South African Voices: Created in Olden Times (2006)
SIHAMBA-NGENYANGA
A girl who works at night-time only is made to work in the day-time, and as a consequence she is swallowed up by a body of water. She undergoes a transformation in this unwonted environment.
Kwathi ke kaloku ngantsomi[955] ...kwangumfazi nendoda...waze umfazi wazala umntana oyintombi...lo mntana akakwazi ukubona ilanga wangumntana obona nxa kumnyama...kwathiwa ukubizwa kwakhe nguSihamba-ngenyanga...kuba lo mntana yena wayesithi xa kulelweyo ahlale yena asebenze iinto zasemini...athi nxa kuhleliwe alale imini yonke ukuba umvusile emini[956] ...ukuba ungamvusa emini akayi kubona...akazi nomnyango...nxa kungokuhlwa uyabona njengasemini...wakhula ke lo mntana eyintombazana enjalo enguye umntana okhutheleyo kakhulu...uhleli ke wade wayintombi[957] ...efikisa kwezinye iintombi ezimele kukwenda yonke imisebenzi yakhe iyimisebenzi yangokuhlwa...ngokuhlwa ebusuku...kulelwe nje yena uthutha amanzi...aye nasemahlathini atyabeke nokutyabeka asinde enze zonke izinto angqushe apheke int' afanele ukuyipheka...ekuseni kusekutshoneni kwelanga kuye ngoratya kuqalile kuye ngoku loo nto itshintshana[958] ngolo hlobo...ukuqina kobusuku kukuqina kwemini...wase[959] ke ngoku lo mntana zenda iintanga zakhe ezishiya kodwa ngokusebenza...nasemasimini uya ngokuhlwa...ahlakul' ebusuku bonke ayeke xa kusayo...kwakho mfana uthile...wabona okokuba hayi ungamthatha ngale ndlela uyazoyisa ezinye iintombi ngomsebenzi...waze ke lo mfana wamthatha lo mntana...wanokungavumi naye uyise wakhe...esithi uya kuyithwala na into yalo mntana...kuba lo mntana wam emini kuye kusebusuku...ebusuku kuye kusemini uya kusebenza njani na naye akukumkhathaza[960] na hayi umfana wayixolela loo nto esithi uya kuyithwala ayukumkhathaza[961] ...ngoku ke umfana lo akuba ke emthathile wayalela ngayo le nto kukhaya lakhe...kwaze ke nasekhayeni kwavunyelwana oba uya kuphathwa ngolo hlobo...uhleli ke umtshakazi lowo egungxile...elele ke emini konke ungasoze wabona mtshakazi kulo mzi...okokuba ufike ngoratya kulo mzi uya kufika kuxa yena avukayo abhinqayo...kuba kuye kusekuseni ngoratya...kuza kuqala umsebenzi wakhe aya kuthi ayokuyeka ekuseni...kuba ekuseni kuye kungoratya...wahamba ehleli ke esenza loo nto esebenza yonk' into nezityo azilungiselele azigqibe ngokuhlwa...wad' es'ke ke wamitha...umfazana lowo...wathi ke akuba emithi umfazana wazala akukhulelwa wanomntana wanguye umdlezana ehleli enobawozala wakhe uyise wendoda yakhe...bahleli bahlala apho kwaze kwathi ngaminazana ithile...kwakho ilangakazi elishushu ngokuyimbali ela'[962] linolophu olalugqithile[963] ...laye ixhego eli linguyisezala lidwaba icuba lilapha ekhaya...bengekho abanye abantu besekusebenzini...kuba kusemini...ke umtshakazi lo ulele kuba kuye kusebusuku nomntana wakhe...wanxanwa ke ukhehle...waphuma apho esicubeni enxaniwe...weza endlini kuba ulophu lungako...wafika ke wasela amanzi endlini...wathi kwok'! ashushu la manzi...ndinxaniwe...ulele njalo ke umfazana...kwek'! mfazana! mfazana! wasabela umfazana ndinxaniwe mntan' 'am...khawundiphe amanteku[964] ...wathi lowo ukuphendula umfazana hayi kaloku