South African Voices: Created in Olden Times (2006)
MBENGU-SONYANGAZA
Some girls, including Nojikolo, a princess from the royal residence, go to a forest. Nojikolo is abducted and becomes the wife of the leader of some creatures. Then her brother, Mbengu-Sonyangaza, rescues his sister and when the kidnapers are away, the two escape, taking with them the creatures' livestock and property. Those kidnapers are alerted, there is a chase, and Mbengu-Sonyangaza and his sister are successful in their flight.
Kwathi ke kaloku ngantsomi...yangumfazi...nendoda...uze umfazi wazala...wazala abantwana bade babathathu umfazi...lo mfazi ke aba babin' abantwana bangamantombazana o mnye wayinkwenkwe[904] ...bakhula bakhula bakhula bakhula abantwana bakhula bakhula bakhula...kanti ke kuza kuphindwa kanjaqo kuzalw' intombi...bakhula abantwana...baye ke ezi ntombi...kukomkhulu njalo ke ingamakhosazana lawo igama laloo nto...kuhleliwe ke apho kwaye ke kukho maphakathi nantoni...njengomzi wakomkhulu...kufuyiwe kanjalo apha kungekho nto ingekhoyo...yaze ke endala intombi yalusa...yaqala ke ngoku yayintombi yabafana...yathi encinci yayintombi yamakhwenkwe...zafikisana ngokukhula...enye ngoku yalingana nenye...waze umnakwazo...wanegama lakhe elilodwa wanguBhentse...nguBhentsele...ngoku ke...kwathiwa ngenye imini...yile ntombazana indala yakomkhulu...nxa zibuthileyo iintombi 'ze 'khe sokutheza[905] ...injalo nje ke indawo esiya kuthi sokutheza kuyo...iya 'ba[906] kude kakhulu kuba ndifuna iinkuni ezintle...uze ndithi ndithomba abe umama enegoqo leenkun' ezintle...zavuma ke iintombi kuba kwakuhleliwe ke apho...kubuthiwe...kuhambe kwahamba ke...kwathi ke ezintsukwini ezinde...yaphinda le ntombazana...yaphinda yayithetha le nto...nisakhumbula na...okokuba ndandithe 'ze siyokutheza...zathi ke ezinye ewe...yathi ke le ntombazana iyinkosazana...kufuneka ke nxa siya ehlathini...sibe nemiphako...uze singalambi...siziphathele imiphako ngoba eli hlathi siya kutheza kulo likude...njalo ke iintombi zivuma loo nto...zasuka ke ngale mini ziya kutheza ngayo...zaphatha imiphako...yayileyo yaphatha umphako...yayileyo yaphatha umphako...zibophelele iinkobe eziqhiyeni...zenje njalo k' ukudibana...zemka ke iintombi ezo...zilishumi elineentombi ezimbini...zahamba zahamba zahamba...zade zaya kufika...kwelo hlathi...zathi zakufik' ehlathini...zakhe zahlala phantsi ke...zakhulula imiphako yazo...zatya ke apha iintombi...zisitya ezi nkobe...zitye zatya k' ezi nkobe...zathi zakugqiba ukutya...njengoko ziza kungena ke ehlathini...ngemibhacwanana yazo ke emifitshane...yathi intombi yenkosi tyhini niyazibona ezi zigingqi zihle kangaka zifanele ukuba zizithiya zethu...uba 'be zikufitshane...emakhaya...zathi iintombi zakukhangela zazibona nazo ezi zigingqi...ezi zigingqi ke zidwelile...phezu kweli hlathi...zatsho nezigingqi ezi zakwalilo[907] inani...lala mantombazana...zathi ke ngoku...tyhini hayi zihle ezi zigingqi...ziyazibona...sifanelwe kukuthini zibuzana zodwa...ziphinde ziphendulane...ithi enye kwezinye...hayi le nto ifanelwe kubonwa yinkosazana...iphendule ke inkosazana yathi hayi int' emayenzeke...masithi sitheze...sigoduke...sithi sakufika emakhaya sibe iimbewu 'ze kungabikho namnye oyincokolayo le nto iz' ingathethwa...sibe ke iimbewu iimbewu zokulima...amazele sithathe iminyani...izikwebu zombona...iintanga zamathanga...ezo 'nto ke sizifihle...zavuma ke iintombi...zakuba zivumile