University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
South African Voices

South African Voices: Created in Olden Times (2006)

Previous Previous section

Next section Next



 

South African artwork

MARRIAGE IN XHOSA SOCIETY

RealAudio Listen to this section

Date:    August 10, 1972
Time:    10:30 a.m.
Place:    In a ruined rondavel on Masithathu Zenani's property, in Mboxo (Nkanga) Location, Gatyana District, the Transkei
The Performance:    Related in Xhosa
Audience:    Two women
Narrative 2S-140
Tape 7, side 1

A man decides to take a second wife, but his present wife is opposed to this. She raises the issue with her father, who tells her that "according to Xhosa custom, you are honored when your husband thinks about doing something in his homestead, especially with respect to taking a wife." He says, "This will be a way for you to grow old gracefully." Her mother is in agreement with her father's argument. The husband marries a second wife, "and the senior wife treated the bride as if she were the young wife of a son. The bride in turn was subject to the aging wife, as if she were her mother."

Ibali le nye imini...lidalana...indoda nomfazi wayo...bathe xa behleli wathi oyindoda emfazini nkosikazi ke noko amasimi la akakho ngale ndlela...kufuneka ke ndithathe omnye umfazi...azokuthi loo mfazi ke yena abe kukunene abe ngumfazi wasekunene...ithe inkosikazi ukuphendula andifuni mfazi wesibini ndihlale naye apha sakuhlalisana kakubi...yathi indoda hayi aniyi kuhlalisana kakubi le nto ikukunene le linye icala ndiza kumakhela owakhe umzi kwenye indawo kodwa ke ibe kwa ngumzi wam yaye ke nawo uza kwakhiwa ngesi sakhiwo sakhe ngaso ngoba nawo uza kuthi akuba s'e iqhelile loo mfazi 'qale ke ngoku simphe into amakhe naye aziqwebele...wathi umfazi iya kuba iyintoni na leyo ithi indoda kaloku uya kunikwa ithokazi kumpahla emfitshane nokuba yigusha nokuba yibhokhwe az' aphinde anikwe ithokazi inkomo ukwenzela okokuba ibe ngomnye umzi wam lowo wesibini...uthi umfazi awu Sobani! nxa iza kuba ngumzi wakho lowo kungoba apha kwakuhlala bani na mna apha ndishiyeke nabani na mna ukuze ndibe ngumfazi wayiphi na indoda...ithi indoda hayi uya kuba ngumfazi wam wena omkhulu oza kuthi axatyiswe ngulowa umncinci kuba yena uza kuba mkhulu kwelakhe icala...ithe inkosikazi ufuna okokuba ndikhathazeke na yathi indoda hayi akusayi kukhathazeka ngoba phaya komkhulu akuwaboni amakhosikazi ukuba abafazi bade basibhozo bendoda enye abo bafaz' abo banamagama...yathi inkosikazi ke nxa uthetha loo nto uthethe okokuba loo mfazi uya kundenzela ntoni...yathi indoda kaloku lo mfazi uya kuba lixhadi lakho ukuba uyonakalelwa yinto apha kwakukhawuleza yena ukuza kunceda loo nto yonakalisa wena kanti okokuba yinto eluvuyo uya kuyenza kunye naye nincedisana kanjalo loo nto ifanisa ukuthi ungudadewenu uyiyo induku yakho engemva apho ungaboniyo nanjalo nawe uya kuba yiyo induku engemva kuye kwa kundawo angayiboniyo...nihlale ngokubonisana niphathisana...uthule ke umfazi lowo wathula ixesha elide engaphenduli esekukhathazekeni kuba indoda le iza kuthatha omnye umfazi...uthe umfazi wacinga wacinga wacinga okokuba makakhe le nto ayiyele kowabo uze ath' akufika kowabo ayibalise into esisimanga ethethwa yindoda yakhe...ucelile ke ngenye imini yise kaBani yasabela indoda ndikhumbula ekhaya 'khe ndokubona abantu ndibagqibile kudala...ithe indoda awu ngoko ke nxa ukhumbula ekhaya kungokokuba uza kushiya ban' apha uthe umfazi hayi ndiza kubuyelela andizukuhlala[602] ...yavuma ke indoda leyo ekubeni ke ivumile eku--- isuke ke yathi hayi ke hamba ke e--- ubuyelele...uhambile ke umfazi waye waya kufika kowabo...akufika kowabo[603] ...akufika kowabo ke ufike wanguye ke umnt' obulisayo oo! uvela phi...hayi ndivela ekhaya...tyhini usikhumbule ngantoni kwaye ke kusitsho uyise wakhe...hayi tata ndinikhumbule ngeli langa phofu andizanga kucela nto...int' ekunayo ndinihambele ngokokuba 'khe ndiyiqonde into...'be ndifuna sidibane tata nomama phaya ngasebuhlanti...uthe akugqiba ukutsho baphuma ke ngokukhawuleza ukufuna okokuba mabeve into eza kuthethwa yintombi yabo...bakufika ngasebuhlanti wathi uyise yitsho ke ntomb' 'am...uthi untombazana hayi tata ndihambela apha kuni ngesimanga esithethwa ngumyeni wam endifuna okokuba...'khe nindiqondise okokuba ikhona na into enjalo kuba loo nto uthe yena akuyithetha kum yandikhathaza kuba andiyaz' okokuba kungafunwa umfazi wesibini kungekho nto andixelela yona ayikrokrelayo kum ngoko ke uthi yena ukuthetha loo mfazi amfunayo uthi uza 'ba[604] ngowasekunene...uthi ke le nto ikukunene lilo icala eya kuthi yena alakhele umzi uthi umyen' uza kuba yintong' esekhosi uthi nam ndakuba yiyo esekhosi kuye sincedisane ngokokuba into athe wayibona ndingayibonanga ayilungise iza kukhathaza mna kanti nam uthi ndakwenje njalo okokuba ndithe ndabona into eza kukhathaza kulo mfazi ndincedise...uthi kanjalo nangazo iziyolo sakubambisana ngoloo hlobo kutshiwo ngumyeni wam ke tata ebhekisa kum esithi mna ngoko lo mfazi uze ndithi akuba enjalo kukhutshwe ithokazi kum ithokazi noba ngelebhokhwe ize kuphinde kukhutshw' ithokazi linikwe 'lo mfazi lenkomo...uthi umyen' 'am loo nto senza okokuba lo mzi ube ngumzi ofana nowam ke mna ke andikholwanga yiloo nto...kodwa ke yena umyen' 'am uzithethile ezo 'nto...wade wanokwayamisa into kakuba andiboni na phaya komkhulu inkosi inabafaz' abasibhozo...kwabonakal' uba lo myeni wam ufuna ukwenza isityikityiki sabafazi...ndithe ke mna akuthetha olo hlobo...andathetha ndafuna okokuba le nto 'khe ndizokuyingqawa kuni ukuba ingaba ilungile na xa injalo...ngoko ke ndizele loo nto apha kuni kuba nina niyayiqonda na...mna iyandikhathaza andiyiqondi kakuhle ngathi kum umyeni lo wam ikhona indawo ayigxekayo kum naxa angakhange ke ayithethe...ngaso sona esi simanga sokufuna omnye umfazi...ke wathi uyise yima kaloku ntomb' 'am thetha uthethe ume kuba kaloku ilizwi oqale ngalo akuzi kulazi wakutyhutyha ukuthetha...ke uthe wena loo nto ingumhlola...ewe tata ndi--- nditshilo ngentliziyo...oo wathi ke mntan' 'am nxa uthi ingumhlola loo nto wabe wena ngamehlo la ungaboni na uba phaya komkhulu bakhona abafazi abasibhozo...yathi intombi ewe tata ndiyababona bakhona...oo kungoba ke ntomb' 'am njengoko ujongile ubona sigxeko sini kwabo bafazi basibhozo...yathi intombi ewe tata andiboni sigxeko kodwa ke ndiyabona kuba kukho abazinto nje e--- ezingakhathalelwanga yinkosi leyo izinto ekuthiwa yiminyani yokutshayela inkunkuma...ke mna 'be ndingafuni ukuba indoda le yam ibe nomfazi...wathi uyise ntomb' 'am ngesiko lesiXhosa unethamsanqa ngokuba indoda xa icinga into yokuba yenze into kukhaya layo ngakumbi kanye kanye kanye apha kanye ekuzekeni umfazi ayiye ithobe ithethe namfazi idla ngokuthetha namawayo angamadoda...ibhekise kuwo isithi apha ndifuna okokuba ndibe nenkosikazi ke khanindibonele umzi icebisane kunye namadoda ezwe layo lawo alilunga layo...ke wena ufumene into engazange yafunyanwa okokuba kubhekiswe kuwe yindoda ingekawaxeleli amanye amadoda akowayo...ukuba ubusazi ungelobhinqa ntomb' 'am ungophendulene[605] kakuhle nomyeni wakho kuba wena sobantwana[606] bahlanu loo nto ithetha ukuthi songuye[607] umfazi o'se emilile enizin' 'akho 'be kumele okokuba indoda icinge ukuba naye omnye umfazi...ke kwakhona wena akunamntana uyinkwenkwe uzele iintombi zodwa...mhlayimbi kungenzeka kuloo ngcinga yalo myeni wakho ukuze kube 'kho umntana oya kuthi abe ngumntana onesende kuloo mfazi icinga ukuba imthathe kanti ke ngoko isaza kuba 'kho indlela yokuba nikhule nakugqib' ukukhula