South African Voices: Created in Olden Times (2006)
MALEJESE, SON OF A KING
Two old men arrive at the royal residence. They have led unhappy lives and arrive impoverished, asking for the protection of the king. They become accepted members of the king's household, held in affection by all but loved especially by the king's son, Malejese, who refers to them fondly as "My father's old men." But then, strange things begin to happen. "It seemed as if a plague had struck the royal residence." Everyone dies, until only Malejese and his family remain. Malejese inherits all of the considerable livestock of his father. His own wife, before she dies, urges her husband to burn the houses and kraals and then to depart.
Intsomi...yathi intsomi...kungumzi omkhulu...wakomkhulu...lo mzi ke wawufuye kakhulu...yinkosi umnikazi-wawo...eyayinamaphakathi...amadoda angababusi...nonkosikazi yayo...yayinababusikazi bayo...kulo mzi ke akukho nto ingekhoyo...zonke izinto zazikhona...ukususela kwezokufuya nakwezokulima...ingumntu onobubele...okwaziyo ukubakh' nabanye...ngoko ke kuthe kuloo nto yokokuba enjalo ebukhosini obo bakhe...waze wafikelwa ngamaxhego amabini...umnt' omkhulu lowo wekhaya...akuba efikile la maxhego...ehambisana omabini ngendlela yokuya komkhulu apho enkosini...eyithatha ngendlela yokuba eyithembile ukuba yona ingawagcina...afike ema enkundleni akhahlela ngesikhahlelo senkosi...kwaduma amaphakathi awaye ekho apho komkhulu...kubuziwe ngamaphakathi lawo xa ebona okokuba la madoda makhulu omabini ngaba anento azise yona na komkhulu...liphendule ke elinye ixhego ngegama elithi nxa silapha nguye lo ubhululu wam size thina ngako ukuphelelwa...siphelelwe ngamakhaya ethu sobabini ke sifundisene ngokokuba masize apha komkhulu ikhaya lethu sonke ukuze sibe ngabo abantwana balapha komkhulu...sizokufuna ukugcinwa ngamakhosikazi la abafazi benkosi...asigqitheli ndawo siphelele saye siphelelwe...ithe inkosi isiva njalo yathi mh mh mh mh...e--- buzani ke ukuba ngamani na lawo amakhaya wawo ephi na...esitsho nje...kubuziwe ke okokuba ningawo amani na ke yaye ikhaya lenu liphi na ke kube kwasuka elinye ixhego e'be lihleli xa 'be kuthetha elinye...lathi amakhaya ethu akude kakhulu mhlekazi...eli lizwe sifika kulo namhlanje sele sikade sihamba iintsuku ngeentsuku latsho lisithi kwelinye zingaphi na kanene mfondini iintsuku esizihambileyo kule ndlela...lithe elinye ukuphendula andazi kuba 'khe[875] sahlala kumzi o'be kukho kuwo umgidi andabisaqonda ukuba ngaba iintsuku zibe ngaphi na...ezo sizihleli apho kuba 'be 'se sincwase thina ukuba singabisegqitha...kuthe ukuze sigqithe kwase kwadlaliswa ngathi ngabantwana...yaze aba bantwana abangxoliswa saze ke sabona ukuba masifune mzi wumbi...loo nto ke mfondini iyandikhohlisa okokuba ndiqonde okuba zingaphi na...noko kum ngathi ezi ntsuku zingangenyanga ukuhamba kwethu...ngoba 'khange sihambe lide litshone ilanga...sithi sakulamba sijike emzini...sithi ukuba asifumani nto siphinde si--- sihambe sijike komnye umzi...loo nto ke lisitshonele ilanga...sithe ke ngoku ekubeni silapha kwesi sithuba sangoku safumanisa ukuba kukho umzi ongathi unembeko uthanda abantu bonke...safuna ke ukuba size ngakuwo akunjalo na kunene...lathi