ke zatheza iinkuni...zazikhupha ehlathini...zabekelela iinyanda zazo...zabopha zagqiba...zithwele ke zahamba iintombi...kwathi ke kuba kwakukude kakhulu...zakufika k' emakhaya ngokuhlwa...yayileyo ke intombi yagcina umthetho e'be ziyalene ngawo...azayithetha le nto...zahlala zingayithethi njalo...kuthe ke ngoku...kwaba kudala kakhulu yaphinda yakhumbuza intombi yenkosi...okokuba niyakhumbula na ngento esasigqibe kuyo...ngaba ke ngubani na ongenayo iimbewu apha kuni...zaxela ke ezinye ezingekabinayo iimbewu...zathi e'se sifumene zaxela...wathi ke...uNomkhosazana lowo...ke ngoku ke kufuneka ke nifinyelele nonke nigqibe...sihambe ngemini ethile...zeva ke iintombi zahamba...zathi k' ezo 'be zingekabinayo imbewu...zayicoselela zayifumana zayifihla...lufikile usuku...yaphinda intombazana yenkosi yathi ngomso ke kufuneka kuhanjwe...zavuma iintombi...kusile ngomso zihambile...ziphethe ezo mbewu namagaba...amagaba aziwafihlileyo...zaqala ngokuya kuwabeka kude...zesuka emakhaya zingephethanga wona zakugqitha[908] kuwo amagaba lawo...zahamba ke nawo...ziphethe loo miphako yazo...zifikile kuhlathi lazo...zafika zahlala zakhulula imiphako zatya...zityile apho iintombazana...zatya zatya zathi zakugqiba ukutya yayileyo yema kwesayo isigingqi yayileyo yema kwesayo isigingqi yayileyo yema kwesayo isigingqi zadwela ngokuma kwezigingqi zazo...zalima ke apho...zilima ngamagaba ezandla...zalimela ukuzigqiba ezi zitiya...isithi intombi yenkosi kufuneka ukuba silime sigqibe kuba akufuneki simane sisiza qho apha kuba sakude[909] siqondwe...zilime ke zagqiba...zathi zakugqiba ukulima...zangena ehlathini zatheza...zitheze zatheza zatheza iinkuni zazikhupha iinkuni ehlathini...zabekelel' iinyanda zazo zazibopha...zathwala zahamba...zagoduka...zihambe zabiye[910] zaya kufika ngokuhlwa ekhaya kuba kwakukude...akukho nto ke yaziwayo ngabantu abadala kungekho namntana wazi le nto ziyenzayo...aziyithethi nakubani...zithe ke ngoku emzuzwini kanjaqo obiye[911] wamde...yathelekelela okokuba inkosazana oo makube ngoku...ezaa zitiya ziphumile...kufanelek' uba kuphindwe kokuhlolwa[912] ...yaphinda yathetha kwa nezinye iintombi...kwa sembuthweni...yathi niyakhumbula na ukuba izitiya eziya zifanelwe ukuba sozihlola[913] na kuba umzuzu lo uxela okokuba noko...zinoba[914] zaphuma...ngoku ke...kuthe yakuba itshilo kuzo...kwaphinda kwabekwa usuku lokuya kukhangela...ziphinde zaphatha imiphako...kwakusa ngosuku ezilubonileyo...zahamba...ukuya kwakhona...zakuba zifikile apha...yhu! waphuma umbona iintanga ziyaqala ukubeka imilibo...ziphumile...waye umbona elikhaba...yaye kubonakal' okuba ebefanelwe ukuthi kanti 'se ehlakulwe...oo! zavuy' apha iintombi yhu yhu yhu yhu yhu! uchumile lo mbona mhle umnyama...zavuya ke ngoku zatsho zahlakula zi--- zivuma iingonyan' ezimandi zivuya...zahlakula zahlakula izitiya zazo zazigqiba le nto isebhongweni beyithanda le nto beyibukela...ngoku ke bakugqiba ukwenza le nto...baqala...batya izinto zabo...kuthe ke kusenjalo kwayiyo ke into ekubuthiweyo ke ngonje kusenziwa yonke intw' apha ezincoko kwaze ngoku kwatyiwa le miphako kwagqitywa kuthe kwakutyiwa ke imiphako igqityiwe njalo ukutyiwa...zangena ehlathini apho zatheza...zitheze zatheza ngoku iinkuni zazikhupha zazibekelela...zithe zakugqiba ukuzibekelela iinkuni zathwala zahamba...ukuhambela ke ngonje ukugoduka...zakuba zigodukile ke zifike ekhayeni zafika kwa ngokuhlwa njalo...zakuba zifikile