa yimisekesane loo nto nxa ngoku zisenza le nto zibethana ngoloo hlobo omnye ayijule ingalo komnye ukuze sithi esi sacholo sokubetha kuye noba kusebunzi noba kusempumlweni amanqindi njalo nazo iintombi ezo ukwenza kwazo zahlulelene njengolaa hlobo lasemakhwenkweni...ezecala--- ezecala lamakhwenkwe abhekisa kwelaa cala nazo zenje njalo apha zima kwa ngoloo hlobo...'ze ithi ke loo nto kuba kukho amabhunguza alapha ngelinye ixesha ezinye zise zithathe ibhunguza zibethe kwenye loo nto ke laa mabhunguza yimithi eyenziweyo kakuhle waze umthi lo waneendawo eligqudu kuze kuthathwe izikhonkwane zenziwe kakuhle zibethelelwe kweloo gqudu ukuba libe nobunzima lithi ukuba lifikile entloko okunye liliqhekeze ithambo lithi njalo lingaliqhekezanga kube luduma olubi oluntleke-ntleke...ithi ke loo nto okokuba intombi zithe zarola udushe olunjalo loo nto ke inqandwe kuthiwe maziyeke oku ke kwazo ukulwa iintombi endlin' apha kuthiwa ukubizwa kwako ngukhweletshe kuthiwe amakhwenkwe wona ayadlala kuthiwe iintombi zona zenza ukhweletshe[1188] ...kuthi ke kugqitywe ke phaya emakhwenkweni 'ze iintombi ke zisenza zimane ukukroba eze kanti ngelinye ixesha okokuba iintombi zirole loo nto yose zilwe apha ngoku ziyeke le nto zitha--- zise zithathe amabhunguza...iza kuxelwa loo nto kuze amakhwenkwe noba mabini esiza esuka phaya emakhwenkweni...afike azidunga-dunge ezibetha zonke ukuba maziyeke loo nto ziyenzayo ziyiyeke ke iintombi loo nto zidlale ke ngoku zingqisha zonwabile zilungelelise ke ngoku zijikele kakuhle kuba ngokuya 'be zisenza lo khweletshe 'be zifinyeze nemibhaco ngeeqhiya kukubi kungekuhle...abuye ke amakhwenkwe eza kuthi ke ukubuya kwawo onke ke ahambe neentombi zawo esiya ngakumacala wawo e'b' evela ngakuwo ukuze umtshotsho u--- ukuba ukulali yala makhwenkwe ezo zaloo lali kuthiwe saa ke ngeligodukayo...zihamba ke intombi zincokola iindaba zazo kunye namakhwenkwe lawo ethetha iinto zawo afanelwe kuzithetha[1189] ezintombini ngokulingana kwabo ke...loo nto ke ithi ke yakuba injalo kufikwe ke emakhaya ukutshona kwelanga kuhlaliwe uze kuthi ngoku ilang' eli nxa kubonakala liphumile kungoMvulo...kuqaliswe ngoku emini emva kwemini kuhanjwe kuyiwe evenkileni...kuthiwa ke ngoku kuyiwa emvulweni loo mvulo ke nxa besithi baya emvulweni akuthethwa kuba baya kuthenga nto venkileni...baya nje ukuya kubutha nje isiqhelo sokuba nxa kungoMvulo kufuneka kuphindwe ngabo kudityanwe ngalawo ke ngoku ingasezozizwe...eso isizwe siya kweyaso ivenkile...ingeyokuba baza kuphinda badibane bonke ngulowo kuzwe lakhe uza kuya emvulweni...kuze kuthi ke emvulweni apho kube kuqosheliswa iintetho zabo behlala ngababini e'be bezithetha phaya emtshotshweni nangeCawa...apho ke ezinye bayaziqukumbela[1190] iintetho ezaziwa ngabo nezifunwa ngabo ngokulingana kwabo...abanye bayaziqelisa apho loo nto abanye 'se besazana ngazo ukuze apho kubukwane ngoMvulo kubekho abaphethe iipeni neehafu[1191] bebukana bethengelana iinto ezincinanana zokuthanda kwabo uBani athengele uBani...ubukhulu becala bona bathengelanayo ziintombi amakhwenkwe wona ahleli nje loo nto ke iqhuba ke ngoloo hlobo kwaXhosa ukuze kuphinde kube 'kho ingxabano kuxatyanwe ngamakhwenkwe...kuphinde kube 'kho uvingcelwano kuvingcelwana ngamakhwenkwe...kusuke