University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
South African Voices

South African Voices: Created in Olden Times (2006)

Previous Previous section

Next section Next



 

South African artwork

SIKHULUMA, VERSION TWO

RealAudio Listen to this section

Date:    August 3, 1972
Time:    Noon
Place:    Outside, under a grove of lemon trees near Masithathu Zenani's home, in Mboxo (Nkanga) Location, Gatyana District, the Transkei
The Performance:    Related in Xhosa
Audience:    Twelve children and teenagers
Narrative 2S-21
Tape 2, side 2

In the beginning, Sikhuluma does not speak. Later, when, on a trip with ten other boys, he is struggling with his brother, Sitshalotshalwana, he does speak. If the boys listen to Sikhuluma, they live; if they heed Sitshalotshalwana's advice, they die. In the end, all but Sikhuluma are dead. Now Sikhuluma is ready to move to manhood, but he refuses to do so until he has a cape fashioned of the skin of a fabulous water monster. His sister lures the monster to their home, where it is slaughtered, and Sikhuluma now has his cape. He then goes to the forbidden place of Mangangedolo, where he seeks a bride. Mangangedolo attempts to destroy Sikhuluma, but in the end he overcomes Mangangedolo and returns home with a bride.

Kwathi ke kaloku ngantsomi...umfazi nendoda...wazala umfazi lowo komkhulu apho kwaye kwaya--- kukomkhulu ngenene kusezinkosini...yazala ke inkosikazi umntana wokuqala...lo mntana ke wayinkwenkwe waze wakhula ke umntana...walile ke umntana lowo xa kubonakal' uba ungumntana...ofanele ukuba makabe uyafunda ukuthetha...akathetba lo mntana...akathetha lo mntana hee kwamana kusithiwa lo mntana uya kukwazi nje ukuthetha...hayi bo lo mntana wad' es'ke wahamba...akathethi...ngoko ke engathethi lo mntana kwabonakal' uba uya kud' alunyulwa...walunyulwa umntana[482] ...walunyulwa umntana ke akub' elunyulwe umntana lowo...waphinda wamitha unkosikazi. ..unkosikazi umithe wamitha wamitha wazala...waphinda wazala kwa umntana oyinkwenkwe...waye lo mntana engekathethi...lo mntana igama lakhe inguSikhuluma...ethiywe ngale nto yoba engakwazi ukuthetha...kwathiwa nguSikhuluma...ngoku ke lowo yena umntana wakhula...walile lo umntana nxa engumntananana wazifunda izinto zesintwana...wakwaz' ukuthi tata...wakwaz' ukuthi mama...lowa usathule nje uhleli ke lo mfazi nabo bantwana bakhe...uSikhulum' akathethi tu...waze ke ngonje uSitshalotshalwana lo...ungumninawa...wanguSitshalotshalwana...kuba yena ufunda ukuthetha wad' es'ke wathetha...wad' es'ke wahamba wathetha zonke izinto njengamntana...efunda ukuthetha wade wakugqiba ukuthetha uSitshalotshalwana...ngoku ke lafika ixesha lokuba uSitshalotshalwana naye ngoku makalunyulwe walunyulwa ke uSitshalotshalwana engekathethi njalo uSikhuluma...bakhulile k' aba bantwana bakhula bakhula bakhula bakhula bakhula waphinda wamitha ke unkosikazi...waphinda ke ngoku wazala...wazala ke ngonj' intombazana...nalowo ibe ngumntana wathetha...bakhulile k' abantwana bakhe benje njalo ukukhula...'d' es'ke ke ngonje bangamakhwenkwe...yafikisa le nkwenkwe inguSitshalotshalwana ngokukhula kule inguSikhuluma alingana...ibe ke njengoba kukomkhulu apha...nawo amakhwenkwe la anamaphakathi ngobukhosi...kuye kubuthwe ke apha ngamakhwenkwe njengoko kukomkhulu...kuthe ke ngenye imini...ehleli njalo amakhwenkwe[483] ...ehleli njalo amakhwenkwe apha e--- ebuthile...kwamane kugqitha iintaka...kwamane kugqitha iintaka...kwamane kugqitha iintaka...ezi ntaka zisithi thu kucal' elinye...ziyokutshona kucala elinye umkhondo wazo mnye zihamba ndawo-o-nye zivela ndawo-nye...yabe ke apha ecalu kwesibaya behleli nexhego elidala elinguninakhulu wabo...lithe ixhego eli lakubona le nto lathi oo! aya koko yayisesithi singamakhwenkwe kudal'...'e[484] siza kuhamba sithath' izagweba zethu...sihambe sibetha ezi ntaka yhu! ukwaluphala...wathi ke umnt' omdala...net[485] uba atsho...asuka amakhwenkwe athatha iintonga zawo ngegama likaSitshalotshalwana hayi masihambe madoda...azithatha k' izagweba ngazibini ngazithathu...enje njalo ke ukulandela emva kwezo ntaka...waye naye ehamba uSikhuluma engathethi kanjalo yena ehamba ethula...int' ekhoyo ke enazo ezakhe iintonga...egibisela naye echana kakhulu...ngoko k' ezo ntaka bahamba bezibetha...bezigibisela ziquthwa ngeengubo zide zibe nints'...lihambile ilanga behamba bewela behamba amazwe ngamazwe iintaka azipheli...zithi zakubashiya ezo zigqithileyo kuthi thu ezinye ngemva...ziphinda zizogqitha kubo 'phinde[486] bahambe nazo njalo...zibaqhubela phambili...bathe nxa bephiphiphi latshona ilanga...kwabonakala okokuba ma kuthezwe...kwathiwa iintwana mazitheze iinkuni...kubaswe kojiwe ezi ntaka kutyiwe...kubasiwe ke apho...kojiwa iintaka kwatyiwa kwalalwa...kuvukiwe kusasa kwavukwa iintaka ziseyilaa nto 'be ziyiyo izolo...zisathi thu kweli cala ziya kweli cala...ngoko ke bathabathe kwa umcimbi wayizolo...begibisela iintaka ezo...behamba nazo...ngoko ezi ntaka bayazichana uyaqutha oquthayo njalo njalo...olu hambo ke lalude[487] ...kuba bahamba bewela imilambo behamba benyuka besihla nezi ntaka...kwalile kanjaqo nxa kuphiphiphi...kwabonakala kanjaq' uba makubaswe...bahlale phantsi kojiwe ezi ntaka kwa lapha...kubasiwe ke kojiwa kwa ezi ntaka...kuthe kwakugqityw' ukutyiwa ezi ntaka 'se kuratyele kwabonakala umz' okhanyayo uthi khanyi khanyi khanyi...uthe uSitshalotshalwana...nanguy' umzi silel' endle nje masolala pha' ngumzi lowa ukhanya pha'...athe gubhu amakhwenkwe ukusuka...wathi uSikhuluma akubona okokuba amakhwenkwe ayahamba ngoku kuyiwa kulaa mzi ubonwa nguSitshalotshalwana...wathi

wena Sitshalotshalwana hom hom[488]
's'[489] ukuya kulaa mzi akuyiwa hom hom[490]
abantwana babantu baya kufa bonke hom hom...