bawo...andikwazi ukukha mna kuba andiboni kusebusuku kum andizange ndabona elangeni...awu! hayi mfazana ndinxaniwe...ndiya kuthini ndinxaniwe nje...vuka ndinxaniwe...zibophe...zibophe e--- ngeqhiya emehlweni uvuke u--- undikhelele ndisele...uvukile ke wazibopha ngokuhlonela...uyisezala lowo...waphumputha ezibophile njalo...waya kuwakha amanzi e--- emelweni wamnika wasela...wawachitha wathi ndithi ndinxaniwe hambokundikhelela[965] abandayo emlanjeni...wathi umfazana kaloku ndinguSihamba-ngenyanga andihambi phandle emini andiboni kum kusebusuku ngoku...lathi ixhego ndithi ndinxaniwe hambondikhelel'[966] amanzi...wawuzokukhelela[967] mn' amanz' apha...wancama...wamshiya umntana[968] ...wancama ke wazibopha waphuma waphuma wahamba ephethe i-emele leyo wahamba ke esiwa wahamb' esiwa evuka kuba akaboni...uphumputha nje kub' iyindlela aye ayibone le xa kungokuhlwa ngelaa xesh' abona ngalo...wahamba ngokuyithelekelela...aphum' ecaleni aphinde afun' indlela...ayokuwa avuke...wade waya kufika emlanjeni...uthe akufika emlanjeni wakha[969] amanzi ngesitya satshona...wathath' iqhiya wakha ngayo yatshona...wathatha incebetha wakha yatshona...wathath' ibhayi[970] wakha ngalo latshona...wathath' umbhaco wakha ngawo watshona...wathatha i-emere[971] wakha ngayo watshona wonke...watshona ke ngoku emlanjeni...akutshona ke apho emlanjeni akaze ke abuye emlanjeni oko eb' eyile...lahamba ke lona ilanga laya kutshona...babuya abantu...kuzo zonke iindawo a'be[972] beyosebenza kuzo kuba kusemini...yangulowo wafika engekho umntana ekhala apha umntana lo ukuntwazanana eb' izokumbelekela[973] yakowayo...ngoku ke le ntwazana yakowabo ililelwa ngulo mntana...iyambeleka iyamthini...yasisithukuthezi[974] le nto ekhay' apha akakho lo mfazi...ngaba lo mfazi eb' etheni waxela umntana uba eb' ethunywe ngutat' omkhulu...uba makaye kumkhelel' amanzi...exel' ub' akaboni wathi makabophelel' iqhiya...'khang' aphind' abuye...kuyiwe ke emlanjeni...kwafikwa kungekho yena engekho nalo emele ingabonwa...kwabuywa...kwahlaliwa waye umntana ekhaya...umntana ebelekw' etyiswa ekhala efuna ixesha likanina...akhange incede loo nto...ngoko ke kwahlaliwa ke kulo mzi kwesi sithukuthezi sokulila komntana...unina engekho...indoda iqumbile ukuba umfazi wayo angathini na ukuthunywa emlanjeni...kanti uyaziwa uba akahambi emini...uphi na ke ngoku...yayinto ke leyo engenabani ixhego lona 'be linxaniwe...ngonje ke umntana lo ubeleka umntana...ambeleke ehamba naye emthuthuzela aphinde lo mntana ayokufika emlanjeni...elilelwa ngulo mntana...afike azule azule elilelwa ngulo mntana...ekhohliwe ekhohlw' uba angathini na ajike...ehamba-hamba nalo mntana yabuhlungu ke loo nto yalo mntana[975] ...wathi ke ngoku akuhamba akufik' ekhaya...waphinda umntana watyiswa...hayi bo umntana walila...walila umntana waphinda wemka lo mntana...wemka nalo mntana ehamb' elila naye ngokw' elila waya kufika emlanjeni...ufike emlanjeni wema...phezu komlambo kule ndawo ibeka i-emele...wathi
wathula...wavela unina womntana esizibeni...ecalu kwelitye eliphakathi...wathi
ndenziwa ngabom
nzima nzima nzima...
ngabant' abantloni
nzima nzima nzima...
kunkomo zimaxhaka
nzima nzima nzima...
