South African Voices: Created in Olden Times (2006)
NONGENILE MASITHATHU ZENANI: AUTOBIOGRAPHY, VERSION ONE
Masithathu Zenani tells the story of her life, providing in some detail a description of her marriage and the resulting conflict with her father. She tells of the movement away from home by the bride-to-be, and the journey to her home of marriage where an elaborate ritual is enacted. An unozakuzaku, or master of ceremonies, plays a crucial role in this ritual, organizing the events and playing a robust theatrical role.
Mna[321] ke igama lam lakowethu lokuzalwa nguNomatikiti[322] ...ndazalwa yintombi yasemaTshaweni[323] ...igama layo inguNowekeni[324] ...utata engumfo kaGosani uJohn Numa...ngoko ke kwendela ke umama kuye...kwazalwa mna ndinguye umntana wamazibulo...ekuzalweni kwam ndizelwe ndakhula ndakhulela ebomini obulungileyo...kuthe ndalunyulwa ke ndathi ukulunyulwa kwam ndasiwa kunina kamama kulomama ndondliwa khona...khona apho kwakukomkhulu ke emaTshaweni ezinkosini...ngoku ke ndakhula apho phantsi kwabantu ababomvu amaqaba ingabantu abamnyama...ndithe ekukhuleni[325] apho nda--- ekukhuleni apho ndazibona zonke izinto zokuqala zabantu ababomvu...[326] igama lam lokuzalwa ndinguye uNomatikiti umntana wentombi yasemaTshaweni...komkhulu utata igama lakhe nguJohn Numa umfo kaGosani...ngoko ke wathatha ke intombi yasemaTshaweni umama igama layo Nojane[327] ...ngoko ke ube[328] wazala mna ndinguye umntana oyintombazana ndakhula ke kakuhle ngokwasempileni yomntana...kwade kwafika ixabiso loba ndilunyulwe ndalunyulwa ke...ndalunyulwa ndasiwa ke ngoku kulomama kuna[329] kamam'...ndondliwa nguye ke ndakhulela kuye ndaqabukela khona phantsi kwabantu ababomvu abangamaqabe...bakomkhulu apho ezinkosini emaTshaweni...ndithe nxa ndizama ubuntwana obukwaziyo ukuhamba nabanye...ndahamba ke nabanye sidlala izinto zesiqaba...siqalise ngokwenza oondize emachibini amdaka siqaba udaka apho sidlala...sisenza yonke into sisenza iinkomo zemidongwe nabantu imilinganiselo yonopopi ngomdongwe...yonke loo nto siyenze apho...side siphelelwe lixesha lokugoduka...siphuthunywe apho ngabantu abadala ndingxoliswa ngumakhulu lowa una kamama...athi uya kuba litshiza[330] nxa ungaka ungabokuhlala kakhulu endle...loo nto ke yahamba ke injalo ndibethwe ngezinye imini...ndikhale ndithuthuzelwe kuba ndingumntana wentombi ongumtshana...loo nto ke ndakhula ngolo hlobo...ndingazi nto ngasikolo[331] kungekho nto ifuna sikolo kwelo qela lakulomama...ingaxatyiswanga ngant' int' 'esikolo[332] ...ndihambe ndahamba ndad' es'ke ndadibana nazo neembutho ezingozintonjane kuthombe intombi kuyiwe apho kudlalwe apho sibe ngabantu abenziswayo nxa siqala ukuphuma amabele...kubekho amakhwenkwe esenzisa uba yenza ntombindin'...wenze ndenze nam ndenze enkwenkweni loo nkwenkwe leyo ibe yiyo inkwenkwe ekuthiwa yimetsha yakho ke leyo...loo