athi amakhwenkwe tyoyiyo tyoyiyo tyityo tyityo tyityo yaze yatheth' inkosi tyhini bethu 'hle' nj' inkos' iyakwaz' ukuthetha...wath' uSitshalotshalwana suka inkosi yantoni wayekhe[491] wakwazi phi ukutheth' isidenge sifund' ukuthetha utheth' int' angayaziyo ngumzi e'b' ewazela phi lo masihambe[492] ...ee bahamba ke kulandelwa ke ngonje ke emva koSitshalotshalwana...nako ke kusiyiwa kulo mzi...baye bakufika[493] kulo mz' ukhanyayo...bathe bakufika kulo mzi bafika kungekho mntu...e--- kungekho mnt' apha nje le ndl' isindiwe le ndlu le...kuphakiwe apha kuphakwe iipleti[494] zilishumi linambini 'ze zomnqusho...wathi kwa oko uSitshalotshalwana tyhini aniboni ke uba 'be kuphakelwa thina khangel' izitya zilingana nath' ezi 'tya...ee zingathin' izitya...zibe lishum' enambini nathi singamakhwenkw' alishum' enambini...hayi bo masitye ewu batya ke...akatya ke yena uSikhuluma...wathi

wena Sitshalotshalwana ham hom
's' ukuty' oku kuty' akutyiwa hom hom
abantwana babantu baya kufa bonke hom hom

tyityo tyityo tyityo yatheth' inkosi atsh' athi xhwenene amakhwenkwe wath' uSitshalotshalwana sukani yityan' ukutya...'sidenge[495] singakwaz' ukuthetha wayekh'[496] wathetha phi akakwaz' kuthetha lo akayazi le nt' ayithethayo...ebephi[497] ...mm kwatyiwa ke...kwagqitywa ukutyiwa kwalalwa dwe...kwathi kwakulalwa pha' aron' amanye...wahlala uSikhuluma akalala yena...kulelwe nje uhleli...kwesuka kwavakala kwangena laa mfazi[498] ...kwesuka kwangena laa mfazi wathi lo mfazi tyhini ukuty' o'be kulapha kutyiwe ngubani...yho yho yho yho yho ndiya kuqala ngalo ndize ngalo ndize ngalo ndize ngalo ndize ngalo ndize ngalo wababala bonke ndigqibele ngale ntwan' imagqatyagqatyana uxela uSikhuluma...uSikhuluma ke yena uyeva uhleli int' enayo akathethi...watsho waphuma lo mfazi wath' akuphuma lo mfazi wasuka uSikhuluma wawavus' onke la makhwenkwe wathi kuwo onke wawadlakaza wawadlakaza avuka wathi

wena Sitshalotshalwana hom hom
ukh' wambona laa mfaz' e'b' elapha hom hom
abantwana babantu baya kufa bonke hom hom...

tyityo tyityo tyityo tyityo tyityo yaze yathetha inkosi...ee suka inkos' eyayiphi[499] ...isidenge esi sitheth' int' esingayaziyo suk' aph' akho[500] mfaz' 'e 'b' elapha...ee noko abudana[501] amanye kodwa ke le inkos' iyathetha le ayithethi...masihambe...besuka ke ngoku bavuka bahamba zaye iintaka ziseyilaa nto 'be ziyiyo...bahamba bahamba bahamba bahamba bahamba babona iindlela ezimbini...kwakho indlela encinci yaye ngoku bengasakwaz' ekhaya noba kungaphi kuba kaloku behamb' ubusuku neemini yaye bewela imilambo ngemilambo...iindawo abangazange bazibone...e'be behamba beruqwa yile nto yezi ntaka...bahamba wathi uSitshalotshalwana masihambe ngale ndlela nants' indlel' inkulu uyabona nants' indlela iyabonakala laa ndlela...awu le yeenyawo asinakuhamba ngendlel' engakaya...'funeka[502] sihambe ngale ibonakalayo indlela...waphind' uSitshal--- uSikhuluma...wathi

wena Sitshalotshalwana hom hom
's' ukuhamba kule ndlel' ayihanjwa hom hom
akuyiboni nalaa ndl' imhlophe hom hom
abantwana babantu baya kufa bonke hom hom...

tyityo tyityo tyityo tyityo yaze yathetha inkosi...ee suka watsh' uSitshalotshalwana suk' apha ayiyonkosi isidenge singazange sikwaz' ukuthetha 's'[503] ath' ukufunda kwakhe ukutheth' atheth' int' angayaziyo ngoku hambani masihambe...ke bahamba nanko ke behamba...bahamba bahamba bala uba bangen' endlelen' 'enqwelo[504] ...bal' uba bayithi--- banel' ukungena bonke yaf' eny' inkwenkwe geqe yanaba...bahamba bahamba bahamba bahamba bala baphinde bashiy' isithub' eside kuleyo geqe eny' inkwenkwe...bahamba bahamba waphinda xa sikud' isithuba geqe eny' inkwenkwe[505] ...bahamba bahamba kwaphinda xa bakusithub'[506] esikude yaphinde ye[507] geqe enye inkwenkwe...baphindile bahamba baye becutha ukuya kulaa ndlu...yaye ke ndlu ikulali enkulu int' ekunayo akubonakali mntu...tu...int' ekhoyo kubonakala le ndlu yodwa inomsana othi lwi phambi kwendlu...bahamba kwaphinda kwe[508] geqe enye inkwenkwe...bahambile njalo aya ekupheleni amakhwenkwe...ngoku ke nxa esekupheleni[509] ...iphindile ke yathi geqe enye inkwenkwe kuthe ke kwakubon' uba kunjalo e--- behamba njalo waqala ngoku uSitshalotshalwana wanyela kwabonakal' uba noko ngonje uyaqond' oba iinyani zikaSikhuluma ziyabonakala...kodwa akatheth' uSikhulum' uthule...bahamba...'se ebudana ngoku...bathe 'se bebobabin' aphelile ngonj' amakhwenkwe...bathe nxa bemalunga naloo ndlu...wathi uSitshalotshalwana ee ndinxaniwe mna ndakuya[510] kulaa ndlu ndiya kusela...wathetha uSikhuluma...

wena Sitshalotshalwana hom hom
's' ukuya kulaa ndl' akuyiwa hom hom
kukhw' inkwenkwe ende yomlungu hom hom
abantwana babantu bafile hom hom...

