University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
South African Voices

South African Voices: Created in Olden Times (2006)

Previous Previous section

Next section Next



 

South African artwork

A MAN HIDES FOOD FROM HIS FAMILY

RealAudio Listen to this section

Date:    August 10, 1972
Time:    2:40 p.m.
Place:    In a ruined rondavel on Masithathu Zenani's property, in Mboxo (Nkanga) Location, Gatyana District, the Transkei
The Performance:    Related in Xhosa
Audience:    Five women, five children
Narrative 2S-142
Tape 7, side 2

A drought forces a man to go to his in-laws' place for food. But instead of sharing that food with his wife and son, he hides it in a cave for himself. His wife discovers the ruse, and exposes her husband. Later, he is seeking roots in the fields, and is attacked by a creature that clings to him, sucking the life out of him, until he is rescued by his wife. In the final part of the story, he is again seeking food, and this time a strange beast tears off his rectum. His wife recovers the rectum and restores her husband to his former state.

Ithi intsomi...yaba nguye umfazi nendoda...ke kaloku ke umfazi lowo wazala waze umfazi...wanabantwana...enaye umntana oyinkwenkwe o'se engaphezulwana kwabanye...beshiyashiyan' abantwana ngokuzalwa kwabo...baqhuba ke behleli...ekhayeni labo...bakuba ke behleli kweli khaya...besitya izilimo zonke ezilinywayo...kuvunwa kuthiweni kube sebusika njalo njalo...onwabisene apho umfazi nendoda leyo...kuhambe kwahamba ke eminyakeni ngeminyaka...wad' es'ke ke ngonje iminyaka yamana ukushiyana...kwad' ese ke ngonje kwakho nyaka unembalela...lo nyaka unale mbalela...kwaxweba yonke into...nemithi yaphel' amaqqabi...nemilambo yatsha...ithe yakuba imilamho leyo itshile...kwabonakala okokuba ayikho into emele 'ze ityiwe...kwaye kutyiwa ke ukuty' okudalo...amahasa ayesimbiwa[717] ...eziseleni izinto ezimuncu ezityiwayo...la mahasa amanye ad' es'ke abe neempethu ngokuba madala apha eziseleni...angafunwa ngoku...kuthi ngeliny' ixesha...nxa la mahas' etyiwa kubekho abanezisu ezilumayo...ezi zisu zilumayo zenziwa ngumbona ominyaka mithathu mine...ed' es'ke ngonje abole esesiseleni...kwo! lo mbona uza kuthiwani...phof' ke indoda le ngokwekhay' eli layo ifuyile...kuyasengwa iinkomo kuyasengwa iibhokhwe ezi 'nto ke zinamaselwa wazo...lilodwa iselwa leebhokhwe...eli selwa leebhokhwe...lithi ukubizwa kuthiwe lona...liselwa labantwana...eli leenkomo iselwa liliselwa labantu abadala...uyise nonina...loo nto ke la mahasa avutywa ngala masi...okanye kuphekwe kugutyiwe ihasa...kugalelwe ubisi...kutyiwe...kuthiwe ke ngalo mini kuxoliswa izisu kuba kusityiwa ihasa umbona omdala obolileyo...baqhubile ke ngaloo nto enguye lo mbona ke ubolileyo unjalo...kuhambe kwahamba yathi kuba indoda le iyalusa iinkomo...yamane isithi ngokuhamb' oku izishiye ngeliny' ixesha iinkomo yakubon' iqela labanye abantu...ibulise kuncokolwe kuncokolwe ngale nto yale ndlala...atsho ukuthi amanye heyi nakuthi injalo le nto kodwa ke samyeka owayekrakra umbona...nowayebolile eneempethu umbona...sakhetha ukuba sitye ilnongwe...yafuna le ndoda uba iyintoni ke leyo into...iyinongwe...bathwesana ke okokuba le nto iyinongwe...hayi yona iyembiwa endle ize i--- yojiwe ke ifakwe eziko kanti nokuba ikrwada...uya kuyitya kodwa ukuze ibe nokuthi nxa uyityileyo ihlale kakuhle...kufuneka kubaswe uyoje uyikhuphe ubukrwada ivuthwe kuphele ukuba ingumthi...ngoku ke yathi ke le ndoda mayikhe iboniswe ezo 'nto kuba phaya ekhayeni layo...ayiyondlala sisimanga...ngamasi odwa ke la masi ngoku ayavakala...okokuba awodwa esiswini...oo...kuthe ke kwakubon' uba kwenje njwalo[718] ke ukuthethwa endodeni apho...babonisana ke yakhangelwa ke kuthiwe yiyo le ke ayibone...ayimbe ke kuthiwe yimbe...uyifake nasemlonyeni uyiv' ub' inje...uboyaz'[719] ...wayisebenza le nto lo mfo...lonke eli langa esenje njalo. ..wad' es'ke ke waba unokuyazi uba inje...uqalisile ke okokuba embe ezinye iinongwe...azifake engxoweni...unayo ingxowa yebhokhwe...esukiweyo...yenziwa...yenziwa imikhono...apha emikhonweni yengxowa yebhokhwe kukho iindawo e--- zokufaka into osuba[720] uyifak' uyinyanzele phaya emikhonweni...wazenza ke ezi zinto...abe--- zade zasisiqhuma...wazibeka...waphethula ke iinkomo ngexesha ukugoduka...akuba egodukile...akufika ekhayeni...wangenisa iinkomo ebuhlanti...wab' esithi umntana l' uyinkwenkwe...mama mama jong' utata uphethe ntoni...wathi unina u--- uphethe ntoni mntan' 'am...upheth' int' andiyazi le nt' ayithweleyo ikhon' int' ayityathiley' utata...utata 'fan' ub' uza nombona...wath' unina mhm! azi ngazi umthatha phi na mntan' 'am...bahlala besethembeni bemane bemkroba waye wazingenisa iinkomo ebuhlanti...waphuma ebuhlanti wathi akuphuma waya endlini wafika endlini wathi godlo! lo mgodlwan' awuthweleyo phantsi...Nobani basa mmh? khawubase...'khe abantwana bam bafumane...injani indlala ezi mini wathi umfazi oko silambe oko...ngonje namabele la wam atshile...akaphumi nto kuba kaloku