University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
South African Voices

South African Voices: Created in Olden Times (2006)

Previous Previous section

Next section Next



 

South African artwork

A MAN'S MARRIAGE COLLAPSES

RealAudio Listen to this section

Date:    August 10, 1972
Time:    4:00 p.m.
Place:    In a ruined rondavel on Masithathu Zenani's property, in Mboxo (Nkanga) Location, Gatyana District, the Transkei
The Performance:    Related in Xhosa
Audience:    Five women, five children
Narrative 2S-143
Tape 7, side 2

Masithathu Zenani gives an account of a man's rocky marriage, but instead of calling it an intsomi, a fantasy narrative, she characterizes it as an ibalana, also a story but one that is meant to be more realistic. In the process, she makes an interesting distinction between the two forms of storytelling.

Nali ke elinye ibalana mzuzwana...emzini...kudalana...kudala kwaba nje kumzi othile...intombi yaloo mzi yenda yaze yathi yakwenda yazala umntana oyintombi...yakugqiba ukuzala umntana oyintombi...yemka kuloo mzi yabhijelwa yindoda yayo...yaya kuhlala kowayo ithe yakuba ikowayo yaphinda inkazana leyo yanokuthathwa yenye indoda yazala umntana oyinkwenkwe...wakhula ke oyintombazana umntana ekhula engowomzi wakowabo kwakhe wokuqala unina umzi wokuqala wakhula wenda wendela komnye umzi emaNtlaneni...kuthiwa kusemaNtlaneni...waze wathi akuba enje njalo wabe unina lowa waloo ntombazana yendileyo yendile emaNtlaneni...wabe endile eyinkazana wendela komnye umzi wazala laa nkwenkwe yakhula laa nkwenkwe yaluka...yathi yakuba injalo yabe isalukela ngoku 'se isaluka ikulonina wayo unina 'se ebuye wabuya nakulowo umzi baphela ubufazi nalapho waphindel' ebunkazaneni...wangumntana okhulele apho lowo lowo uyinkwenkwe kobo bukhaya bukanina wangumntana walapho...kodwa yena k' esakh' isiduko enguMtshawe...ngoku ke ekuhambeni kwexesha elithile nasekukhuleni kukanina[829] ...kuhambeke kwahambeka ke ngoku lo mntana waman' ukuhambela kwadadewabo...laa dadewabo womzi wokuqala kanina intombi yakwaDalo...waze ngonje wath' akuman' ehambela khona azuz' ukonwaba...umzi lo wodadewabo uphucukile uneegusha uneenkomo uyasenga waye udadewabo lo enabantwana bakhe bebabini...aba bantwana babini omnye uyindoda bangamadodanana ke bobabini omdala nomncinci...ngoku ke ahlale apha ke kumana kuthiwa ke malume ngaba bantwana bodadewabo agoduke aye kulonina...uhleli wahlala apho wanokuqinisa ukuhlala kwadadewabo ngokuyolelwa wad' es'ke wanomfazi khona wad' es'ke wanendlu khona loo nto ke ihamba ngokwaseminyakeni eminintshi waqheleka wayiyo indoda yekhaya kunye namanye amadoda eli khaya ephathiswe ngokokuba nayo ingumntan' 'asekh' apha naxa isaziwa nje ukuba esayo isiduko nguMtshawe...kulonina kwayo kukwaDalo kanti ke ikhulele emaKhomazini kulonina wayo...yaze ke ngoku ke le ndoda yakuba inalo mfazi kwathandwana kwalunga e--- umfaz' esithi sisi kudadebendoda yaye nendoda le isithi sisi kudadewayo ngok' ihlel' apha kwadadewayo...waye