elinye ewe kungathi mfondini uwabhekisa ngakhona hayi uyawachana noko ndiyabona nam undikhumbuza into e'se ndiyilibele okokuba kanene sakhe sahlala emzini owawunotywal' obunintshi saze saba sisela neevany' apho...ngoko ke ndithetha ukuthi ziinkosi zam...asinakuyiqonda into yeentsuku zokuhamba kwethu...kudala noko ndijonge nokungathi ngoku kukho inyanga entsha kanti ngokuya sasithetha le nto kwakungekho nyanga iyile yayisisonka inyanga idibene inkulu...nto[876] ibange sibe ngabantu abalapha...yileyo ke ziinkosi zakowethu...kukuhlala lusizi nzima singenakuncedwa nto kuba uphelile lowo[877] wawuthi waphela nalo wakowabo lo ngoku sashiyeka kuloo lali yethu sizizo iinkovane[878] zokuhlekisa ke...yiyo ke indawo yokokuba sibe lapha...sizozibeka phantsi komnt' omkhulu...sisema ke kweso sithuba yathi ke inkosi bathabatheleni ngaphakathi e--- ngabantu abo abalungileyo abaya kunifanela kuba bona 'se bengako...nawe mphakathi ungafanelwa ngumntu ongako nxa ehleli kumzi wakowenu...bahleli ke apho kwaxelelwa amakhosikazi aze ke amakhosikazi avuya nawo ukubona abantu abangaka abaza kuba ngabantu abangegqithiyo apha komkhulu...babalungiselela...into etyiwayo babanika aze ke amaxhego lawo atya yaze athi akugqiba ukutya ahlala ke njengabantu bekhaya...kuhleliwe ke komkhulu apho kusenzeka zonke izinto zakomkhulu...kwaqhubeka kangangeminyaka ngeminyaka...ingawo amaxhego akomkhulu...ekuthiwa ngabantwana nangabafazi nangamantombazana kuthiwa ngootat' omkhulu besahlulwa ngamabala kuba bengafani omnye ebhetele komnye ekhanya omnye emnyama ngebala bathi ke nxa 'baba[879] bebabiza kuthiwe ngutat' omkhulu lowa umhlophe...kuthiwe utat' omkhulu lowa umnyama bahlala ke bonwabile besithi behleli ithi inkosi nxa inento etya yona ithi makhehl' am...abe ke wona esabela ngelikakuba nkosi awanike ke into leyo awanika yona...athathe ke ezandleni ngazo zozibini...ukuxabisa inkosi yawo kuhambe kwahamba waya uphuzuka umzi wakomkhulu...kwaya kushiyashiyana ngokufa komkhulu yaye inkosi le inonyana wayo evisisana naye ngengqondo inguye unyana othenjiweyo nguyise ethenjwe nangabo abekhaya bephelele...ngokuba engayaphuli imithetho kayise...waze ke lo nyana wawathanda kakhulu amakhehle kayise athi ehleli ab' ewateketisa esith' amakhehle katata awu amakhehle katata athi nawo la makhehle akumbona ufike onwabile ehleka kuba lo nyana wenkosi uza kuthetha nawo kakuhle...onwabe ewancazela amacuba amakhehle etshaya ngedosha...izinto ke ziqhwithwayo ematyeni ngezinto ezizicwilika kufakwe amavithi amabunga emithi ebolileyo...loo nto ibe nguwo umlilo...loo nto ke kuthe ukuhamba kwayo...kwakuba kubhubhile ekufeni kwenkosi kwashiyeka amakhosikazi...ahlala amakhosikazi nawo...engayaphuli imithetho yomyeni wawo inkosi leyo...ngoko kuhambile ngabanye kwamane kuhlale kuhlale enyakeni...kufe omnye bade ke kulo mzi mkhulu kangako bafa bonke kwashiyeka unyana...unyana lo wayenegama[880] lakhe unyana wenkosi...igama lakhe yayinguMalejese[881] ...wahlala ke uMalejese lowo ehleli ke nomkakhe nolakhe usapho yanga le nto ilutshaba komkhulu kwaqalisa ngokuphela usapho lukaMalejese...kwashiyeka yena nomkakhe uthe exesheni elide kwabhubha umkakhe...uthe umkakhe nxa eza kufa wathi Sobani yasabela indoda uMalejese...wathi