ndilambile...basa basa basa mfazi uza kuhluth'...wesuka umfazi...wathatha iinkuni wabasa umlilo...yatyila indoda kulo mthwalo wayo...yagalela phantsi yazahlula ezi zinto...izahlula...isithi thatha nanzi ezakho e--- kwelo cala nabantwana...ziqhushekeni apha eziko yababonisa...ukwenziwa kwazo...bamane ke beziqhusheka...zithi k' ezi 'nto zakuqhushekwa...zitswine tswi tswi...ziqhu--- ziqhushumbe...bazirole ke batye bazipholise...benje njalo ke iintsuku ngeentsuku...kwabonakala noko indlala iba nobubhetelana...kwaqala ngoku kwathi bakusela...a--- amasi la...bawaselele phezu kwent' e'be 'khe bayitya...yaba ngahamba ke le ndoda yasebenza oko ukumka ezi nongwe...oku kwalusa iya[721] kwalusa imba ezi nongwe...kwaba ngasa yemba ezi nongwe...iqhube loo nto kangangayo inyanga emele ize 'ba[722] iphelile kwavela eyesibini...yakuba ivelile inyanga yesibini...kwaya kuvakala ukuba noko ayingombona lo...ngumthi le nto yathi ngokw' aph' esiswini...yaxela nokuba andimbona noba ndiyatyiwa ndingumthi...yabukruqula kodwa kungekho kunceda kuba iyayisusa yona le ndawo...iyincilikithi yokulamba...waqalisa umfaz' ukuthi ee yise kaBani ngawuncede[723] ukh' uye ekhaya...ekhaya akuzange...kulanjwe olu hlobo...ekhaya kulinywa izinto ngezinto kuba ekhaya...kulinywa umbona kulinywa amathanga...kulinywa iimbotyi...kulinywa amazimba...kwezo 'nto ke zizonke...akunakuthi kanti akukhw' ikhoyo...ngokuba ke ngoku ndingumdlezana ngawundiyele[724] ekhaya ndoda yam...ivile indoda yathi oo! Nobani ndakushiya[725] bani kwezi nkomo...wathi umfazi noko nam...ndakulubelek'[726] usana ndimane ndi--- ndiziqhiwu-qhiwula...ngoku usahambileyo ithi ke ndincedisane nomntana...ngawuhambe[727] ...kuba ke mna ndinosana oluncinci...andinakuhamba...sakufela[728] ndaweni-nye yindlala...ithabathe ke uhambo olo indoda...kuvukwa ngentsasa elandelayo...isenza into ethethiweyo ngumfazi wayo...isiya ebukhweni ithunywa ngumfazi...yahamba ke...ihambe ke yaya kufika ebukhweni yathi yakufik' ebukhweni...yafika yanqonqoza yabulisa kwavunywa...kwabuzwa imvelaphi kuyo yathi yona ivela ekhaya ithunywa ngunkosikazi wam...ewe uthe noko bawo ma'khe ndiz' aph' ekhaya...unkosikazi wam uzele umntana ke indlala ephaya ingxamele...ukubulala yena mnt' usand' ukuzala...kunye nolo sana lakhe...kuloo lonk' eliya lethu...kwayekwa akusekho novukela komnye...into esahlala kuyo kwatyiwa iinongwe ezimbiwa endle...zibaselwe umlilo zitshiswe...loo nto ke ngoku sikwe yesibini inyanga siyenza iyavakala noko ngoku ukuba ngumthi ayingombona...kwo! baqala ke ngonje oonina bakhe u--- umkhwekazi yhu! imbi loo nto angathini ukuzala azale elamba...hayi ke noko uya kuhamba kusasa...kwaye kukho noosibalikazi bakhe abangamantombazana...nabangabafana nabangamakhwenkwe noyise lowo walapho ebukhweni kwakunye nonina...oo hayi uya kumka ke ngomso ukhatshwe ngamantombazana...walala umyeni waxhelelwa umyeni ebukhweni...akuxhelelwa ke uyisebenzisile inyama washiya icala lonke ukusukela emkhonweni lonk' icala lom' emlenzeni...walishiya ukuba az' agoduke nalo ayofika nal' emzin' 'akh'...kwasa kusasa elungiselelwa ukuba makagoduke umyeni...unikiwe umbona wanikwa iimbotyi wanikwa amazimba...ezo 'nto zaqingathiswa ngokulinganayo yaze ke yalicala lenyama...kuthe okokuba kugqitywe ukwenje njwalo[729] wathi yena umyeni ee--- hee mawesitsho kumkhwekazi unina womkakhe...wasabel' uma...ke phay' ekhaya kukho int' engekhoyo imbizana encinci...ethe[730] ke noko u--- unkosikazi wam...'ze nimboleke...kuba eyayikho[731] yakroboka...e--- kanjaqo ke njengoko kudala sihleli ngale ndlala...akukho natyiwa kuba asisagaleli nto tyiwa...nimphe netyiwa...wazenzelwa ke ezo 'nto umyeni waphiwa ityiwa...waphiwa ityiwa kakhulu uba iz' ihlale kwathathwa imbiza wayinikwa encinci...waquthiswa kakuhle k' ezi 'nto zabotshwa zayimithwalo yamithathu[732] ...wakhatshwa ke ziintombi zamthwalisa kusithiwa mazomfikisa ekhayeni lakhe...uhambile ke nazo iintombi ezo...esiya kwelo khaya lakhe...kwaye kukho mlambo oza kuwelwa...kwalile okokuba kufikwe kumlambo aza kuwela kuwo...wathi yena umyeni hee sibali...zasabela iintombi sibali...hayi khanime sibali yimani...noko kulungile ngoku jikani...mm 'se ndikude kufitshan' ekhaya...ke...kufuneka nje nina sibali...nimane niweza le mithwalo...nibeke pha' ngaphesheya yomithathu...ukuze ke sibali nijike...ngoba noko ndiwubonile umsebenzi phay' ekhayeni...ukuba uza kunifuna...ngoku ke ndimkile kwe lasebukhweni...eli lona ilizwe lingaphesheya le lakowethu...imithwalo le ndakuyidibanisa[733] ...ndiyithwale yomithathu...andisayi kuhlekwa apha kuba noko ndiyazalwa kweli 'zwe...jikani sibali...awu ezi ntombi zatsho ukuthi sibali kwakuthini ukuba uyokufik' uthwele kangaka ekhaya...kungokokuba yena udadewethu lowo usisi...uya kuthi 'be kutheni 'ze sikuyeke singakuncedis'...yathi indoda hayi sibali noko andinakuthi ndakulingiswa kangak' ebukhweni...ndimoshe jikani...zajika ke iintombi wahlala ke yena apha zala zakutshonela iintomb' ezi...wayithuthwa lo mfo le mithwalo yomithathu...waqalisa ngokuthatha