wathi ke ms' apha wethu lo mntana wamthatha k' umntana wakhe...wamncancisa ke umntana... wahlala naye wahlutha ke umntana...wathi k' akuhlutha ke ngoku...wathi mthathe uhambe naye...uz' ungandixeli ungakh' ulinge undithethe...uze lo mntan' umtyis' amaqunube umdyobhe uthi kwakubuzw' ub' uhluthi ntoni n' wonwabile nje...uthi uhluth' amaqunube...ub' ukh' wandixela sakuhlangan'[977] ...wahamba ke ngok' udadewabo le ntwazana ibelek' umntana yagoduka...watshona umdlezana yena kwa phaya esizibeni...ugodukile ke ehamba 's' esiv' int' embi ngoku kungase[978] ...usisi wakhe abe uyabuya...wadibana nawo ke la maqunube...wawathath' apha la maqunube wamane ewacumza...ewatyikity' aph' emntaneni ezityela kodwa yena...waya kufika ke ekhaya...'fik' umntana ke ngonje wambeka wadlala umntana...onwabile...kwabuzwa uba lo mntana utheni na weth' umtyise ntoni namhlanje...wonwaba kangaka...wathi ndimtyis' amaqunube...o! umgxal' amaqunube lo mntana ewe ndimtyis' amaqunube...hayi ke noko le nto ayabakwa kakhulu...wonwaba k' umntana...kwabe[979] kwalalwa kwavukwa...lafika ixesha umntana wakhala...walila umntana waba ngasezwa esithiwani walila umntana...waphinda lo mntana wambeleka lo mntana wamthuthuzela...'phinda waya naye emlanjeni...ufike waphinda wema kwa kulaa ndawo...phezu komlambo...
uyalila nzima'...
uyalila nzima nzima nzima...
uyalila nzima...
uyalila nzima nzima nzima...
wavela umdlezana...wahlala wathi
ndenziwe ngabom
kunzima nzima nzima...
ngabant' abantlon'
kunzima nzima nzima...
kunkomo zimaxhaka
kunzima nzima nzima...
s' apha ndimncancis'...wamthatha...babukana ke nodadewabo babukan' abuz' iinto zonke kodwa ke abakubuzi ukuba umtyise ntoni lo mntana...hayi bayandibuza 'ba[980] babuzil' uba utye ntoni na 'ba[981] umtemekwana usuke wafika wonwaba wadlala...ndathi ke mna ndimtyis' amaqunube...ube umdyobhile kodw' emlonyeni ewe 'be ndimdyobhile...ungakh' uling' undixele...z' ungabaxeleli konke...uya kuze umanyise kuwe ub' ukh' wandixele[982] ...hayi sobe ndikuxele...bahlala ke...wancanca ke umntana wahlutha...wathi ke godukani ke ngoku...wambeleka ke wagoduka wagqitha kwa semaqunuben'...wamdyobha ngawo...wafika ekhaya wohlisa mnntana...wonwaba wadlala umntana wagqib' indlu yonke...hee! batsh' abant' abadala umtyise ntoni lo mntana...hayi ngamaqunube...awu! ngamaqunub' atheni la atyiwa ngulo mntan' ahluthe abe nje...hayi ndimtyis' amaqunube...as'[983] ahluthe...wonwab' umntana latshon' ilanga kwalalw' umntana ehluth'...kwasa...kwathi kwakusa wakhala umntana lakufika ixesha...wamthuthuzela...yaqalisa ngoku indoda ukufuna ukukrokra ukuba ngaba lo mntana lo...kuphela kwale nto yala maqunube na...yafun' uba noko ikhe ikrobe...iqonde la maqunube atyiwa lolu sana...lonwabe kangaka...wahamba ke yena umntana...yabe yona ihamba ngezayo iindlela...ezifuna ukuqonda le nto...hayi...yakroba yathi yakukroba yafika ezula-zul' umntana ehamba ngakula maqunube ewakha yajika yahlala...wafik' emlanjen' umntana...
uyalila nzima...
uyalila nzima nzima nzima...
uyalila nzima...
uyalila nzima nzima nzima...
wavel' unina...wathi
ndenziwe ngabom
kunzima nzima nzima...
ndenziwe ngabom
kunzima nzima nzima...
ngabant' abantlon'
kunzima nzima nzima...
kunkomo zimaxhaka
kunzima nzima nzima...