ke ndingowokugqibela...ndingowokugqibela ngoku ke wena apha ushiyeka neenkomo zikabawo...ushiyeka namahashi kabawo...ushiyeka neebhokhwe zikabawo ushiyeka neegusha zikabawo ushiyeka neenkuku zikabawo ushiyeka neehagu zikabawo ushiyeka namaxhego akabawo ushiyeka nezinja zikabawo ezo 'nto ke ukuze uhambe nazo kuba ngoku wena nguwe wedwa onezandla zokusebenza zona azikwazi ukusebenza...ndithi kuwe ke ezi zinto uz' uye nazo kuloma exela unina kaMalejese esithi az' aye kulonina wakhe...ke nam ndiyafa ngoku kuza kushiyeka wena...uze ke nxa uhamba uzitshise izindlu ezi zalapha uze neentango uzitshise uze uhambe nayo yonke le nto...le nto ke iya kuhamba uhambe wena ngemva...uze ke nxa uhambayo njengoko uzibona iindlela ukuba zimbini ungahambi ngale ndlela ingaphezulu uz' uhambe[882] ...uz' uhambe ngale ndlela ingaphantsi...watsho ke umfazi kaMalejese wafa...walila ke uMalejese kuba yayiseyingumntu wokugqibela ekupheleni kwabantu bakowabo...wazibona ke ukuba namhlanje uselusizini uthe ke walulala olu suku lodwa kwasa kwasa ke etshisa ezinye izindlu...wazitshisa ke zonke ezinye washiya indlu yanye qha yayile ahleli kuyo uthe esahleli kuyo apho wacinga ukuba aqale ngantoni na kukho ukuba aqale atshise iintango kuba wayengaxelelwanga into aze aqale ngayo...wabona okokuba makaqale ngeentango aphinde alale kuba akutshisa indlu kuqala...akakuba nandawo yakulala wazitshisa ke iintango zonke...wathi ke akugqiba ukutshisa iintango...zonke...walala...kwasa watshisa indlu leyo ke ngoku yayiyo into yokugqibela...uhambile ke waziqhuba ke ngoku zonke iimpahla zakowabo...wahamba ke ngemva...ehamba ke esentlungwini njalo ehamba e--- elila uthe ke ehamba kwathi kuye masi akufika kwezi ndlela ukuba kanene ebeyalelwe ukuba aze ahambe ngendlela engaphantsi...wayilibala loo nto wahamba ngaleya ingaphezulu 'be kuthiwe az' angahambi ngayo...uhambile ngaloo ndlela inde inkulu ityhilekileyo yena wabe eyincoma kuba iphangalele impahla ayiqhubayo ihamba kakuhle kundlela etyhilekileyo...kwalile nxa ilanga lizama ukuthi ndithenge libhekela ekutshoneni...kwathi thu into angazange wayilibala le nto wabangayijonga yayinto angazange ayibone...le nto wabangasuka esima esakha umkhanya isiza njalo yona kuye yayinto angazange ayive nangembali yathi le nto kwelinye icala yangumlilo wodwa yathi kwelinye icala yaliliwa yathi kwelinye icala yalihlathi waye engaboni ntloko nazinyawo kodwa ebona ukuba le nto iyeza kuye ngqo ifudumele ingaqhawukanga phakathi idibene le nto int' ekhoyo izintlobo ngeentlobo...ithe le nto yakuba kufitshane kwashushu kuye wangathi uyatsha yaze le nto yaphinda yanento ephuma kwa kuyo ebandayo engathi yiqabaka ashwabane...yaze yaphinda le nto kucala eli liliwa yafuna ukumane ingathi iyadilika abone ukuba iza kumcumza...ifike into yema ngaphambili kuye yadwanduluka ithetha naye yathi kuye ngawubhule[883] ngawubhule Malejese ngawubhule mntana wenkosi...wema yena wakhohlwa ukuba uza kuthini na ukuphendula kule nto...kodwa ke akukho nokususa unyawo kuba ayikho indawo yokugqitha kule nto iphindile into kanjaqo yathi kuye ngawubhule ngawubhule Malejese ngawubhule mntan' 'enkosi...wathi yena ukuphendula
ngawubhule ngawubhule Malejese[884]
ezi nkomo zikatata ndiyala nazo...
