South African Voices: Created in Olden Times (2006)
THE BOY AND THE LIZARD
When a boy is abandoned, he is discovered by a lizard, then taken by that lizard into a pool where the creature becomes his surrogate father: it does what the boy's biological father should have done, guiding the boy through his puberty ritual.
Kwathi[1143] ke kaloku ngantsomi...yayindoda...indoda leyo ingenamfazi...yaze ke yamfuna umfazi...yathi yakumfuna lo mfazi...wase lo mfazi wamitha...yathi akumitha yabiza amadoda akowayo...yathi ke apha nibizwa ndim...ndinomfazi namhla...ke niyambona nani nguye lo...ke lo mfazi lo...ndifuna apha mna andizalele...umithi ke namhlanje...ndifuna ke loo nto 'se niyazi...okokuba apha ekumitheni kwakhe...ikhona into endingayifuniyo ekhay' apha...andifuni mfazi uya kuze azal' inkwenkwe...andifuni nkwenkwe ekh' aph'...ndifuna umfazi azal' intombi...okokuba angathi kanti emithi nje uya kuzala inkwenkwe...loo nkwenkwe leyo ndiya kuyibulala...andifuni nkwenkwe...amangalisekile amadoda...abiziweyo ngumfo awu! ungathini okokuba uthathe umfazi kanti akufuni nkwenkwe...ufuna iintombi zodwa...wazi ngani[1144] okokuba lo mfazi inkwenkwe le uya kuyizala...intombi le uya kuyizala...le nto ulawula into ongekayiboni...'be kutheni khona le nto ungayifuniyo inkwenkwe...wakhe wakhona umntu othi andifuni nyana...yathi indoda...ndithi mna...andifuni mntana uyinkwenkwe ekhay' apha...konke tu ndingaze ndimbone...andifuni nokokuba ndimbone nangamehlo umntana oyinkwenkwe...ndifuna abantwana abangamantombazana...kuyekwe njalo ke...kusithiwa hee! le ndoda iluhlobo luni...itheni le nto ingafuni mntana uyinkwenkwe...yakhe yakho indoda engamfuniyo umntana oyinkwenkwe...baxakiwe ke abantu njalo...ukuba bangayithini na into ethethwa ngumnikazi-wayo[1145] ...bayekile ke bemka...ngoko ke bemkile...uhleli ke umfazi...wahlala exhaleni...esoyika into yokuba akayazi uba uya kuzala ntoni na...loo nto yamhlalisa kakubi kuba akamazi umntan' ammithiyo...uba yintoni na[1146] ...bahlala ke lo mfazi wabhitya umfazi...yintliziyo ebuhlungu...emith' njalo...wad' es'ke...zahamba iinyanga...zaya ekupheleni...uthe ke akuba zisiya ekupheleni...walunywa ngemini yakhe...akulunywa ngemini yakhe umfazi...kubiziwe abanye abafazi...kuba uyalunywa...beza kuye ukuza kumzalisa...bathe bakufika wazala...gilikingqi umfazi wazal' inkwenkwe...heeeee!...kwathiwa kuza kuthiwani...kuba umfaz' uthi akuzala...kuyokuxelwa endodeni...uba uzele...uzele umntana othile...bakhumbula abafazi intetho yendoda eyayiyithethile...hayi makuyiwe noba kunjalo...kukhona kuza kuthiwani na...makaye kuxelelwa...usukile ke omnye ebafazini...waya kuxela endodeni...awu! hayi ubelekile phaya laa mfazi...ye[1147] khuphululu indoda...yajonga yamamela...ubeleke mntana mni...hayi uzele inkwenkwe...yathi a! ra![1148] ra! yintoni loo nto...thula! hamb' uphum' apha...yabiza indoda...yomnye umzi...okokuba makahambe...nolu sana ayokululahla...olu san' olu...kuba ayinakuba nomntana oyinkwenkwe...yayitshilo yathi ayifuni mntana uyinkwenkwe...ifikile ke indoda leyo...ibe ngazenza izicengo zokokuba hayi 'zang' alahlwe umntu ejongile...yaye le ndoda kucaca okokuba ingangena ngokwayo apha yenze int' embi...uthathiwe ke umntana lowo ngumfazi owathi wamqutha kuba unina yena usathambile