nto ke sixabise ke ukuthi simane sithi sakuwabona loo makhwenkwe...unyewuze kuba ubona umhlobo wakho nayo yenje njalo...sad' es'ke ke seza kuxesha lokokuba kubekwe idinga yinkwenkwe...ithi inkwenkwe uze sidibane[333] ...ithi ke inkwenkwe leyo yakuthi uze sidibane...siye sithathe iimela 'se sikwazi sizintwazana...nabanye bam abangangam...sihambe siyokukha imifino into ekhiwa emasimini emadizeni...apho ke sibone ke amakhwenkwe lawo...ndibe ndijonge leyo yam inkwenkwe nezinye ke iintwazana...zikwanjalo ukujonga awazo amakhwenkwe...loo nto ke ihambe yahamba kwad' es'ke kwalilo ithuba elingangokokuba inkwenkwe ithi iya kufika ngokuhlwa...loo nto ithi ke inkwenkwe leyo yakuba ifikile ngokuhlwa ihlale endle...ukuze kuloo ndawo simane thina sikhaphana nabanye abantwan' abangaphantsi kwam endihlala nabo balapha kulomama abantwana boomalume naboodade boomama abondliwayo nabo njengam...loo nto ke ngoku ke siman' ukutshintshana[334] ...le nto ke siyenzayo ayibonwa ngabantu abadala...siyayifihla kubo...us'e[335] ube ngumntana nje ongathi ubheka endle...saye ukulala silala kundlu yexhegwazana...elingumakhulu...lo makhulu ke kukhona nomakhulu oyindoda[336] ...bangabantu abase bebadala abase belala nje nabantwana...sisuke sithi bakulala sizimele...sihambe...ngoku ke ndibe nokuthi mna 'se ndibuqabukana kwaba hambani niyokulala komnye umzi ukuze nibuye kusasa...ndiya kuthi mna nxa nibuyayo ndinikhawulele...sibe ngathi sivuka kulo mzi...loo nto ke saye ke siyalwa thina kusithiwa nxa kuthethwayo ngoomakhulu noomama abafazi ba--- boomalume...intombazana ayilali nandoda ayilali nankwenkwe uze ulumke njengoba usomdala[337] nje 'sowuphum'[338] amabele ukuba ulele nenkwenkwe ungayiyeki inyukele inyuse umthondo...iwuzise apha kuw' esibunjini...ize umthondo wenkwenkwe iwubeke emathangeni...nisaza kutyhilwa nibonwe amaphambili[339] ...ngamankazana...ibonakale intombi eziphethe kakubi...loo nto ke yandixhalisa ke mna ndasoloko ndisithi xa suba[340] ndiyile apho enkwenkweni ndizilumkele ithi yakungathi yenyukela...ndifune ukuthi asoze[341] ndiphinde ndize kuwe...nxa uqhuba ngolu hlobo...ithi yona inkwenkwe ndiyayazi loo nto andiz' ukwenz' ezo 'nto...loo nto ke yaba yiyo ke imvotelwano[342] yokukhula...yad' es'ke ke kwabonakala ke ngoku sisiza kanye ebuntombini ndakhula ke ndithe ukukhula kwam...ndaqala ndabona ngoku kum kusenzeka into endingazange ndayazi ndingazange ndayibona ndabona ngonje mna tyhini! kutheni ndisopha nje ndophiswa yintoni ndaye ndindedwa ndivela emlanjeni...ndaya kufika ekhaya...ndikhala oku kopha kundothusile kub' andazi uba ndihlatywe yintoni na...ndifike ekhaya ndathi mam' omkhulu khawuze nas' isimanga kum...wathi umakhulu yintoni n' mntana womntana wam...ndath' yiza yiz' uzobona[343] ndaye 'se ndibambe ngezandla imibhaco ndibhekisele phaya kuba eli gazi andiva ndawo ibuhlungu ndilibona nje mna