udadewayo lo enabaninawa bakhe abathi kuye nxa bebizwa nguye usisi lo bathi bhuti atsho yena ize abaninawakazi aba bathi sisi apha kumkakhuluwa wabo...yantle le nto ibukeleka ikhangelekile kakuhle iyindoda ezenzayo izinto zekhaya ethi ingxoliswe nayo ngudadewayo kutheni ungayenzanga nje int' ethile oo hayi uxolo sisi ndiphazamile ibe yint' ephelileyo nomkamnakwabo kwangokunjalo kwahlaleka...eminyakeni emide kakhulu e'se incwase kulibaleka okokuba angaphuma kweli khaya wanguye umnt' omane engathi uyasebe---sebenza ezifumana neenkomo azithenge zibe khona apha alobole...laphela utshato lakhe ngoku lo mfana apha kwadadewabo lo mfazi e'b' emtshatile wakhetha...wathi ke akuba ekhethile wanguye odlalisayo ke ngoku nabanye bedlalisa nabanye amankazana kwezinye iindawo ngokwanda kwelali nangeembutho zendywala neentoni nangohleko ancokole nomnye avane naye kubekwe madinga kwenziwe nto zonke lithi igama umetsha naye lowo...loo nto yahlala iqhuba kanjalo kuhambe kwahamba phofu le ndoda xa uyijongile iyiyo indoda ethambileyo engazange ibethe mntu ngasandla sayo...iyindoda ethambileyo engqondo iyibeke phantsi kwezabanye ingumntu okuthi nxa umjongile zithi izindwebi nguNonena...yahlala le ndoda kweli khaya ihleli e--- yathi emzuzwini omkhulu 's' emkhulu ngoku nodadewayo nayo ngoku 'se inkulu kuba yayize isengetyengetye yada yabuqina ingeyalapha[830] ...yaphithana nodadewayo...yathi ukuphithana nodadewayo yaphithana wathi udadewayo kuyo nxa bethetha ezinye izinto ezolula-lula ithi kuba ifane ithethe nanjani na phofu ingaxhibanga nto nanjalo kodwa int' enayo iyint' efan' ithethe nje oku komntana i--- i--- inale ngqondo ingathi inganeno kwezinye kodwa ingenasitya isikrobozayo ingenaye namntu imbethayo...bathetha-thetha waze udadewabo waba nokutsarwa...wathi tyhini le ucing' ukub' ungadlel' abantwana bam...unebhokhwe owavuyithathile xa yayisenza enye into yathatha ibhokhwe yodadewayo...wanokuthi ke wawuthi uyithatha ngesisu senkomo ke ndiyayifuna loo nkomo le nkabi yalatha inkabi i--- intombi leyo ingudadewayo kwiinkomo zakhe umnakwabo lowo waze ke umnakwabo wanokuxhibeka oku komsindo womntu ongathethiyo womntu ongandul' abe namsindo womnt' ongandul' afan' athethe wakrazula ukwenza kwakhe...wangumntu othi ndiyahamba ngoku nezam iinkomo...yesuka ke indoda kanjalo leyo yenza amaqam okuthatha iinkomo zayo isithi iyahamba yaze yahamba ke neenkomo zayo ezo...yaba ihambile indoda iziqhuba ke ezo nkomo ingaqhutyiswa mntu njalo ihamba ngomsindo wayo i--- ingqishiza le ndoda ke ibuqhwalanana buqhwalanana obungathangani phofu ubuqhwalanana umkruncukruncwana nje onomlenzan' omncinci kunye nomkhudlwana yahamba yaqwayiza yaye kukho umlambo eza kuthi iwele kuwo xa ihambe ivela kwa kulo elo yayikhulele kulo lilicala langa kulonina...ithe yakuba iwela umlambo lowo yezive apho kuya kukhula ukuphelelwa yingqondo leyo ihambile ke ihamba inyusa imimango iyithoba yade yafika mzini uthile ifika 'se kungasekho yimbi ingqondo ilungelisa okokuba ndivela ndawo ndifuna