amakhwenkwe enye indawo azokucela ukuba masidibane sitshotshe kunye enjenje ke ukwenza kwawo kusuka amakhwenkwe akwazi ukuthetha ebhungile ngemva okokuba sifuna ukutshotsha thina nalaa makhwenkwe athile ukuze ke lawo afune ukuba makuyiwe ke kokucelwa[1192] umtshotsho...ngokuba ukuba kusuke kwayiwa nje ungakhange ucelwe loo nto isengozini yokuba baxabane kucetyiswane ke kuye ke amakhwenkwe apho noba asibhozo noba mane aye kumtshotsho afuna ukuya kucela ukutshotsha namakhwenkwe eloo cala...afika ke amakhwenkwe enjenje emtshotshweni angene angene eme phaya ngasemnyango ecaleni ahlale phantsi...kubonwe kwangoko okokuba ayingomakhwenkwe la sitshotsha nawo...e--- alundwendwe nxa enjenje kusuke ke kumiswe kuthiwe viiityi kumiwe ke emtshotshweni kuthi cwaka kuthi kwakuba kuthe cwaka kubuzwe okokuba ningamakhwenkw' aphi...iphakame ke enye ichaze okokuba singamakhwenkwe asekuthini...yitsho...hayi size apha sizokucela[1193] umtshotsho kuni...nikade nitshotsha phi...hayi 'be sikade sitshotsha konke ukusukela phaya kuthi ukubheka phaya...ke noko ke sikhanuka ukutshotsha nani kudala loo nto siyifuna sixakwe kukusuka nje size singathethanga nani...kuthiwe ke ngoko litsho ke bafondini atsho la makhwenkwe...ngoko ke adumzelane ke amakhwenkwe amanye ekrazula ukuthetha esithi suka! badikwe yinton' apho...e--- ningayiphendula mna loo nto uba niyayibona loo nto ke ethetha isikhwenkwe into engenasimilo kube 'kho nkwenkwe ithethayo ukuthi hayi kaloku bafondini ukuba bazokucela umtshotsho...loo nto waphenduleni okokuba asiwafuni asiwafuni okokuba siyavuma siwavume...kude ke ekuhambeni kwexesha...avunywe ke kuthiwe ke sivile ke abuze ke loo makhwenkwe ukuba uphi na ke umtshotsho kuCawe ezayo...ngoko ke axelelwe ke apho ngoba kwa mtshotsho lo kuyabolekiswana ngawo uthi nxa ub' ukweli cala uthi ozayo ube kwelinye icala uthi ozayo ube kwelinye icala uyahambahamba wenje njalo awuhlali cala-nye...ngoko ke bawalathe ke apho ukhona baxele ke umzi kakuhle okokuba 'ze uqondwe ngalaa makhwenkwe...aphendule ngelithi ke okokuba nicela umtshotsho ni--- nizizizwe ezinga--- zingaphi na nina nicela umtshotsho...axele ke amakhwenkwe okokub' asisizwe esinye atsho okokuba zibini atsho ahambe ke agoduke loo makhwenkwe kusasa...aza kugoduka ke nxa eb' efike ngokuhlwa 'se eyile emdlalweni apho kodwa wona ajonge nje angadlali...loo nto ke[1194] ...loo nto ke aza kuthi ke kuCawe ke ngoku ezayo ngomGqibelo njalo...afike ke ngoku etshotshweni apho s' esaziwa[1195] ...afike s' esaziwa njalo ke ngoku ngento e'se ingqityiwe...aza kuthi k' akafika okokuba izindlu zomtshotsho zimbini ngobukhulu bawo abekwe kundlu leyo ke abekwe kuyo...ath' uba ayanela anele...kutshotshwe ke umdlalo ke kwakuba kusile umtshotsho uphumile kudlalwe ke nawo kwa ngolaa hlobo kuphume inkwenkwe kuwo kuphume inkwenkwe kula...kudlalwe kwa ngolaa hlobo abethane ke oyisane...ukuba athe wona aze kula kwabonakala ukuba anobunzulu bokuwagqiba ngokuwabetha ewoyisa ewosela kubhungwe ngoku into kakuba la makhwenkwe sawavumayo ayasibetha...kubonwe cebo limbi ngoku lokuba makwahlukwane nawo...kuthiwe ukuthethwa hayi ngoku ningabe niphinde nizokutshotsha apha...siyanigxotha afune agxothwa ngayo kuba wona akholiwe ngenxa yokokuba ewoyisa la ukuze abe nomdidizo