ukuba likho[344] ngoku eli gazi liphuma kum liphuma njani ndingakhange ndihlatywe nje yile nkwenkwe kwesi sibumbu sam...ndingathini ukopha ndi--- ndixelela umakhulu una kamama...uthi umakhulu hayi mntana womntan' 'am...kukhona ke ngoku uyintombi ufikile ke ungab' uphind' uyithethe loo nto ayithethwa ungabonisi mntu i--- yifihle yifihle loo nto watsho umakhulu wathatha ibhayi lakhe walikrazula wathi akugqiba ukulikrazula walithunga walenza lanobungqindililana walibhinqisa kum esinqeni...walikhwentshelisa waliqhobosha ngesipeliti[345] wathi ke uyabona ke mntana wam uze ke ngoku uhlale kakuhle ungangxath' kuba le nto ayibonisw' abantu...uze ke ngoku ungawatyi amasi...uze ungalutyi ubisi namhlanje uze ungayi ebuhlanti kuba umnt' onjengawe akayi ebuhlanti akawatyi amasi uya kuthi ukuze uwatye amasi kuphelele nto...ke ngoku kufuneka okokuba uzigcine ke kakuhle ungayi ke mntan' womntan' 'am enkwenkweni ngoku use nje uze ke ngonje uhlale ulal' aph' ekhaya...kuba akukakwazi ukuziphatha nxa unje...loo nto ke iza kubonakala iza kuthi ke yakuphela...uhlambe...uthi ke wakugqiba ukuhlamba ungawatyi amasi ngalo mhla ub'[346] uhlamba ungayi ebuhlanti ngalo mhla ub' uhlamba uye kwakusa kusasa ke uya kuthululelwa...usele...igama laloo nto ke kukomuliswa...uyomuliswa kuba ub' ungawatyi...ndihleli ke ndahlala njalo ndagcina loo mthetho uthethwayo ngumakhulu...ndiwugcine ke loo mthetho kwaba[347] zizo iintsuku ezintathu...yaphela le nto yathi yakuphela le nto yeli gazi kum ndathi makhulu...ngoku liyekile...wathi yena o! liyeke nini...ndathi mna kwe izolo 'be lingekho nangoku alikho wathi ke umakhulu hayi kulungile uya kuvuka ke ngomso uyokuhlamba emlanjeni...akufuneki uhlambe ekhaya kuhlanjwa emlanjeni...ndihambile ke kwaba kusasa ndaya kuhlamba emlanjeni...ndahlamba konke ke nemibhaco nomzimba...ndahlala apho emlanjeni ndanekile ukuba makome imibhaco yam...yade yoma ndayibhinqa ke ndagoduka...ndahlala ndatya ukutya ke andatya masi...ngaloo mini kwakusasa kuthe kusasa ndathululelwa eselweni amasi...kwathiwa sela aye amasi la emuncu...ndathi andifuni mas' amuncu[348] ...kwathiwa hayi sela uyomuliswa kuba ub' ungawatyi...ndawasela la mas' ndawagqiba kusile ke ngoku ndaba ke ndinguye ke oyayo ngoku ebuhlanti ndaya ke ebuhlanti ndaya naphi na ndatya namasi ngoku...ndikhulileke ndiqhuba ngolo hlobo ke...ndithe ndakuphinda ngoku andathetha nto kumakhulu andatsho ukuthi nantsiya laa nt' iphinde yaphuma kwenye inyanga ke ndithe ngoku ndahlala nje ndenza ngolaa hlobo ebe ndixelele ngalo uthe umakhulu akubona ndingazi kutya nxa kutyiwayo umvubo wamas'...wathi utheni na mntan' 'am uxakekile...ndathi mna ewe makhulu ooo...wasuka wandinika yena iimbotyi uba manditye ukutya okulungileyo...ndaziphekela ke iimbotyi ezo ndikhule ngalo olo hlobo...nxana ke ngoku ndikuyo iminyaka ndingumntana...elishumi elinesihlanu...kwabonakala