zihleli ke ngoku zingayithethi mntwini nangoko le nto...zihleli zahlala ke zingayithethanga mntwini njalo zabiye[915] zakhumbula kwakhona okokuba maziphinde e--- 'khe ziye emzuzwini othe walilo iqela...ziyokuhlola uba kuyini na ke ngoku...iphindile ke inkosazana leyo yathetha nazo iintombi...nokuba ke ngoku ma'khe siphinde 'khe sokukhangel' uba kunjani ke...zavuma ke iintombi...kwahanjwa ke ngenye imini...zihambe ziphethe kwa loo miphako yazo...zifikile ke ezitiyeni zazo...zafika namhla zivuthiwe...zithe zakufika zivuthiwe zafika zafula yayileyo intombi yangena kwesayo yafula...yayileyo yangena kwesayo yafula...zifula umbona zifula amazele...zabasa zenza umlilo omkhulu apho...zisoja lo mbona...wazo zimtya...zithe zakubon' uba ziyatya njalo umbona lowo zisonwabile kakhulu apho...ziman' ukuphindaphinda ukuya kumkha...kwathi gqi inja enkulu...yaze le nja zayothuka iintombi ezo...ukuyothuka kwazo le nja ziyothuke...njenganja ziyiqhelileyo...yaze le nja yafana nenja eyinja ehamba nomfana odibaniselene nenkosazana le...ithe inja le ye[916] ngqo yaya kule nkosazana...yafika yayibungezelela iyibuka...kutshiwo kwangoko ziintombi...kwathiwa yinja kabanibani le...iyakwazi...zaye zisoyika ukuba yinja evela phi na...kude kangaka namakhaya...ithe inkosazana ukuphendula hayi asiyo yakhe le nja...int' enayo nibona nina ukufana ibala...andiyazi mna le nja...kwathiwa hayi nangoku ikukhethile nje akuyazi njani akuyiboni isiza kuwe nje...yahlala yona ingakholwanga njalo...ukuba le nja...yeyalo mfana...kwalile ke kusenjalo...kwavakala isithonga...isithonga sokwaphuka kombona...kwangutyobotyobo kwakrwabaza...zathi ziyanyeka 'se kuligqiza ngamagongqongqo...iinto ezindlebe zinoboya...ezi ndlebe zinkulu ezi 'nto zimdaka...zafika ezi 'nto...zisoyikeka zinjalo zigxumile iintombi ukusuka ukubaleka...zibaleke zonke iintombi yaye inkosazana yona ingaphambili kuzo ngokubaleka...zithe ezi zinto ke ukuthetha kwazo...ze--- zath' ize niziyeke zonke ezo ntombi nisukele laa ntombi iphambili yodwa...niziyeke ezinye...zibalekile ke zikrozile zenje njalo...zithe koko kubaleka kwazo zisukelwa...kwaye kugqithwa kuzo zonke kusiwa kuyo yona leyo iphambili...iyinkosazana...kufikwe ke kuyo yabanjwa...kweziwa nayo...kanti amagongqongqo la anenkosi yawo yona ihleli ayisukeli...ihleli phantsi apha ngasezitiyeni...kufikiwe ke apho enkosini...kuphethwe inkosazana leyo...kuthiwe ke kwakufikwa kwaqajwa ke ngoku ngamagongqongqo...aqaja ngokuqajwa...yalelo lathi ndinomlenze nkosi...lath' elinye nam ndinomlenze nkosi...elinye lithi ndinengalo nkosi...elinye lithi ndinengalo nkosi...elinye ndinebele nkosi...elinye ndinebele nkosi...elinye ndinesibindi nkosi baliqajela ke apho kuloo nkosazana zonke iindawo abanye beqaja intloko...ithe inkosi ekugqibeleni...hayi yimani...le ntombazana ayizi kutyiwa...iza kuba nguNojikolo inkosikazi yam...iya kundenzela imbewu...aqala ke ngonje ukudana amagongqongqo...kuba ebesithi won' azuzile iza kutyiwa...kugodukiwe ke ngamagongqongqo lawo...kwaye kwakufikw' emakhayeni wawo...kwakufikwa ke ekhayeni legongqongqo...licacisil' uba liza...nenkosikazi...uNojikolo...wabonwa ke uNojikolo lowo...wahlala ke apho wangumfazi ngoku weli gongqongqo...engatyiwanga...intliziyo yona ibuhlungu kufun'[917] ukuy' ekhaya...kodwa ke exoliswe kukungatyiwa...nxa ebenexhala lokutyiwa...wamitha ke uNojikolo...wakhulelwa...eyinkosikazi yegongqongqo...wathi akukhulelwa wazala...wazala