nibe badala niphelelwe ngamandla...ukuze abantwana bakho bashiyeke esichengeni kuba akukho mntana uyindoda kanti ke nxa kunoba 'kho umntana oyindoda bakuba naye umntu obagcinileyo nobasebenzela izinto abadinga zizo kuba nina ningasakwazi ukusebenza...mna ke okukwam ntomb' 'am 'be ndisithi yiyeke loo nto indoda yakho mayimthathe loo mfazi xa indoda yakho iza kuphawula iya kubiza amadoda ithethe nawe kuqala ukuze ke ngoku iphawule ukuphawula ke mntan' 'am kukuthi athathe elo thokazi alinika loo mfazi wasekunene...loo nto ke ihamba ngathi sisiteketiso kanti ke uza kuthi ke elo thokazi lenzelwe uthango kuloo mzi athe wamakhela wona uze athi ke ngoku loo nto amphawulele yona ayivalele koloo thango izalele koloo thango njalo njalo eso siphiwo athe wasiphiwa siza kumane sibekwa khona...okokuba ayikubekwa khona iza kuthathwa ngokwahlulwa kwezakho isahlulwa ngophawo endlebeni kuphawulwe ngemela ngolunye uhlobo...yatsho ke indoda le yabhekisa kumana wentombi umfazi wayo yathi hee wena Nobani uyayiva na le nto ndiyithethayo apha entombini yakho...uthe umfazi ewe Sobani ndiyayiva yaphinda yathi ke nxa uyiva lithini na elakho igama kule nto siyithethayo kuba lo mntana esibeke apha nje ufuna ukuba simcacisele okokuba ilungile le nto yenziweyo...ungaphikani nokokuba wena mkam ndingazange wena ndikuzekele omnye umfazi...kufuneka uthathe isiXhosa nangowa--- nangako konke ukwazi nanje ngoko usazi nakowenu okokuba ayinguwe othe wanonyoko omnye oomama bakho wena mfazi wam bathathu...ke kufuneka ke umntana lo umlungise kule nto afuna ukulungiswa kuyo ndithi lithini na elakho wena nozala...yaye abantwana babhidabhidwa ziingqondo abazifumana koonina babo ndivuyiswe yinto yokokuba umntana wam athi nxa efuna le nto asidibanise ngoku afikayo engekadibani nawe wedwa wena nina ukuze umphefumlo wakhe wanele kuba nxa ebedibene nawe wedwa ndingekamboni...'be kuza kuba 'kho iindawo ozithethileyo kuye phendula ngoku...uthule ke umfazi wathula wathula wathi hayi 'se kaBani ndiyayiva le nto...int' ekhoyo ndisaxakiwe ngoba ke le nt' ibang' uba ndixakwe...naye la magama sowathethile[608] 'be ndisithi kuwe apha 'be kufaneleke uba ukhangele intwazana noko...ndiyaphulwa ngumsebenzi wasekh' apha...loo nto ke 'be ndingeze ndithi kwakufika lo mntana ithetha le nto ndibe kanti ngoku ndingacinga enye into...umele kaloku ngokwenyani umyeni wakhe athathe omnye umfazi kuba intombi yam ayimnikwanga umntana oliduna...inyanisile loo ndawo...mandenje nje mntan' 'am la mazw' athethwa nguyihlo 's'[609] ukufuna amanye aphelele yeka umyeni wakho afune umfazi 's'[610] ukujonga into yakomkhulu kaloku komkhulu kukho kakade abathathwa nje kuthiwe kwa sekuthathweni kuthiwe ngumnyani wendlu enkulu...loo nto ke ngeliny' ixesha kanti kothandwa loo mnyani kanti ngeliny' ixesha loo mnyani use ungathandwa nyani yinkosi ufanele elaa gama lawo 'be kuthiwa yint' 'okutshayela...ke loo nto 's' ukuyithatha uzokuyigalela kuwe khawukh' uyeke khangela nani oomama bam bathathu...akuboni simanga xa uyileyo ekhaya mntan' 'am ufika konwatyiwe ufike bethandana...enye into udla ngokuthi pha' ekhaya uyifumane komnye umama umam' engenayo...loo nto ke yenziwa luvisisano abanjalo bonke nasebafazini engenjalo wonke namadoda ukuthi nxa kukho omnye umfazi angakhathalelwa omnye amanye amadoda ayakwazi ukusiphatha isithembu sifane umntu eve ngaphakathi uba asifani kanti izenzo zona zonke zakulingana zifane...utshilo k' unina wentombazana...ke yathi ke indoda leyo nango ke amazwi ephuma kunyoko...nyani ke uthetha la e'b' ethethwa ndim...ndithetha kuthi ke ungab' uphinde uqumbe indoda yakho xa ithi ifuna umfazi...yiyeke ifune umfazi lowo injalo nje nawe loo mfazi umbelezelele kuba uza kungeniswa endlin' 'akho lo mfazi umphathe kakuhle umyala ungajongi int' 'okuba[611] yena ngeliny' ixesha noba uhambile nendoda waya phi wabuya ungakhathazeki kuba kaloku naye...kufuneka ehambile naye nendoda yakhe nanjengoko nawe uhamba nendoda yakho...ithe ke intombazana hayi ke tata 'be ndihambele loo nto qha 'be ndizokuqonda loo nto yodwa okokuba inoba ilungile na...noko ke xa ningqinelenayo nomama ndiyahamba...kodwa ke 'ze nazi kakuhle okokuba ndikhathazekile ke yile nto yakuba yenziwe mna and' ukube ndibe ngumfazi wayo...uba ayihambanga ngolu hlobo niluthethayo andinakuze mna ndijike ndibe yinto ngoku yokudlalisa ndakugqiba ukwakha umzi 'se ndingaka...yatsho ke intombazana yahamba ithe xa ihambayo njalo wathi unina ke kaloku ke ubungasafuni nembola na khon' uba akulalanga...usuke ke uyise wathi mnike imbola...uyithathile ke unina imbola leyo yokuqaba iingubo zentombazana wayinika yahamba ke intombazana igoduka ifikile emzini wayo yathi yakufik' emzin' 'ayo yahlala wabuza umyeni wayo awu! Nobani...wakhawuleza wabuya nyani ufike bekhona na...ewe ndifike bekhona 'be bengayanga ndawo 'ba ke 'be ndingakhange ndibe 'be ndiyokufuna nto ekhaya...int' ekunayo 'be ndiyokubabona nje ngemini ndifuna ukubuyelela kakade...wathi umyeni hee hee hayi 'be ndiba mna uthetha nje...ndithi uza kulala kuba uye utsho ngamany' amaxesha uthi uza kubuyelela...kuhambile ke kuziintsuku kuziintsuku waphinda umyeni e--- nkosikazi laa nto ndandiyithetha ke ngoku 'se ndithumele amadodana angath' abuqabuka okokuba ndifunelwe inkosikazi leyo...yaye ke 'se ndiwathume kumzi nam o'se ndiwujongile...ngoko ke noko loo nto ingathi ayibhekiswanga phaya e--- kubonakal' okokuba babukholwa noko nabo kuba bayawazi umzi lo...into ke leyo endithi kuwe kufuneka ulungiselele kuba undwendwe luza kufika namhlanje...uthe umfazi ukuphendula endodeni yintoni eza kulungiswa ndim kuloo nto...yathi indoda kaloku into eza kulungiswa nguwe kukuba undwendwe kaloku lufike kukho iinkuni...lufike kukho imbiza elakuthi luphakelwe kaloku lutye...yaye ke kwakhona nkosikazi ndiza kuthatha kaloku ubutakanana ndilwenzel' uba malutye ngoko ke loo nto ke lisikw' elo...kuthi kaloku undwendwe lwakuba 'kho lwenzelw' intshontshwana ewe uba malulale lutyile nokuba sikhone isity' eso sokutya...lisiko elo naxa ubaphakela baza kuba beyilindile into yokuba emva koko kuza kuthiwa xhwithani nantsi inkuku...akuxelwa nkuku ke kuxelwa into oba use ubutakanana noba yigusha noba yibhokhwe...uthe umfazi iza kuthathwa phi leyo ke into...yathi indoda kaloku ezi 'nto 'be ndikuxelele mandulo ndithetha nawe ndisithi nxa ndifuna lo mfazi ukuthathela ekuphawulweni ezo 'nto ziza kwenziwa kuwe...nangoku ke andizi kufuna nto mzini ndiza kuyithatha kaloku esibayeni ndikhethe ndiy--- ndiye kwenza loo nto...uthe umfazi hayi kulungile yenza ngokubona kwakho...into yokupheka ndiza kupheka kuba 'be ndiza kupheka kakade...into yenkuni iinkuni zikhona egoqweni...yathi indoda ewe zikhona ezo 'nto nasemagoqweni ndithetha mna okokuba ulungise phaya ekoyini...kaloku abaz' ukungeniswa apha endlini...baza kungeniswa kundlu esecaleni leya ke baza kuhlala kuyo babuye kusasa ukuza aph' endlini nxa bemkayo abo...ibe ke le nto yonke ndifuna uyazi mfazi wam...okokuba ngoku nxa ndisenza le nto ndilobole ukulobola ke ndizikhuphile iinkomo ezintandathu...ngoku ke ezi nkomo zintandathu nazo ndizikhupha eluthangweni apha lakho...kanti ke kolu thango lwakho kuza kwenzeka le nto ndiza kuthi njengokuba ndikhuphe ezi nkomo zintandathu ize athi lo mfazi okokuba uthe waphum' int' enamehlo x' emithiyo waze wayizala yaze yakhula iqale ke ngoku loo mntana lowo abe ngowakho ukuba uyintombi wonke kanti ke noba uyinkwenkwe iya kuba ngowakho ukubuya kwenkomo zendlu yakho...wathi umfazi whoooo...ucing' ukuba loo nt' ingakho into enjalo umfazi afun' int' 'ob' umntan' 'akh'[612] ibe ngowomnye...yathi