amahashi katata ndiyala nawo...
iigusha zikatata ndiyala nazo
iibhokhwe zikatata ndiyala nazo
iihagu zikatata ndiyala nazo
iinkuku zikatata ndiyala nazo
izinja zikatata ndiyala nazo
amaxhego katata ndiyala nawo...
watsho wakhupha iibhokhwe...wazithi qengqelele...wathi akuba ezithe qengqelele wathi
iibhokhwe zikatata thatha nanzo...[885]
yaya le nto ezibhokhweni wathi ke akujonga iibhokhwe zikayise ezinintshi kangako ezazizalisa[886] uthango ezikhuphile zonke ngenxa yokoyika le nto kuba sisimanga sento angazange asibone...wakhangela nxa ithatha ibhokhwe yokuqala yase yatshona yonke le bhokhwe...kwathi ngomzuzwana ongangokuba umntu uyaqhwanyaza yaba 'se isiya kubhokhwe yesibini...usukile ke uMalejese waqhuba ezo zingekanikelwa zonke...wahamba...uhambe wahamba wahamba wade waya kutshona le nto isatya ezaa bhokhwe kuba zinintshi...uhambile ke kakhulu waye yena ethandabuza ukuthi mhlayimbi iya kutya zona zodwa litshone eli langa...kuba zinintshi...kwalile nxa ilanga litshonileyo kuratyela wathi akunyeka ngemva wabona okokuba nanguya laa mlilo...kwo! iya kuba ke ikwa yilaa nto...wahamba ke ngoku 'se engasaxhinanga kuba le nto nxa ihamba ikhawuleza kwangoku...ifikile kuye yathi yakufika wanga uza kutsha ngulo mlilo...kwabe kuphuma ikhephu ashwabane...yabe iliwa lidilika ngathi liza kumshicilela...ithe into leyo yaya ngaphambili...yafika yathi kuye ngawubhule ngawubhule Malejese ngawubhule mntana wenkosi...uthule...wanqatyelwa yaphinda into yathi ngawubhule ngawubhule Malejese ngawubhule mntana wenkosi...waphinda uMalejese...waphendula kule nto wathi
ngawubhule ngawubhule Malejese
ezi nkomo zikatata ndiyala nazo...
iigusha zikatata ndiyala nazo.../l>
iihagu zikatata ndiyala nazo...
iinkuku zikatata ndiyala nazo...
amaxhego katata ndiyala nawo...
iinja zikatata ndiyala nazo...
wathula...yaphinda le nto ngawubhule ngawubhule Malejese ngawubhule mntan' 'enkosi...wathatha iigusha wazikhupha ecaleni...wathi akuzikhupha ecaleni...wathi uMalejese
iigusha zikatata thatha nanzo...
yaya into ezigusheni...wajonga uMalejese ithe yakufika ezigusheni yathatha enye igusha...kwanga kuliphanyazo...ukuhlafuna loo gusha[887] ke kumele 'ze ajonge yaphinda yaya kugusha yesibini waqalisa ukusuka waziqhuba iimpahla zakowabo...uhambile ke wahamba wahamba wahamba...kwaye ngoku kusebusuku...kuthe kuba kulonina kukude...wamane ukubheka ngasemva...kwalile nxa ekude kakhulu kanjaqo...wabheka wabona uba nantso ebona ngomlilo ukuza kuye...ifikile into kuye yafika yema wanga uyatsha...waye kuphuma iqabaka...ashwabane...waye kudilika iliwa ange uza kushicilelwa...iphindile into yathi ngawubhule ngawubhule Malejese ngawubhule mntana wenkosi...wathula uMalejese...esanqatyelwe uba ngoku uza kukhupha ntoni na...yaphinda into ngawubhule ngawubhule Malejese ngawubhule mntan' 'enkosi...uphindile uMalejese wajonga wathatha iihagu zikayise wazikhupha wazibeka phaya wathi akuzibeka phaya wathi
iihagu zikatata thatha nanzo...