ugqiba kuzala...wathatha umntana...kwemkiwa naye...umfazi lo uphethe umntana...ehamba nale ndoda...ithe indoda leyo...ukuze nokumlahla kude...noba nibuye ngomso...niye kumlahla esizibeni...nimjule phakathi...atyiwe zizintw' apho loo nto...andifuni nt' injalo...bemke naye ke...le ndoda yahamba nalo mfazi...bahambe bahamba...bahamba...lonke elo langa layokutshona behamba kwasa behamba bephethe olu sana...bafike kumlambo omkhulu...babona indlela kukho indlela enkulu ekucaca okokuba ikhona into ehamba kule ndawo...naxa bona bengenanto bayibonayo...babona kodw' uba ukugqusheka oku yindlela le ihamba into ababoni nto...kuphezu kwesiziba esikhulu...bafike balubeka phantsi usana phezu kweso siziba kuloo ndlela ukuba uze kuthi noba yintoni na elapho ize i--- itye olu sana okokuba yinto etyayo...bagodukile ke...laphinda latshona ilanga...kuba kukud' ekhaya...bahamba...besiya ekhaya...bafikile ekhayeni...ngosuku lesibini...oo! nimlahlile...batsho bathi hayi siyomlahla[1149] kumlambo osingawaziyo esizibeni esikhulu...wababulela abo bantu lo mfo uba bemenzele int' entle ukuya kulahla umntana ozelwe ngumfazi wakhe...angamfuniyo yena umntana oyinkwenkwe...waye ke umfazi lo yena eqaqanjelwa ebuhlungu kukulahlwa kosana lakhe...eqala nokuqala ukuzala...wangcungcutheka ke yena wabhitya eqaqanjelwa yiloo nto...ingenanto naloo nto indoda...uyekile ke ubudlezana...wangumfaz' ohleli nje wad' ese[1150] yaxola intliziyo yakhe kwakuba kudala wanguye umntu otyebileyo...akuba ephucukile ngoku waphinda wamitha...wakhulelwa...wabhitya lo mfazi emithi njalo esexhaleni lokokuba kanene...kungenzeka ndithi kanti ndisaza kuzala inkwenkwe iphinde ilahlwe...yamhlalisa kabuhlungu ke le nto yale nto yokumitha...hayi iman' isithi indoda le okokuba umith' inkwenkwe...uyahamb' ekh' apha...andifuni mntu uza kuzala nkwenkwe...yatsho indoda yathatha omnye umfazi ngokukhawuleza...ijongise ekubeni lowo makazale naye...ifuna uba kuzalwe intombi...lowo umithi naye kwa oko waze lo yena wamva wamitha iinyanga ezintlanu...wase[1151] wazala kule yesithandathu esamithi lowa...lo wath' ukuzala yena wazala iintaka amahlungulu amahlanu...waze lo mfo wemka kulaa ndlu waya kuhlala kulowa uzele amahlungulu amahlanu...wathi kubhetele yena kunalo usazal' inkwenkwe int' angafuni nokuyibona...uhleli ke usokhaya kuloo ndlu inalo mahlungulu...yayindlu athanda yona...engangeni nokungena apha kule ndlu yalo mfazi mkhulu ub' ezele inkwenkwe yalahlwa...wakhulelwa ke lo ukumith' oko kwakhe yafika inyanga yokuzala...wazala wazala intombi...kwaya kuxelwa uba uzele...yathi indoda thethani thethani msinya...uzele ntoni...kwathiwa hayi uzele intombi...oo kulungile yatsho ukuphendula...kodwa ke 'se ndimcaphukela kuba ndiyamazi uza uphind' ath' akumitha...azale inkwenkwe...andisakholwa nayiloo ntombi...kuba angahl' aphinde ngoku azale inkwenkwe eb' ekhe wayizala nje...wahlala ke lo mfazi...noko ehleli intlalo engentlanga intlalo ebuhlungu engabonani nendoda yakhe...ihlala kulaa ndlu izele amahlungulu...ihambile ke loo nto kuhleliwe kanjalo zonke izinto ezintle nezinjani na...izenzela kulaa ndlu yamahlungulu...lo esitya ukuzibonela indoda ingakhathali nguye...kuthe kulaa nto yalaa mntana ulahliweyo...wayemzele...kanti le ndawo alahlwe kuyo phezu kwesi siziba...kukho