wokungafuni ukuba makugxothwe...emke ke enjalo engakholwanga kukugxothwa oko loo makhwenkwe ke ihla apho into aph' esiXhoseni...abhunge enye into ngoku wona akumka afune okokuba masiye siyokuwavingcela emtshotshweni kuba umtshotsho lo s' ewazi walapha...ngoko aza kusuka phaya exhobile ngokuhlwa afun' ukuba makube sebusuku kakhulu ubusuk' obu afike 'se buhambile exhobile ke amakhwenkwe afike k' emtshotshweni...aza kuthi ke akungena kulo mtshotsho kuqale kujongwane ngala eze kuwo hee aphume ngamanye kutheni kutheni le nto la makhwenkwe 'be siwagxothile nje le nto ezayo apha...ku--- kuthiwe khanikhangele okokuba anxibile na ukunxiba ke kukufika izivatho zomzimba iintsimbi eziya zithi ukuphuma komtshotsho zikhululwe zibekwe ezintombini...abhekiselwe ngamehlo abonwe ukuba axhobile akanxibanga eze ngetshova 'be siwagxothile aqale ke azilungiselele la ngamanye engayibonakalisi le nto enze nje athi ezidyongweni apha tshotshani nina ningawabonisi la makhwenkwe okokuba siyawabona uba eze ngolunye uhlobo...zitshotshe ke iidyongo amakhwenkwe amadala azibe izinto azinxibileyo kancinci ezikhulula...kungenwe ke emtshotshweni apho kusuka kwenzeke nje ase[1196] agalele la makhwenkwe kula apha endlini evingcile ngasemnyango loo nto ngokukrwecana kwawo ukuba masime kanje bawafinge ke...loo nto ke apha kwaXhosa idla ngokuthi kufele amakhwenkwe endlini...la makhwenkwe ke aza kuwabetha la makhwenkwe kungekho mnyango kuze kuthi ngokududulana kwawo apha endlini...ngelinye ixesha kuphume amanye ngokunyakazela oko kucime nezibane kanti ngelinye ixesha omnye ugalela kowakowabo ad' es'ke ambulale kumnyama kunjalo zize zithi iintwana ezincinci e'be zingaphandle zive kuba akuthethwa akukho mntu uthethayo...into ethethayo apha ziintombi zodwa kuba zona ziyakhala zithi yho-o-o-o yho-o-o-o zonke kuthi nkxwe yho-o-o-o yini na kwayiwa phi na ngabantu sakuthini n' ukufel' endlini yhu-u-u o-o-o umnta' kamam' emnyameni zitsho ke iintombi kude kuve umnini-khaya lowo kutshotshwa emzini wakhe kuba yena ukwe yakhe indlu le yile ayiboleke amakhwenkwe...eve ngoko ukuba esi sikhalo abe esiva nezithonga zokubethwa kweentloko nangamabhunguza nokubethwa kweembambo nangaminye iminqayi iintonga zokugalela...aphume ke umnini-khaya yena esiya kwamanye amadoda alumelwane ukuba amakhwenkwe phay' ekhaya imbi into ayenzayo yizani bafondini...loo nto ke afike ke amadoda lawo abalekise enye indoda oba mayiye komkhulu kumphathi waloo ndawo osisibonda nebhodi ekufitshane nelali loo nto ke iphume ke yona ibhodi ize nenkosi ngokunjalo ngobo busuku ize ize ke amadoda eme ngaphandle emtshotshweni esithi makwedini phumani endlin' apha...aye nawo amadoda lawo axhobile kuba aphathe imikhonto kuba ukuphuma kwamakhwenkwe alwayo indoda nganye ihlanganisile ayazi okokuba inkwenkwe ingagalela na...loo nto ke aza kuthi ke amakhwenkwe aphume kuthiwe nga waphi na la makhwenkwe alapha...iza kuthi leyo isindileyo ngokwasemnyameni ingenanto inayo ithethe ithi sibethwa ngamakhwenkwe endawo ethile lawa 'be siqala ukutshotsha nawo kuveki ephelileyo...ngoko ke kuthiwe ke makhwenkwe aloo ndawo mkani apha...achithwe ke ngamadoda[1197] ...achithwe ke ngamadoda lawo ukuze ke la makhwenkwe akuba echithiwe ngamadoda lawo abe nokumela phaya esisiqhu apho