yesuka into yaya ezihagwini...yakufika ezihagwini...yathatha enye ihagu ejongile...yayitya ihagu kwa kwanje ngophanyazo[888] ...ithe nxa ithatha eyesibini waqala uMalejese wahamba waziqhuba iimpahla zakowabo...uhambile ke eyishiya apho isitya ezo hagu wahamba wahamba wahamba wahamba...baye ubusuku buqhuba buhamba nabo...wahamba ke ithula elide...emana ejonga ngasemva kuba ehamba nje usexhaleni lale nto...kuthe kungenini wathi akujonga wayibona wabona ngomlilo ozayo kuye waze lo mlilo...lo mlilo watshisa yakufika into wangathi uza kutsha...kwaye kuphuma ingqele eyiqabaka ashwabane kwaye iliwa lidilika angathi uza kwenzakala...kuthe kusenjalo yathetha into yathi ngawubhule ngawubhule Malejese ngawubhule mntana wenkosi...wathula...akathetha...yaphinda yathi ngawubhule ngawubhule Malejese ngawubhule mntan' 'enkosi...uphindile uMalejese...wakhangela uba makathini na ngoku...kuba iimpahla ziyacutheka...wathi wathatha iinkuku...wazithatha zonke ezi nkuku wazibeka phaya...wathi
iinkuku zikatata thatha nanzo...
yaya le nto ezinkukwini yafika yathatha enye inkuku...yayitya...ithatha le nkuku nje le nto uMalejese uyijongile...yathi nxa ithatha eyesibini waqala wesuka wahamba...wayiqhuba impahla yakowabo...uyiqhubile ke...impahla leyo...wahamba nayo kwa isithuba esikwamgama ubude...ehamba eqhuba le mpahla...uhambe wahamba kwala nxa kunini yabe ubusuku kuxa bufuna ukwahlulelana...kuba nabo buyaqhuba ubusuku obu...wayibona kanjaqo isithi thu kwa ngedangatya lo mlilo...ihambile yaza kufika kuye...yafika yabiye[889] yema phambi kwakhe...yaphinda le nto yathi ngawubhule ngawubhule Malejese ngawubhule mntan' 'enkosi...wathula akathetha emile yaphinda into ngawubhule ngawubhule Malejese ngawubhule mntan' 'enkosi...uthathe ngoku iinkomo wazikhupha zonke zikayise...wazibeka bucala...wathi
iinkomo zikatata thatha nanzo...
yaya into ezinkomeni...yakufika ezinkomeni ithathe inkomi yanye emile eyijongile...olu jongo lakhe ke lubuhlungu akajonganga kukholwa...ujongele ukuba esifa kakubi ukuqala ngokubonela ukutyiwa kwempahla...waye ebona ukuba yena le nto iya kugqibela ngaye...ejongile ujonge ngeenyembezi ezililayo...yayitya ke le nkomo yayigqiba ejongile njalo...iyithathe eyesibini waqala ke wasuka...wahamba namaxhego kayise nezinja zikayise ziphelile iimpahla ngoku 'se izinto zintathu ngaye uhambe wahamba wahamba wahamba...zityiwa iinkomo yilaa nto...eyishiyile phaya zathi ukuba noko iinkomo zona...umthamo wazo mkhulu lalide[890] ixesha lokutyiwa kweenkomo wahamba ngaphezulu kwesithuba e'b' ekade esihamba ukuze le nto imfumane...wahamba...kuthe nxa kulinga ukuthi ndi ukuba kukhanya iimpondo zeenkomo kukhala iinkuku elizweni ukuba kuza kusa kube kusasa yavela into wathi uyabheka 'se ebona ngomlilo wayo...ihambe ke le nto yaza kufika kuye...ukutshisa kwelanga...yafika yema phambi kwakhe...yathi kuye ngawubhule ngawubhule Malejese...ngawubhule mntan' 'enkosi...wathula...akathetha...yaphinda le nto yathi ngawubhule ngawubhule Malejese ngawubhule mntan' 'enkosi...wathi uMalejese...kuba ngala maxhego ke la maxhego ayegciniwe kakhulu nguyise ngoku uyoyika ukuphisa ngawo ufuna ukuzincama yena ukuze angawaboni amaxhego kayise nxa etyiwa yile nto...wemiwa akaphendula zade