indoda iya kuba 'kho ngumthetho lowo lisiko elo uba 'kho umntana enje njalo ukuze athi okokuba akavumanga ukuhlala kuwe...okokuba uyintombi athi akwenda ikhazi lakhe lona liyalaz' ikwalo lakuthathwa lona lonke ibe ngelakho umntana wamazibulo...uthe umfazi hayi qhuba mfo kabawo...sakubona[613] ...uthe ke ngonje ke lakuba litshona ilanga bafike abantu e--- abahamba nomtshakazi lowo bababini...ngoku ke bathe bakufika ke baye baya kungeniswa kulaa ndlu 'se eyilungisile njalo lo mfazi...bahleli ke kuloo ndlu kwahlala kwaphakwa ke ngunkosikazi njengawo umyalelo wendoda yakhe...wazisa ke izitya zabantu basemzini batya bakugqib' uba besitya ngoku yathi indoda 'yabona[614] ke lixesha eli lokokuba ngoku ndiqale ke ndise elaa takane kaloku...wathi ke umfazi hayi kulungile wabe...yabe...kukho ke indoda engummelwane ekwa ngumwabo abahleli kunye apha endlini...oo hamba mntakwethu khangela elaa takane 'be sithetha ngalo ulise kwezaa ndwendwe...uthi lithi ikhehle lasekh' apha xhwithani nantsi inkuku nilale nityile...isukile ke indoda leyo yahamba yaya ebuhlanti ubuhlanti obusisibaya bempahla emfitshane...yayithatha ke eyibonayo elungele okokuba isiwe elundwendweni...iyile nayo yanqonqoza apho...kwathiwa ngaphakathi yangena yathi yakungena kwabuzwa imvelaphi...yathi hayi ndivela ekhaya ndithunywa likhehle eli e--- ukuba mandize apha kuni...ndithi xhwithani nantsi inkuku ekhaya apha akutyiwa nenzele okokuba nilale nityile ningagxeki kuba umntu use afane eze emzini afuman' indawo yodwa yokulala kanti ngaphakath' apha kumdaka nonyamezela...uthe akugqiba ukutsho bathi ke bona abasemzini hayi ke siyabulela 'z' usibulelele kakhulu apho kukhehle kunje kulo lonke ilizwe[615] ...kunje kulo lonke ilizwe ungaligqiba...kukhulu oku asenzele kona asingeze sanilibala...ke noko ke sibolekeni umntu asenzele...uphumile ke nayo umfo lowo wathatha ke isitshetshe imela igama layo wayinqumla ke wayihlinza wayisa...yakhutshwa ke inyama enge[616] yasekhaya umkhono nombilini ukubheka endlini yaphekwa ke inyama ephekwayo oko kuzizibindi kwakunye nomqolo...bathe ke bakophula undwendwe olu lahambisa ke isipho saloo nyama ivuthiweyo endlini kubulelwe nalapho kwa ngokunjalo...kusile kusasa kwasa besiya endlini kwa sendlini apho bakufika bandlalelwe bahlala...bakugqib' uba behleli babuziwe ukuba bayathetha na...bathe hayi siyathetha maThile noko ziinkosi ngoku sincuncela ekuhambeni ke simshiya ke nomlobolokazi lowo wenu ngoko ke sisiza kwakunye nokokuba simchazile akananxeba ke toro asinakuthetha nto singekayiboni ngaphandle kwezinto eziqhelekileyo ezihla zigqithe...ngoko ke siyahamba ngoku...kuphakame ke indoda leyo k' ib' ihleli noSokhaya yathi hayi ke kuyavakala nto ifunekeyo siyive yiley' injalo athi umntu nx' ashiya umntana ambeke igama...yint' e'be siza kubuza yona leyo sowuyigqibile[617] ...nosibulelela ke nanje ngoko sisaz' okokuba iyaliwe intombi leyo nxa imka...ke iziyalo k' ib' inga 'ngazifumbatha ngokwayo...batsho bahambe ke bakuba behambile ke ashiyeke ke abe nguye ke umtshakazi lowo...wahlala ke lo mfazi wawabamba amagama athethwe kowabo wamgcina...wamcenga-cenga ngako konke emfundisa namasiko okokuba kufuneka uy' emlanjeni ekuseni...esuke umtshakazi lowo...ahambe k' ekuseni aye emlanjeni...yenzekile ke into umfazi wamitha...watsho ukumitha wakhulelwa wakhulelwa zahamba iinyanga enguye umfazi abathandanayo kungekho sikrokro...begcinene kakuhle athi lo umdala nx' ahambayo athethe nalo mntakwethu ndiyahamba ke ngoku nasi isitshixo sekoyi okanye nesetyesi[618] ndisishiya kuwe okokuba izinto ezilapha uz' uzilungelelise...akabi nandawo amnqabisela ngayo bathandana uthe ke zakufika iinyanga wazala...akuzala wazalela kuye akazalela kowabo kwakhe wazalel' apha kumkandoda wakhe...wazala umntana oyinkwenkwe esaqala nje ukuzala...oo kwalunga nto yatsho ke le indala inkosikazi ndamfumana unyana namhlanje...kwamandi ke kakhulu kuba kuzinto ezazithethwa ngeemini zokuqala ekwakusithiwa kuye hlezani mhlayimbi lo ayizale inkwenkwe ubona ke ngoku yenzekile loo nto yazalwa inkwenkwe...waqala ke ngonje wabon' oba wakholisa ukuze amazwi ayethethwa nguyise awanyamezele kunye na wayethethwa yindoda yakhe ekuqalekeni...umthandile ke loo mntana embeleka emnasile ehlala kuye egeqeza njalo umtshakazi esebenza kakuhle engabonakali ukuba unomntana kuba umntana uhlala kulo mfazi mkhulu...wad' ese[619] ke umntana yahamba yahamba yahamba iminyaka elunyulwe ngoku wade umntana kwabonakala kanjaqo emitha unina...uthe akumitha unina wabiye[620] wakhulelwa ehleli kwa ngokonwaba njalo waze ngonje wazala waphinda ngok' ekuphindeni wazala intombi...uthe omkhulu umfazi tyhini yavel' intomb' 'am...kuba kaloku kwakuthiwe uya kuzalela yena iinto zokuqala nge[621] zakhe...yamvuyisa ke ngoku naleyo waphinda wahlala ngokonwaba emthanda naloo mntana umntan' esiya ngokulala kunina kangangokuba uhlala ngokonwaba kulo nina wakhe mkhulu...iphindile indoda yacing' elayo ngonje ixesha kuntetho ababezithethile mhlanikezeni kwaze kwakho imvume kumfazi wakhe okokuba makathath' umfazi...yaphinda yathi Nobani kulo mfazi mkhulu wasabel' umfazi...ke ngoku nkosikazi ndicinga le ndlela yokokuba ngonje lo mfazi simnike izembe...ukunikwa izembe kukuba akhelwe umzi wakhe...umzi wasekunene...uthe umfazi hhee hhee yise kaBani...uya kuthini na lo mfazana okokuba ngoku akhelwe umzi wakhe kungokuba kuza kushiyeka bani na ekhay' apha lo ngoku uza kuba ngumfazana...ngoba lo mfazi lo umzeke wena ndisenamandla wam ke amandla wam ngoku noko akangangoko...'se ukhe wandiqhelisa ke okokuba ndibe nomnt' omncinci othatha lula ukusebenza apha ke ngoku kuza kuba yintoni na ngoba iintombi ezi ziyenda ndiza kushiyeka ndedwa ekh' apha...yathi xha indoda ingaphenduli yathi xha yathi emzuzwini omde...Nobani kaloku kufuneka ndithathe omnye umfazi oliqadi lakho...wathi umfazi ukuphendula...awu uza kuphinda ngoku uthath' omnye...ewe iqadi lona kaloku soze liye ndawo...kaloku nokunene kuza kuhamba kuhambe kuhambe kuhambe liphinde nalo libe nokuhlonyelwa kwa ngeqadi kuthiwe liqadi lasekunene...kufuneka ke ngoku ndithathe ongasoze yena emke apha eliqadi lakho...uthule umfazi umzuzu ethule...waza kuthi ku--- kudala uyabona ke uthetha enye into ngoku wena 'yise kaBani...ngoba ngoku nalowo umfazi umxelayo utheth' ub' uza kuqwela ezi nkomo ngonje zasekh' apha...iphendule indoda yathi andizi kuqwela nkomo kaloku lowo ungowakho u--- uhlomela amandla akho soze aye ndawo ize kanti ke nabantwana bakhe yena bonke bangabakho kuba liqadi...noba uzel' inkwenkwe ingeyakho[622] ...uphindile umfazi wathi nxa yiphi ngokuya ub' usithi inkwenkwe eya kuba ngeyam yeyakuzalwa ngulowa owasekunene...kutheni ngoku le nto uthi iqadi liza kuzalela mna akundiqhathi na nxa unokuthetha ngoloo hlobo...ithe indoda kaloku lowa ungomkhulu kuba yena ufakwe kuwe kungekabikho qadi...ke lo ngoku uliqadi uza kuba ngomncinci kulowo abe ngumninawa kuba ufike 'se ekho lo 'se engumkhulu...uyekile umfazi njalo wathi kanjaqo le nto akucinga wacing' okokuba makh' akh' aphinde ayitsibele kowabo akh' aphind' ayokuyingqawa kuyise nonina ukuba ikwanjalo na...uyile apho ngokukhawuleza okukhulu engabanga sacela endodeni...ufike ngentsasa kuvukwa wafika wabulisa wagaqa wath' uyise kutheni mntan' 'am wagaqa...hayi hayi tata ndifuna ukugoduka kwangoku andikhange nditsho emyenini wam ukuba ndiza apha ndifun' ukukhawuleza kwangoku ndimke engekho ndifuna ndibuye 'se e--- esandul' ukufika...masidibane...baphumile kwa oko kwa nonina lowo uyise baya phandle...thetha yintoni...hayi tata nina nathi mandivume okokuba indoda yam mayithathe