University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
South African Voices

South African Voices: Created in Olden Times (2006)

Previous Previous section

Next section Next



 

South African artwork

THE JEALOUS CO-WIFE

RealAudio Listen to this section

Date:    August 3, 1972
Time:    2:30 p.m.
Place:    Outside, under a grove of lemon trees near Masithathu Zenani's home, in Mboxo (Nkanga) Location, Gatyana District, the Transkei
The Performance:    Related in Xhosa
Audience:    Three women, fifteen children and teenagers
Narrative 2S-23
Tape 2, side 2

A woman is jealous of her co-wife, and this senior wife repeatedly attempts to kill her junior, but is unsuccessful. In the end, the senior wife gives up.

Kwenzeke le nto ke esiqalisekweni sokokuba 'ze[590] laziwe ithang' uba into etyiwayo ngabantu bakudala...ibe ngumfazi e--- nendoda nomnye umfazi omncinci wabe lo mdala umfazi engamithi engazala...ngoku ke l' umncinci umfazi wamitha yena wazala abantwana bephila njalo...wazala abantwana bephila njalo...waqalisa ke ngoku lo umkhulu umfazi akathandwa yindoda...kuba yena akazali akamithi...wathandwa ke lo umncinci unabantwana banintshi uyazala yena...wacinga lo uba ndingathini na ukwahlukana nendoda yam ithande laa mfazi uze mna ndihlale ebunzimeni kakubi kub' andingazali...wabuza kobhululu bakhe aninayeza na ndingalifaka kulo ndibulale lo mfazi kuba lo mfazi lo ngonje amalungelo wam wonke anikwa yena kuba uyathandwa uyazala...nangoku ungumdlezan' uzele ke 'be ndifuna ngoku ke angahambiyo ndimnike elo yeza ngokw' ayedwa indoda ingekhoyo...hee ngonje ke ubhululu awu! ukhohlwe yiloo nto...ayinamsebenzi loo nto yintwan' encinci leyo...ewe ndiza kunika[591] mna iyeza...afe lo mfazi...ke ungandinika ewe ndingakunceda ndikunike...atsho lowo uthandana naye ke ngonje ke kufuneka ndikuxelele le nto...yiya pha' uyawabona la magaqa...nangaya phay' ehlathini...la magaq' alihlaza amany' amhlophe amanye abomvu amanye anjani...ewe uz' ukhe igaqa apho u--- ubu--- nob' ukhe kulo hlaza ukuze u--- u--- uwaxabele uwapheke...uz' umphakele atye uthi nxa umnikayo kukutya kokokuba makohlise ukuze kukhul' umntana...ohlisele umntana umdlezana uba naye makahlal' ehluth'...uyenzile lo mfazi loo nto waya kukha elo thanga elinikwa ngulowo wafika walipheka...waphekela lo mfazi...wamphakel' apha wabuz' omnye yintoni na le...kukuty' oku kukutya kwabadlezana ndifun' uba u--- umntana ohlis' amabele umntan' ahluthe...azokukhula[592] ...o! o! waku--- kwabila apha oku kutya kwavuthwa wakuphaka...wanika lo mdlezana akakutya yena kuba woyika ukufa wanika lo mdlezana waty' umdlezana...wath' umdlezana akutya wafika le nt' imandi iswiti[593] watya wahlutha umdlezana isisu sangaka wahlala...wathi umdlezana lo athi k' eman' ukuthi lo ungabanik' abantwan' aba yitya wena lo mdlezana...ath' akumka lo mfazi lo mdlezan' athath' anik' abantwana bakhe batye batye batye baty' abantwana...athi hayi ndikutye ndedwa ndakugqiba wahlala...kwasa kwasengafanga...waphinda wawukh'[594] elinye...uba kuba eli yez' alikalungi...waphinda wamphekela...uba makafe walenza waliphek' waliphek' waliphek' wamququzelela wamkhuthalela uba konke a--- wamphekel' wazixhesha ngomphekela...wamphakela...was'ke umdlezana was'ke watyeba umdlezana...was'ke' watyeb' umdlezana wasik' wayint' engak' was'k' wakrelekrel' wasik' wamkhulu...heeee! waya kwa kubhululu wakhe...hee wethu!...itheni le nto lo mdlezan' angasafiyo...ngokuba kudala ndiliphel' eli yeza uyalitya lo mdlezan' eli yeza...akakhathali ngonj' uth' ehleli ab' elifuna...hayi ukh' elinjani na wena...ndikh' eli--- li--- lihlaza...khawukhe noba ngal' abomvu noba ngal' amhlophe...o! waququz' ukubhek' ehlathini...wafika ke ngoku wakha ithang' elimhlophe...wakha nelibomvu...wafika wamphekela ithanga walixabela wapheka...wanik' umdlezana lavuthw' waty' umdlezana...heee! wamunc'[595] umdlezana...watyeb' umdlezana as'k' aty' abil' athi nti as'k' abile ukufa watya umdlezana awu! itheni na le nto...mmh!...kwaziintsuku kwaziintsuku kwaziintsuku etyisa ke le nto ngonje lo mdlezana kumane kulahlwa phaya ke we--- i--- iintang' ezi zingaphakathi zilahlwe pha' nxa kuxatyelw' ithanga ziman' ukulahlwa...ngonje wawukh'[596] elinye...wakha ngoku...eziluhlaza ezi ntwana zomeleleyo ziluhlazana zomeleleyo zinamaqhakuva...waxabela...wapheka...waty' umdlezana...kwok'! kumand' ukutya ondiphekela kona ezweni...watyeba watyeba watyeba lo mdlezana was'ke wath' ehleli wabe ewakham' amabele kuba utyebile...wabonakala uba uza kukhohlwa kukusuka...mkhulu uty' ukutya okumandi okulungis' igazi lakhe...ngonje ke awu! le nto le ayilungi...ngoku kwathi kulaa ndawo kumane kulahlwa kuyo izinto waphuma amanye apho apha ekhayeni anaba...ath' akuphuma adubula abontyisa[597] amaxesha[598] lawo kwaphinda kwahlanz' amagaqa apha ekhaya...wabe ngoku 'se yekile lo...ukumphekela eli thanga...ebonil' uba akabasafa[599] ndawen' yokuba makafe uyamkhuluphalisa usuke wamkhuluphalisa...ngoku ke esuka lo mdlezana...wathi ngoku wakha kula aphumayo aph' ekhaya waziphekela ngok' waphakel' indod' 'akhe[600] yas'ke yatya nendoda yas'ke yatyeba nendoda kwabonakal' okokuba o! le nto le iyagcinwa le nto...umphakathi lo wayo uziintanga umele uze uzifakele nawe ungabisaya hlathini[601] ukhaph' ekhaya upheke mhlanikwezeni kwaziwa int' elithanga injalo isiphelo sayo kwakhona.


Notes

[590] 'ze: ukuze.

[591] ndizakunika: ndizakukunika.

[592] azokukhula: azekukhula.

[593] iswiti: from English "sweet."

[594] wawukh': wayakukha.

[595] wamunc': wabamuncu.

[596] wawukh': wayakukha.

[597] abontyisa: I am not certain of this word; it may be a variant of abonxisa, ukubonxisa, meaning to cause to become full and tense, to cause to swell as buds or veins.

[598] amaxesha: ngamaxesha.

[599] akabasafa: akayikubuyaabesafa.

[600] indod''akhe: indodayakhe.

[601] hlathini: absolute negation of this locative.

Previous Previous section

Next section Next




Go up to Top of Page