umntana oyintombi...ofana naye olubhelu...kwathiwa hayi akayi kutyiwa...kuba ufana noNojikolo...aye esithi amagongqongqo makatyiwe kaloku nkosi...ngoba wawuthe[918] uza kusizalela imbewu kutyiwe yon' ayekwe yena...yathi ke inkosi yamagongqongqo...akazi kutyiwa kuba lo mntana ufana noNojikolo...kwakutyiwa[919] bantwana bambi...wahlala k' uNojikolo wonwaba...wade wamlumla umntana wakhe...akumlumla umntan' 'akhe uphinde wamitha...wamitha wakhulelwa...waphinda waye waya kuzala...wazala umntana oyinkwenkwe...wathi lo uyinkwenkwe wafana noyise waphuma eneendlebe ezinkulu ezinoboya...lowo ke bakumbona akafunwanga kuba us'ke waluhlobo lawo amagongqongqo abambawela...wahlala uNojikolo wonwaba...kwade wamlumla nalowo...wangumntana omdala ke ngoku wathi lo mntana akuba mdala wambawela udadewabo efuna ukumtya...kuba ufana nezinto abazityayo...apha kutyiwa abantu...kuyokuzingelwa kuziwe nomntu...atyiwe...ngoku lo mntana ke nx' edlala nabanye abantwana...uthi akukhathazeka kwabanye abantwana...akulila iinyembezi zakhe bazibawela...bamkhothe iinyembezi bebawela ukumtya...wahlala lo mntana le nto athi akufik' endlini ayixele...uba tata oobani badlala ngam 'phinde babe bendikhotha besithi bayabawa bavus' amathe...wayikhalimela loo nto uyise engxola ukuba ngumnta' kaNojikolo lo...ningaze nimkrempe...wahlala ke umnta' kaNojikolo wakhula akwabikho nto ikhoyo...wad' es'ke wanguye umntana...ongangabantwana abasebenzayo...kodwa yena akasebenzi kuba uyathandwa kakhulu kuthandwa unina...kuthe ke ngenye imini...wamane ukuhamba nonina esiya emlanjeni...aphathe yena into elingene yena encinci ayokukh' amanzi...wamane esenje njalo ke ehamba nonina lowo...ngenye imini ke ukhe iingcongolo emlanjeni zambini waziphatha ngesandla...egoduka nonina bephethe amanzi lawo...nxa esemnyango iingcongolo zakhe uzibeka phantsi...ukuze unina ke ngoku athule yena i-emele...uthe x' egqithayo wazinyathela zakroboka iingcongolo zakhe...zithe zakukroboka iingcongolo zakhe walila umntana...wathi uyazifuna ezakhe iingcongolo...ulele elila njalo uphindile umntana wahamba nabanye wabheka emlanjeni...akufika emlanjeni bayakhelelela bathwale abanye...nxa ngoku yena athwalayo ayinyuki eyakhe ize entloko...wathi kwabanye ndithwaliseni...abavuma bathi zithwalise...bamshiya apha uthe akushiywa ngabo engakwazi ukuzithwalisa...wabona kuvela umntu omhle apha ezingcongolweni...wathi lo mntu kuye...yiz' apha wabe ebaleka...ebaleka kodwa engamoyiki akumjonga...wade waya umntana...wathi lo mntu ungumntana kabani...wathi umntana ndingumnta' kaNojikolo...wathi unyoko uthini nxa efungayo...ezek'[920] etheth' into enyanisile...aze 'khe afung' umnt' athi ndinyanisile uth' ufunga bani...wathi umntana uthi umama nxa athethayo nob' uthetha notat' athi utata akuthi uyaxoka...athi Mbengu-Sonyangaze ndinyanisile...aqale ke utat' aqonde uba umama unyanisile...wathi lo mntu unyoko lowo unjani ibala lakhe...wathi umntana umama ibala lakhe linjengeli lakho...wathi unantoni apha ebusweni...wathi umntana umama unomhlantla umama uneetuma umama unosiba wahleka lo mntu wawavela umhlantla...wathi umntana unjalo ke umama...unjengale nto ikuwe emazinyweni...watyhila lo mntu intloko wathi umntana unjalo umama unezituma zinjengezi zakho...unolu siba lunjengolu lakho...wathi lo mntu uyabona ke mntan' 'am...e--- unyoko ngudadewethu...unyoko wemka namagongqongqo...ndingumnakwabo ndingulo Mbengu-Sonyangaza amfungayo kudala ke