umfazi wasekunene ngonje umfaz' 'asekunene amasiko akhe mabini phofu akukho sizathu sixabeneyo asixabananga...ibe naloo mfazi ndingekaxabani naye konke kodwa ke ngoku indoda yam ith' ifun' ukuthath' omny' umfazi ithi ngoku yenz' iqadi iza kuphinda ithath' iinkomo zam isithi kwakhona lo ifuna anikw' izembe ayokwakha umzi wakhe yinyani ke loo nto ngonje ngab' inyanisile ke nxa injalo nithi isalungile nxa kanti ngoku iza kwenje njalo yint' ekh' ibe 'kho ke leyo ukupheliswa kweenkomo zakho ngent' ongekayazi ndiyabuza ke tata...uphendule ke uyise...wathi ewe mntan' 'am yinyaniso leyo nangok' ise yinyaniso kwok' lo mntana uyathandwa ngumyen' 'akhe uyayiva le nto Nobani...wath' umfazi kakhulu yise kaBani hayi uyathandwa ngokwenyani...e--- unyanisile ntomb' 'am kunjalo iqadi kaloku lona linguwe soze liye ndawo...lona lusapho lwendlu yakh' olo...lophelela alunandaw' iyenye...ngabantwana bakho bonke ukuba banokuba 'kho...nokuba kukhw' inkwenkwe apho loo nkwenkwe leyo ngumninawa waleya 'be kuthiwe ifakwa kuwe kuba ungenankwenkwe leya yasekunene...lowo wasekunene usaza kusizalela eyasekunene inkwenkwe ukuba uyaphinda azale...ke nangok' uz' uhle uxelis' uba ubuhlile nje unganyuki u--- udambe udambel' indod' 'akho le nto mntan' 'am yenza umfazi angavisisani nomyeni wakhe kukukrutha ukuthetha akufuneki ukrune xa uthethayo kufuneka uthethe kakuhle...oo hayi ke 'be ndizele loo nto yodwa kulungile ke yatsho intombazana...ukuba yiloo nto ke kulungile ndiyahamba...wathi ke unina unyanisile mntan' 'am uyihlo akakuphoxi...unyanisile akukho nent' efun' ukuthethwa kuloo nto kukhon' icing' into yokwenyani ke ngoku indoda yakho ukuthi xa ikhupha lo umfazi ikushiye nomtshakazi...uhambile ke wagoduka njalo eve lawo amagama kowabo wafika okunene emzini wakhe wafika indod' 'akhe ingekafiki ifike indod' 'akhe 'se ekho ayamazi nokumazi okokuba 'khange abe 'kho yaye nalo umncinci umfazi engakhange athethe nangaloo nto okokuba 'khang' abe 'kho...bahlala ke bahleli ke bonwabile njalo kwalile ke ngenye imini...wathi ke ngoku kufuneka kuyokwenziwa isiza sasekunene senziwe ke isiza eso sasekunene...kwakhiwa apho zakhiw' izindlu zambini...kwahlaliwa ke ehamba lo mfazi lo wasekunene neengutyana zakhe namakhukwana akhe...wahamba waya emzin' 'akhe...ufike wahlala ke emzin' 'akhe apho imane ke isiya indoda iye khona ngeentsuku zokuya khona ibala ithi ngeliny' ixesha igqibe icawe yonke iveki apho ibuye izokugqiba iveki apha yahlala kanjalo[623] ...konwatyiwe ke kunjalo esuke laa mfazana wasekunene azokubutha kul' umkhulu bencokola hayi nal' umkhulu aye naye ekunene ayokuncokola bonwabisana kakuhle...kwalile ke ebudeni bexesha kunyanga ezilandelelanayo indoda ke ngoku yathatha enye intwazana...yafuna ukuyenza ke ngonje iqadi lalo umkhulu yangumtshakazi ke lowo ohlala apha nalo mfazi mkhulu...bahleli ke bonwabile njalo bonwabisene emphethe ngokungathi ungumfazana wonyana kangangokuzithoba kwakhe umntana ezithobele phantsi komfaz' o'se emdala o'se emdala kakhulu ngathi ngunina enobubele lo mfazi emthanda emlungiselela emyala emthini esiva ngaye yonk' into lo mfazana...waqala waqonda lo mfazi okokuba hayi ngenene kucac' ukuba injalo le nto nxa iliqadi lilona ingumfazi wokuhlala nawe...wahlala ke kakuhle enjalo lisithi iqadi eli lona nxa limbizayo lithi sisi...ngoko ke kuhambile ke kwahamba kwahamba nalo lanokumitha...lathi lakumitha kwa lona lazala kwa umntan' oyinkwenkwe liqala njalo wavuya lo mfazi evuyiswa yimithetho eyayithethwa kuye kusithiwa okokuba lo uzele noba yinkwenkwe noba yintoni uya kuba ngumntana wakhe lowo nxa ewonke umntana walo mfazana lo uliqadi ngowakhe...lowa wasekunene uya kuba ngumkhuluwa kulowo uthe wazalwa ngowaseqadini...ihambe yahamba ke loo nto wabazala ke bade baliqela nalo mncinci waye--- nalowa wasekunene eqhuba ezala...kwalile ke ngoku owasekunene nxa ngoku emasu mane kwathiwa yindoda Nobani ufikile exabisweni lokokuba laa mfaz' wasekunene ngoku aphawulelwe...ngoku kaloku abe nento abizwa ngayo engeyakhe[624] ...wavuma umfazi...ngoku ke le ndoda yabiza ke amadoda elali kwakunye nabantakwayo okokuba ndimbizela into enje laa mfazi wasekunene njengoko waphumayo ekh' apha wema umzi wakhe akazange aphawulelwe ke ndifuna aphawulelwe namhlanje...aphawulelwe ke esibayeni nasebuhlanti...avumile amadoda njalo esithi kwek'! nangoku umphawulele kade ukude abe nabantwana babe bane kanti akakaphawulelwa...waphawulelwa ke waphawulelwa ke ngoku esibayeni ithokazi lebhokhwe waphawulelwa ebuhlanti ithokazi lenkomo zathi ke zabizwa ngaye ke...ngoku ke yaqala ke ngok' indoda ukuba yenze uthango ekunene...yalenza ke uthangwana ke ekunene...zathathwa ke zombini ezo zaya kwaluswa phaya ekunene zisaluswa yilaa nkwenkwe yasekunene...ithe inkosikazi enkulu ngenye imini endodeni...lo mntana uya kuza nini apha kum nanithe nje ngowam...le nto alusa phaya ekunene aphinde ahlale phaya ekunene apha uya kuhlala nini na...ithe indoda hayi kaloku uza kuzalusa zonke int' ekhoyo ke athi ke ngoku nxa abuya nazo...azise kaloku ekunene eluthangweni lakhona ezakhona...ezalapha azingenise apha...wathi umfazi kungokuba ke eya kuhlala nini na ke apha ngokwesiqu sakhe ukuze abonakale nini na okokuba ungowalapha[625] ...ngoko ke uya kubonakala kuba uya kubonakala kaloku imikhwa ukuba ngowalapha ukuhlala oku kona ukulala akunamsebenzi kuba abantwana bayaqhela kwindlu ethile bahlale kuyo kodwa besaziwa okokuba ngowendl' ethile...ayinakukhathaza loo nto ayinanto yona yodwa ayizi kulahla nto kumasiko akhiwayo agqityiwe...uhleli ke umfazi lowo wathula wayeka kunjalo ngonje ke ekubeni intombi yakhe enkulu yendile yende yagqiba yangumfazi emzini wayo esajonge ngokokuba noko le nkwenkwe isencinci ayikabi nanto inokukwazi ukuyenza...ikhulile ke inkwenkwe yakhula yandala yad' es'ke ke ngonje yaluswa yayindoda yasebenza yanezinto zayo ezithengayo kuba ikwaz' ukusebenza...yathenga iinkomo yathenga impahla emfitshane oozibhokhwe ke noozigusha...zaqala ke iintombi ezi zakokwabo ngoku zaba 'se zendile nxa zizonke...zithe zakuba zendile zonke kwaqala leya inkulu yabuya emzini wayo ingaphilanga yez' ekhaya yachaza impilo okokuba andiphilanga ndithi ke kule mpilo yam...ndikhathazwa kuba andikathombi ndingekendiswa...ezo 'nto zonke ziyandikhathaza...waqalisa ke uyise ukuchazela unyana wakhe wasekunene okokuba ke mfo wam udadewenu ulapha...elapha uze ngempilo ufuna ke ukuthonjiswa kanti ke emva kokuba ethombile uza kuba nguye ke umntu owendiswayo...ezo 'nto ke zonke zikujongile wena mnakwabo kuba wena ungunyana wam omkhulu indla-lifa kuba unyoke lo umkhulu 'zanga amzale umntana oyinkwenkwe...mhla kwabonwa inkwenkwe apha ibonwe ngawe loo nto ke ithetha ukuthi yiba nesenzo ke kule micimbi yodadewenu...ifuna wona yenziwe nguwe...wena ulilungelo labo...uvile unyana wathi e--- oo ndiyeva tata...ugodukile ke ngexesha waya kowabo phaya ekunene...ufike phaya ekunene wayichaza umfana le nto kunina...ee mama hnnn...ee utata uthi udadewethu l' umkhulu ukhona...uthi kum udadeweth' uze ngempilo...ke utat' ubalula ezi zinto...uthi kufunek' athombe...kufuneka kuthi emva komthombo endiswe uduli...uthi k' utata ezo 'nto zisemandleni kum kuba mna ndingunyana kamam' omkhulu...njengoko yena ezele iintombi zodwa...mna ndabalulelwa kunt' oba ndingunyana mna wendl' enkulu...ngoko ke bathethayo bathetha bebobabini umntu nonyana wakhe akakho uyise...uthi ke ukuphendula unina...tyhooo asoz' uyibone loo nto ngaba soz' ube namfazi ngoba loo nto bayithethayo inzima kuba thina sisawakha lo mzi sisawuqweba bafun' ukuba ungabi nanto ngoba kaloku umthombo ufuna iibhokhwe