mntu ungangokokuba abone ukuba ndenza int' ethile...eyenza bungqina banto kuloo nto yafika apho yazibeka ezo nkomo emzini ongumzi ekuthiwa kusemaMpingeni...ngoku ke yakuba izibekile kulo mzi ikhona indoda kulo mzi nabafazi bayo yahamba yegqitha apho kwa njalo kwa ngayo loo ngqondo ihamba idubul' ifika ingqondo ise siqatshulwa-singophi le ndoda ngokungabambi ingqondo yahamba yaligqiba olimiweyo ityikitya ithi isemalwandle ibe i--- i--- isemaBika ibe iseSilaleni...iphinde ibe semalwandle yajikeleza ijikeleza kude kumzi e'b' isuka kuwo neenkomo...ingakhange ibe iphinde ibuye izokuxel' uba iinkomo xa 'be ndinika nazo ndizishiye kwaBani...yahamba yalahleka umphelo kwad' es' ke kwaba kuyancanywa akwaziwa nokokuba yabheka ngaphi na akwaziwa nokokuba isekho na ayikho na...kuthe nxa kunini kwamane kuhlale kuhlale kabhaqwe inkos' efana neenkomo ezazizezo nkomo endle ibonwe nje uba ngathi yiyo ingaziwa nobe yiyo na ath' umnt' obonileyo athi ihee inkom' endiyibone pha' ifana nezaa nkomo zaziqhutywa ngoBanibani int' ekhoyo andiyazi ndiyibon' inqandwa ngabantwana endingabaziyo nob' iya phi na...ihambile loo nto injalo yayiqhuba iminyaka ngeminyaka iminyaka ngeminyaka...kwalile komnye unyaka kwavakal' uba nantso isebenz' emahlathini kundawo esemahlathini yayinto engathi apho imkile yayinto engathi apho iyabuya ifuna nomnt' ongathi wayongumnt' owayekhe wakho kundawo eyayikho kuyo omakayokuthatha iimbiza zayo zokutyel' apho nee-emele...kwafane kwafukuzwa zathathw' ezo mbiza ayaze ikh' itsho ukulandela yaphinda yaphel' ezingqondweni loo ndoda...kuhlalekile kwakudala kwakudala kwayezinye iminyaka kwakh' into eman' ukuthi mingi ngokuthi ikhe yabonwa kundawo ikhe yabonwa kundawo...yaze yahlala yahlala yathi zokotholo...yathi ukufika yafikela kumzi e'be ingukhulelanga kuwo womninawa walaa dadewabo yafika apho iyingxwelera ngakumbi ingxwelera eyayibubo malunga nesiqu sasengqondweni...kwabonakal' uba kwo hayi noko ngonje kuthe isenkungwini kakhulu le ngqondo...yafika ithetha uFanikalo[831] ngokokuba ndizokufunda ngeenkomo zam...e--- ndifun' okokuba ziyokuthathwa andiwaz' umzi endandizibeke kuwo ndaphelelwa ziingqondo nxa ndandiziqhuba nxa ndandisemlanjeni...ndaze kodwa ke yakho indawana endithe nxa ndisesibhedlela[832] ndeva kusithiwa 'be zikhe zabonwa kwakh' umntan' othi kum e--- ezi nkabi zakho zindala nje uya kuzisebenzisa nini na kuba zakude zihlelwe ngumonakalo...kwek' azitsali ngako...yaze loo nto ndayicinga...waye ke apho ekho umninawa lowa waloo dadewabo...wanombuzwana othi ngaba ke sibali apho wawukhe waya na ke akuba etshilo lowo...oo hayi sibali andiyanga apho ndithe nxa ndifuna ukuya ndehla ndawela umlambo ndas'ke ndachola ingxowa yekrwala e--- ingxowa yekrwala phakath' apho yayinenqawa nesipili nemela ndithe ukwenza kwam ndaze ndaya komkhulu komkhulu ke apho emaNqarwaneni ndifike ndahlala phantsi komth' omkhulu ndancokola nenkosi leyo ndibe ndesuk' apho phofu ndincazelwe ndizokuyibona ingxowa nxa ndiphiphiphi ukub' ayikho ndayiqond' uba