ndifuna ndifuna yena...wena kuthiwa phaya kowenu ufana nabani...wathi umntana mna kuthiwa ndifana nomama...wathi lo mntu nguwe wedwa umntana wakhe...wath' umntana ukhona omnye oyinkwenkwe int' ekhoyo yena ufana notata akanjengam...mna bafuna nokunditya bayandibawela...wathi lo mntu uyabona ke...ndifuna okokuba ukuze wena ulilele iingcongolo zakho zayizolo...ezaa ngcongolo ub' uzikhelelwa ndim izolo...kuba izolo 'be nihamba niba nintshi andibananga[921] nasithuba sokoba ndingathetha nani ke uz' uphinde ke uzililele iingcongolo zakho uthi uyazifuna...uze ke ezo ngcongolo uthi ufuna zokukhiwa[922] ngunyoko akufuni kukhelelwa ngomnye umntu...wenzele ukuba uze sidibane...ndifuna ke wenze loo nto wavuya ke umntana...ekholwa yile nto ithethwayo kuba 'se eqabukile...wayenza loo nt' umntana wagoduka...wath' akufik' ekhaya...wothul' amanzi wawabeka wakhala...wabuza uyise yini wenziwa yintoni umnta' kaNojikolo...ubethwa ngubani...wathi umntana ndifuna iingcongolo zam e'be zikrotyoziwe ngumama...oo! uyageza lo mntana watsho unina...iingcongolo zinomsebenzi angathin' umntana ukundixelel' int' 'eengcongolo[923] zayizolo...walila umntana waba ngathuthuzelwa ecengwa nanguyise nangunina...wakhala wathi ndifuna iingcongolo zam ndiyazifuna ezam iingcongolo...ude wathi uyise hambani bethu nokukhelela[924] umnta' kaNojokol' iingcongolo zakhe ezililela waye unina ecaphuka kuba lo mntana wenza iinto zokugeza...waqina umntana ekulileni waqinisa uyise ukukhathazeka umntan' 'akhe uba makangalili...hayi Nojikolo...hambokukh'[925] iingcongolo zomntan' 'am...kwo! ndiya kuthin' ukuhambel' inikisi[926] ...yiya Bani uyokukh' ezo ngcongolo wakhala lo mntana esithi ndifuna zokukhiwa ngumama...ude wahamba ke ngoku uNojikolo ukuya kukh' ezi ngcongolo...wahamba ke umntana naye wambetha wathi jika ugeza kakhulu ndiya kukh' ezi ngcongolo zakho wakhal' umntana...yangxola indoda isithi myeke Nojikolo umntan' 'am ahambe...bahambile ke baya kufika emlanjeni...bathe bengekafikeleli kakhulu...wathi umntana mama....wen' uthi ndakuthi hambokukh' iingcongolo zam ungavumi uza kumbon' umalum' uMbengu-Sonyangaza...wathi unina kwo! usile[927] ndakuse[928] ndijike...ugeza kakhulu...Mbengu-Sonyangaza ndiya kukwenz' int' embi...wathi uza kumbon' uza kumbon' uza kumbo--- mama yiza yiza yiza hayi wafuna ukujika unina esithi ugezelwa ngumntana...waphind' umntana wakhala wathi ndifun' iingcongolo zam...wahamba ke unina waya kufika emlanjeni...uthe k' akufik' emlanjeni...engazikhanga njalo iingcongolo...wathi gqi uMbengu-Sonyangaza...bakhawulelana ke[929] ...bakhawulelana ke ngoku...ngak' ukubukana balilelana apho nomnakwabo...ukuba ambone umnta' kanina inguye nguye nguye...ewu!...bazama icebo...sayithini[930] le nto...siza kuthini le nto uba...ndifuna wena ndilapha nje...waye esithi udadewabo uya kuthini mnta' katata ngokuba apha kusemagongqongqweni...uya kutyiwa ngamagongqongqo...uya kuvela kanjani...ukuze usinde bacebisene...wathi hayi khawume ndiza kwenje nje...ndiza kuthatha le blankethe[931] yakho...ndiyixov' apha eludakeni...ukuze nawe uqabe udaka umzimba wonke nentloko...ukuze ke ihambe ivuza injalo uyambathe...ube yiyo into ehamba ngezandla ngamadolo...ube sisilwanyana...endiza kuthi mna ndakuvela...ndithi kikikikikiiiiiiii...savel' isilwanyana sam...savel' isilwanyana soNojikooooolo inkosikaaaazi...naso...kuza kuthi kuba ndenje njalo iyibone loo nto indoda ijonge...iza kuthi makwenziwe