ufun' iibhokhwe zibe ntathu ufuna inkomo into yesine uz' uphinde ngonje kufunek' int' 'oba uphind' ufunguz' impahl' eninji intombi nxa igodukayo...ucing' ub' ezo 'nto uza kuzithatha phi...ingabo nje ase belungile...kwakhona loo nt' ayithethayo uyihlo ufuna okokuba kanjaqo uphinde wena ngoku wakugqiba loo mthombo wenze uduli...iinkomo zimbini eludulini kukho inyakanyaka yemal' enintshi iimal' ekuthiwa ngezamankazana[626] nezeendevu nezantoni nezantoni kwa mpahla yoduli inintshi ingangokuba uchithe inkomo uyabona ke ekh' aph' iinkomo zisentathu aziwulingananga loo mthwalo uwuxelelwayo nguyihlo ziza kuwuqwela wonke zithi ke zakuqweleka ezi nkomo zonke uphinde wena usebenzele amatyala amanintshi aza kuthi uwenze ngaphezulu kokuba kwanele lo msebenzi uwuxelelwayo...andiyingenanga konke loo nto mntan' 'am akukho mfazi wakh' wazalel' omny' umfazi...ungayithetha nje loo nto yakho...uthi ke umfana kungokuba ke mama ndifanelwe kukuthini na ke kuba ke mna ndiyivumile loo nto ngoko ib' ithethwa ngutata...ndifanelwe kukuthini na ke uze ndibe ndiyahlukana naloo nto...hayi into yakho inye yis'ke uhambe uzimele okokuba akuzimeli thul' uthi tu ungakh' uling' uphendule nokuba 'se besithini ungatheth' uthul' uthi tu...baza kuyibon' into amabayenze...wathi ke unyana hayi ke ndiyeva mama...yaye ke phaya endlini enkulu kulungiselelwa into kakuba makuxelwe ukuba kuzokungeniswa intonjane ngokuhlwa kuba indoda le ib' ise igqibile ukuthetha nonyana wayo bavumelana...ngoku ke yona ayiwazi la amagama...babiziwe k' abantu beza abafazi...kwathi ukutshona kwelanga kwenziwa uNongabe ingoma ethi kugqunywe ke umntu lowo uza kuthonjiswa intombazana...yathonjiswa ke intombazana yenzelwa isigcobo njalo ngengca esibekwe egumbini yajikeliswa ngaphaya yafunelwa enye intwazana yoba ibe likhankatha...kuthe kwakuba kusile wajonga uyise wentombi okokuba unyana uza kwenza ntoni na ngomsebenzi a'be bewugqibile ukuwuthetha ngoko ke akabanga 'kho unyana akavukanga ekunene eze kulo mzi mkhulu uvuke phay' ekunene wahamba wahiliza okokuba azang' abonwa nguyise az' ab' angafunwa angaziwe apho akhona...litshonile elo langa kusenziwa loo dulubhentse kukhangelwa lo nyana uba uphi na akabonwa...kwab' angabuzwa nakunina okokuba eb' ethe lo mfana uya phi na athi hayi 'khang' athethe akandixelelanga andimazi noba uye phi na...ngonje ke labonakala ligqitha ixesha lokuxhela ibhokhwe egama lokokuba ngumngena-ndlini nxa intomb' ithombile...kuba umfana akabonakali...kuthe kuloo nto yoba kunjalo engabonakali lo mfana...kwabonakal' okokuba lo mngena-ndlini mawuyekwe ukuze kuthi ngomso kusile kudityanwe nomfana achaze eyona nto akuyo andazi nokokuba lo mfana ngaba uyokufuna ibhokhwe eya kuthi ibe nkulu na ngoba phaya kowabo ikhona ibhokhwe kanti nalapha ibhokhwe ikhona e'b' emele kuthi mandimboleke aqhube umcimbi wakhe...athe amadoda akutsho uyise womfana athi kanti ke khawumncine lo mfana apha kunina kungenzeka okokuba le nto yenziwa ngunina...kutheni ukuze athi into eyazi angabi 'kho litshone ilanga engathethanga ubiziwe ke umfazi wasekunene ngamadoda abuza kuye uba wazi ntoni na wena ngalo mfana...ongaba ungayazi...wathi umfazi enjengantoni na...kwathiwa enjengokuba mhlayimbi unendaw' e'b' ekhe wathetha yona kuwe okunye ke unendawo aqhele kuhamba kuyo ngolu hlobo...uthe unina womfana hayi andazi nto...akhang' athethe nto ndibone nje mn' uba ephuma 'be ndisithi mna 'fan' uba ulapha...andimazanga okokuba akakho apha...kubizwe umntana intombazana e'se ibuqabuka yakokwabo engudadebomfana unina lo 's' emkile yen' aph' emadodeni...iphaya kweziny' intombi yona kwaNtonjane...wafika apha umntana wath' akufika athi amadoda kuye...ntombazana intombazana yasabela uz' uthethe ke wena oya kuthi uyazi into ub' ungekho phaya kowenu ngokuya umfana eb' echazela umama wakho ukuba apha kuza kuthonjiswa intonjane...wath' umntana 'be ndikhona...hambisa ke mntan' 'am eb' esithini wathi umntana ubhuti eb' exelela umama esithi utata uthi kufike usisi...usisi ke uza kuthomba uyagula ath' akugqib' ukuthomba asiw' uduli...wathi ke u--- ubhuti kumama uthi utata wonke lo msebenzi ngowam kuba mna ndingunyana omkhulu owafakwa kulaa ndlu kuba umam' omkhulu engenamntana uyinkwenkwe...utheni ke ntomb' 'am unyoko yena ukuphendula...wathi umntana umama yen' usuke wathi wooo loo nto ingako ungayithwala ungathi ngoku thina siqwebayo singekabi namzi kuthiwe thatha into engako kwezi nkomo zintathu zontathu ezi nkomo zaya kuthathwa ngulo mcimbi kanti e--- endaweni yokuba mawube uwufezile usaza kutshona ngemfuqu-mfuqu yempahla yoduli engako oozimali zamankazana zonke i--- imfumba yemali loo nto iya kukwenzela amatyala ungasoze wasebenza nto uya kuba nomfazi nini na ke wena...uthe ke yena ubhuti ke ndimelwe kuthini na ke mama kuloo nto...uthe yen' umama ufanelwe kus' uzimele us' ungabi 'kho...bayibon' int' abangayenzayo...athe ke amadoda hamba mntan' 'am ugqibile 'be sitshilo kakade sathi kungenzeka okokuba le nto injenjenje ee--- iya kuba semfazini...aniva ke madoda atsho ke amadod' ukuthi iyevakala...kwathiwa ke makufane ke kodwa 'khe kuhanjwe namhlanje 'ze kubuywe kusasa ukwenzela ntoni...wena Sokhaya ukh' udibane nonyana wakho ngokuhlwa nje nge--- ngomcimbi lo wakusasa uze sifike kusasa 'se nigqibile nina ukuthetha amalungiselelo 'se niwamisile ngendlela yawo...uvumile ke uyise womfana kwachithakalwa kwemkiwa...kuthe ke ngok' ukutshona kwelanga zatsholoza iintonjane...kwala ngokuhlwa wafika umfana wath' akufik' umfana kwaNtonjane wabulisa wathetha wangena nasemkhosaneni wancokola nentonjane...weva uyise okokuba ukhona umfana kwaNtonjane wambiza waya wabuza kuye nxa embizele endlini okokuba kutheni mntan' 'am ukuze ungabi 'kho le ntsasa yonke litshone ilanga ungakho imicimbi e'b' iza kwenziwa namhlanje ingenziwa...wathi unyana hayi 'be nditsibe indawo injalo nje ke noko tata le nto yase yaphum' engqondweni mna 'be ndiba noko iyinto yangomso andiqondanga kakuhle ukuba yeyanamhlanje...uthe ke uyise uyabona ke ingeyanamhlanje[627] ke le nto kuba ke ikusasa uyimoshile kwa izolo...ngomso ke kufuneka ungayi ndawo uvuke ube lapha kusasa...umkile ke umfana beyigqibile loo ntetho noyise njalo wahamba waya kuhlala kowabo...kulelwe kwakusasa baphinda bafik' abantu kwa ngolaa hlobo lelaa dinga...bafika apha batsholoza abafazi...akabi 'kho umfana...kwathiwa makuyiwe kuye impahla iza kuphuma ebuhlanti kwayiwe ekunene kwafikwa engekho kwabuzwa kunina okokuba ukumshiye phi na lo mfana wathi unina hayi mna 'be ndimshiy' ekhaya...'be ndingakhange ndimazi ke uba akuzi kuza apha nangoku mna ndithi 'fan' ub' usekhaya...kwahlalwa ke awu imele kuthini le nto...hayi isukile indoda yesuka yathi makubanjwe ibhokhwe yabanjwa ibhokhwe...kwenziwa umngena-ndlu lowo wentonjane kwaxhelwa kwatyiwa loo nyama yomngena-ndlini...wafika umfana ukutshona kwelanga 'se kuchithakelwe kwabiya[628] kwemkiwa...uphindile wamva uyise ukuba ufikile wabiye[629] wambiza wabuza le nto...wathi umfana 'be ndokufuna ibhokhwe e--- kumzi endandibone kuwo ibhokhwe eyayinkulu...ngoko ke ndafika abantu bengekho ndaze ndahamba...uthe uyise kwek'! mntan' 'am ndiyabona ukuba akuyi kuba 'kho nto uya kuyenza noko kulo mcimbi uyandikrokrisa...ke ngoku kuyatshatwa kusuku lwesibhozo...kufuneka ke inkomo yokuxhelela intonjane...ungabi khona uthi usaya kuyifuna inkomo...uthe unyana andinayo inkomo yokutshatela mna...ezakuthi iinkomo zincinci zingabadlezane...uthe uyise umlomo lowo wakho uthini na kwabanenkomo kuba nephi na ngeyakho[630] nxa uyithatha ngendlel' oyithatha ngayo...uthe unyana hayi andinakuthatha nkomo ngatyala...andifuni