iigem'[891] zento ithetha zantandathu...yaphinda into yathi ngawubhule ngawubhule Malejese...ngawubhule mntan' 'enkosi...waqonda uMalejese ukuba le nto iza kunditya kokwesithathu ngoku kodwa wanyamezela wathula akayazi into amele kuyikhupha ngoku...yaphinda le nto ngawubhule ngawubhule Malejese...ngawubhule mntan' 'enkosi...wathula uMalejese...emiwe...yaphinda into ngawubhule Malejese ngawubhule ngawubhule mntan' 'enkos' wathula uMalejese...ebheka ajonge amaxhego afike amaxhego kayise engcangcazela esoyika eruda aphathe kujikela emva kwakhe...aphathe kujikela ngaphambili...abambelele kuye yakuthetha le nto aphinde amaxhego ajikele ngasemva evuza nemikhunyu kukoyika ezibona nawo uba ngoku igem' ifikile yawo kuba impahla ayayibona iphelile...iphindile into yathi ngawubhule ngawubhule Malejese ngawubhule mntan' 'enkosi...uthe uMalejese endaweni yokokuba ndibe ngoku ndingathatha amaxhego katata ndinikise ngawo hayi ndinose[892] ndincame kwa ezi 'nja ndakube[893] ndigqibele ngawo...wathi wathatha izinja zikayise wazibeka phaya ecaleni wesuka wathetha uMalejese wathi
ezi 'nja zikabawo thatha nanzo...
yaya into ezinjeni kunzima emaxhegweni kuba nangoku abona kusiwa izinja ayabona ke ngoku uba kuza kusiwa wona ke ngoku...ekubuyeni ezinjeni...yaya into phaya ezinjeni yathatha inja ithe leyo iyithathileyo inja kuba iyibamba into ngentloko yabamba inja entloko yayithi xhamfu entanyeni yaze inja yona yabamba ulwimi kule nto ngaphakathi yatya ulwimi yavuthulula into zaye izinja zonke zakomkhulu ezi zinja zazingamangesi zingamabhaku zingamatwina zizingqeqe zizonke iintlotyana zezinja zaqalisa...zaqalisa ke ngoko ukuba ziyibambe yonke into yoselwa kukutyiwa kolwimi yinja yokuqala...yaze ke ngoku kwabonakala kucima umlilo ekuqaleni kwaphela umlilo...kuthe kwakuba kuphele umlilo izinja zingayekanga zixinanise ecalu kwenja yokuqala e'b' isitya ulwimi kwaphela ihlathi yaphela imithi wabona 'se ingekho kuthe kuse njalo laphela iliwa wabona kungekho liwa waye ezibona izinja ukuba ziyatya...zithe zisitya njalo kwabonakala igazi eliphuma kule nto lagquma igazi ukuba linintshi likcenceza phantsi zatya izinja kwabonakala kuphela yonke into kwashiyeka nje ukuba ezibona ngoku 'se zikhotha phantsi izinja waqala uMalejese wathi awu...iinja zikabawo yini na okokuba ndibe le nto ndingayazi nxa 'be ndiyazi okokuba le nto ingenakho ukuba ingathi kanti inja le yiyo e'b' inokundihlanganisela kunto engaka umzi kabawo 'sophelile[894] ...oo! hambani 'nja zikabawo namaxhego kabawo sihambe siye kulomama zibuyile ke izinja zeza kuye...uhambile ke uMalejese 'se ehamba nalo maxhego mabini kayise ayefike[895] ngokuphelelwa kowabo...waze wahamba wahamba wade ke waya kufika ngentsasa kulonina wakhe...efikile kulonina kothukiwe apho...kusithiwa mtshana mtshana uvela phi umntana wentombi...uchazile uMalejese ehleli phandle ekhala...wachaza ukuba umzi wakowabo waphela...uthe wakuba uphelile wagqibela umkakhe ekupheleni kwabantu bakowabo...umkakhe uyalele ngokokuba yena makaqhube yonke into yakowabo eze nayo into endihleleyo endleleni ndibone isimanga endingazange ndisibone endingazange ndisive nangembali esingafani nanto into ethe loo nto yangumlilo yalihlathi yaliliwa into ebumbeneyo