loo nto ndenza yona ayigqithi kunto endiyithethayo...oo kulungile...wathatha ke ingubo leyo iblankethe...wayixova ke eludakeni...yamanzi yanjalo imdaka ivuza ngamanzi waqaba udaka umzimba wonke nentloko uMbengu-Sonyangaza beduduluza besenza loo nto nodadewabo kusithiwa ke emntaneni apha uz' uthi wena isilwanyana sikamama isilwanyana sikamama uhleka utshayelela ize loo nto ibe njalo...bahambile ke ukubheka ekhaya egqumathele uMbengu-Sonyangaza eqabe elo daka embethe loo ngubo imdaka i--- eruqa ehamba ngezandla namadolo esisilwanyana...bathe bakuthi thu ekhaya...wathi udadeboMbengu-Sonyangaza halaaaala kikikikikikikiiiiiiii saveeeeli isilwanyana sam saveeeel' isilwanyana soNojikolo...oo! yaphuma indoda endlini yaphuma yajonga le nto heee yathi halala! awu! isilwanyana senkosikazi isilwanyana soNojikolo susan' izikhuni singakhubeki zaye ke kususwa k' ezi 'nto kwahanjwa ke kakuhle kwakungenwa[932] nayo ke endlini le nto imdaka injalo imanzi...yafika ke yahlaliswa egumbini emva kocango isilwanyana senkosi onke ke amagongqongqo ekikizela ngolo hlobo lokuba ngoku isilwanyana soNojikolo sikhona senkosikazi yaye esi silwanyana siyiyo into eyoyikwayo eyoyikwa ngohlobo oluxatyiselwe kuba iyinto yenkosikazi...kungenwa kakuhle naxa kungenwayo kule ndlu ukuba singaphazam' isilwanyana senkosikazi kukahlelw' isilwanyana soNojikolo...ngoku ke sihleli ke apha isilwanyana[933] ...sihleli ke apha isilwanyana eso...kwayint' entle ke waze wathi ke uNojikolo endodeni yakhe kwo! uyabona ke...kufuneka ke ngoku ke uxhel' inkomo...uxhelele isilwanyana sam...oo! yatsho indod' uthi ewe ewe ewe nkosikazi aqokelelwa k' amagongqongqa kwathiwa makuxhelelw' isilwanyana soNojikolo...sayixhelelwa ke inkabi yenkomo etyebileyo...kwathiwa hiiiiiiii kikikikiiiii saxhelelwa[934] namhlanj' isilwanyana soNojikol' inkosikazi...hayi ke kwatyiwa ke izipheko ezihle ngesilwanyana eso sikaNojikolo...kuhlalekeni ke kuhleliwe kuthi ke kwakuphuma amagongqongqo la akuba ephumile isilwanyana sincokole nodadewaso...asondele ngakuso...asithethi nxa kukhw' abantu...sibuze okokuba ngaba sakugoduka[935] nini na...athi ke uNojikolo yena hayi Mbengu-Sonyangaza ndiyakulungiselela kufunek' kaloku bangaqondi 'soloko bona besazi ngolu hlobo...zisekho wena iimini kuza kuzingelwa apha njengob' ubona kutyiw'abantu nje kubakho imini endithi mna ndifune inyamakazi kuba mna andizityi ezi zinto kuza kuthi kwakuphela le yakho inyama ndifun' eyam...isithuba sakuvel'[936] apho bahlale ke...yonke k' int' entle inkos' ibuze Nojikolo kodwa isilwanyana sakh' asilambanga na...ayothoba[937] ke kuso kuba uthi asikwaz' ukuthetha ayocofa[938] esiswini...kwo ngathi silambile ngathi silambil' esi 'lwanyana sam ngoku...oo! masenzelw' int' etyiwayo siyenzelwe ke senzelwa iint' ezintle ke sityisw' isilwanyana senkosikazi...esi 'lwanyana ke senkosikazi lo mntana kaNojikolo uthand' ukuthi nca ngakuso isilwanyana sikanina asithandayo angasoyikiyo nanjengoba nenkosi le iyasithand' esi 'lwanyana int' ekhoy' uba ayisiqhelanga isithanda ngembeko ingasondelanga kuso...kwahlalwa ke kwalile ke ngaminazana inyama leyo 'se iphelile...watsho ke uNojikolo kumyeni wakhe...ke namhlanje noko ndikhanuka inyama yenyamakazi...'be kufuneka noko ke nibheke ke ezinyamakazini kuba kukhw' inyamakaz' endiyithandayo uze[939] kufunyanwe yona...aqokelelene ke amagongqongqo...ngelikakuya kufuna inyamakazi kwemkiwa ke kuxhotyiwe ukuba kuya kuzingelwa ngawo