akwabikho nt' ithi tyityo tyityo ngok' wathi suka ndinxaniwe mna andizi kungayi ndinxaniwe mna 's'[511] ukundifundekela mna ndinxaniwe...wamyeka ke yena...wahamba ke waya kufika kulaa ndlu kwafika ke kulaa ndlu kukho umnt' oleleyo...wafika kukho umntu ophandle...wathi kul' uphandle ndiph' amanzi...wathi lo ngesandla hayi 's' ukuthetha kakhulu...kukh' umntu akukho mntu apha baphela abantu kukho int' eya kukuva ke ilele aph' endlini andinamsebenzi nayo mna ndifun' amanzi ndinxaniwe...dyulukudu wangena...yavuka laa nto yaphoseka kuye ngoko ke waba ungofileyo gangalala umile phaya uSikhuluma wabona uSikhulum' uba hayi iphelile igem'[512] wahamba uSikhuluma...wahamba yedwa ebuhlungu enjalo n--- kukubona into engaka...waze wahamba ke ephelelwe nangamandla okuhamba nangamendu elambile kwa kulamba oko kuba yena 'zang' atye nale mingqusho ihamb' ityiwa...ngoku ke uhambe wahamba wahamba uthe xa 'se kunzima ephelelwe engakwazi ukuhamba ngoku kunzima kuye enxanwe nokunxanwa oko wabona kusithi thu inja yakhe wayeyishiye[513] ekhaya...yathi yakuthi thu le nja yakhe imdaka yeza kuye yambungezela imjikajika itshikizisa umsila imkhotha imthini wafane wangathi uthi qabu kuba esothuka le nto yale nja...ethe nqa nokuthi nqa ukuba ngaba yona ivela phi na[514] ...uthe ke kuse njalo...wahlala uSikhuluma wahamba ngoku wajonga apha enjeni...yathi yakuhamb' inja wahamb' emva kwayo yangaphambili yona...wasekhangela enjeni...eqonda nokuqond' okokuba akazi yena ekhaya...uya kwazi ngale nja wahamb' apha ke emva kwayo ihambile ke inja yakhe...yad' es'ke yakuwela[515] kumlanjana athe uba uSikhuluma uyasimelela ngentonga le...wasimelela eludakeni ewela kwakho int' ethi apha eludakeni uyasihlaba Sikhuluma...wothuka waya kukhona ke ngok' aqabuka kakhulu...wahamba akathetha wahamba ke ihambile ke naye ke inja yakhe oko ke ethe nqo...emveni kwayo...yade ke yona yaya kufika kowabo...ithe yakufika kowabo wafika uSikhuluma wahlala phandle...akangena endlini...yabonwa yona inja le yabonwa ingena ib' iboniwe naxa ib' ingekho...ngoko ke mnt' uphumayo wabona nankuya uSikhuluma waya udadewabo...wathi yena ufuna kuze apha uyise ngoku ke uSikhuluma hee simanga uyathetha...ndiv' esithi makez' aph' utata waya uyise...uSikhuluma kuyise ndithi biza amadoda...ndichaze ihambo...wawabiza uyise amadoda lawo onke ooyise bamakhwenkwe...bakuba befikile ooyise bamakhwenkwe usukumile uSikhuluma...wathi okuya semka apha sahamba njalo kwantyontywa amakhwelo ke kusithiwa tyityo tyityo yaze yathetha inkosi kuba into yokuthetha kwakhe...iyothusa kakhulu kuba kaloku akathethi...wathi ke sahamba ke nalo mihlambi yeentaka...sihamba sizibetha...sizibethe ke ezo ntaka kakhulu ziquthwa ngamakhwenkwe iidyongo[516] ...sithe safika ndawo saze sanokokuba ngoku silal' ilanga litshonile...salala apho kutheziwe kwabaswa soja ezi ntaka salala sitye zona...sithe kwakusa kwasa zisengumthonga iintaka zisaqhuba ngolaa hlobo...sihambile sakahamba[517] kwa ngalo mbindi sibetha ezi ntaka ezi ntaka ke kugqitha ezinye...zisishiye sizibetha ezo kuphinde kuvele ezinye kwakulaa ndawo 'be zivela kuyo nezi kwa ngemva zibheka ngaphambili zonke...simke nathi ngolo hlobo sizibetha njalo...side ke sabe siyatshonelwa kanjaqo lilanga...saze saphinda sa--- sabasa soja ezi ntaka satya zona...apho sithe nxa sigqiba ukutya iintaka ezo...nxa siza kulala wathi uSitshalotshalwana...nango umzi ebona kukho umlilo othi khanyi khanyi ngaphambili...uthe uSitshalotshalwana nanguya umzi masokulala phaya singalali endle ngumzi laa nto...kuthiwe gubhu ngamakhwenkwe...uba kusiyiwa apho kuxelwayo nguSitshalotshalwana...ndithethe apho ke ukuqalisa ukuthetha ndathi mna makungayiwa kulaa mzi akuyiwa abantwana babantu baya kufa bonke...uSitshalotshalwana uthe ndisisidenge andizange ndithethe ndifunda ukuthetha ndithetha into endingayaziyo kwatsho ke kwahanjwa ngoko ke kuhanjwe ke kwakufikwa apho...kufikwe ke apho sangena sifike kundlu esindiweyo eluhlaza...safika kuzipleti eziphakwe umngqusho...ezi pleti zilishumi linambini zingangathi ngoko ke uthe uSitshalotshalwana tyhini aniboni siphakelwe apha ezi pleti zezethu ezi zingangathi masitye nang' umngqusho ndithethe apho ndathi nomnqusho mawungatyiwa abantwana babantu baya kufa bonke uSitshalotshalwana uthe ndisisibhanxa andikwazi kuthetha ndiyafunda ukutheth' andiyazi le nto ndiyithethayo wathi makutyiwe andityanga ke mna kwatyiwa...sithe salala apho andalala mna ndithe ndakuba ndingalalanga...kwangena umfazi wangena lo mfazi wathi tyhini tyhini tyhini tyhini ukutya kwam kutyiwe ngubani ngoobani aba balele apha ndakuqala[518] ngalo ndize ngalo ndize ngalo ndize ngalo ndize ngalo ndize ngalo ndize ngalo ndize ngalo ndize ngalo ndize ngalo ndigqibele ngale ntwan' imagqatyagqatyana watsho ebhekisa kum nxa etsho esalatha kum...ndabe ke mna ndihleli kulelwe...uthe ke umfazi wahamba waphuma ndivukile ndabavusa bonke ndaxela okokuba kukho umfaz' o'b' elapha animbonanga ke lo mfazi lowo aba bantwana babantu baya kufa bonke wathi uSitshalotshalwana ndithetha ububhanxa ndakhe ndakwazin' ukuthetha...ndifunda ukuthetha ndithethe int' endingayaziyo sisuke ke sahamba sakuba ke sihamba kusile...sihambe sahamba sahamba sahamba sahamba sabona iindlela ezimbini kwakho indlela yeenyawo kwakho indlela yenqwelo...ngoko ke kuloo ndlela ye--- yeenyawo neyenqwelo uthe uSitshaIotshalwana masihambe ngale yenqwelo indlel' enkulu ndiyithethile nalapho ndathi loo ndlela leyo ayihanjwa abantwana babantu bakufa[519] bonke akayiboni na