kuzenzela tyala nxa ndinganay' andinayo...usukile ke uyise kusuku lwesibhozo wawaxelela amadoda into enje ethethwa ngunyana wakhe ekubeni unyana wakhe engawenzanga umngena-ndlini nikho kwanina madoda kanti ke loo nto imele ize ibe iyaziwa nini kuba niyamazi lo mntana indlela endambeka ngayo ekh' apha phakathi kwenu madoda...ke indlela aqhuba ngayo ifanelwe kukuba ndiphinde ndiyibeke kwaphakathi kwenu madoda...evile k' amadoda kwanjalo esithi ukuphendula hayi 'fan' ukuba noko ingqondo le ayikazali isebuntwanara uza kubiye[631] ayiqonde loo nto tshatela umntana wakho...iyithathile ke inkomo indoda leyo yatshatela intonjane kwaba ke kutshatiwe ke kwaNtonjane kwagqitywa kuthe kwakuba kugqityiwe kusuku lweshumi elinambini yaphuma intonjane yathi ke yakuphuma intonjane kwatshiswa inxopho into e'be yandlelwe kwaNtonjane...ngonje yakuba yanje njalo kwabonakal' okokuba kufuneka ukuze igoduke igoduke ngalo uduli ukuze kuphele ezaa ntlungu ib' ikhathazwa zizo mayise igqitywa...yahlala ke loo nto ke waphinda uyise womfana wambiza umfana...hee mfana ngoku ke udadewenu uphumile...ephumile ke kufuneka ke ngoku kulungiselelwe uduli azokugoduka kuba nxa na anokuthi anqumle phakathi eb' esethombile iya kuba nde loo nto kufuneka sese 'se igqitywa...oo ndiyeva tata...e--- uduli ke mfo wam kufuneka unyoko a--- enze impahla yemizi amakhuko neengubo neentluzo nezithebe ukuze ke wena uthathe impahla yesambatho yonke iphelele kwakunye nezikotile zokutyela ziphelele njengempahla yoduli ukuze ke ube nayo imal' engathi ibe lishumi leemponti ukwenzela okokuba igqibe imicimbi yemali ezibizwayo eludulini...ngoba kaloku eyamankazana izimele izezo ponti zintathu ke kufuneka loo nto ke uyiqingqe ke msinyane kuba le ntombi iyaphuthunywa emzini wayo...wavuma umfana amagama onke athethwa nguyise...walungisa ke unina...impahla elunge naye yonke yemizi eyicoselela eyicwangcisa ngokuyibeka ukuba mayide yanele iyokufika endaweni yayo...wayigqiba unina impahla yonke eyesifazi kwashiyeka eyesidoda...ngonje watsho ukuthi unina omkhulu hee 'se kaBani iphelele impahla yoduli ngakucala lam mna mfazi...kushiyeke ke ngoku ke eyecala lenu nina madoda...kanti ke lo mntana uyaphuthunywa emzini wakhe...ke andiyazi ke eyenu uba impahla ifunwe yona 'se igqityiwe eyam iyenziwa ngezandla kade...ngoku ke ndide ndayigqiba leyam ndingekaboni nanye into ebonakalayo kwe zifanele ukufunwa ngamadoda...ithe ke indoda ewe ndiyeva...nasi isimanga lo mfana andiva nt' ayithethayo ndingaboni nto ndisakukhe ndimbize ndibuze...ndaye ke ndifuna andicacisele...umbizile ke umfana lowo watsho wathi ukumbiza kwakhe wambizela amadoda ambalwa wathi khanindibuzele kulo mfana okokuba ukuyiphi na indima kanye kanye eyona nto aqhubela kuyo yeyiphi na ma'khe akh' ayicacise...kubuziwe ke emfaneni...mfana utsho uyihlo uthi ukuyiphi na indima...khawumcacisele kuba sasilapha ngenye imini sasilapha ngako okokuba kwenzelwe umngena-ndlini intonjane...saba ntsuku-mbini uyihlo ufanana nawe...'zange kanene loo nto ud' uyenze sibe lapha ngomhla womtshato...uyihlo ufunene nawe 'zange ubekho kwa ukuba 'kho uyihlo usuke wathi wena nxa ukhoyo ebuza wath' akunankomo...uphindile wath' akunakwenza tyala uboleke nkomo...uyihlo ke wayibamba inkomo...siyayazi ke loo mcimbi...andazi noba wena mfana uyaqonda na okokuba ezi 'nto ziyaziwa...umfana ke usuke waphendula ngelithi...okokuba uyandiboleka imali ndinose ke ndiyenze loo nto...int' ekhoyo ke mna 'be ndingacinganga kuboleka kuba andiyazi into yokuboleka ndakugqib' okokuba ndisaqweba 'ze ndibe ndiphinde ndidibanis' ukuboleka kunye nokuqweba...uthe ke uyise qiniseka! qiniseka ngenyaniso okokub' uyaboleka uyaboleka boleka...ube uya kundibuyisela kuba lo msebenzi 'be sisithi ngowakho ezandleni...uthe ke umfana ndiyaboleka...wathi uyise uya kuyikhupha nini na...uthe umfana itoro yokuqala okokuba ndikhwele ndaya kusebenza ndakuyikhupha yonke loo mali...watsho ke uyise waba ke uyamnika imali engangokuba makagqibe wonke loo msebenzi...wayithatha ke umfana imali engako...waye ke esiya ke ekufuneni impahla wayifuna ke yonke ke impahla yoduli wayigqiba...yashiyeka imali engangemali afanelwe kukuyiphatha yoduli yaphelela...kuhanjiwe ke ngosuku lalo uduli ngabantu boduli baya kwendisa ke intombi leyo ngokupheleleyo...esithi ke uyise uyaziboleka na ezi nkomo zimbini ziza kuqhutywa yintombi inkomo yempothulo kwakunye nenkomo yobulunga...uthe umfana ewe ndiyaziboleka kodwa ke zona ndizibolekela igem'[632] yesibini eyokuqala igem' yeyempahla eyesibini yeyezo nkomo...unikiwe ke esitsho phakathi kwamadoda lwahamba k' uduli...luqhubile lona ngendlela.yalo nxa lulonke yalotyolwa ke intombi ngeenkomo ezisibhozo...zaba ziyabuya ke zona ziza ekhayeni...zakuba zifikile ekhayeni 'se kubuywa eludulini ngoku umfana uthi maziyokungena kokwabo kuba ngezakokwabo[633] ...kuthiwa ke kuye umfana kokwenu kuphi na...uthi ke yena apho ndihlala khona...kuthiwa ke ngamadoda apho uhlala khona kaloku kwakungatshiwongo na ukuthiwa ungomkhulu kuba kwelaa cala likhulu akukho mntu umntu nguwe ngoko ke kutheni ukuze ufune ukuba zize ekunene kuba wena akungowasekunene ungowendl' enkulu uthi ke umfana ndifuna zihlale apho ziza kuba semehlweni okuqhwesha uze ndikwazi ukuzalusa...amphikisile ke amadoda ngegama elithi iinkomo zonke zaluswa nguwe mfana ke naxa zilapha zikhutshwa nguwe 'phinde zizokungeniswa nguwe...ayinakwenzeka loo nto uyekile ke umfana zangena kokwab' okukhulu iinkomo zahlala...ukhwele ke umfana ngelinye ixesha uthe akub' ekhwele kwafuneka kuthombe enye intombi encinci eyalekela le agqiba ukuyendisa...uthe akuxalelwa ngayo leyo wathi makaqhube uyise uya kumbhatala konke oko aza kukwenza kwenziwa nguye...waqhuba ke uyise kuba ukuthetha nomntu okude 'se uxakwe apha kuyalibazisa...uqhube waqhuba ke uyise wagqiba konke wabuya ke umfana...akuba ebuyile ke umfana kuphindile yaba yiyo encinci 'se ifuna futhi ukwenziwa izinto iqaliselwa yona kwisithuba soba mayibingelelwe ukubingelelwa ke kona kwahlukile aph' ekuthombiseni...kuyinto ekuthiwa umntana uyenziwa...kuthiwe kwenziw' umntan' uyabingelelwa axhelelwe ekhaya ngenkomo...uthe ngoko ke umfana lowo nxa kubhekiswa kuye loo nto...wathi ilingene utata into yokubingelela kuba mna ndifuna ukwenza ezi zibanzi...uyise ke uphendule ngelithi imigama emibini endithe kuntombi yokuqala wathi yonke imbuyiselo yam iya kuba kul' igem' 'khange kube 'kho nesipeliti asibuyisayo ke...loo nto ke ndiyibika kuni ke madoda kuba nangoko yayisihla kuni ke madoda...amadoda ke ayazile kanjalo naleyo igem' kuba zinto ezazisihla ekho kubizwa wona...usukile ke uyise wakhe wabiza usuku lokokuba makuze kubingelelwa umntana wakhe...lufikile ke olo suku lathi lakufik' olo suku akhw' amadoda wabingelelwa ke umntana lowo wakhe intombi encinci ngenkomo yatyiwa ke inkomo leyo...yaphinda yagqitha loo nto ithe yakugqitha loo nto wakhwela umfana waya emsebenzini...esemsebenzini njalo wagula uyise wafa...kwashiyeka oonina bakhe...ubuyile ke ngoku emsebenzini oonina aba ke bathathu ngulo nina wakhe wasekunene ngulo nina wakhe waseqadini phay' endlini ngulo nina wakhe mkhulu lo kwakuthiwa ungunyana wakhe kwashiyeka bona ngoku bodwa...ke lo waseqadini unomntana oyinkwenkwe yena athe wazibula ngaye...lo mkhulu unina akanamntan' uyinkwenkwe ziintombi zodwa...kwenziwa inkwenkwe yakhe ngaye ke ngoku lo mfana...ngoko ke lo mfana akuba ke ebuyile ubuya ke abuyele kowabo kwakhe ekunene evela emsebenzini...kufunwa ke ngamadoda okokuba kungani na okokuba abuyele phaya 'ze kanti ke uyise apha ufika yena wabhubhayo angabuyeli apha kungekho