injalo...ethe yona yathi thu ngemva isiphazamo kum...into ethethwe ngumfazi wam wathi 'ze ndihambe ngendlela engaphantsi yaze loo nto ndayilibala ndahamba ngale ingaphezulu...apho ke indifikele khona loo nto loo nto leyo ifike ithi mandibhule mandibhule mandibhule mna ndingumntana wenkosi...loo nto ke ndiphendule ngelithi mna ndibhule ndibhule nanzi iinto zikabawo thatha ndatsho ndizithathisa ezi zinto nganye ndithathe uluhlu olunye yazitya ngolo hlobo zonke ezo zinto zaphela...ndincedakele qha ngamaxhego kabawo awathi wona afika ekhaya esithi aphelelwe azizisile ukuba azoba[896] yintsapho yekhaya lam...waze ke utata wawathanda la maxhego...ndibe neentloni zokuthi ndinikele ngawo...ndandisendikhetha ukuba le nto ithathe mna kunawo yandinceda ke inja kabawo ethe isilwanyana eso saqala ngayo kuba yona ithe yangena ngentloko ebanjwe ngayo sisilwanyana eso yaze yona yanokubamba ulwimi nxa ndiqonda kuba ingene yahlala yahlafuna yaze le nto yavuthulula zaze izinja zangena zonke kuyo...ndibone ukuba mna kuphela umlilo ndingawazi noba uphel' ubheka phi ndabona kuphela ihlathi ndingalazi liphela litshona phi ndabona kuphela iliwa ndingalazi nalo ukuba libheka phi...ndabona igazi eliphantsi elikcencezayo zitye izinja elo gazi...aze ke zathi zakugqiba saba sisinde ngolo hlobo yaphela loo nto ukuphuma kwelanga ndenje njalo ke ukunichazela imvelaphi yam...andihambelanga ndize kuhlala kulomama ngokuphelelwa...uthe akugqiba ukutsho uMalejese yaqala loo nto yaba yint' embi kooninalume bakhe...yabe nalapha kowabo inina[897] kungasekho yise kanina...kungasekho nina kanina into ekhoyo apha ingabaza bakhe kunye noninalume kunye nosapho labo kunye nabafazi babe waqalisa uninalume ukubiza ilali yakhe eyichazela ngomntana wodadewabo nendlela emhleleyo nohlobo eze ngalo kukhaya likanina...ngoko ke kwabonakal' uba makuxhelwe ke ngoku ahlanjwe kwaxhelwa ke apho kulonina kaMalejese wahlanjwa loo nto imbi kangako imhleleyo...wahlala ke ngoku kulonina ngokonwaba wad' es'ke ke wanaye nonkosikazi akhe amzekelwa ngooninalume njengomntu o'be 'se eqhele ukuba nomfazi uhleli ngokonwaba ke njalo phela phela ngantsomi.
Notes
[875] 'khe: sikhe.
[876] nto: eyonanto.
[877] lowo: i.e., umzi.
[878] iinkovane: diminutive of isikhova.
[879] 'baba: sukuba.
[880] wayenegama: wabeenegama.
[881] yayinguMalejese: from "Majesty." She sometimes pronounces it "Marejese."
[882] A brief pause.
[883] ngawubhule: alsokhawubhule.
[884] She sings these words.
[885] She sings these words.
[886] ezazizalisa: ezabezizalisa.
[887] A brief pause.
[888] ngophanyazo: ngephanyazo.
[889] yabiye: yabuya.
[890] lalide: labalide.
[891] iigem': from English "game, to take turns, as in a game."
[892] ndinose: ndinokusuka.
[893] ndakube: ndakubuye, ndiyakubuya.
[894] 'sophelile: 'seuphelile.
[895] ayefike: abeefike.
[896] azoba: azekuba.
[897] inina: kulonina.
Text copyright © 2006 by the Board of Regents of the University of Wisconsin System.
Photographs copyright © 2006 by Harold Scheub. Used with permission.
Those interested in using these materials for any purpose not covered under Fair Use must seek the permission of the University of Wisconsin-Madison Libraries and/or Harold Scheub.


Listen to this section