umbona...wabaleka naye[734] ...wabaleka naye waye waya kutsho ehlathini kuba kukho ihlath' elikude kufitshane nomzi wakhe...wafika kweli hlathi lineliwana wakhangela mqolomba...wafika wawubeka lo mthwalo emqolombeni...uthe akubon' uba uwubekilelo mthwalo wombona emqolombeni...wesuka waya kanjaqo wafika wathatha oweembotyi...waphinda wabaleka...wawufaka[735] kwasemqolombeni...waphinda wabuya...waza kuthatha umthwalo wenyama...kunye namazimba...wabaleka wakuwubeka[736] emqolombeni...wabona kanjaqo okokuba mandokuthatha imbiza kunye netyiwa...wabiy'[737] ...wabaleka ezo 'nto ngokunjalo 'zifak'[738] apho[739] ...wathi ke akufika ngonj' aph' emqolombeni wathabathisa umcimbi wokuqala...wathath' amazimba wafuna imbokothwe yelitye wawagraya wawagraya wawagraya wawagraya...wawanyela ngamanzi...wawabumba wenz' izonkana ezincinci...ezingangenongwe ezi bazimbayo endle...wazibeka zasibhozo...waphinda wabas' umlilo...wasika inyama wayoja emlilweni...wayoja wayoja wayitya kakhulu wahlutha...waphinda wathatha unopotwana[740] way' emlanjeni wakh' amanzi...wabuya waza kusela la manzi wagqiba...wemka...liyatshona ke ngoku k' ilanga nanko ke ngok' ebhek' ekhay' akaphathanga nanye into...uzishiy' apha zonk' ezi 'nto...wafika nxa ekude kufitshan' ekhaya...wafuna iinongwe wazimba wazimba wazimba ezi nongwe...wahamba nazo...wakufika[741] ekhaya...wazithi gadle! ngasemfazini...wathi kwewo! undiphoxa kangaka...undithuma kude...kanti kulanjwa kunje...yho! abalambi abalambi abalambi...'zange batye tu! baty' iinongwe...akukho nix![742] kowenu tu! hee undithuma ndifane ndiphoxek'...uyabona ngoku...ndifane ke ngonje ndihambe ndikhwahlaza aph' endleleni...watsho wazigalela k' ezi 'nto...wangenis' iinkomo...wathi lo mfazi oo! ekhaya akubanga safumana namazimba la...wathi hayi akhange kubekho neenkozwana zombona hayi...kungakhange kubekho neenkozo zeemboty' ekhaya hayi bo...awu! ungabanga saphiwa nenkuku le ekhaya hayi bo...yhu! mm! imbi le nto...wahlala umfazi wathi hayi ithemba liwile kum 'be ndisithi noko...noko akunakubuya nje ekhaya kungabhetele[743] wahlala wabasa umlilo...watsinisa ezi nongwe eziqhusheka ezoja...ithe ke indoda le na...yafak' ezayo kwelayo icala weva umfazi ivumba ngempumlo hee zithen' ezi iinongwe...le nto le nto zi--- zinuka kanje ivumba lazo...le nto zingatsiniyo zitheni 'se kaBani...wath' umfazi hayi indoda hayi bo...tyhini hayi kaloku...ezo zakho zezommango wabafazi...ezi kaloku zam zezommang' wamadoda...ke loo nto ayifani...ezenu kaloku nina...nise[744] nizitshise kakubi...yiyo loo nto...niyazigqwagqwa nina...uyabona ke thina siyazivumbeka...wathul' umfazi...wazitya lo mfo ezakhe zisibhozo waphind' umfazi wathi hee hee 'se kaBani zitheni le nto ezi zakho zi--- zingakrumziyo e--- e--- zithe cwaka kanti ezethu zakrumza[745] ...tyhini hayi unani na lo mfazi...kaloku nina...ndithi kuwe niyazigqwagqwa...nizophula zikrwada...ezam ke ziyavuthwa...ndizifaka phantsi ndibek' amalahle...zibe tum tum...wathula umfazi...kwasa wavulela iinkomo umfo wahamba belambe benjalo...bes'k' 'emane besela amasi...'hamba[746] lo mfo wathi lo mfo akuthi qelele wath' umfazi lo aph' enkwenkweni hee mntan' 'am...umntana hee...uyayibona le nto kayihlo uba uyihlo oko ndandimthum' ekhaya...kumhla angazang' aphinde oje kakhulu...us'[747] oje iinongwe noba zimbini utya ntoni...njengoba ngeliny' ixesha engaseli namasi nje amasi ngonj' as'[748] amanintshi[749] gqith' ekh' aph' utya ntoni uyihlo lo...wath' umntana andazi...wath' uyabona ke ikho le nto ityiwa nguyihlo...khawuhlale nalo mntana...watsh' aph' enkwenkweni...inkwenkwe yathath' umntan' yahlala waphuma lo mfazi wahamba wahamba wahamba wahamba ngamathunzi...wahamba phaya ezintabeni kude...waye ejongile ejonge kule ndawo indoda yalusa iinkomo...wayibona wabona ibhekabhek' ibhekabheka yabaleka yatshona emqolombeni...wabuya umfaz' ezintabeni...wabuya ngenye indlela waza kujikela waza kuma phezu kwayo[750] ...waza kuma phezu kwayo...wafika apha kukho into ethi akumamela...wab' es'[751] ewubona nomsi...kukho umsi oqhumayo osuka kule ndawo apha phakathi...wema yena ngaphandle kwakhw' int' ethi khangela ngxiba yam![752] ...akuzi mntu...akuzi mntu...kwathi goqo goqo goqo waqond' uba iyaguba...wafuna ilitye lo mfazi ilitye elikhulu elingqukuva elakuthi[753] likwazi ukuhamba ukuze limchane uba uliqengqile 'ze litsho kuye acumkele pha'...walilungelelisa apha waye esiva lo mfazi okokuba apha 'be kojiwe inyama uyeva ngothungo olu...waliqengqa eli 'tye[754] wabamba i-straight[755] waliqengqa laya ilitye pha' kulaa ndaw' inendoda...yeva 'se kusitsho nqhooo! phambi kwayo...yothuka yabaleka yazishiya apho iingubo zayo yabaleka ze ingekho nt' iyiphetheyo yaba ngathi ukunyeka ngemva iba ngathi yhu! eli 'tye nali liza kum kanye...yabaleka yabaleka yabaleka yaba ngawel' imilambo ithi yakuba ngathi emv' yho! eli 'tye nali liza kum...yabaleka le ndoda latshon' ilanga lathi ngqu! ileqwa leli litye...wahlala apha lo mfazi...lo mfazi wangena kule ndawo...'th'[756] akufik' apha oo