ekhangelana nawo okokuba ngaba baphelele na ngoba kaloku ngokuya kubethwana kumnyama kunokwenzeka okokuba nakuwo akaphelelanga ngandlela iyenye aphelele ngelinye ixesha abe akaphelelanga ukuze ahlale ke angemki kodwa emele kude kuba ayazi ukuba abonakalisa ukungemki anokwenzakala ngamadoda...kuhlaliwe ke kulayitwe[1198] kubonwe ke ngoku iingxwelera zamakhwenkwe ezenzakeleyo uze ithi loo nto yakuba ibonwa kukhangelwe abafanelwe kukuba noko banganyangeka kuthi okokuba abo banganyangekayo kukhiwe amayeza eengozi esiXhosa...agalelwe emanxebeni nasezintloko amanye ke kujongwe okokuba 's' etsala umxhelo akusekho nto athi amanye kufikwe njalo 'se efile amanye kube khona afayo kuthi kuloo ndawo kuthethwe ngesiXhosa okokuba e--- ibe lityala loo nto kuba la makhwenkwe azokuvingcelwa ngamanye...kuthi ukuba kukho eyawo inkwenkwe efileyo yelaa cala 'be lizokuvingca apha ingabikho intetho kuloo nto kuba ngawo e'b' ezokuvingca ezokuvingcela abantu abasendaweni yabo ukuze lawo enzakele ngokokuba enzakaliswe ngalawo kuyo loo nto ibe ngumthetho ewabambayo lawa e'b' ezokuvingca...kuze ke koloo bambo lawo abe ke lawo abanjiwe ngaloo nto ngoko ke okokuba ezintombini apha kukho ureco lokokuba 'be kumnyama kuba neentombi zibomvu ligazi kuba ngokuya abethwayo omnye utshukutsheleka ayokuwa phezu kweentombi...loo nto ke abanye uthi eb' ethiwe esopha njalo abaleke ayokuzimela emva kweentombi kube yimbutyela ke enjalo ithethwa ke loo nto komkhulu kuthethwa ke phaya komkhulu kuthunyelwe okokuba anje amakhwenkwe apha enziwe ngalawo wenu kuze kwelaa cala lalawa loo nto isiwe kwikomkhulu lawo loo nto ke zithethane ke iinkosi inkqubo yakwaXhosa...kuze ke ngelinye ixesha amakhwenkwe anako ukudibana phandle athi la afuna ufele kuba wona kwakufe amanye kuwo xa kwakuvingcelwene...loo nto eyithetha wodwa ingabhekiswa bazalini bayithetha bodwa kundawo zawo amakhwenkwe ayaziwa ngabantu abadala...kuze ke bathi ukuyenza kwabo bathumele bathumele abantwana ababini bawathumele kucala lalaa makhwenkwe ayezokuvingca athi sifuna ukudibana kuthafa elithile ngemini ethile...loo nto ke ibe 'se isaziwa nangalawa nxa itshoyo kuba axela utshaba lasemini...loo nto ke kuthiwa lidabi ngesiXhosa amakhwenkwe abheke edabini nangoko ke amakhwenkwe akazukuyichaza[1199] bantwini badala iza kubonwa kuba lisiko lakwaXhosa elilalisenziwa nangooyise babe besenga ngamakhwenkwe iye ibonwe uba nxa amakhwenkwe esenjenje aza kuba aya edabini kuthulwe kungathethwa kuba kusithiwa ngesiXhosa okokuba uthe wathetha loo nto akuthamba[1200] abe ngamagwala kufuneka ungathethi uthul' uthi tu uve ngaphakathi naxa nje usexhaleni kuba akwazi noba akukwenzakala[1201] kweli cala na...ngoko ke amakhwenkwe nxa ethethe loo nto ke kwamanye kwavunyelwana kuya kuthi ke ngaloo mini amakhwenkwe athi kwa kusasa kuba idabi eli yinto efuna kuyiwe emini kanye phakath' emini uze amakhwenkwe adibane kundawo athe ayibalula uba 'ze sidibane kuyo uwabone ehamba ngamathathu ngamahlanu emane eya kuhlala kuloo ndawo iyileyo inkwenkwe ikhawulezisa ngokufuna into etyiwayo kowayo iyileyo inkwenkwe ikhulula emzimbeni into eqinisa imithambo ifuna okokuba kungabikho nto iyiqinisileyo engalweni...uze amakhwenkwe angathandi kakhulu ukuhlala endlini ithand' usoloko[1202] iphandle