into apha egama linguxam waze uzam kanti yindlela yakhe le...uthi aphume ngokuhlwa ahamba-hambe...umizi[1152] mibini mikhulu omnye umzi uphakathi emanzini phantsi esizibeni apho omnye ungaphezulu ngaphandle umzi kanti le ndlela indlela aphuma ngayo nx' eya[1153] kulo ungaphandle umzi...az' aphinde abuye ngayo nx' eya kulo usesizibeni umzi...uphumile ke uxam kuba lowa ngaphandle umzi uya ngokuhlwa[1154] ...waphuma k' ebusuku njalo...wafika kukho olu sana...olu sana uluthathile...waluthatha olu sana wathi yintoni na le...wayithatha wayi--- le nto wahamba nayo wafika le nto wayibeka...wayibeka kulaa mzi ungaphandle lo umkhulu ngaphezulu...akuyibeka apho lo xam apha lo xam unabantu bakhe...abathe bathandwa nguye...ngaphezulu kulo mzi babini...ngaphakathi kulowa usesizibeni babini...abantu abenzela yena into etyiwayo usisikhulu lo xam...wafika ke wanika aba bantu babini apha lo mntana wathi mphatheni kakuhle lo mntana ngunyana wam lowo mvaseni nimtyise...baze ke bamthatha umntana lowo bamvasa ke bemtyisa wakhula kakuhle lo mntana...engumntana onegazi elihle kuba into atyiswa yon' apha yenziwa kakuhle...ingqinelane negazi lakhe...wamane ke uxam esiza ngokuhlwa njalo...ngoko ke uxam lo uthe unyana wayinkwenkwe ekhula...wayinkwenkwe endala...unyana lo uthe kuloo nto yokukhula kwakhe wala xa ayinkwenkw' endala...wathi kuxam tata wath' uxam mm? wathi ndiphuphe...ndinomama obhityileyo...umama onomntan' oyintombi...umama oswele iinto zokwambatha...intombi iswele iinto zokwambatha...ndaphupha umama omncinci...onamahlungulu...ingathi abantwana bakhe ngamahlungulu...wathi uxam i--- le nto mntan' 'am uyiphuphayo uyiphuphaiphi na...yathi inkwenkwe tata le nto ndiphupha ingathi ikude...kodwa ke ndingaya kanje ngokuba 'be ndiyibona nje ngokuya ndileleyo...wathi uxam kufuneka ke 'khe uhambele...yaye inkwenkwe le intle kakhulu...inkwenkwe le inezivatho zonke ezichubekileyo ezilungileyo ezipheleleyo ingenant' ingenayo...uthe ke ndiya kuya ke tata ndiza kuphatha intonga engumkhonto...usukile ke umntana lowo ngosuku olu lufikileyo kuye...wasuka wathatha izinto zakhe zokwambatha...wazambatha...zonke ngohlobo lazo...waze wathatha ikhaka intonga yokuhlanganisa...waze wathatha umkhonto intonga yokubinza...wahamba wahamba esiya ke kwelo 'zwe eb' eliphuphile...uhambile ke...esiya kwelo 'zwe wahamba ke kangangoko okokuba iintsuku zibe mbini...uhambe latshona usuku lokuqala...wabuhamba ubusuku bonke...wakusasa...wawubona lo mzi njengoko wayewubone elele ufikile kulo mzi wafika wayibona le ndoda inguyise yayimlahlile...wafika ihleli phandle namahlungulu kunye nalaa nina mncinci...waye unina wenkwenkwe le esendlini...uthe akufika wathi molo tata...watsho waya ngesandla...yema indoda yabamba yathi ungubani na...yathi inkwenkwe ndingowakho...owazibula ngaye nxa wawuqala wena ukuzala umntana...waze wathi mandokulahlwa[1155] kuba mna ndiyinkwenkwe kuba wena ungamfuni umntana oyinkwenkwe...ke ndizokunibona uphi umama...yathi le ndoda andifuni kukubona ekh' aph'...konke...andifuni kukubona khwelela phambi kwam...yathi inkwenkwe andinakho ukuba ndingakhwelela phambi kwakho ndithi kuwe ndingunyana wakho owaqala ngaye ukubona umntana oyinkwenkwe waze wathi mandokulahlwa[1156] ngokucaphukela inkwenkwe umama ezibula ngam...yatsho