wesuka wathi mzise...ndimanyise wamzisa wamncancisa wancanca wancanca waancanc' umntana...wahlutha wathi mbeleke uhambe...ungakh' ulinge undixele...phaya uyazulelwa...kuthiwa ikho le nt' umtyisa yona lo mntana...loo nto mna ndiyivile...ungakh' uling' undixele konke...ub' ukh' wandixela uyakumanyisa kunt' oyaziyo...wagoduka ke umntana waya emaqunubeni...wamdyobha wakufika[984] ekhaya...wamohlisa umntana wadlala umntan' ekhay' uhluth'...awu! hayi bo! ikho le nto ityiswa lo mntana ngulo mntana...ma'khe[985] ke ayixele...yesuka indoda yavala emnyango...yambiza umntana wasabela yathi lo mntan' umtyisa ntoni...ndimtyisa amaqunube...uza kuyithetha ngoku...yarola izinto zonke okuba iza kumbetha iza kumthini...imoyikisa wathi umntana hayi yeka ndixele...hayi ndiya emlanjeni...ndifike ndithethe khona...avele unina womntana amncancis'...kwo! eb' ethe 'ze ndingamxeli...uba ndimxelile ndiya kumanyisa kunt' endiyaziyo...o! hayi ke kulungile...o! wayekwa ke umntana...kuthe ke ngoku ke...kwakuba kusile kwafunwa iintambo zokuba kuyokurintyelwa[986] laa nina phaya emlanjeni abuye...kwahanjwa naye ke lo mntana ebeleke lo mntana elila njalo...afika ke amadoda wona azimela phezu komlambo...wema ke umntana lowo...kulaa ndawo adla ngokuma kuyo...wafika wathi
uyalila nzima...
uyalila nzima nzima nzima...
uyalila nzima...
uyalila nzima nzima nzima...
kwathi cwaka...akwavela nto...cwaka...
uyalila nzima...
uyalila nzima nzima nzima...
cwaka! akavel' unina womntana...walila umntana...
uyalila nzima...
uyalila nzima nzima nzima...
wavel' unina womntana...wavela wahlala phezu kwelitye phakath' esizibeni...wahlala phezu kwelitye...wathi
ndenziwe ngabom
kunzima nzima nzima...
ngabant' abantloni
kunzima nzima nzima...
kunkomo zimaxhaka
kunzima nzima nzima...
uya kumanyisa kuloo nto...uz' umanyise watsho watshona kwa sesizibeni...ahlala won' amadoda apha...engaphakami konke ezimele...walila umntana yena uba ulambile...waphinda lo mntana...
uyalila nzima...
uyalila nzima nzima nzima...
uyalila nzima...
uyalila nzima nzima nzima...
wavel' unina...
ndenziwe ngabom
kunzima nzima nzima...
ngabant' abantlon'
kunzima nzima nzima...
kunkomo zimaxhaka
kunzima nzima nzima...
ms' apha sibhanxandin'...ndithe apha 'z'[987] ungandixeli...uze ngonje wen' undixele...uphambene gqith' wamthi hluthululu...umntana ke undixelele ntoni...wath' esathetha loo nto aphakam' amadod' amthi gintye ngentambo...amtsala...wathatha ke umntana wambeleka...amtsala ke amadoda umdlezana lowo...amtsalela kuwo ukugoduka naye...akuba emtsalile ke amtsala namanzi...amanzi akesuka kuye athi ngoku amtsalayo wabe ethe nxu emanzini engesukanga amanz' ehamba ngoku njalo...engade aphume wonk' aph' emanzini afunquka nay' amanzi...e! le nto iza kuthiwani ngoku amtsala ke...ehamba neso siziba akuso asisuki kuye...ahamba k' emtsala ade aya kufika naye ekhaya...athi akumngenisa endlini sangena naso isiziba ukwenzel' okokuba angade aphum' aph' emanzini...kwathi rwatye ke...umnyango lowa wangamanzi kwasemanzini ekh' apha kwasemlanjeni...awu!...iza kuthiwani ngoku le nto...eheee! yayinkqi ke ngoku yaxaka into ekhaya...umlambo ufunqukile nalo mntu waza kungena ekhaya...akukho noba kubhekwe phi kusemlanjen' ekh' apha kusesizibeni...ngoku ke sifanelwe kukuthini...le nto ifanele ukuya kuxelwa kowa--- yaba ixakile...njalo...le nto...kwafunwa icebo imele kuthiwani na...noko ke imele ukuba uyokuxelwa...kowabo...apho sinokuthi noko sithweswe khona icebo lale nto...ihamba ngobusuk' ingahambi emini...ngoku ke kwathunywa inkunzi yenkuku...kwathiwa nkunzi yenkuku hamba uye phaya...kwamkhozi uyokuxela into esihlelwe yiyo aph'...ukuba isidumbele ngoku iminyango ivalekile...kuhambe ke inkunzi yenkuku yahamba inkunzi yenkuku isiya apho kwamkhozi...yafika inkunzi yenkuku wamkhozi...inkunzi yenkuku yab'[988] efikile kwamkhozi kwathiwa tyhini!...kuba le nkuku inxitywe isidanga emqaleni...yinkuku etheni le inxib' isidanga iyagatyaza inkuku ngesidanga...kwathiwa yibetheni 'zange siyibone inkuku enje...yaze yathi inkuku
andiyonkuk' yokubethw'...