nants' inyama...nank' umbona nants' iimbotyi nang' amazimba nants' imbiza wathutha ezi zinto lo mfaz' 'azithatha...'hamba[757] nazo ngazinye ezi 'nto ehamba nazo eya nazo ekhaya endlini yakhe...afik' aman' ezibeka ayothatha enye 'phind' azoyibek' ayothatha enye 'phind' azoyibeka...wahlala...kwala nxa eqond' uba liza kutshona ngoku...wathatha umbona lo mfazi wapheka...wath' akuphek' umbona wavuthw' umbona wamophul' umbona waphothul' 'avubisel' abantwana watya...wath' oshiyekileyo wamnik' izinja waphel' 'athi tu wayibeka phay' imbiza...lo mfazi ezi zinto akazifihla aph' endlini...wazibeka nje kakuhle phaya entla ekuhlen' emehlwen' uba 'z'[758] azibone...akungena...wahlala lo mfazi wasikelel' inyama wayifak' embizeni wayipheka...yavuthwa inyama bayitya bayigqiba le nyama nabantwana...wathatha amathambo wawabeka aph' entla akawafihla uba 'z'[759] awabone...wafika umf' omkhulu...ilanga litshonile ehamba neenkomo...wazivalela...wabuya...wabuya exuzukile enamanxeba nasezinyaweni nasemilenzeni...konke nasemathangeni ekrwentshwa yimithi ehlatywa zizinto ngokuya eb' ebaleka ekhubeka neenyawo zibuhlungu eqhwalela...wathi umfazi kutheni na waqhwalela wenziwe yintoni...hayi hayi 'be ndifun' iinkomo andiziboni...ezitheni...hayi ese[760] zahamba zakutya[761] kude...'be ndifuna zona...oo ukrwelek' 'unjenjenje[762] ub' ufun' iinkomo ewe...oo wase[763] wathatha isitya wakhelel' abantwan' iinkobe bahlafuna nabafazi...zaye--- lo mfo wazigalel' apha ezi nongwe wathi lo mfazi khawuzitye ezo nongwe zommango wamadoda...ke mna apha nabantwana bam ndisatya ezommango wabafazi...endithe eluhambeni lam nxa ndifuna ndilambile ndafumana iinongwe zommango wabafazi yitya ezo zakho zommango wamadoda...yakhohlwa le ndoda uba iza kuyithini na le nto kuba iyabon' uba ezi zinto zonke zeziya 'be zenziwe yiyo...ke ngoku ixakiw' uba zibonwe ngantoni na ngulo mfazi iyoyika isoyika nooyise basebukhwen' uba baza kuthi itheni na le nt' ithi yaza kuvukelel' umfazi ingamniki...wathula lo mfo...kwala xa kukudala elambile ngoku kusile kusasa wathi awu Nobani akusandiphi na kaloku nangomcephe okokuba 'khe ndijik' intliziyo...wathi lo mfazi akusoze nakanye...ngaphandle okokuba ndikuthum' ekhaya uze uthi nxa ndikuthumileyo ekhaya...uze nayo loo nto kum u--- ufike undichazele uthi ke kube nje kwakuba ubuy' ekhaya...yiyo ke int' eya kuthi ke ndiyitye nawe leyo...andicingi ngoku...wahlala ke ekulo ntlungu ke...engasenakuba angafumana nto konke yena uhleli wahlala njalo lo mfo lowo elambile...zaqhuba iintokaz' endlin' apha abantwana bakhe nomkakhe...besitya ukutya okuphucukileyo...bengazange bamnika walamba wabhitya elambile esela amasi kuphela esitya iinongwe kuphela esitya intlaka emithini iminga kuphela...ehluthana neenkawu apho intlaka neentsebe yaba kuphela kwento ayenzayo leyo...kude ke ngoku...kwathi xa kunini...kunini-nini...kwabonakala okokuba kuyacutheka oku ukutya...kuyaphela...yathi le ndoda ngenye imini ihamba isalusa njalo isitya le ntlaka...yabe imithi le 'se iyicokisile kuba 'soloko[764] yayiphingilila le mithi iyichubusha na izol' ib' ichwis' apha na izol' elinye nanamhlanje...ngoku k' intlaka ayimili yena uya elamba ngaphezulwana wahamba kakhulu efun' intlaka engahluthi...ilanga lenye imini wade wathi thu ke ngoku kumthi onentlaka enintshi kukho into into encamatheleyo apha entlakeni...le nto ithe nca kulo mnga...wathi kuyo yohlika...uyintoni na wena uthe nca kule ntlaka 'khe ndi--- ndiyifumane...yathi yona le nto andizange ndohlike...ngaba ke wen' ungubani...waphinda lo mfo...kub' ubona le ntlaka inintshi...uyaqond' uba uya kuhlutha...waya kweminy' imithi waya kweminy' imithi waphinda wabuya...wayijonga le nto...wathi ye wethu ndithe yohlika apho 'khe nditye intlaka le...yathi le nto andizange ndohliswa...waphinda wathi yohlika kulo mthi ndiya kukwanyisa kule nkomo yakuthi i--- a--- jonga inemibel' emikhulu...nge--- yohlika ndikubeleke...e--- yathi le nto...andibelekwa ndinguSinama-ndokunamathela...nawe lowo ndingakunamathela...yathi le ndoda hayi wethu khawuhlike...laye k' ilang' eli lihamba lifuna ukubheka ekubeni makabe uyagoduka neenkomo...int' ekhoyo indoda le ixinwe liphango...ilambile yoyika ukugoduka ilambile uba iya kulala kanjani...yaphinda yacenga...yhu wethu khawuhlike ndikwanyise kule nkomo i--- uya kuhlutha i--- i--- yohlisile...watsho lo mfo wasondeza eny' inkomo phaya ezinkomeni wayinqandela nganeno...wayibamba wathi jonga jonga i--- yohlisile le nkomo yohlike...yathi le nto ndithe andizange ndohliswa...waphinda lo mfo...yohlika wethu ndikubeleke khawuze kum ndikubeleke...'khe ndity' intlaka yini ndi--- ku--- kuhlwile nje...yathi ndinguSinama-ndokunamathela...nawe lo ndingakunamathela...yiza ke ndohlike...yaze ke le ndoda ke...yajika ke umva yeza ngomva yafulathela...yesusa ingubo yaze le nto yaxobuluka emthini yathi xobululu...nxanju yathi nca emhlane yaze yabambelela ngazo iinzipho...ineenzipho ezinda yabambelela ngazo amanqina wayo mane...yatsho iinzipho zatshona...zatshona nca kule ndoda yathi ke ngoku