yemka inkwenkwe yabheka endlini...yafika kukho unina nentombi yakhe bengamadlakadlaka...yaze yabulisa bengayazi bona yabulisa kubo...uthe umfazi uvela phi kwedin'...bebona ukuba kodwa inkwenkwe le yona ibulisa ikholwa i--- inothando ebusweni...yathi inkwenkwe...ndingulaa mntan' 'akho mama lowa wawumzele waze waya kulahlwa...wase[1157] umfazi walila...yaze intombi yalila kuba le nto ithethwa yile nkwenkwe yinto eyayenzekile...ngoku yabalilisa loo nto...ifikile indoda enguyise 'se iphethe izixhobo zokulwa nenkwenkwe...yama emnyango yathi phuma kwedin' ekh' apha...yiy' apho ub' uvela...soze[1158] ndibe namntana unguwe uyinkwenkwe...iphumile ke inkwenkwe leyo yaphuma 'se ihlanganisile...i--- ihlanganise ngekhaka elo ugalele ke uyise egalela enkwenkweni apho...ngoku babethana ke kakhulu besilwa yaze inkwenkwe yahlaba ngomkhonto kuyise yahlaba ethangeni...wopha ke uyise yathi ke yakugqiba ukumhlaba ethangeni...kwaye kusiza amadoda anqanda amadoda loo nto kucaca okokuba noko inkwenkwe le iya kumoyisa uyise inamandla...anqanda ke amadoda...aze ayigxotha...athi hamba kwedin' uye kule ndawo ub' uvela kuyo...ngokuba ke asinakuvula ukuba wena mawubulalane noyihlo yahamba ke inkwenkwe imka isiy' apho ibivela khona...ifikile ke kowayo yathi yakufika...yahlala...kuba ilanga lalingekatshoni...lithe lakutshona ilanga wafika uxam...molo mntan' 'am...yavuma inkwenkwe ewe tata...oo ubuyile mntan' 'am ewe tata ndibuyile...oo ubone ntoni ke phaya...njengoko ezi zinto ub' uziphuphile uzibonile ke...yathi inkwenkwe ndimbonile...utata owandilahlayo usekho ndimbonile umama owandizalayo usekho ndiyibonile intombi engudadewethu ikhona...ndibethiwe ngutata endigxotha esithi akafuni nokundibona...sithe ke salwa ke nam ndaphindisa ke ndimhlabile inxeba ngomkhonto ethangeni...ndaze ke ndanqandwa ngamadoda...athe ayibona loo nto ngoko ke amadoda lawo ndigxothiwe ngawo esithi kufuneka ndiye kwalapho 'be ndivela khona...wona akafuni kubonela ukubulalana kwabantu...ndaze ke ndahamba ke...ndimkile k' apho...wathi ke uxam uyabona ke mntan' 'am...hlala basaza kukuthanda...hlala wena...ke uyabona lo mzi lo namhlanje ngowakho...wonke lo uyabona aba babini abantu zizicaka zakho uyabona ke nxa kukho into yokokuba ungayifuya inja...ungaze ungayakheli...okokuba ufuye inja apha uze uyakhele indlu ebanzi...ingaze iphume phandle andidibani nenja...wathi umntana oyinkwenkwe hayi ndiyeva tata ndiza kuzifuya izinja kuba ndiyazithanda kodwa ke ndakwenza loo nto uyithethayo...oku ke inkwenkwe yakwenza yazifuya izinja yaze yazakhela izinja yazivalela zazinto ezihleli endlini evaliweyo ezingaphumiyo ziphelele kuyo ngaphakathi noba ziyakhonkotha zikhonkotha ziphakathi...kungekho ndawo yokuphuma isenza umyalelo kaxam uyise[1159] ...kuthe kuse njalo wathi uxam ndifuna ukukwalusa[1160] ...ndifuna ukukwalusa ke ngoku ke ndiza kukutshilisa...ndiyenza yonke into endiyithandayo yavuma inkwenkwe...waze ke uxam wayalusa ke inkwenkwe wenza imilungiselelo yakhe...kunto yakhe ayenzayo...ngoku ke akuba ezenzile ezi 'nto zonke zankulu[1161] kakhulu kweli khaya...wade ke ngoku kwavakala ukuba kukho umgidi phaya wokutshila inkwenkwe kuthiwa kukho inkwenkwe etshila kakhulu kuvakala ngokwaselizweni kuba lo mzi mkhulu wale nkwenkwe...ngoko ke Ie nto yade yakufika