ndoda kuba yena phaya unaye umninawa wakhe inkwenkwe nge ebuyele apha kuba kakade kwakuthiwe ungomkhulu...wayidukisa ke umfana into enjalo kwa ngolaa hlobo zonke izinto eb' ezidukisa...kuhambeke kwahambeka kwahambeka ke kuhleliwe ke ngonje umfana wafuna ukuthatha ezaa nkomo eziya nkomo zodadewabo omkhulu wafuna ukuzithatha ukuba ziye ekunene...kuthe xa kunjalo ke eziqhuba iinkomo ezo wema ngaphambili ukhehlekazi unina omkhulu wathi unotshe okokuba ungaziqhuba ezi nkomo kanti ilungelo lazo 'khang' uliqhube...usuke uqhube iinkomo...ngoko ke umfana lowo wenze unomji wokokuba axakane nonina omkhulu enyokotheka ukuba iinkomo ngezakhe[634] kwakuthiwe nguye indlalifa...usukile ke umfaz' omkhulu waya kumangala...waya kumangalela into eyenziwa ngunyana wakhe...nxa kunjalo ke kuhlanganiswe amadoda elali nezibonda okokuba ma kuthethwe into yaloo nto...kuthiwe qhuba mfazi wathi umfazi ukuthetha ndimangele umangalele ntoni...ndimangalele lo nyana wam kuba lo nyana wam uthatha iinkomo zam uzisa kumzi endibonayo okokuba awuyi kundisebenzela nto kuba yena akayenzanga yonke into ekwakufuneka eyenzile...int' eyintoni atsho amadoda...ungakhathazeki mfazi uqhube e--- ungathi sikubuza indontsela sikubuza kaloku okokuba ucace into othetha yona...wathi umfazi kaloku nxa ndandizele ndazala abantwana abangamantombazana...andaze ndibe naye umntana oyinkwenkwe...nxa ize indoda yam ifune ukuba ibe nomfazi wesibini yayindifuniswa kukuba isithi yenza ihlumelo ukuba sakuphelelwa[635] ngamandla thina yaye ke mna andimphumanga umntana oyinkwenkwe...hlezane lo mfazi amfumane umntan' oyinkwenkwe uze loo mntana ke abe ngumntana wokugcin' abantwana bam abanyange abathini...ziqalisile ke izinto zokuba makabanyange akakhang' enze nanye into kwezo 'nto...namhlanje uyise ufile...ufe engakhange ambuyisele neendleko ezazisithi nxa 'be kuqokelelwe amadoda...kuthi akoyiswa ngumthetho as' athi ke lo mntana ndinikeni ke loo mali ndakuyibuyisa azange ayibuyise...nanamhlanje oku isekho into efun' ukwenziwa akayingenanga...ngoku uyafika yena ufika ngoku afike ngokuqhuba iinkomo eziqhubela kulaa ndawo kwakusithiwa yena akango wayo ungowam uyazithatha nje uzihlutha kum ke njalo uzisa apho zingento khona...ndithetha kuthi ke ndiyathetha ngeso sithuba ndimangele...kwathiwa ke oo mfana uyawev' amagama utsho ke unyoko...e--- khawutsh' okwakh' ukwazi...wathi umfana ewe ndandithe mna makandiboleke utata ndiza kusebenzela yena...int' ekunayo ke imal' andayifumana ndaza ndabuya ke ndingayifumananga...ke ndibe ndiphindile ndathi makandinike ndiya kumnika okwesibini...ngoku ke andinakuthethiswa loo nto kanti kwakugqityiwe okokuba mna ndingunyana wakhe ngaba ndingunyana wakhe ngayiphin' indlela nxa kungena kuba 'kho nkomo zi--- zi--- zinqandwa ndim ndizise ekhaya...uthi othethayo emva koko uyeva na mfana ukuba wena ungunyana walo mfaz' ukumangaleleyo na...ewe ndiyeva...uyeva na mfana okokuba zonke izinto owawubalulelwe ukuba uzenze nje ngamntana wakokwabo akwenzanga nanye...ewe ndiyeva ndandenzile kuba ndandibolekile yend' intombi...waboleka waza wambhatala na ke uyihlo lowo hayi...ngoku ke uyambhatala na hayi andimbhatali ndiyalusa kanti ke akwalusi na nxa zilapha...hayi...ithe enye indoda hayi yiyekeni le nto yibani kumagama azinyaniso khanibuze akukho--- akukho mntu waziyo na ngemini yokuqala...kubuziwe ke owazi ngemini yokuqala...uthe ke owaziyo ngemini yokuqala...wachaza kwa i--- imeko enje ngaleyo yayiyiyo okuya kwakuthethwa ngenyaniso iintsuku zonke zokubuzwa komfana nezokubizwa kwakhe kwaNtonjane ebuzwa ilungelo lakhe ukungalisebenzi kwakhe...awayaze lo mfana angabi nantetho isisiqiniseko santo...lilonke thina madoda sifuna le nto 'khe siyibhekise ku--- kuyise omncinci uyisekazi womfana lo akhe naye a--- aphendule...kwabhekiswa ke kuyise womfana e--- utsho ke bawokazi e--- umfana wakho...wena ke unalo na elakho...uthe u--- umninawa kayise womfana mna ndifuna liphume kulo mfazi ngokuba lo mfana usoyisile usoyise uyise ekho noyise njengokuba engekho akanabhongo lalo mfana umke engenanto ancanyiswa yiyo entliziyweni eyenziwa ngulo mfana...akuncedi nto ukufane sibe sibophelela masibhekise kwa kunina wakhe okokuba yena ujonge okokuba nxa eqhiwula ngelikakuthini na...kumiwe ke apho kwabhekiswa ke kunina lowo mkhulu kwathiwa ke ngawutsho[636] nkosikazi kungoko ke sisecalu kokulamla idabi lenu kungoba ke wena ke u--- utheth' okokuba ubon' uba makuthiweni na...uthe umfazi ukuphendula nali elam endilibonayo le nto iyinkulu...le nto kuthiwa ngumntu oyinkulu oyindlalifa ekuthiwa nguyena mnikazi-zinto kuxelwa imikhwa yakhe nezenzo enze izinto zokunceda abantu aba nguye umntu ekubalekelwa kuye abe nguye umntu ekumangalwa kuye abe nguye umntu oxolisa abalilayo ondle enze zonke izinto ezifunekayo...baze ke abantu ke aba abangabakhe bahlale kakuhle bethembe yena...nxa ke singamthembanga lo mfana siqalise ukungamthembi kusekho uyise ngaba ke ngoku usaya kusenzela ntoni na esoyika bani na eb' engakhang' oyike kwa okuya nje wayefanel' uba makoyike akoyika esenza izint' ezimbi ekho umnt' e'b' efanele ukumoyika...mna okuko kwam ndibona le nto ningayiboniyo nina madoda ndibona okokuba niyathenga nina nitheng' uNdolalaphi...andithengi nto ke mna ngakungabi nankwenkwe ndithenga ethenga mna ndifuna ke mna ngoku kwenziwe le nto...laa mntana uphaya endlini laa mtshakazi thembisani ngaye lowa uliqadi kuba yena uyizele inkwenkwe...esaza kuyizala ke kuba noko usemasu mathathu...nangoku u--- uzele inkwenkwe yalekel' intombi abantwana bakhe bathathu...ndakumfumana apho ukuba ukho...ukuba andimfumananga nakuye ndakuba ke ndiseshweni...kodwa ke mna ndithi kubhetele yena kuba kade yen' akalocala kwakutshiwo kakade kwathiwa ukunene kulicala kuzicacisile ke kuba bona ukunene obu bakukhula ngam bangandenzeli nto lagwetywa ke ngolo hlobo kwathiwa hayi bo unyanisile lo mfazi 'se icacile le nto ukuba iya kuba njalo ithe ke ukugwetywa kwayo kwathiwa ke wena njengoko ke nkosikazi 'se enokungaka akwenzileyo esithi uyaboleka uza kubuyisa uthini na ngako...uthe umfazi andikhathali[637] ...andikhathali nokokuba kungaka nani na oko angakubuyisanga...'be kusenziwa nguyise womntana kuba 'be kungekho yakhe kade kwa oko andisafuni nto ibuyiswayo akanto nam ungowasekunene...kuvunyiwe kwathiwa unyanisile umfazi kwangqinelwana ngamadoda onke akuloo nkundla kwade kwanqina nomninawa lowo ke womfazi ubhuti wakhe uyis' omncinci womfana wathi hayi lo mfazi le nto ucane ucwethe ngayo uyibonile kakuhle akukho mntu unokugqitha kuloo nto...waze ke wathi ke umfana lowo waxelelwa okokuba namhlanje ke ukukunene ukunene kuzimele...akusoze wachukumisa nto kule ndlu inkulu ngaphandle kokuba mawube uyinikelwe ngaphandle kokuba mawube uthunywa ngabo...konke qha unguye u--- ukunene icala oya kuza ngecala kanti ke loo nto yenziwe nguwe kuba niphuma kusisu esinye sendod' enye 'be nimele uze nibe ningabumbana kodwa ubabonise okokuba wena usisigebenga...loo nto ke akufunekanga ke uyenzile into apha ungegqithanga kubo...bonwaba ke ngolo hlobo wazonwabela naye kucala lakokwabo...babe ke ngoku isithub' esi senza okokuba noonina aba bangevisisani kakuhle...kuba ubiye[638] wayiva lo unina uba le nto ihlokohlwe ngulaa mkandoda wakhe wasekunene kulo nyana wakhe okokuba angenzi nto kweli cala likhulu...bahleli ke baziqwebela kodwa ke baphantsi bona baphakama bona kule ndlu inkulu zaye zifudumala iimpahla kodwa ke yena umfana lo akakhange abe namsebenzi mhle ubukwayo nangabantu nowandayo akuwusebenza zahlala zase zathi endaweni yokuba zibe ziyanda zas'ke zaya ziphela...sisiqingatha say' k' eso.