laa ndl' imhlophe akukho mntu kule lali uthe uSitshalotshalwana ndithetha ububhanxa...int' ngazang' ithethe is'[520] ith' ukufunda kway' ukuthetha itheth' int' engayaziyo...sihambile ke ngaloo ndlela yakhe yenqwelo...ekubeni sihambe ngaloo ndlela sihambe sahamba sahamba[521] ...sihambe sahamba ke yafa enye inkwenkwe...eyokuqala siphindile nxa kukudana kancinci yafa eyesibini siphinde sahamba yafa eyesithathu...sahamba yafa eyesine sihambile yafa eyesihlanu sahamba yafa eyesithandathu sahamba yafa eyesixhenxe...sihambile yafa eyesibhozo sahamba yafa eyethoba...sahamba yafa eyeshumi kwashiyeka mna noSitshalotshalwana ke ngoku sahamba 'se singasathethi naye ngoku...'se engasathethi...sithe ke ngonje 'se sihamba ndimbon' uba 's' ebudana sifikile ngakule ndlu segqitha kancinci inomsana oqhumayo uthe uSitshalotshalwana yena unxaniwe...unxaniwe yena ngoku uza kufun'[522] amanz' pha' ndithe kuye makangayi phaya uya kufa abantwana babantu 'se befile ke kufuneka sigoduke thina...siyokubaxela emakhaya...uthe yena akazi kungayi apho yena unxaniwe akazi kufundekelwa ngaloo nto u--- andinamsebenzi naloo nto mna ndiya apho[523] ...ngoko ke sihambile ke wajika ke uSitshalotshalwa na waya apho ufike apho ndijongile ngamehlo ngo--- wo--- wathetha nomnt' ophandle wathi dyulukudu wangena endlini ndibone ngoko ukuwa kwakhe ngenqentsu ukuba ufile...ndiphelelwe[524] ngoko ndahamba ndedwa...ndincedwe yinja le...ndincedwa yile nja 'se ndiphelelwe ke ngoku kukuba mandisuke iyinqaba nokusuka ndibe ndilambile loo nto idibanisa nokubona kwam into embi kangaka ngoko ke inja le yona yafika yandibungezela indibungezela ndothuke yona ndathi ndakothuka yona...kwafane kwakh' int' ethi balulu...sahamba ke ngoku ke sakuba ndi--- sihamba nenja le yam...ngoku sithe nxa sihamba njalo sakuwela[525] umfulanana loo mfula ndathi nxa ndisimelelayo kuwo kwakho into ethi Sikhuluma uyandihlaba ngentonga eludakeni...ndiyincothule intonga ndahamba kungoko ke ndizokufika kweli khaya ndiboniswe ngu--- ngule[526] njana yam indlela ndingasayazi njalo mna indlela egodukayo ke ndixela isimanga ke endisifumeneyo ngenxa yokungavisisani...nomkhuluwa wam...akukho namnye okhoyo kubuya mna ndedwa mna Sikhuluma...bafe ngaloo ndlela ke a'be sihamba kunye nabo...ngoko ke ndibuya ke nomphanga onjalo ukwazisa into engako ke eyenzekileyo...watsho ke uSikhuluma ke wahlala phantsi...awu amadoda esukile ke ngamanye esophisa ukuqaqanjelwa ukufelwa ngabantwana...bengabazanga...ngoku ke hayi indoda yokuqala yathi loo nto yenzekileyo ayinto yenziwe mntu ayithungwanga kuba amakhwenkwe ebezihambele[527] ihambo yawo...ke asingawo abetheneyo ke kubi ke nakuthi...ayinatlawulo loo nto ayinanto siyabulela oko athe yen' umntana wenkosi le wabuya...azokusivisa[528] loo nto kushiyeke yena kuba 'be singayi kuyazi nxa ebengakhange abe yena usindile azosixelela...iphele ke loo nto ngohlobo olunjalo bonke ooyise babantwana bazibeka entweni yokokuba bavuyela ukuba uSikhuluma abe khona azokubaxelela aphile yena yedwa...watsho wabuya ekwazi nokuthetha imisebenzi ke eyenziwe iithamsanqa loba 'ze babaz' abantwana babo indlela...abangekho ngayo...kumkiwe ke ngamadoda ke ngonje ke amadoda akumka ngoko washiyeka ke uSikhulum' ehleli apha esithi uSikhuluma mna ngoku ke int' endikuyo ndifun' ukwaluka...hee ngonje ke makubizwe amadoda qha ndifuna ukwaluka...amadoda ke abiziwe okokuba uSikhuluma ufuna ukwaluka kuthe kumasalela amakhwenkwe ebekho aye akhona ke amadoda akhuph' amakhwenkwe wawo ukuba mayokwaluka[529] noSikhuluma...ngoku ke uSikhuluma endlini yakhe kufezekiswe kunt' 'okokuba kanjaqo makuphinde kalak' amakhwenkwe la abe lishumi...elikwanambini...kuba yena kufuneka kaloku enesekela...yenzekile ke loo nto[530] ...zenziwe ke iingubo zeegusha...yangcanyiswa ke inkwenkwe leyo inguSikhuluma yenkosi ngenkomo...yaye yakwaluka[531] ke injalo ke bethu ne--- nabantu abaphantsi kwayo bakhiwa kakuhle yanesekela layo...yaqhubeka loo nto bengabakhwetha ixesha lonke ke lilide bengabakhwetha abo ngoku ke kuhambe kwad' es'ke kwafik' amaxesha okojisa bojiswa abakhwetha bayile esithubeni sokokuba mababe ngabo ke ngoku abakhwetha abaphumayo...ngoko ke kuthiwe e--- abakhwetha bengekathethi uSikhuluma wabiza udadewabo wathi ndifuna ukuphuma ndaye ke ndifuna ukuphuma ndingenakuphuma ngaphandle kwengubo wenabulele...awu...le nto yaxeleka kangangoko nasemadodeni okokuba uSikhuluma ufuna ingubo yenabulele[532] ...ufuna ingubo yenabulele nje iya kuze ithathwe phi iyintoni loo nto...ngoku ke yanokubuzwa[533] kuye...uchazile uSikhuluma wachaza int' ethi inabulela yinto ehlala ezizibeni...ayihlali kuzo zonke iziziba...iyakhangelwa...ngoko ke ingarolwa ngubani into enjalo hayi bo amadoda nxa kuthiwa makafune loo nto hayi nkosi ndinokuyibhatala loo nto ngethokazi legush' andinakukwazi ukuyifuna...kwabonakal' ub' akukho ndoda inokuphumelela kuloo nto...kwafuneka ke ngoku ku--- uSi--- uSi--- u--- uSikhuluma makathi kudadewabo makasile izonka zokokuba enze umphako 's' es'ke[534] kube kanye ahambe naye xa eya kufuna le nto nodadewabo lowo udadewabo uyisebenzile loo nto wasila ezi zonka ethule laye usuku lokuphuma kwabakhwetha lingomso namhlanje 'be kufuneka benikwe iingubo zabo zokuphuma 'se ziphethwe...usila-sila izonka udadewabo wazipheka wazalisa iingobozi...uhambile ke ngoku waya kuSikhuluma bahamba bobabini bephethe izikhali eziphethwe ngumkhwetha lo uSikhuluma izikhali uhambe bahamba ke ilizwe elide behamba bekroba imilambo iziziba bafike esizibeni bathi