kuyise wayo lowa wayesilwa naye ngonje uyise wayo wanqwena akuva imbali le nxa kubaliswa ngento yokokuba kuyatshilwa...kukho inkwenkw' etshila ngoku sisimanga...nezinwe ezilapho zigqithile...wafuna ukuba naye akh' aye kubona le nto intle kangaka ibonwa ngabantu...wahamba ke uyise namadoda naye ehamba elala wavuka bade baya kufika ngemini yomtshilo...uthe ke umkhwetha lowo kuba uneengcambane ezinde entloko...wathi akuhlala uyise lo wambona yena uba ngulaa tata lo...ungandifuniyo...wambona waye uyise yena engayazi uba yilaa nkwenkwe le...ngoko ihambile inkwenkwe leyo ingumkhwetha yafika yema phambi kwakhe...yatshila apho...imbethe waxweba wanke kuloo ndawo itshila iwisa kuye ephandlwa nasemehlweni iingcambane kodwa enqatyelwe kukusuka kuba uyabukela...intle lento...kodwa uyaphela kukubethwa int' enayo unqatyelwe kukusuka...ashiye le nto angayibukeli...usukile uxam wangena ngezantsi eluthangweni...wafika apho wathuma omnye wesicaka sakhe uba bizani laa mkhwetha eze aph'...ubiziwe umkhwetha etshila njalo wawungena[1162] ke eluthangweni...akufika eluthangweni uthe uxam emkhwetheni...ee mkhwetha wathi umkhwetha tata wathi 's'[1163] ukumbetha laa mntu myeke...'s' ukumbetha myeke uza kuzibetha 's' ukumbetha wena uza kuzibetha yena...iphumile ke inkwenkwe ivile ayaphinda ke ngoku iye kuye...yatshila umtshilo enkundleni...kutshiliwe ke apho bahamba ke ngexesha labo ooyise abo...bagoduka ukutshona kwelanga...bahambe ke balala baya kufika kusuku lesibini emakhayeni...ufike apho engenambali isimanga esingaka[1164] ukutshila kangaka umnt' omhle emhle etshila 'zang' ambon' umntu onjeya...engamazi kodwa ukuba ngulaa mntana wakhe...ugqibile ke ekutshileni waba uyaphuma ngoku uyindoda...uthe akuba yindoda wafunelwa umfazi nguyise wakhe uxam waze ke wathatha intombi yenkosi waze ngoku wanda kakhulu ngaphezulu kokuya...kwaqala ke ngoku kwa'[1165] komkhulu apha...esithi uxam esi sam isixeko sonke ke nanku unyana wam wokusiphatha...kwabonakala ngoku le nkwenkwe ifumana ubukhosi ngokondliwa kwayo nguxam...kwalile ekudeni okuse kulibalekile...ngenye imini...kanti phaya ekhaya ngonje baphelelwe zinto zonke akukho nto abanayo nenja le bengenayo nenkuku le bezinto[1166] nje...wesuka yena uyise ngokufuna ukondliwa ebashiya apho abo bafazi bakhe unina wamahlungulu kwakunye nonina wenkwenkwe...wahamba elala evuka kuba wayebona laa mzi mkhulu kangakaya utyebileyo ngokuya wayeye[1167] kwaba[1168] bakhwetha...uhambe ke we[1169] ngqo ufikile apho wahlalela kude ngokoyika ukungena...yaze inkwenkwe le ngoku 'se ingumfana 'se inomfazi...yambona yabon' uba nguye lowa...ithe ke yakumbona uba nguye lowa...yaya yathi kuxam[1170] yathi ke tata tata ke nantsiya into endiyibonayo...ngathi ke kum namhlanje ngulaa tata lowa wandilahlayo ndandimhlabile ethangeni...nguye lowa uqhwalela lo phaya...laa ndawo wayehlatywe kuyo yinkwenkwe 'zange iphole oko wayehlatywe ngoko...yaba luzalabe 'zange iphole waba sisilima kungenxa yalaa ndawo wayehlatywe kuyo yinkwenkwe...uthe uxam ndithi kuwe mntan' 'am myeke uza kuzibetha ungambethi wena...nangoku ke ungamthatha umthathe 'ze uthi ke uba umthathile uz' utshice esandleni...umphathe enxebeni...kwakusa lingekho...yavuma ke inkwenkwe leyo...yathi kubantu bayo ababini eyayibanikwe nguyise uxam