ndiyishiye apho...ke ngoku ke ndiyathumela kanjaqo ukuba udade lo e--- umkakho sibali makandiyele apha komkhulu kweloo 'zwe ayokufuna loo ngxowa yeloo krwala ndandiyichole...uthe ke apho kumfazi lowo kasibali wakhe hee hee mnakwethu le ngxowa uthethile ngayo pha' uchazile okokuba uyichole...hayi 'zange ndichaze loo nto yatsho impendulo ibe yingxowa yam ndahlala nje mna ndincokola int' ekhoyo wena uya kuze ubalise...uya kuze ubalise ngaloo nto okokuba ngokuya ndandilapha ndashiy' ingxowa uthunywa ndim...e--- ndakuthi ke watsho umfazi ndakuthi ke yingxowa enjani ibala iluhlobo luni iingxowa zinintshi kaloku kukho nezeseyile[833] kukho nezamabhayi[834] kukho nezeKatriva[835] ...wathi umfo ukuphendula hayi ingxowa leyo uya kuthi yingxowa yebhayi ineziziba inamaphikwana ifingiwe i--- iphathwa ngomtya...kungawuphi unyaka watsho umfazi kungawuphi unyaka ngoko kwesi sithuba saloo ngxowa...hayi loo nto noko inoba minyaka mibini...kwalile nxa ebambile umfazi lowo uba iminyaka mibini eqonda kodwa ukuba akanakuba safumana ngxowa iyileyo nxa kanti ineminyak' emibini kwathi nxa kusebusuku kuncokolwa wathi ngunyaka wesixhenxe loo ngxowa ndayishiy' apho...uthe umfazi lowo hayi mntakabawo andinakuya kuloo nto ayinamkhondo noko loo nto ingandibizisa ngokuba ndisisidenge nxa ndinokufuka phaya ndithi ndizokufuna ingxowa iminyaka esisixhenxe yayishiywe phantsi komthi ngumnt' onguwe...uhleli ke umfo ecenga kodwa okokuba sibali ndifuna ukuba sidibane ndaye ke 'khe ndeva enye into umninawa wakho esithi ebeyibone ngokwakhe le nkomo ngoko ke ngoku 'khe ndegqitha kuye wase ngoku akayazi le nto...ibe nakomkhulu kweli 'zwe lenu 'khe ndagqithe inkosi isithi awu ukunxakama kwemazi yakhe ezi nkomo nok' ezinakuduka...int' endinayo ndiswele umntu uthi ke umfazi kasibali wakhe hee mnakwethu athi ke yena hnn e--- lo mzi lo mzi ukuwo ngumzi mni athi ke umfo ukuphendula ungumzi wakowethu u--- ngubani okhoyo kuloo mzi athi umfo ukuphendula ngunyana womkhuluwa wam othi kum bawokazi...athi ke ukuphendula umfazi uthetha okokuba asinguye na onokuthi aqhube wena eqhuba wena ekusa kweloo komkhulu wawukulo ngaba zazisuke kanjani na kweli itanki[836] zisiya kanjani na kweliya itanki loo nto ingalunga na ufana ube uyithuma-thumela 'ze kanti ayinamadod' ahamba nawe na afuna umkhondo onjengalo wakho...kusuke ke kwathi apho e--- kwase kwaphinda kwabonakal' uba lo mfo uvukwa kwa yile ngquba-thuthu isentloko wathi hayi ke ngoku dade uthetha into yasebafazini...ngoba e--- umkhondo unokwenziwa nini kuba nin' abandaziyo...yanjalo ke le nto ukuhamba kwayo njalo[837] ...yanjalo ke ukuhamba kwayo le nto waze ke lo mfo ngoku wafuna ke ukuhlala nje wahlala nje wayinto ke eselayo wayinto eselayo wayinto eselayo kwalile ngaminazana wee[838] vulukumbu wathi hayi ke ndisaphindela kwelakuthi akugqiba ukulila kakhulu satsho saxakwa endlini singabantu beloo 'zwe walila watsho baxakwa bonke abantu bathi kuba lo mzi bahleli kuwo unabanyangwa walila wafuxuza wafuxuza ethetha kalusizi le nto esithi