nabulele nabulele phum' unditye[535]

bajule isonka babone okokuba ayikho bahambe baye kwezinye iziziba zeminye imilambo besihla benyuka benyus' imilambo beyithoba ngoko ke athi bakubona isiziba esingathi singaphezulu kwezinye beme phezu kwazo

nabulele nabulele phum' unditye

bajul' isonka kubonakale okokuba ayikho kwabonakal' uba kwewo! noko lingade libe lingaphela ixesha e--- kule nto kuba kukude kweli lizwe bade bafika bafika sizibeni sithile...bathe kweso siziba bema phezu kwaso wathi uSikhuluma kwa oko waqond' okokuba ayicingi ukungabikho apha bajula isonka bemile nje kuso kwayalula kwayalula kwayalula balile nxa ithi gqi ub' iphumela kubo babek' isonka phantsi babaleka...ithe ukuphuma kwayo loo nto ingako yoyikekayo iyinabulele yaphuma yatya esi sonka...yatya esi sonka baye bebaleka bona babalekile ke ngoko itya[536] eso sonka bathi ukubaleka kwabo ya--- yabaleka yakugqiba ibasukela...yala xa inga ikufitshane kubo babeka phantsi esinye isonka ifike kweso sonka yatya sona baphinda bathabatha ubaleko...inje[537] njalo k' ukubasukela iphinde ithi xa 'se iza kufika babek' isonka itye isonka bacuthe ngokubaleka baye bediniwe kuba baxheshekile...ngoku ke kwad' es'ke kwabonakal' uba ilanga liyatshona...ngonje baya besondela ekhayeni besenje njalo ukubeka ezo zonka 'se bezibona nazo uba ziyaphela benexhala lokufunyanwa yinabulele...ngoko ke bathe nxa bengasekhaya kufitshanana nekhaya ba--- 'se yabonakal' uba iza kufika babeka isonka...baphinda babaleka bakungena[538] ebuhlanti babeka isonka...itye eso sonka yabaleka ukuza kubo yaza kungen' ebuhlanti baphuma ngezantsi yaty' eso sonka...ithe yakufika ebuhlanti yathi dibilili latsho lazala uthango yaye ithe ukufika kwayo kwabaleka yonk' into kwakhal' ihashe kwakhal' inkomo kwakhal' inja kwakhal' inkuku zonk' izinto zabaleka yangabantu[539] babalekel' ezindlini baval' iingcango bangaphakath' izinja ziphoseka zabhek' emagageni zibaleka le nto ngoko ke uSikhuluma yena wayihlaba ke ngomkhonto idibize yafa...ithe ke ngoku ke...wanokuhlinza wayihlinza wayihlinza waze wathi akuyihlinza o--- yaphuma iingubo ezimbini wazisuka zombini ezi ngubo...waze ke wathi kudadewabo yena uphumile akasenakubheka thontweni kutshisiwe ke ethontweni apho waye esithi isekela lakhe 'ze linganikwa ngubo ingubo yalo nantsi lifikile ke abakhwetha apha isekela lona lathatha le ingubo yesibini...lambatha lahlala ecalu kwakhe baziphendulele ke iingubo bazambatha ngoboya kwaxelwa ke endlini kwaqale kwavulwa zaqala ukubuya izinto eli cala loyikwa zizo ligqunywe ngaphantsi...ngonje...nxa kusokwa amakrwala onke phandle...kufuneka angene endlini atye uSikhuluma uthi andingeni endlini...andinakungen' endlini ndingenamfazi...awu yeyiphi ke le...ewe andinakungen' endlini ndingenamfazi...uya kuthini...lithi igama kalak' umfazi yint' eqal' ifunwe hayi ndifuna mna intombi yakwaMangangedolo[540] ...oo kwakhe kwayiwa kwelo 'zwe[541] hayi mna ndifuna yona kanye...ngoku ke uyise ke wanokuqokelela amadoda wachaza into etshoyo okokuba uSikhuluma akangeni endlini ufuna umfazi efuna umfazi nje walatha umfazi endingamazi nob' angamfumana kanjani na intombi kaMangangedolo kuba kuloo mzi kuthiwa akuyiwa umnt' oyiley' akabuyi...hayi andinakuncedwa loo nto ke ndifuna ke abantu abahambayo ke naye kuphumelele ke abantu ababini...kwaphumelela ke isekela lakhe...bangabo ke abantu ke abakhutshwayo ke abahambayo...bevathile ke njengabayeni...nxa behamba ke ngoku indlela eyayo kucela kwaMangangedolo endleleni apha nxa behambayo kuthi thu impuku inqumle endleleni...ithi Sikhuluma ndihlinze 's'[542] ukundishiya...undifake engxoweni ndakukunceda[543] ngaphambili...kuba ngoku kuloo mzi uya kuwo abayeni ababuyi...uyayibona nawe laa nduli zintloko zabayeni eziya...ke ndifake engxoweni inyama yam uyibeke aph' esichithini ukuze nxa ubuya usifake apha isikhumba sam...wenje njalo ke wayihlinza wafak' engxoweni wayibek' apha ke inyama leyo bahamba ke[544] ...ke nina ke 'ze nenje nje ukuhamba 'ze nihambe ngemva nicweze ningahambi ngaphambili...ukuze xa kubuliswayo phaya kuni 'ze ningathi ewe 'ze nithi mhmm!...ukuze phaya uba kuthiwe ngenani ngesango uyo--- 'ze--- 'ze nina ningene ngezantsi...ukuba ithe loo nto yaba yenje njwalo nangena[545] ngezantsi...kwaze kwathiwa phumani ngesango 'ze niphume ngezantsi eqale yenzeka...oo ukuze ke phaya ningabe[546] nilinge nihlale kulaa ndlu isindwe ngobisi...'ze nihlale kulaa ndlu isi--- i--- inomgquba wamathole...ningazandlal' iinkukw' ezintsha...ningatyi ngezity' ezitsha...ningatyi ngamaceph' amatsha...ningakhe nilinge konke yonke int' entsha...mhla ke kuthiwa niza kutshatelwa...'ze ningayithathi inyama engaphezulu...'ze nithathe inyama engaphantsi enomgquba...oo hayi kulungile ke mpuku ndifakeni k' engxoweni...nakufika ke pha' 'ze nindixhome phezu komnyango...bayithatha ke bayifaka bahamba...bathe ke bakuthi thu kwaMangangedolo...kwathiwa yeha yeha[547] bafik' abayeni bentombazana bahamba bajikela emva komzi kwathiwa tyhini! ngabant' abatheni na ngoku bahamba kanjani aba bahamba kanje...bahlala be[548] tu bona bahamba abahlala nkundleni bahlala bucala...yeheee kwatshiwo ngabant' abatheni aba bahlale kanje besuka bathi senje nje thina kwalile kuse njalo basiwa endlini esindwa ngobisi...bathi asingeni kule ndlu thina...thina singena singena kundlu ehlal' amathole awu yakh' 'akho[549] loo nto...hayi sinjalo thina batsho ke bahlala kuloo ndlu injalo kweziswa ukutya ngezity' ezitsha namakhuko...bathi asiwandlal' amakhukw' amatsha yizan' nezicangca ezimdaka...ehee az' uba ningabant' abanjani na hayi singabant' abanje...bandlal' ezo cangca zimdaka...baphinda bathi asikuty' ukuty' okusezityen' ezimhloph' ezintsha zinje yizani nezity' ezivuzayo ezimdaka namaceph' amdaka...awu abantu basemzini...ningabant' abanjani na bathi sinjalo...kweziwa nazo ke izitya ezinjalo ezimdaka ezivuzayo...bathe ke ngoku...kwezo zitya zabo zivuzayo batya kwalile ke ngokuhlwa kwabonakal' okokuba ngoku kufuneka kuze amantombazana azolal' ebayenini ngonje ke yathi impuku 'yabonani[550] ke namhlanje kuza kuz' iintombi ke 'ze nithath' iinkciyo ninxibe zona iintomb' ezi nizinik' izidla ninxib' iinkciyo nina...nithi kwenje njwalo ke kwe[551] lakuni...bavuma...zifikile iintombi...zafika zahlala ke zincokola nabayeni bazo kwafuneka ke ngonje kube intombi iya elukhukweni kumyeni wayo wathi umyeni ke elethu isiko kufuneka iinkciyo ezo zize kuthi zizonxitywa sith' iinkciyo sinjalo thina kwelath' ilizwe...tyhini! yakh' 'enziwa[552] loo nto kwenjwe njalo kade amadod' anxib' iinkciyo ewe...thina kweleth' ilizwe kunjalo...isiko lethu elo...asizi kwenza kaloku elenu siza kwenz' elethu...zakhulula iintombi...zabanika iinkciyo banxiba zalala ke iintombi nabayeni bazo...kwalile zisalele njalo wathi uMangangedolo kulaa ndlu nkosikazi khawuye[553] ...nkosikazi khawuye kulaa ndlu ngoku lixesha...wesuka waxhabasha e--- nobuthi bakhe waya kulaa ndlu...wafika wala x' asemnyango...yathi impuku