le ndoda yohlika yohlika yohlika yohlika yohlika yhu yhu yhu ndafa yohlika...yathi le nto 'be ndikuxelele ukuba andibelekwa ndinguSinama-ndokunamathela wathi mandohlike...ihambile ke indoda iligogosholo elinjalo ixakekile kuba ngoku le nto le i--- izama ukuyibulala ezi nzipho zayo zitshonile...zingathi zibhek' ezibindini naseziphungeni ngaphakathi...yaqhobosheka yahamba kancinci ikhohlwe kukuhamba isiya ezinkomeni...yahamba kancinci ke ngoku...ingabanga sayitya naloo ntlaka...okuya laa nto ithe yohlika yaxwabuluka yabambelela kuye ngeenzipho...'khang' abe sakwazi ukuty' intlaka ibuhlungu le nto...waziqhuba ke iinkomo wagoduka nazo wakufika[765] ekhayeni...uthe nx' ezayo wathi umfazi tyhini! ithe na le ndoda namhlanje kuthen' icothoza nje...i--- is'[766] yaligagasholo[767] itheni...yavela intwana inkwenkwe...yath' andimaz' utata us'[768] wakhukhusheka andiyaz' ub' utheni na...kwewo! atsh' umfazi inezimanga kanene...ikhukhusheka nje yintoni ngoku...yangena ke yona...ngexesha lay' endlini ikhukhushekile injalo yafika yahlala egumbini...ayasondela namhlanje yahlalela kude...wath' umfazi kutheni wahlalela kude ubu--- yintoni ngoku...hayi hayi andigodoli...awu!...utheni 'z'[769] ungagodoli...ku--- kunga--- kungashushwanga uze kant' akugodoli...hayi andigodoli...yahlal' indoda pha' kude...baty' apha iinkobe zabo...wathi umfazi kutheni ungoji iinongwe zakho nje nguwo l' umlilo...hayi noko andilambanga...oo ub' utye ntoni...hayi 'be nditye intlaka emithini...wath' umfazi awu wawufudan'[770] uhlutha zintlaka kakade uhluthe yintlaka yodwa ungazoji iinongwe...hayi hayi ndihluthi...wayek' umfazi...kwalalwa kwavakala...nxa kulelwe okokuba le ndoda ikhon' int' ekuyo yathi ngok' ileleyo yaman' ukuth' mmmh mmh mmmmmmmmmmh mmmmmmmmh![771] wath' umfazi 'se kaBani 'se kaBani mm? yintoni...eyiphi na ndiphupha nje...hayi yintoni wasifundekela ngokuncwina...kubuhlungu ntoni...hayi akukho nt' ibuhlungu...ndiyazolula...mh! akho[772] nto...oo...bahlala kube kusasa kusile...wavuka wahamba wavuka nzima eqhoboshekile...wacothoza waya kukhupha iinkomo bemjongile njalo...konke wahamba waya kwalusa wahlala...wathi umfazi kule ntwana yenkwenkwe incinanana yakhe wathi mntan' 'am khawuhambe noyihlo lo ngok' ayokwalusa ukh' ujonge ukuba yintoni na nt' ilapha kuye...le nto ase[773] waligagasholo[774] ...ukhangele le nto ayifihlileyo...ungamxeleli wena hamba wahamba k' umntana...wahamba pha' noyise...yathi le ndoda yakufika pha' goduka kwedin' goduka...hayi ndiza kuqhiwul' iinkomo tata ndiza kuqhiwul' iinkomo...hamba hamba mntan' 'am goduk' ulambile...hayi tat' andilambanga yamyeka le ndoda...waman' ehamba ke ith' 'akutshona[775] kweliny' icala akrob' umntana...wambon' umntana...yathi le ndod' 'akutshonela kweliny' icala...yesus' ingubo yathi xibilili ingubo yathi khawuhlike wethu khawuhlike yiza kuncanca nazi izapholo[776] ...kwo! uyandibulala...yathi le nto 'be ndikuxelele ndathi ndinguSinama-ndokunamathela andibelekwa...wabalek' umntan' net[777] ayibone le nto kuyise wabalek' ukubhek' ekhaya...wafika kunina mama ndiyibonil' into kutata unento unegrogro i--- i--- ibelekil' emhlana uman' esithi yehlika wethu ndafa yohlika kubuhlungu yathi laa nto kutata ndandikuxelele ndath' andibelekwa ndinguSinama-ndokunamathela utat' udumbile uyi--- ibuhlungu laa nto ikutata...wathi unina womntana thula ke mntan' 'am ungaphind' uthethe wahlala k' umntana...yalusa ke indoda leyo imini leyo yonke ingazi nto iboniweyo...ayisazimbi ke nezi nongwe kuba inentlungu ngonje iqhoboshekil' yagoduka yagoduka nezi nkomo yafik' yazivalela iinkomo...yabhek' endlini...yathi yakubhek' endlini yahlala...umfazi wakh' iinkobe watya...wath' akutya iinkobe wanik' abantwana batye...wathi kuthen' ungazoji nje iinongwe utye kwelo cala yath' indoda hayi ndihluthi uhluthi ntoni intlaka...awu yintlak' engaka nani le 'soloko uyihluthe[778] iintsuku 'de zibe ngaka ungatyi...hayi akukho nt' ikhoyo...uthen' use[779] waqhobosheka nje use[780] wakhohlwa kuhamba[781] use wakhohlwa kwambatha[782] use wakhohlwa kwandlala[783] ...ubanjwe yintoni unandawoni...hayi akho[784] nt' ndinayo akho[785] nt' ndinayo...mm? akho[786] nt' ndinayo waval' umfaz' emnyango...wath' uza kuyixela le nt' unayo...unantoni...yath' kuba indoda amandl' akakho kuyo yile nto...i--- ibuhlungu le nto yathi hayi Nobani...khawuhlale phantsi...ndiza kukuxelela hlala...wahlala umfazi hayi Nobani ndandi--- ndandisity' intlaka ndase ndathi ndisatya intlaka ndabona 'se ku--- kukhw' int' ethi nca kum i--- i--- yandigobha le nto i--- yandimfikila ayivum' ukohlika...ngoku ke m--- ndidumbile ibuhlungu le nto ibuhlungu...kunini ngoko...ewo! kungeziny' imini...ungayixeli nje inantoni nxa wawutheni uhamb' usothul' izilwanyana...ntondini...ingento inamanyala ndayithum' ekhaya yas'[787] ukutya yakutyel' emqolombeni ngoku uhamb' usothul' izint' emithini uzifaka kuwe iingqond' 'akho injani...khawutyhile le nto ndiyibone...watyhile k' umfazi...wafika ke indoda ke 'se idumbile i-ele-ele elingaka le