ilishwa endinalo inkulu into endayinziwa ngudadewethu ngenkabi yam yenkomo kuba sathathela apho uze ndiphanjanelwe yingqondo ingqondo yam indiphambanele emlanjeni ogama liyiNgqaqini...ngoko ke wemka umfo lowo waya wakuqabela kuzwe avela kulo kwalile emzuzwini wabiye[839] wafika[840] ...emzuzwini wabiye wafika wathi akufika wafika waphinda kwa kweloo lezolo elokokuba ndifuna 'khe kuyokuncinwa-ncinwa loo nto kwaye ezi nkomo lo mfo ezibiza ngayo indlela efanele okokuba no'b' efuna ukuba angayingena le nto angayingeni kuba uzibiza ngenani eliphezulu kuba uzenza iinkomo ezisuke zizizo iinkomo ezisibhozo kanti loo nto ayingqineki ngoloo hlobo noko nxa ib' inento yokokuba ib' ingayiphandayo azisibhozwanga ngoko ke ufike wanyubatyha ngaloo nto uba makuyiwe apho ke ufuna loo nto naloo nto engayithethi ngasimilo singakhuthaza mntu ase asuke nje ayithethe i--- yafane zantliziyo zibuhlungu ebantwini bengabonisanga nto yoba bangamlahla sithubeni...kodwa bexakiwe bexakwe yingqondo yakhe...ngoko ke kuhanjwe kwahanjwa...kungacingi kufikiswe ndawo kweso sithuba wesuka kanjaqo wabiye walahleka way' aph' avela khona...kuthe ekudaleni elahlekile kwafika indoda ehlala nayo loo ndoda esuka kuyo isithi ndiyiyo indoda yakowabo kwakhe ndizele le nto kuwe wena e'b' esuka kuwe okokuba ufikile phaya ubawokazi...ke ubawokazi uthetha ngeenkomo ezisibhozo abe lo nomzi kukho igama aman' elibiza liphinde angalazi athi ngeny' imini alazi aphukaneke ngeminazan' ekuthe kwakho indawana ebhetele[841] engqondweni...athi nguTulani asiyazi loo nto nokuba kukho na int' enguTulani size kuqonda loo nto...athi ngumpinga nguTulani ngeny' imini angamazi ath' akamazi loo nto isixakile kuba singamadoda soyika ukusuka sihambe nomntu ongathethanga nto iya kuthi ingqinwe ezweni imile ibe namangqina ezwe esuka kulo kuba thina singamadoda sisuka kwenye indawo kungas'ke kumenyelwane ngathi kuthiwe naku size kudlwengula abantu...kuthe ke x' ethetha loo nto lo mfo wathi ke ndizele le nt' 'oba ningatsho ukuthi ungumntu ohlala phi na nimazi okokuba uhlala kum ngenene ngenene ndinguye unyana wakhe kuba ndingunyana womkhuluwa wakhe...ngoko ke wahlala ke loo mfo eza yedwa yena emshiye ngemva njalo wathi nangoku 'be ndenze eny' into kuba 'be ndimnike isheleni[842] ndathi makakhwele ebhasini[843] uze ndithi xa siqondisisana ngale nto abe naye ukho uze kodwa ke iqondwe ndim ikakhulu ndiyiqonde ebantwini ayesuka[844] kubo...waze ke yena ngoku wangumnyatheli ojibilikayo endleleni wajinilika ngokubona umzi onotywala nenkabi yenkomo yenyama wath' akazi kumka isigxina sakowabo singekaphumi kwa ngayo ke le ngqondo waye eyichaza naye lo mfo le nto ukuba isixakile siva int' embi ngenene ke ngaba yinyani na okokuba unazo iinkomo ezisibhozo awayesuka nazo kuni...ithe indoda leyo ahambele kuyo kweloo 'zwe hayi andiqiniseki...andiqiniseki okokuba zisibhozo kodwa ke noko loo nto inokuchanwa nga bahlala naye kodwa andiqiniseki 'se kunjalo kuba ib' ingenako ukuba indixake kangako loo nto nxa zisibhozo