yathi hambani nomvulel'[1171] angene...waze wangena 'se eliroqololo eliqhwalelayo eliswel' iinto zokwambatha...waza kufika uthe akufika yaya kuye inkwenkwe eqhwalele nje yafika yatshic' esandleni...yafika yamtyhila yaphatha phay' esilondin'...yamyeka wenzelwa ke iinto ezityiwayo...walala kwasa engenant' anayo...kwasa ephilile...kuthe ke kwakuba kusa ephilile...waqala wangcipungcipula esithi o! umntana wam...o! az' uba ndandicinge ntoni na ngomntan' 'am...'se ndiyinto enjenjenje...kwo! andiyazi into eyayindingene kuba ngoku nge ingumzi lo owenzelwe mna ngumntana wam...ke wena mntan' 'am ungahambi naloo nto akukho nto ndandiyenza ngabom...ikhona le nto yayindiqhubela kuloo nto...yathula yona inkwenkwe ese ingumfana...ithe ukusuka ngenye imini yathi tata isitsho kuxam ke kunganjani na ndokuthatha[1172] umama nodadewethu...baselusizini...wathi uxam kulunge kakhulu uzokuhlala nabo kuba ngumzi wakho lo kukhona uze ke nabo bandibone...isukile ke inkwenkwe ngenye imini...yahamba yalala endleleni yaya yaya kufika kowayo yafika kukho unina wamahlungulu unina wayo engekho nentombazana beyokutheza...yafika apho kuqhuma uthuli amahlungulu ephanda umhlaba edlala iphandlwa apha yesuka yaya kuchopha kude...ibuza ngonina wathi lo mfazi hayi uyokuchola iinkuni yabuza ngodadewayo wathi uyokuchola naye uhambe nonina...ungubani na kanene wena ubuza abantu basekhay' aph'...yatsho inkosikazi leyo...wathi yena hayi akusayi kundazi kuba nangomhla ebendikho ngawo...akukhange uthethe nam...ke nangoku akunakundazi...ke utheth' uba nini nobabini na nobathathu ngale ntombazana na ekh' apha...yathi le nkosikazi ewe...kuba indoda yasekh' apha asiyazi noba yaya phi na iqhwalela...wathi hee lo mntana iqhwaleliswa yintoni...wathi lo mfazi le ndoda kwenzeka into esimanga izinto azithethwa...yahlatywa yinkwenkwe eyayiyinkwenkwe[1173] eyayizelwe[1174] ngumfazi wayo l' umkhulu...yaze ke le nkwenkwe yalahlwa kanti nax' ilahliweyo nje kubonakal' uba yasiwa kulonina wayo ngoba sabona 'se ifika...isithi ize apha waze k' uyise akayifuna walwa nayo...yaye ke inkwenkwe le yayiphethe[1175] umkhonto...yase[1176] ke yalwa nayo yaphindisa...yaze k' inkwenkwe yamhlaba...kwemkiwa ngalo mini ke yiloo nkwenkwe kanjaqo 'zang' iphind' iz' aph'...ngoku ke loo ndoda oko yaba neso silonda...sisethangeni...yalimala seso silonda asizange siphole iqhwalel' oko yayiqhwalela[1177] ...yinto yakudala leyo nangoku asiyazi noba ayoyelanga na kuba imkil' apha ingasixelela noba iya phi na...kudala ingekho...yathula inkwenkwe yona ayatsho ukuthi ndiyamazi ukhona yahlala yathi tu...yathi o! babuya ke oonina ezinkunin'...bafika...uthe unina eseza wathi o! yangathi ngumntan' 'am lo...wabe esithi udadewabo kwo! hayi nyani mama ngathi ngubhuti lowa...waye eze ngomva kubo bazothule ke iinkuni...baya kuye engasebuhlanti bafika babulisa watshela umntana oyintombazana kumnakwabo...wabulis' akamyeka...bahlala ke apho walila unina akumbona...waye esithi yena thula mama ndizokuthatha wena ngoku masihambe...waqala lo nina wamahlungulu wadom[1178] akayazi yena afanele ukuyenza into basukile ke bahamba bona bobathathu...unina wabantwana wahamba nab' abantwana bakhe...baye baya kufika kusuku lesibini...bathe bakufika kwa oko umfazi wabona indoda yakhe...ihamba phandle