wonke...ahamba ke amagongqongqo onke yashiyeka ke inkosi kwakunye nenkwenkwe yayo uthe uNojikolo ndifuna kuhambe wena kanye myeni wam ukuze kungafani kuziwe nayo noba yintoni na uhambe nen--- nenkwenkwe leya na ube lo mntan' 'am ndifuna ab' eqhatha oo! unyanisile Nojikolo...yatsho yahamba ke nendoda leyo kwakunye nomntana...kwashiyeka ke ixhegokazi apha elingakwaziyo ukuhamba ngokwaluphala...lihleli ke lona kweli khaya...kuthe kuba batshonele nje ekhaya 'aqala[940] isilwanyana sayibeka pha' ingubo emdaka...kwath' kuba apha kukho iinqwelo sakhupha iidyokwe[941] phandle loo nto senz' amajadu ngokukhawulez' okukhulu...sakhupha iidyokwe nezabhokhwe yonke into savulela zihagu zihukwini[942] ...saqhiwula yonk' into nenkuku sathathela phambi konyawo...ukususa yonke int' esekhay' apha ilayishwa[943] enqweleni yazala inqwelo kwezintle abazifunayo izinto yaqhutywa yonke impahla yaphela...kwahanjwa kwemkiwa uNojikolo nentombi yakhe kunye nomnakwaboMbengu-Sonyangaza...bayiqhuba ke impahla leyo bemkile njalo...kuthe ukuba bathi qelele ngaphesheya komlambo...ixhegwazana labon' uba hee! kuthen' ekh' apha kungasekho nentshontsho nantoni 'se kwathi mmu! kwakhal' iimpukana[944] ...laba nokujongajonga layibona le mfidi yalapha yonke uba nantso imka kumka kumka nenqwelo ekh' apha...ewu nguNojikolo umka novavunge lakhe nentombi yakhe nempahl' 'asekh' apha yonke...lathi u! kunzima ngoku...latshitshiliza ke ixhegwazana ukuzama ukuya kuvela ezintabeni...khangela ke nawe ubunzima bento yento engakwaziyo ukuhamba...itshitshilizel' uba ide iyokuqabela...ide iyokuvela ngaphezulu ikwazi ukumemeza...ithe ke loo nto lad' ese[945] laya kuvela 'se betshonele ke ngoku 'se lingasabazi nokuba baphi bengasabonakali...lavela entabeni ixhegwazana...lathi entabeni apho lathi umzi wemmmmmmmka! ummmmmzi wemmmmmmka novavunge loNojikooooolo!...athi amagongqongqo akuva loo nto itshoyo athi yintoni na litshoyo...ithini ithi le nto ezantsi kwez'[946] ngezantsi...enza ulekeleke ukubheka ngezantsi aya ebhekela phaya endaweni okokuba makabe ayabuya...kwakhona abhek' ezantsi ebalekile...laphinda ixhegwazana...ndith' umzi wemmmmmmmka! wemk' umzi novavunge loNojikolo!...uthini atsh' amagongqongqo...ath' amanye uthi omde makathathe umlenze omfitshane komnye kubolekiswane sibe ziziqhwala uze sizifuman' iinyamakazi...kwahlaliwa ke ngamagongqongqo kwatshintshwa[947] imilenze...uba bahambe ngobuqhwala ngoku bangabalek' imilenz' ilungelelene...bathi bakugqiba loo nt' ub' babethe wathatha aphakam' angcipungcipula ke ngoku avingxela ebhekela phaya...laphinda ixhegokazi...lathi umzi wemmmmmmmka novavunge loNojikooolo...wath' umntu lithin' igama...awu uth' umakhulu umzi wemka novavunge loNojikolo...kwoooo! yanzima ke into kakukhulula imilenze isisiwa kwa kubanikazi bayo okokuba ngoku makungaqhwalelwa ukuze kukwaziwe ukubaleka...babalekile ke ngoku ukunyuka ukuza ekhayeni bebalekile bazokufika ngabanye ngabanye...bade bafikisa laye lisithi ixhegwazana umzi apha umke woooonke...novavunge lukaNojikolo noNojikolo nentombi yakhe...akushiyekanga nenkuku ekh' apha kukhala impukane...bathi bakujonga ke amagongqongqo tyhini! akukho nehagw' ekh' apha akukho nantoni...kwasukelwa ke ngamagongqongqo ekhondweni apho 'be beqabele khona 'se ehamba ngokujoja ngeempumlo...abalekile ke njalo ejoja endleleni esiva ngevumba ngok' kweenja ezilandayo...ade aya kuthi thu kooNojikolo beqhuba loo mfumba bathe bakuthi thu