ingahambi calu kwabafazi nazi ngaloo mini ningabantu abadala ukuba ikhona into eza kwenziwa ngamakhwenkwe...loo nto ke kufuneke ngesiXhosa nibe ngabantu abanganyabanga ningamathi nizivuyise nibe ngathi anikhathali nithande ukuhamba ngezingqi nisenzela into kakuba uze abantwana bangacubhuki nxa benza into bayenze ibe lula...loo nto ke ahambe ke amakhwenkwe ephethe izixhobo zawo loo mabhunguza naloo maxhadi athathe amabhayana amancinci ezintombini e--- emkile ke amakhwenkwe lawo okokuba loo ndawo iyabonakala e--- baza kudibana kuyo 'sithi ukuthi thu kwawelinye icala athi thu edwelile eludwezo efolile ukuze kuthi emacaleni apha amakhwenkwe athethe int' ethi uhlelo malubanjwe yinkwenkwe eqinileyo ekwaziyo ukudibanisa...ngoko ke kwenjiwe njalo macala aya kuthi ke equlile enjalo iintombi zihamba ngasemva nalawa iintombi zawo zingasemva...loo nto iintombi zombela ingoma yotshaba lamakhwenkwe nakwelaa cala ngemva nazo zishotele phezulu ukubhinqa zi--- zihamba 'ze imizimba engentla aziyambathisanga ziyaqakatha okwazo zibonga okokuba iinto zakuthi 'ze ziphume nayo int' eziyifunayo kuhlangenwe amasi abekwe elangeni loo nto ke zibukela zikude kodwa zona azisondeli kodwa int' ekunayo kufuneka zisekuboneni ngamehlo...kuhlanganwe ke ngamakhwenkwe ekhawulelana loo nto ke ibe mbi ke loo nto ngoku ebethana onke kungekho imele enye kunye loo nto leyo kube seso siphithiphithi kutsho kube mdaka kube mnyama ku--- esiwa amanye kukhwelwe phezu kwawo kuba akukho xesha laloo nto...lid' esike loo nto leyo e--- kubekho ade aphelelwe ngamandla ngokuficeka kuba loo nto yenziwa ngamandla ingulowo ufuna leyo adibene nayo iwe leyo adibene nayo iwe kungokunjalo macala kud' es'e kubekho cala loyiswayo livulele ukuvulela kweloo cala kanti ke ngoku livulelayo icala labaleka...kubaleke amanye kanti amanye akabonanga okokuba kukho abalekileyo afumane apho ke ukuba e--- ngoku enzakale ife efayo aphile aphilayo kuthi kuloo nto yoloo dunguko kuqale ke ngoku amadoda aqale ke ngonje agxothe lawo agqubayo apho 's' emkile amanye utshaba lona luyabukelwa lubonelwe uze kulanyulwe nxa kukho ade achithakala...kuthiwe ke ngoku ke makahambe onke ke kuloo ndawo kushiyeke ke ezo ngxwelera...loo nto ke kwaXhosa yiyona ingenatyala kuba 'be kusilwa idabi...kungakhange kuvingcelwe mntu engazi 'be kubizwene ukuba makwenziwe loo nto yiyona nto ke ithi leyo noba kwenzakelwe kangaka nani na kuthiwe hayi lutshaba olo ofileyo ngofileyo lilishwa lakhe...iphele ke loo ndawo.


Notes

[1185] eyitshova: from English "shove," suggesting "force."

[1186] zizidayimani: idayimani is from English, "diamond."

[1187] ziidyongo: idyongo, from Afrikaans jong, "young"; hence, "young men."

[1188] A brief pause.

[1189] kuzithetha: kukuzithetha.

[1190] bayaziqukumbela: she says bayaziququmbela.

[1191] iipenineehafu: from English "penny and a half."

[1192] kokucelwa: kuyekucelwa.

[1193] sizokucela: sizekucela.

[1194] A brief pause.

[1195] A brief pause.

[1196] ase: asuke.

[1197] A brief pause.

[1198] kulayitwe: from English "light."

[1199] akazukuyichaza: akazikuyichaza.

[1200] akuthamba: ayakuthamba.

[1201] akukwenzakala: akakwenzakala.

[1202] usoloko: ukusoloko.

Previous Previous section

Next section Next




Go up to Top of Page