ingaqhwaleli...kungekho nt' inayo...wathi ehee mntan' 'am uyambon' uyihlo akaqhwaleli...wab' esith' o mnye hee! utheni mhm! base[1179] bafik' endoden' entle ephilileyo ethe ngqe...bathe ke baba[1180] befikile babulisa bahlala...uthathile unyana zonke izinto ebezambethwe ngunina nodadewabo...wawuzilahla[1181] wazifak' umlilo...wabanika ngubo zimbi zokwambatha...okokuba mabafanele ikhaya lakhe...kwathi ngokuhlwa wafika uyise uxam...wafika ezokujonga[1182] unyana wakhe wamxelela unyana tata ke ndiyomthatha[1183] umama nguye lo...wavuya ke kakhulu uxam watsho wathi ma'khe sihambe ke ngoku...akhe aye kubona ezantsi...bahambile ke kumzi ongaphakathi esizibeni...bangene ke ngokungena kukaxam esithi anizi kuraxwa ngamanzi...nxa besoyika bona ukungena emanzini bafike komnye umzi omkhulu apho...wabenzela izibele zakhe uxam ebanika ilungelo lokokuba baza kuhlala kakuhle ngumzi wonyana wabo lowo...baphumile ke ngexesha lakusasa...baqabela kengaphezulu wahlala ke apho umfazi lowo engunina wenkosi unyana wakhe ephuculwe nguxam phoyi[1184] phela ntsomi.
Notes
[1143] A deliberate, slowly paced rhythm throughout the narrative.
[1144] ngani: ngantoni.
[1145] ngumnikazi-wayo: ngumninikazi-wayo.
[1146] Masithathu Zenani asks certain members of the audience to be silent.
[1147] ye: yathi.
[1148] ra!: from Afrikaans gat (?), the backside.
[1149] siyomlahla: siyekumlahla.
[1150] ese: esuka.
[1151] wase: wasuka.
[1152] umizi: unemizi.
[1153] eya: esiya.
[1154] uyangokuhlwa: the full form is probably uyakuwongokuhlwa.
[1155] mandokulahlwa: mandiyekulahlwa.
[1156] mandokulahlwa: mandiyekulahlwa.
[1157] wase: wasuka.
[1158] soze: sokuze, akusokuze, akusayikuze.
[1159] A slow, assured pace. Her style is regal, with pauses between every word at theatrically appropriate times.
[1160] Someone speaking outside the house momentarily distracts the performer.
[1161] zankulu: zabankulu.
[1162] wawungena: wayakungena.
[1163] 's': musa.
[1164] engenambaliisimanga esingaka: in an understatement frequently encountered in her narratives, Masithathu Zenani uses a negative statement to emphasize the positive one she wishes to communicate: "He had nothing whatsoever to say about such a wonder!" meaning, "He had quite a story to tell about that wonder!"
[1165] kwa': kwaba.
[1166] bezinto: bezizinto.
[1167] wayeye: wabeeye.
[1168] kwaba: kwabaya.
[1169] we: wathi.
[1170] There is a brief interruption.
[1171] nomvulel': niyekumvulela.
[1172] ndokuthatha: ndiyekuthatha.
[1173] yayiyinkwenkwe: yabeiyinkwenkwe.
[1174] eyayizelwe: eyabeizelwe.
[1175] yayiphethe: yabeiphethe.
[1176] yase: yasuka.
[1177] yayiqhwalela: yabeiqhwalela.
[1178] wadom: wabadom, from Afrikaans dom, "stupid."
[1179] base: basuka.
[1180] baba: bakuba.
[1181] wawuzilahla: wayakuzilahla.
[1182] ezokujonga: ezekujonga.
[1183] ndiyomthatha: ndiyekumthatha.
[1184] phoyi: this word seems to introduce the concluding formula.
Text copyright © 2006 by the Board of Regents of the University of Wisconsin System.
Photographs copyright © 2006 by Harold Scheub. Used with permission.
Those interested in using these materials for any purpose not covered under Fair Use must seek the permission of the University of Wisconsin-Madison Libraries and/or Harold Scheub.


Listen to this section