buya nabo buya nabo[554]
mkaMangangedolo buya nabo
buya nabo buya nab' ubuth' obo
buya nabo...

kwo! wabaleka...wabaleka wacwaruzelis' amabel' ukubheka kulaa ndlu...wathi yho yho yho yho kulaa ndl' akulalwanga kuhleliwe kuthiwa buya nabo mkaMangangedol' ubuthi...wath' uMangangedolo ehnn bafane batsho...sihlangene...uthe akugqiba ukutsho ukuthi sihlangene...wathi 'sa 'khe[555] kuye mna ngoku wasukuma waya ngokwakhe...uhambile uMangangedolo wathi ngqi krotsho ngqi krotsho kuba unedolo elikhulu elidumbileyo ngqi krotsho wafik' emnyango yaphinda laa nto

buya nabo buya nabo
Mangangedolo buya nabo
buya nab' ubuth' obo
buya nabo...

kwo! wath' ukujika ngqi krotsho ngqi krotsho ngqi krotsho wabheka kulaa ndlu...wafika wathi hee! Nobani ngabany' aba 'zange ndibabone abanje kuhleliwe kulaa ndlu ndibizwa ngegama kuthiwa mandibuye nabo...hn! kodwa siza kuhlangana...waye ke unenja inja eyafundiswa bonke ubugqi bakhe ngaphezulu ngaphezulu...yonke into okokuba inzima i--- i--- inikelwa le nja yenziwe yiyo...wathi kungangawe ngoku nja yam...khawusuke nja kowethu kunzima 'soz' uyibon' int' enje...awu yazinikin' inja yesuka...yavukuza vuku vuku vuku yaya kulaa ndlu...yala x' asemnyango...yathetha laa nto

buya nabo buya nabo
nja kaMangangedolo buya nabo
buya nab' ubuth' obu
buya nabo...

yathi inja nhu nhuuuuu...yangena ngetshova[556] ...yem' emgubasini...yaphinda laa nto

buya nabo buya nabo
nja kaMangangedolo buya nabo
buya nab' ubuth' obu
buya nabo...