ewe khona iinkomo unazo zona int' ekhoyo inani eli lisibhozo hayi andiqiniseki...waze ke loo mfo waba nokuhamba esithi uyandikhalela ke loo mfo uhlal' ahlal' abhonge esabafazi athi yhoo yhoo yhoo ukulahlekwa kwam ilishwa lam[845] imin' endihleleyo[846] ...ndas'ke ndabon' uba ngoku ma'khe ndize kuyiqonda ngokwam ke namhlanje ndiqonda ingqondo yoba ndimele 'ze ndiyeke nje izenzekele le nto ibe nalowo utya ezoo nkomo ayinamsebenzi loo nto kuba kwa yena ingathi kum xa ndijongile 'be zingazi kumenzela nto kuba akukho mntu ungaba sathathelwa yena aze anyamezele ngenxa yokuba lwasu-lwaswana kwakhe...kubantwana banamhlanje abaneengqondo ezivuleke ngolu hlobo ewe kudala wayengamthathelwayo umntu ngaphandle kodwa ase azibonel' omny' uNonenwana az' ase nay' ahlal' kube nje ngaye loo nto ke inzima okokuba singathi thina siqokelele zidenge zozibini 'be sifuna ukunyamezela esi sakowethu sodwa ndimele 'se ndibe ke ndiyahamba watsho ke umfo wasemzini owayelanda int' enje ngaleyo yaloo ndoda...umkile ke yena wemka ngoloo hlobo...kwalile ke ngexesha elikude apho kuloo mzi konakala loo ndoda yayithetha naloo ndoda kuthe ngaminazana wafika lo mfo wafika esithi wothulwe phiphiphi yibhasi wathi ebesiza ngayo kodwa indawo yokohlika isentla kwaloo mzi kodwa yena waya kothulwa phiphiphi ngasemalwandle...wathi le bhasi indiphambanele ndibe ndiyixelele uba ndiza kohlik' apha yase yahamba nam yaya kundohlis' apho udibene nabo abantu endleleni nxa ebuza lo mzi ngoku akawazi kwa ngengqondo le 's' ephambi kwawo uyawubuza uba uphi na kanene loo mzi kuthiwa nguwo lowa uthi ke ndiphanjanelwe yibhasi waya waya kufika ke akub' efikile ufike wazola ehleli namadoda echaza okokuba hayi ndiza apha hayi noko ndifumene ngamahamba-nandlela intlalo ndathi ma'khe ndize ke nam...wahlala ke ejongiwe ngoloo hlobo kuba uyaziwa kwalile kusuku lwesibini ekho...wahliwa yimamalatile yasengqondweni yakhe wanguye umntu osuke athule nje akathetha...wathi kuncokolwa wasuka waqumba engenziwanga nto bafunana endlini hee utheni ngoku wesuka waphuma waya kuhlala phandle hee kutheni ngoku akalambanga hee khanimph' iinkobe kwakhiwa iinkobe wanikwa watya ephandle njalo uthe ezitya iinkobe ezo wath' engekazityi kakhulu wathi ina mntana ina mntana ina mntana kwath' uba apha kukho amantombazana angabafazi...yesuka enye yezinye yathi 's' apha 's' apha ezi nkobe wab' egqithis' esithi ina mntana ina mntana kwa ngale ngqondo kanti ingqond' imkile wesuka apho wazithatha lo yena iinkob' ezi wazinika abantwana batya...usukile lo mfo wangena endlini wafika wathatha ingubo yakhe wayiphinda wayibeka elukhukweni wasukuma wema ngenyawo wathath' enye waya kum entla wayivuthulula wayiphinda wayibek' egxalabeni...uthethil' umnikazi-khaya ongumfazi wathi tyhini kutheni na wenza ntoni...wathi ndiphind' ingubo...ke itheni uyibek' egxalabeni nje...wathi ndiyahamba...wathi umnikazi-khay' ongumfazi uyahamba uya phi ndiyagoduka...wathi umnikazi-khaya u--- uyagoduka uyithethile loo nto 'se uyixelile ub' uyahamba...cwaka...hayi