nt' itshonis' iinzipho yenje nje...le nto...ihleli le nto...wathi umfazi kule nto yohlika suk' apha yathi le nto andisayi kohlika ndandixelile ndathi ndinguSinama-ndokunamathela...ewo! wacinga umfazi icebo amakalenze indoda yakhe...iza kufa yile nto...wapheka amafutha umfazi...'phek' amafutha...wawenza wawaphek' wawapheka la mafutha ashushu...wasuk' wathi yehlika...yatyhil' ingub' indoda...'k'[788] wagalela la mafutha wawagalela kule nto amafuth' ashushu...kwo! yaqala le nto ngonje yathi xwalakantshu...yesuka nenyama yaya ku'[789] gixi phantsi...wayibulala umfazi wayilahla into phandle...waqala ke ngonje wanyanga indoda yakhe...hayi yaphila ke ngoku indoda...yakuba ngonje ke iphilile indoda...ye--- umfazi eman' eyithuka ngezi 'nto izenzayo zinje ukuba mbi...ngoku le ndoda nxa ihambayo...iphind' ith' isalusa kanjaqo isalus' isakha ezi nongwe...kubekho int' ethi...khawundiphe inongwe ibe nguye umnt' ongal'[790] inye yakumbona lo mntu le ndoda ithi tyhini ngumnt' owayetheni[791] lo unengal' enye uhamb' ethi[792] makaphiw' inongwe...lo mnt' ucala-nye ngumnt' otheni...ithi le nto nawe ungaz' ube necal' elinye ndiphe iinongwe ezo mna andikwazi ukumb' iinongwe...angavumi lo mfo athi suka andinaxesha laloo nto...ath' ubona nje khawuzokuhlal' apha undibone kakuhle ukub' andinangalo...isondele le ndoda ithi yakusondel' imbone lo mntu...oo lo mntu ingathi ngumntu phofu ingalo icala-nye neliso linye nomlenze mnye le nto ayisuki kule ndawo...le nto yakub' inje umnwe esandleni mnye unozipho olude...ngoku ke ichophe le ndoda imbe iinongwe ise le nto kube kanye ithi gquthe ngolu zipho...ithi ruty' igolo ililahle pha'...ililahle pha' athi lo mfo yho yho yho yho yho yho yint' etheni na le ndisondele ngakuyo bethuna 'be ndiyibon' ub' andingum--- ndingumnt' oyintoni na namhlanje ngulo mfazi...abaleke ke lo mfo abheke pha'...ibe ke ngonje e--- um--- umnqundu lo wakhe 'so ukhala[793] uthi hooooooo hooooooo[794] 'phika nob' uhamba nje ath' akubalek' uthi wo wo wo wo wo ath' akuma uthi woooooo ath' akubalek' uthi wo wo wo wo wathi heeeeee azi ndakubheka[795] ngaphi na ke namhlanje ngulo mfazi...ngokuba namhlanje ndiza nenye into kanti esandul' uba egqiba eny' into kum...wathatha ingubo yakhe lo mfo[796] ...wathatha ingubo yakhe...le ngubo wayikrazula icala wayinyanzela wayinyanzela wayinyanzela emnqund' uyenz' igolo uba makuqine le nto iyeke le nto i--- ikhalayo wahamba ke umfo[797] ...kwavakala kanjaqo nxa ekufitshan' ekhaya wooooooo wayinyanzela kwaphinda kwathi wo wo wo wo wo waphinda wayikrazula le ngubo...ya--- yaphind' ingubo ngonje yay' iphela kuba eb' eyikrazule wanyanzela yaphinda yavakal' le nto waphinda wayikrazula wanyanzela heeee iyaphela le ngubo yaqala ngonj' ingubo yancinci[798] yalingana ukuhlal' emagxeni entanyeni yangathi yimafula[799] ...wahamba lo mfo...wafik' ekhaya...wangenis' impahla...wathi umntana hee mama khawubon' utata...akanangubo uhamba ze...wathi unina utheni ngoku...khawumbone wavel' unin' emnyango...hee le ndod' itheni na ngok' ihamba ze nje...yavalel' impahl' indoda...yoyika ngoku 'bhek'[800] endlini yoyik' umfazi yab' ijikelez' apha phandle yab' ijikeleza kwade kwaratyela yangena...yathi xa ingenayo emnyango wath' umfazi kuthen' uhamba ze nje iingubo zakho ziye phi...hayi andi--- andithanga na nxa ndinqanda iinkomo ndabanjwa sisiphunzi yakrazuk' ingub' 'am yashiyeka ndaphinda ndisukel' iinkomo kweliny' icala...yakrazuk' ingub' 'am...yashiyeka kuba kaloku phaya kukh' isinga nemi--- nemi--- nemith' enameva ndiyahlatywa pha' ndiqhakulwa[801] zizinto pha' namabombo iingubo zam ubona nje ziyaphela yile nto...wathi lo mfazi hee ndiya kukhe ndiyibona indoda enje...sisimanga sendod' esi yasekh' apha indixakile...wahlala lo mfazi...yalala le ndoda wayiboleka ingubo umfazi yalala kwathi kusasa wayithath' ingub' 'akhe...wathi hamba ngeso siziba...kwalile...lo mfazi...nxa indoda ikhuph' impahla yala nxa isezantsi kothango kwathi hooooooooo wathi yintoni l' itshoyo...bamamela nomntana...zaye iinkomo zikhathaza ziman' ukubheka ngapha nangapha...abalek' aphethul' ezi zingapha ath' akubaleka x' esukel' iinkomo ithi le nto wo wo wo wo...wathi heee le nto ikwakhala kule ndoda...sisihelegu esi...yahamba indoda yaya yakutsho ezimpahleni yalusa yalusa yalusa yalusa yalusa...yaya kulaa nto yafika kulaa nto ihleli pha' laa mnt' unengal' enye unelis' elinye...unomlenz' omnye...unomnwe mnye esandleni unozipho olude...oo molo nkosi...ewe...khawundinike igolo lam...ingubo yam iphelile...yathi le nto khawusondel' apha uzokukhe undibone...ukuba ndingumntu...kuba xa ulapho akundiboni...khawusondele...yathi le ndoda ndithe ndakusondela kuwe...wandiruty' igolo...ngoku iingubo zam ziphelile...ndithe khawundinik' igolo lam...yathi le nto ndithe khawusondel' apha...hayi wasuk' akaya kuba uyaqaqanjelwa yile nto walusa ke iinkomo zakhe...usukile ngexesha waziphethul' iinkomo wagoduka...yahamba esitsho le nto ikhala anyanzele waphinda wakrazula kule ngubo...waphinda wanyanzela wanyanzela wanyanzela