yathi inja nhu nhuuuuu...ye[557] qakatha...ezantsi kweziko...yaphinda laa nto

buya nabo buya nabo
nja kaMangangedolo buya nabo
buya nab' ubuth' obo
buya nabo

yaphind' inja nhu nhuuuuuu ye qakatha yaya kuSikhuluma...yathula laa nto yesuka ingubo kaSikhuluma yesuka kakuhle yayibutha le nja yayinqunqa yayinqunqa yayinqunq' umqolo yayinqunqa yayinqunqa nemilenze nentamo yayenz' izitokwe[558] ngath' iza kufakw' embizeni yayiqutha yakuyibek'[559] emnyango kokwayo yabuya yazivuthulula yaza kumbatha[560] kumnikazi-wayo...kwabonakala kusisa kuba kusasa ngoku xa kukusasa iintombi ziyavuka ziyahamba ngoku u--- uMangangedolo nomkakhe bayavuka bathi heee...bahlangene nophopho! ayicingi zibuye nje inja yam kudityenwe kulaa ndlu bakuncama[561] namhlanje...ath' akuthi emnyango tyhini! yiyo le le nja yafa kudala ingathi i--- ib' iza kuphekw' inqunqiwe...kwo kwo kwo kwo inja yam...kwooo! inja yam yeka siza kuhlangana...kwahlala...kwathiwa k' abayeni bafuneka phaya ebuhlanti baza kutshatelwa basukile abayeni bahamba besiya ebuhlanti...bafika bangena ngezantsi...yintoni ke ngoku le niyenzayo kwakhe kwangenwa ngezantsi...bathi bona sinjalo thina...lisiko leth' elo...ke...amasiko wen' awodwa...babe noko ngoku 'se bengasebahlang' abayeni ifil' inj' 'asekh'[562] apha...ngoku bahlala...kwaxhelwa ke kwathiwa kuxhelelwa bona baxhelelw' aph' abayeni 'xhelelw'[563] inkomo yagqitywa bahlala banikwa ke eyabo kwathiwa mabathathe k' icala...baye ke kukhethw' icala elicwangcisiweyo elinye ke libekw' emgqubeni elinye ke libekw' elufeleni...basukumile abayeni be[564] hlasi eliya libekwe phantsi emgqubeni icala lenyama hayi hayi hayi azange abantu basemzini baty' im--- inyam' emdaka eyenu yile ince[565] bathi asizange sayity' entle mawutyiwe nini sity' emdaka...asuka ngonje abayi kuphuma ngonje kulaa ndawo 'be bengene kuyo bakuphum'[566] esangweni...hee kutheni ngoku niphum' esangweni nje ningaphumi kulaa ndawo 'be ningene kuyo hayi thina sinje...kwewo! ngabany' aba watsh' umntu...bayokungena endlini yabo kwalile kwaba kusile ngomso kwacingwa elinye icebo oo ngoku kufaneleke le nto...makuthiwe kwaba bayeni...abayeni bayalusa iinkomo ekh' apha...ngoku ke yabathwesa impuku hee kuza kuthiwa nina hambani nokwalusa iinkomo abayen' ekh' apha bayalusa ke 'ze nivume...namhlanje ke niza kwenziwa enye into niza kubethwa ngezulu...ke 'ze nikhangele laa nkomo imdaka net uba lisibekele niyibambe nonke nongena[567] phantsi kwayo...bavuma abayeni bahamba ke abayeni baphuma neenkomo baya kwalusa ngoku nxa besalusa pha' lavela ilifu...lathi lakuvela ilifu bahamba laa nkomo imdaka bangena phantsi kwayo laduduma latywakraza kwatsho kwayiloo nto kwana kwayimbutyumbutyu apha ngonje ke...bathi net uba ligqibe ukuna le[568] qwenge kwe[569] tha ilanga bavela abafazi bakwaMangangedolo bazokuthath' abayeni abafileyo...bafik' abayeni beqhub' iinkomo behleli...nibe nisiya phi mabatsh' abayeni bath' aba bafazi hayi 'be sichol' amalongwe sichol' amalongwe[570] ...hayi ke bahamba...'se bedanile benjalo bafikil' ekhaya...kwathiwa hayi ngabanye aba abayeni ke ngoku abayeni bayacela indlela yokugoduka...bayanikwa ke umfazi wabo ngonje ngoku ke umfazi lo abe nokuhamba ke nabayeni bakhe...behamba ke ngoku begoduka nomkakhe...ngonje nxa begodukayo bahambe bahamba bahamba bahamba bala nxa bephiphiphi yafika impuku kusikhundla sayo okokuba kurolwe olaa fele lufakwe kulaa ndawo...yathi ke impuku ewe ndifakeni ke uz' ulumkele le nto...apha ngoku uz' uyilumkele loo nto apha kuya ngonje 'funwa[571] kufunwa ke apha into kakuba 'ze unyathele kulandelwa apha emva kwakho kufunwa unyawo...unganyatheli ke entukwini uz' uhambe engceni...wavuma ke uSikhuluma wayifaka ke loo nto bahamba ke...kant' uSikhulum' unyathel' entukwini...kanti ke uMangangedolo uyahamb' emva kwakh' aph' waluthatha unyawo lakhe uSikhuluma wahamba nalo waya kulusebenzisa ekhaya wath' akulusebenzis' ekhaya uSikhuluma unyawo...wasuka uSikhuluma ngok' ahambayo elusebenzisile uMangangedol' olaa nyawo...wesuka wawelwa yintonga kwathiwa chola chola Nonyana yaw' induku yenkosi...yacholwa...wesuka wawelwa yiqhiya kwathiwa chola chola Nonyana...yaw' iqhiya yenkosi yacholwa...wesuka wawelwa yingubo...kwathiwa chola chola Nonyana...yacholwa wahamba ze ngoku wesuka wawelwa sisidla chola chola Nonyana...wanje oko wazalwa ngoku ke wesuka wayinto nje...waye umfazi esithi kwo! utata ulubonile unyawo...ulubonile ke unyawo lo--- lalo[572] myeni wam...ucac' uba ukhe wanyathela endaweni wesuka wathi ndi--- ngoku ke ndinxaniwe...wesuka wabheka echibini...wafika echibini wasel' amanzi...wase watshon' apha wajika wajika wayimpofu[573] into enophondo...zaye zinintshi ke izintw' ezinamaphondw' apha...waye wazezo[574] nto waphela ke uSikhuluma akabikho ngoku ngonje wahlala umkakhe e--- elusizi ngale nto wathi umkakhe wachola iinkuni wabasa umlilo wabasa wabasa wabasa wabasa umlilo omkhulu apha wathi...wa--- wabiza umoya wathi moya hamba uye--- uyokuchitha olo nyawo...wawuthuma kuba intombi le kaSikhuluma iyazazi i--- i--- intombi l' 'endele[575] kuSikhuluma iyazazi izinto[576] ...iyazazi izinto zikayise yenza umlingo oya kuchitha olo nyawo...sihambile isaqhwithi eso safika unyawo lukaSikhuluma lu--- lwanekiwe ngasebuhlanti luhleli lodwa aph' ufike lathathwa ngumoya wakusichitha[577] kude neso siziba asaze sibonakale nalapho sikhoyo ngoko ke watsho ke ngoku wathi uMangangedolo kwooo! ukumoshakala kangaka uthe ke yena umkakhe lowo esenje njalo ukulinga ukufuna indod' 'akhe wahlala wabona ezi mpofu ezi mpofu uthathe impofu yanye ko--- yaze yeza kuye le mpofu wayibamba le mpofu wayibulala wayifaka emlilweni yatsha le mpofu yajika yayilahle ilahle elincinc' elibomvu walithatha eli lahle walifaka esitofeni vumbululu! yayilaa[578] ndod' 'akhe yangulaa Sikhuluma ephilil' uSikhuluma engenayo nento le y--- yambalisela inkosikazi yakhe isenzeko esinje ojike wayimpofu wayintoni[579] ngoku ndahlala apha kalusizi kanje oo wamnika ke iingubo zakhe neentoni na zakhe wagoduka ke ngoku wahamba naye umkakhe lowo bengabantu obaphilileyo akufika ekhaya uSikhuluma...andingeni endlini...awu!...wathi umkakhe...ee--- kulungile ke indlu phambi kwakuba kube njalo ke kuxeliwe endlini uba bakhona ke bathi abangeni endlini...ngoku ke wesuka ke umfazi wenza amalinge endlu uthe umfaz' ukwenza kwakhe walenza ilinge likayise uba kubekhw' indlu yavela indlu entle kakhulu kaSikhuluma ngokusisimanga le ndlu yayindlu engathi kudala yakhiwa inezinto yayo zonke zokuhlala nezokuthini na...watsho ke waba uyangena endlini waqalisa ke ngoku uba nguye umntu okhoyo kwavuywa ke engenile ke ngonje endlini...wahlala ke usikhuluma kungekho nto ingenye[580] ithethwa nasebukhweni naphi na behleli ke ngoku ngokonwaba waye lo molokazana yonke into efunekayo kweli khaya us'ke athi mayenzeke is' isuke yenzeke njengoko ifuneka nanje ngoko efuna okokuba mayibekho yena ifanele umzi wakhe...yantle ke le nto kwaphucukwa gqitha ekh' apha kwafuneka ngonje kukho nabaqeshwa njengokuba kukho umfazi onezinto ezinintshi akwazi ukuzenza yaphela intsomi kaSikhuluma.