hlala phantsi wethu watsho hayi hlala phantsi...wesuka wahlala yathi indoda kuye ekhoyo hee ugoduk' uya phi...ndi--- ndiyagoduka uya phi eGqobhokeni ewe uya kwenzani eGqobhokeni kukho bani umfazi waseGqobhokeni elala apha nje...ulal' apha na yatsho le ndoda uhlal' apha ew' uhlal' apha yatsho le ndoda ukho ukho apha hayi usahambele kowabo kodw' uza kubuya uhlala apha akukho mntana phaya nomntana okhoyo uhlala emizini uya kwenzani ke wedwa phaya...oo yatsho le ndoda yathi kuphi ke apha...yath' enye indoda kukulo mzi ub' ukuwo kuNdincazele...oo kukuNdincazele apha...ath' amanye ewe...yenyus' intamo indoda yajonga phezulu emiqadini...iqwanyile yajonga ngapha nangapha nangapha yathi kuphin' apha kuphin' apha kukuMantshontsho kuphin' apha kwathiwa hayi nakuya kuMantshontsho oo yathi kuphin' apha...nithe kuphin' apha...hayi sithi kukuNdincazele oo kukuNdincazele apha ewe oo oo...'be kutheni kwek' bundinxilisil' obu tywala andinxili ndiyanya...yatsho le ndoda kwathi cwaka endlini yathi andinxili ndiyanya ndinxilile...ndinxile gqith'...injalo nje eyona nt' indinxilisileyo yile nto kuselwe kuselwe kuthiwe ngoku kwakugqitywa ukuselwa kuthiwe mandiyifince ndiyibek' entla...wathi umnikazi-khaya ongumfazi 'be buyolile na obu tywala Tshawe ub' ubusela hayi yaqal' ukutsho le ndoda hayi dade 'be bungayolanga wena ib' iyintselo nje int' enayo indigqibile[847] ...indigqibile heyi andinxili ngoku uMntakaIndiza undifumene...kanene yintoni na...nithe apha kukwaBani kwachazwa...wathi kunini ngoku apha hayi kaloku ngonje kusemveni kwemini ukumka kwemini apha kuNdincazele kulaa ndawo ub' ufike kuyo...oo oo oo zaya zisisa yaya ibuya ingqondo kule ndoda yaya isithi oo hayi ndiyayibona le ndawo isentsikeni yilaa ndawo ib' ibeke isibane hayi ndiyabona...mmhm hayi wena ikhe ihle inyuke kwatsho kwa yona izichaza ebantwini yaye ke iyindoda enjalo e--- esisimangana phofu le ndoda ayenzi nto mntwini ihlala ngoloo hlobo yahlala ke apho yaphinda yabuyela kwa kule ngqondwana yayo ingange yabantwana i--- kodwa ke ingaphakami yenze nto is'k' ithi noba ithetha ngesitya is' ithethe ngengubo...siyaphel' eso siqendu.


Notes

[829] A brief pause.

[830] ingeyalapha: iyeyalapha.

[831] uFanikalo: also called Fanagalo, a patois of South Africa.

[832] isibhedlela: from English "bed"; thus, "hospital."

[833] nezeseyile: iseyile, from Afrikaans zeil, "sail for a wagon."

[834] nezamabhayi: ibhayi, from English "bay"; a cotton blanket.

[835] neziKatriva: from English "Cat River."

[836] itanki: from English "tank."

[837] A brief pause.

[838] wee: wathi.

[839] wabiye: wabuya.

[840] A brief pause.

[841] ebhetele: from English "better."

[842] ishleleni: from English "shilling."

[843] ebhasini: ibhasi, from English "bus."

[844] ayesuka: a'beesuka.

[845] In a low voice.

[846] These words are cried out.

[847] Masithathu Zenani deliberately slurs her words to reproduce his drunken state.

Previous Previous section

Next section Next




Go up to Top of Page