andiyonkuk' yokubethw'...
ndithunywe isidanga somlwelwe...
ndithunywe isidanga somlwelwe...
sidumbel' emnyango...
kwathiwa tyhini! tyhini! tyhini! tyhini! 'be kutheni kakade ukuze bona bamthum' emini...babemthathela ntoni kanto ngoku baza kujika bamoyelisel' emlanjeni...umntan' 'ethu sihleli naye thina simaz' okokuba usebenza ngaphezulu kwa basebenz' emini mabamenze kaloku mabamenze...hayi bo kwacengwana kweli khaya kwathiwa ke 'se kusengozini kunjalo kufuneka into yokusinda kwakhe kuba ngoku nxa umlamb' unokufunquka naye uz' ekhaya...loo nto iza kwenzakalisa...hamba nkuku sivile...hambokuthi[989] ...mabanqande iinkomo zonke zalapho...bafake inkomo emdaka engenabala apho kuloo manzi...yahamba ke inkuku yagoduka...yathi ke yakufika ekhaya kuthiwa fakani inkomo emdaka...emanzini apho...hayi ke baya kuzinqanda ke iinkomo...bayifaka ke inkomo emdaka engenabala emanzini...wemka ke umlambo gutyu wemka naloo nkomo...washiyeka ke ngoku lo mfazana ehamba emini...wakuyeka ke ngoku ukuhamba ebusuku...wafana nabanye aba waphel' uba nguSihamba-ngenyanga phela phela ngantsomi.
Notes
[955] A slowly cadenced delivery throughout, deliberate and confident.
[956] There is a brief pause here.
[957] wayintombi: wabeyintombi.
[958] itshintshana: from English "change."
[959] wase: wasuka.
[960] akukumkhathaza: akuyikumkhathaza.
[961] ayukumkhathaza: ayiyikumkhathaza.
[962] ela': elabe.
[963] olalugqithile: olwabelugqithile.
[964] amanteku: a hlonipha (the reverential avoidance of using certain words resembling speakers' names) word for amanzi.
[965] hambokundikhelela: hambauyekundikhelela.
[966] hambondikhelel': hambauyekundikhelela.
[967] wawuzokukhelela: wabeuzekukhelela.
[968] She quiets a child.
[969] wakha: wawakha.
[970] ibhayi: from English "bay." Also, a cotton blanket.
[971] i-emere: she also pronounces it i-emele. From Afrikaans emmer, "pail."
[972] a'be: ababe.
[973] izokumbelekela: izekumbelekela.
[974] yasisithukuthezi: yabasisithukuthezi.
[975] A brief pause.
[976] She sings these words.
[977] sakuhlangan': siyakuhlangana.
[978] 's'esiv'int'embingokukungase: eseesivaintoembingokukungasuka.
[979] kwabe: kwabuya.
[980] 'ba: kuba.
[981] 'ba: kuba.
[982] wandixele: wangaundixele.
[983] as': asuke.
[984] wakufika: wayakufika.
[985] ma'khe: makakhe.
[986] kuyokurintyelwa: kuyekurintyelwa.
[987] 'z': uze.
[988] yab': yakuba.
[989] hambokuthi: hambauyekuthi.
Text copyright © 2006 by the Board of Regents of the University of Wisconsin System.
Photographs copyright © 2006 by Harold Scheub. Used with permission.
Those interested in using these materials for any purpose not covered under Fair Use must seek the permission of the University of Wisconsin-Madison Libraries and/or Harold Scheub.


Listen to this section