wakufik'[802] ekhaya...wavalela iinkomo wabhek' endlini...wavingc' umfazi net ub' angen' wabheka ngasemnyango...wathi khawutsho...yintoni l' ikhala kuwe...uza kuyithetha namhlanje...yath' indoda mhm! andithe na Nobani ndisimba iinongwe ngezol' elinye...ndaze ndabona ke mna...umntu...waze lo mntu wathi mandimph' inongwe...ndaze ke mna ndathi azikho wab' endicela-cela...ndabe ndimbuz' uba ungubani na...wase[803] wathi mandisondele ndizokumbona okuba ungumntu...ndise[804] ndaya 'ase[805] ke ngonje ndathi ndisemba ndase[806] wandithi rutyu kanti lo mntu akangumntu kakuhle unengalw' enye...unomlenz' omnye...unesandla sinye sinomnwe mnye unozipho olude...ngoku ke ndathi ndakuhamba lase lakhal' igolo ndakrazula kule ngubo...igqitywe yiloo nto le ngubo...awu...oo...kulungile ke...uz' ukh' undiboleke loo ngub' 'akho watsho ke umfazi...'khe ziphume nam iinkomo kusasa uhlale...uze wena noba uhambile ube nguye umntu ohamba nje undiboleke iingub' ezo zakho nezinkwane ezo zakho nengxawa leyo yakho nolu gx' olo lokumba iinongwe...ooo...hayi ke...kwasa kusasa...kwasa ke umfazi exhabasha ethatha intonga ethatha izembe wathatha ulugxa wathatha ingub' 'endoda[807] wathatha isinkwane wathatha laa ngxowa yokufaka ezaa nongwe...wenje njeya umfazi ukuphuma neenkomo...wahamba umfaz' ephume neenkomo njalo...uthe akuba ephumile neenkomo ezi umfazi...wafika walusa iinkomo wathi endodeni mayingasondeli mayibe kude i--- indoda yakude[808] ke indoda...wahamba wahamba umfazi...wahamba esalus' ezi nkomo 'hamb'[809] esimb' ezi nongwe[810] ...wade we[811] thu kule nto[812] ...wathi akuthi thu kule nto 'hamb'[813] esimba yena ya--- way--- esiya ngakuyo kancinci...yathi le nto khawundiph' apha iinongw' ezo...wathi yena umfazi awu ungubani wena wathi mandikuphe iinongwe...yathi le nto khawusondele apha kum uzokundibona...uza kundibon' uba ndingumntu uzokundazi undiph' iinongw' ezo...wathi umfazi hayi ndiyakwazi okokuba ungumntu ndiyakubona okokuba ungumntu kodwa ke iinongwe endizimbayo ndizimbela ingxaki yendlu yam andizimbeli wena...wena ndingathi ize ndikuphe ungaziceli ngetshova[814] ...yathi le nto hayi andiziceli ngatshova[815] ndithi khawundiph' aph' iinongw' ezo...wathi lo mfazi ndingakupha nxa wenze elam isiko fulathela uzicele usiza ngomva kuba nam ndiza kuzicela ndisiza ngomva ndiza kuthi ndakufika kuwe ndijikele ngaphambili...yeza ngomva le nto yafulathela...waya lo mfazi yena ejongile...yathi ndithe ndiph' apha iinongwe ezo...wahamba lo mfazi kancinci wathi ewe iinongwe ndiza kukupha nxa unokuzicela undicenga kuba ndizimbela indlu yam exakileyo...yathi le nto nam ndixakile kuba ndilambile...int' endikhoyo andinalugxa...wathi lo mfazi mna ndinolugxa ub' uligqibil' isiko lam ndakukunika[816] iinongwe...yathi le nto ndiza kuligqiba isiko lakh' way' esondela ke way' esondela ndiza kuligqiba isiko lakho yee...wathi lo mfazi okokuba ndingqubekile kuwe ngomhlane ndakujikela[817] ngaphambili wandule ke ukuthatha iinongwe zakho yathi le nto yide uyi--- yide yide ungqubeke kaloku u--- emva kwam ndide ub--- ndikubone nxa ujikela ngaphambili...wafika umfazi kule nto njalo yenje njalo esiza ngomphambili yena yona ifulathele ayimjonganga wafika ke wayinqumla intamo ngetsheca...izembe eli aliphetheyo...wafika igolo lendod' 'akhe lihleli aph' int' e--- efunwayo ziinongwe walithatha wamemeza indoda yakhe yafa into...wathi Sobani Sobani[818] ...yasabela indoda wathi yiza uzokubona indaw' owashiya kuyo igolo lakho...yeza ke indoda iqinisile yafika ke le nto apha ifile...ngoku ke umfaz' 's'[819] elipheth' eli golo wakhuph' ezi ngubo zisendodeni wafaka igolo layo laqina lathi nka walahla phaya ke ezo ziziba...bayishiya ke ngoku ilapho...bahamba ke ukugoduka neenkomo 'se behamba bobabini ngoku 'hambe[820] befun' iinongwe...ithi ke indoda kwo! mfazi undincedile...kudala undinceda namhlanje ndiyalekile 'soze ndiphinde ndithi ndakubon' into ndibe ndizisondeza kuyo ezi mini ndicinga mhla ndaleqwa lilitye owawuliqengqile[821] nxa ndandivela ebukhweni...ndaze ndarola amamenemene okufihl' ukuty' o'be kunikwe wena...ndicinga mhla ndathi ndakufa indlala yent' e'be ndiyenzile ndaze ndaxobula ngoku iSinama-ndokunamathela entlakeni saza kuhlala kum emhlane ndagcuma unyaka wonke ndiqaqanjelwa...namhlanje ndibizwa yinto engqengqileyo endingayaziyo ithi mandiyiph' iinongwe indirol' igolo ngozipho naleyo ndisancedwa kwa nguwe...'soze ndiphinde ndiwugqithe umthetho wakho mfazindin'[822] ...bahlala ke ngoko bakufika[823] k' ekhaya net uba[824] bakufika[825] k' ekhaya 'ngenis'[826] iinkomo bangen' endlini boja iinongwe besel' amas'...yaye ke indoda ngoku 'se izicengela kakhulu ngamandla emfazini ingafuni nokuba ezi zinto makazithethe 'ze ziviwe ebukhweni zimbi kangaka iman' izenza iman' ukuthi hayi mfazi 's'[827] uba sayithetha leyo...ath' akuthi umfazi undikruqule ngoba nje ngoba hayi hayi so[828] uyiyeka leyo...loo nto ke ngoko ke bonwaba yaqala ke ngoku indoda yakhe yaba nokumthemba kuba lo mfazi lo unayo ingqondo ngaphezulwana kwam phela ngantsomi.