wawabona uNojikolo amagongqongqo akhe...wathi kwooo! Mbengu-Sonyangaza 'se sifile mnta' kamama nanga amagongqongqo...az' uba singabant' abayinto nina...kuba namhlanje siza kutyiwa sonke and' 'uba[948] 'sayekwa[949] nam...hayi akwabikho kunceda bayiqhuba impahla leyo...afikile amagongqongqo eliqale lafika kwaphambili lithe elo lifikileyo wahlaba uvavunge lukaNojikolo ngomkhonto kwelo gongqongqo lokuqala ukuqala ukuza kufika...wabinza ngomkhonto...uthe akulihlaba ngomkhonto athe waxa onke loo magongqongqo ngeso sitokwe selo afa onke...baqala ke ngoku ke bahamba...bahambile ke bonke ke ngonje kungasekho gongqongqo ebulewe leliya linye...bade ke baye kufika ekhayeni bakuba befikile k' ekhayeni kwathiwa k' ekhayeni aheee! yinto eyayingaka[950] nani na le yale mpahla kwatsho kwangathi lisibekele kwase kwamnyama[951] kwamdaka[952] yimpahla yamagongqongqo kuba uyibuthe ngokuhlala kwayo nxa ingako elalini...apho ke uNojikolo wanyusela ubukhosazana bakhe ngenxa yaloo mpahla kwaye kubulelwa nomnakwabo lowo kowabo yena 'b'[953] ezincamile ukufuna udadewabo...kwakhiwa ucingo...kangangokuba impahla le ayinaba[954] seluthangweni ifanelwe ucingo...wahlala ke uNojikolo ngoku ebuyele endimeni yobukhosazana kowabo ehleli ngokonwaba phela phela ngantsomi.
Notes
[904] wayinkwenkwe: wabayinkwenke. This is a common construction in Masithathu Zenani's narratives.
[905] 'ze'khesokutheza: sizesikhesiyekutheza.
[906] 'ba: kuba.
[907] zakwalilo: zabakwalilo.
[908] zakugqitha: zayakugqitha.
[909] sakude: siyakude.
[910] zabiye: zabuya.
[911] obiye: obuye.
[912] kokuhlolwa: kuyekuhlolwa.
[913] sozihlola: siyekuzihlola.
[914] zinoba: zinokuba.
[915] zabiye: zabuya.
[916] ye: yathi.
[917] kufun': kukufuna.
[918] wawuthe: wabeuthe.
[919] kwakutyiwa: kuya kutyiwa.
[920] ezek': ezekela.
[921] andibananga: andibanga.
[922] zokukhiwa: zizekukhiwa.
[923] int''eengcongolo: intoyeengcongolo.
[924] nokukhelela: niyekukhelela.
[925] hambokukh': hambauyekuba.
[926] inikisi: from Afrikaans niks, "nothing."
[927] usile: -sile, from English "silly."
[928] ndakusa: ndiyakusuka.
[929] There is a brief pause here.
[930] sayithini: siyakuyithini.
[931] blankethe: from English "blanket."
[932] kwakungenwa: kwayakungenwa.
[933] A brief pause.
[934] saxhelelwa: siyaxhelelwa.
[935] sakugoduka: siyakugoduka.
[936] sakuvel': siyakuvela.
[937] ayothoba: ayekuthoba.
[938] ayocofa: ayekucofa.
[939] uze: uzekuze.
[940] 'aqala: kwaqala.
[941] iidyokwe: from Afrikaans juk, "yoke."
[942] zihukwini: from Afrikaans hok, "pen," as in "pig pen."
[943] ilayishwa: from Afrikaans laaien, "load," as a wagon.
[944] kwakhal'iimpukana: the Xhosa idiom, Kwakhal'ibhungane, lit., "There cried out a beetle," i.e., "All that is left is a beetle," i.e., a reference to a deserted homestead.
[945] lad'ese: ladalesuka.
[946] kwez': kwenu.
[947] kwatshintshwa: from English "change."
[948] and''uba: andiyikuba.
[949] 'sayekwa: ndisayekwa.
[950] eyayingaka: yabeingaka.
[951] kwamnyama: kwabamnyama.
[952] kwamdaka: kwabamdaka.
[953] 'b': ube.
[954] ayinaba: ayinakuba.
Text copyright © 2006 by the Board of Regents of the University of Wisconsin System.
Photographs copyright © 2006 by Harold Scheub. Used with permission.
Those interested in using these materials for any purpose not covered under Fair Use must seek the permission of the University of Wisconsin-Madison Libraries and/or Harold Scheub.


Listen to this section