Notes

[482] Abrief pause as Masithathu Zenani quiets some children in her audience: Hambaniniyekulilisanakudenina! Yhoyhoyho! Hambaniyekulilisanakude! Iyakuthethalentoapha! X! Hayi<!

[483] A brief pause.

[484] 'e: 'be, sibe.

[485] net: Afrikaans net, "just."

[486] 'phinde: baphinde.

[487] lalude: labalude.

[488] She sings these words.

[489] 's': musa.

[490] hom: from Afrikaans om, "round," to turn cattle around.

[491] wayekhe: wabeekhe.

[492] The performer gives Sitshalotshalwana his own distinct voice tone and his own pattern of speech.

[493] bakufika: bayakufika.

[494] iipleti: from English "plates."

[495] 'sidenge: isidenge.

[496] wayekh': wabeekhe.

[497] ebephi: ubeephi.

[498] Abrief pause. Masithathu Zenani is concerned about the wind: Hayi, uyacaphukisalomoya!

[499] eyayiphi: eyabeiphi.

[500] akho: akukho.

[501] abudana: ababudana.

[502] 'funeka: kufuneka.

[503] 's': asuke.

[504] endlelen''enqwelo: endleleniyenqwelo.

[505] A brief pause.

[506] xabakusithub': -ku- is a locative as used here.

[507] ye: yathi.

[508] kwe: kwathi.

[509] A brief pause.

[510] ndakuya: ndiyakuya.

[511] 's': musa.

[512] igem': from English "game," i.e., to take turns, as in a game.

[513] wayeyishiya: wabeeyishiye.

[514] A brief pause. Usually, these very brief pauses are for the clearing of the throat, etc. I note them because they often explain why Masithathu Zenani repeats a phrase.

[515] yakuwela: yayakuwela.

[516] iidyongo: from Afrikaans jong, "young man."

[517] sakahamba: sakwahamba.

[518] ndakuqala: ndiyakuqala.

[519] bakufa: bayakufa.

[520] is': isuke.

[521] A brief pause.

[522] uzakufun': uzakuyakufuna.

[523] A brief pause.

[524] ndiphelelwe: ndiphelelwengamandla.

[525] sakuwela: siyakuwela.

[526] ngule: yile.

[527] ebezihambele: abeezihambele.

[528] azokusivisa: azekusivisa.

[529] mayokwaluka: mayiyekwaluka.

[530] Again, Masithathu Zenani addresses herself to a crying child: "Khawuhambe, bethu! Hambani! Lomntanaakukho wakowabo na?" "Hayi!" "Yitshoniayeendlini! Uyabizw'endlini! Int'embi! Kwok'! Akukhomntupha'kowabo?" "Hayi, uMatozaniulapha."

[531] yakwaluka: yayakwaluka.

[532] MasithathuZenani has now lost her patience completely, and she again chases the children away from the performance site: Khanihamb'apha, zibhanxa!

[533] yanokubuzwa: yabanokubuzwa.

[534] 's'es'ke: kusekusuke.

[535] She sings these words.

[536] itya: isitya.

[537] inje: itheyenje.

[538] bakungena: bayakungena.

[539] yangabantu: yabangabantu.

[540] yakwaMangangedolo: Mangangedolo means "as big as the knee." Mangangedolo keeps his magical materials in his knee, which is therefore very big.

[541] kwelo'zwe: kwelolizwe.

[542] 's': musa.

[543] ndakukunceda: ndiyakukunceda.

[544] A brief pause as Masithathu Zenani comments, Hambani, niyekumemezakude.

[545] nangena: [naza] nangena.

[546] ningabe: ningabuyi.

[547] yehayeha: sung.

[548] be: bathi.

[549] yakh''akho: yakhayakho.

[550] 'yabonani: niyabonani.

[551] kwe: kwe [lizwe].

[552] yakh''enziwa: yakheyenziwa.

[553] A brief pause.

[554] Masithathu Zenani sings these words.

[555] 'sa'khe: kusakukhe.

[556] ngetshova: "with force," from English "shove."

[557] ye: yathi.

[558] izitokwe: from Afrikaans stuk, "piece."

[559] yakuyibek': yayakuyibeka.

[560] kumbatha: kwambatha.

[561] bakuncama: bayakuncama.

[562] ifil'inj''asekh': ifileinjayasekhaya.

[563] 'xhelelw': baxhelelwa.

[564] be: bathi.

[565] ince: intle.

[566] bakuphum': bayakuphuma.

[567] nongena: niyekungena.

[568] le: lathi.

[569] kwe: kwathi.

[570] hayi'besichol'amalongwesichol'amalongwe: in a high voice.

[571] 'funwa: kufunwa.

[572] lalo: lwalo.

[573] wayimpofu: wabayimpofu.

[574] wazezo: wabazezo.

[575] l'endele: leyendele.

[576] A brief pause.

[577] wakusichitha: wayakusichitha.

[578] yayilaa: yabayilaa.

[579] wayimpofuwayintoni: wabayimpofuwabayinto: I have not noted the numerous times that this contraction occurs in this narrative.

[580] ingenye: a Hlubi construction. Xhosa: iyenye.

Previous Previous section

Next section Next




Go up to Top of Page