Notes

[602] andizukuhlala: andizikuhlala.

[603] A brief pause.

[604] 'ba: kuba.

[605] ungophendulene: ungeuphendulene.

[606] sobantwana: seubantwana.

[607] songuye: seunguye.

[608] sowathethile: seuwathethile.

[609] 's': musa.

[610] 's': musa.

[611] int''okuba: intoyokokuba.

[612] afun'int''ob'umntan''akh': afuneintoyokokubaumntanawakhe.

[613] sakubona: siyakubona.

[614] 'yabona: uyabona.

[615] A brief pause.

[616] enge: Hlubi usage. Xhosa: eye.

[617] sawuyigqibile: seuyigqibile.

[618] sekoyiokanyenesetyesi: ikoyi, from Afrikaans kooi, "corn crib or store"' [sic] ityesi, from Afrikaans kis, "chest."

[619] ese: esuka.

[620] wabiye: wabuya.

[621] nge: ze.

[622] ingeyakho: iyeyakho.

[623] A brief pause.

[624] engeyakhe: eyeyakhe.

[625] A brief pause.

[626] ngezamankazana: yezamankazana.

[627] ingeyanamhlanje: iyeyanamhlanje.

[628] kwabiya: kwabuya.

[629] wabiye: wabuya.

[630] ngeyakho: yeyakho.

[631] kubiye: kubuya.

[632] igem': from English "game"; in Xhosa usage, it means "to take turns, as in a game."

[633] ngezakokwabo: zezakokwabo.

[634] ngezakhe: zezakhe.

[635] sakuphelelwa: siyakuphelelwa.

[636] ngawutsho: khawutsho.

[637] A brief pause.

[638] ubiye: ubuye.

Previous Previous section

Next section Next




Go up to Top of Page