Notes

[717] ayesimbiwa: abeesimbiwa.

[718] kwenjenjwalo: kwenziwanjalo.

[719] uboyaz': ubekuyazi.

[720] osuba: osukuba.

[721] iya: isiya.

[722] 'ba: kuba.

[723] ngawuncede: khawuncede.

[724] ngawundiyele: khawundiyele.

[725] ndakushiya: ndiyakushiya.

[726] ndakulubelek': ndiyakulubeleka.

[727] ngawuhambe: khawuhambe.

[728] sakufela: siyakufela.

[729] ukwenjenjwalo: ukwenjiwenjalo, ukwenziwanjalo.

[730] ethe: athe.

[731] eyayikho: eyabeikho.

[732] yamithathu: yabamithathu.

[733] ndakuyidibanisa: ndiyakuyidibanisa.

[734] A brief pause.

[735] wawufaka: wayakuwufaka.

[736] wakuwubeka: wayakuwubeka.

[737] wabiy': wabuya.

[738] 'zifak': wayakuzifaka.

[739] Thereis a brief pause as Masithathu Zenani, always very selective about the members of her audiences, chases some people away from her home: Hambaninimk'apha! Hambaninimk'aphaemnyango! Mkaniaphaemnyango! Mkanizihibandin'aph'emnyango! Ezizihiba!

[740] unopotwana: diminutive, "little pot," from English "pot."

[741] wakufika: wayakufika.

[742] nix: from Afrikaans niks, "nothing."

[743] kungabhetele: bhetele, from English "better."

[744] nise: nisuke.

[745] zakrumza: ziyakrumza.

[746] 'hamba: wahamba.

[747] us': usuke.

[748] as': asuke.

[749] amanintshi: abamanintshi.

[750] A brief pause.

[751] wab''es: wabeesuka.

[752] khangelangxiba yam!: shouted.

[753] elakuthi: eliyakuthi.

[754] eli'tye: elilitye.

[755] i-straight: she uses the English word.

[756] 'th': uthe.

[757] 'hamba: wahamba.

[758] 'z': aze.

[759] 'z': aze.

[760] ese: zisuke.

[761] zakutya: zayakutya.

[762] 'unjenjenje: kunjenjenje.

[763] wase: wasuka.

[764] 'soloko: ukusoloko.

[765] wakufika: wayakufika.

[766] is': isuke.

[767] yaligagasholo: igagasholo, a variant of igogosholo (Masithathu Zenani uses both forms in this narrative).

[768] us': usuke.

[769] 'z': uze.

[770] wawufudan': wawufudula.

[771] mmmhmmhmmmmmmmmmmhmmmmmmmmh!: in a low voice.

[772] akho: akukho.

[773] ase: asuke.

[774] waligagasholo: wabeligagasholo.

[775] akutshona: yakutshona.

[776] khawuhlikeyizakuncancanaziizapholo: in a low voice.

[777] net: from Afrikaans net, "just, exactly."

[778] uyihluthe: uyihluthi.

[779] use: usuke.

[780] use: usuke.

[781] kuhamba: kukuhamba.

[782] kwambatha: kukwambatha.

[783] kwandlala: kukwandala.

[784] akho: akukho.

[785] akho: akukho.

[786] akho: akukho.

[787] yas': yasuka.

[788] 'k': was'k', wasuka.

[789] ku': kuthi.

[790] ongal': onengalo.

[791] owayetheni: owabeetheni.

[792] ethi: esithi.

[793] 'soukhala: 'seukhala.

[794] hooooooohooooooo: softly.

[795] ndakubheka: ndiyakubheka.

[796] A brief pause.

[797] umfo: perhaps she says umfana.

[798] yancinci: yabamncinci.

[799] yimafula: imafula, from English "muffler."

[800] 'bhek': ukubheka.

[801] ndiqhakulwa: ndinqakulwa.

[802] wakufik': wayakufika.

[803] wase: wasuka.

[804] ndise: ndisuka.

[805] 'ase: ndasuka.

[806] ndase: wase (wasuka).

[807] ingub''endoda: inguboyendoda.

[808] yakude: yabakude.

[809] 'hamb': ehamba.

[810] Vowelsare lengthened here for dramatic purposes: wahambaumfaziiiii...wahaaaaambaesalus'ezinkomoooooo'hamb'esimb'ezinongweeeeee...

[811] we: wathi.

[812] A brief pause.

[813] 'hamb': ehamba.

[814] ngetshova: tshova, "force," from English "shove."

[815] ngatshova: absolutenegation.

[816] ndakukunika: ndiyakukunika.

[817] ndakujikela: ndiyakujikela.

[818] SobaniSobani: she pretends to shout.

[819] 's': ese.

[820] 'hambe: behamba.

[821] owawuliqengqile: owabeuliqengqile.

[822] A brief pause.

[823] bakufika: bayakufika.

[824] netuba: batheukuba.

[825] bakufika: bayekufika.

[826] 'ngenis': bangenisa.

[827] 's': musa.

[828] so: yiba 'se.

Previous Previous section

Next section Next




Go up to Top of Page