okokuba hayi ngoku noko ndiyintombi...ndaye ndihamba zonke izinto ndihamba imitshotsho nabanye imitshotsho kuyiwe emtshotshweni...lo mtshotsho ke ngamakhwenkwe kunye neentombi zamazwe ngamazwe...ekuye kubekho umzi oxeliweyo kuthiwe umtshotsho ukwabani igama lomzi...kuyiwe kulo mzi...umtshotsho lowo wawuye kuyiwe kuwo emva kwemini...kukuze ungene ziye ke izizwe ziman' ukufika ngazinye kud' es'ke kube ngoratya...kuthe ke kwakuba ngoratya zibe ke ziphelile izizwe eziza kuba khona...kuyatshotshwa ke apho kuhlalwa phantsi ziintombi zivume iingoma zomtshotsho...amakhwenkwe aqamele phezu kweentombi ithi leya inkwenkwe i--- iqhubisana nam idlala nam leya imetsha nam izokuqamela kum...ithi ke yona ke nxa ndi--- ndisukayo uba ndisukuma kukho iingoma zokuphakama uba makuphakanywe ngoku kungqishwe ngamakhwenkwe...isukume ke nayo ibeke induku phezu kwam...ize ke siqhwabe ke siphathe ezo ntonga...kwakunjalo ekukhuleni kwam ngoko ke yahamba ke loo nto injalo kud' es'ke ke ngoku kubekho nenye intombazana ekubonakal' okokuba le nkwenkwe ndinayo inayo nayo le ntombazana...le nto indichapukise...ndithi ndakubona le nkwenkwe ithetha nale ntombazana ndifune ukuyibetha le ntombazana ndithi uthethela ntoni na nemetsha yam...silwe ke sibethane siphindisane sibethana ke ngezandla ngamanqindi loo nto nangamabhanti...loo nto ke...id' eseke[349] inqandwe ize inkwenkwe le ingathethi nale ntombazana nxa ndikhoyo mna isithi ayinakuthetha nayo kuba indim intombi yokuqala...ihambile...kwad' es'ke ke kwaya ekubeni ngoku siziintombi ezindala namakhwenkwe madala...kwathiwa ngoku kuyaluswa...kwafuneka ke ngoku ukuba amakhwenkwe la siwanxibe iintsimbi esizigayileyo ngokwethu...sigaya iingxowa zokutshayela neentsimbi zentloko neentsimbi zesinqe iintsimbi zemiqala...idayiman'[350] ookhozo ezi ntsimbi zala makhwenkwe ezi ntsimbi ibhirolti[351] ...ezi ntsimbi yi--- amagama wazo nemikhinxo i--- namacici nengqaza ziintsimbi ngeentsimbi ezi sihombisa ngazo la makhwenkwe...ke yenje nje inkwenkwe yona ndakugqiba ukuyihombisa kangako yandithengela inqawe[352] indifundisa ukutshaya...indifundis' ukutshaya ukuba manditshaye yandithengela iqhiya okokuba mandiyikele iqhiya entle...kusenje njwalo[353] ke nakwa banye ngabanye...abangendim...ngoko ke yathi yakwenje njalo inkwenkwe yathi ngenye imini kuba kusithiwa aza kwaluka yandiqhinela ishumi eqhiyeni...ndingavumi ndisithi ndoyika ukuthatha imali yathi zonke iintombi ziyaphiwa yaliqhinela ngetshova[354] ndahamba nalo...kuthe kuba ngoku kuza kwaluswa kwakho into e--- esisithabathaba...into eyenziwayo ke yintombi nxa sukuba inkwenkwe isaluka loo ntombi ihambisana nenkwenkwe...mna ndisithengile ke isithabathaba...ndaye isithabathaba ndisithenga isitya...ndithenga i-emele...ndithenge ibhekile ndithenge intambo yokokuba 'ze[355] kusengwe ebakhwetheni nditheng' ipalafin'[356] ...ndithenge ityiwa ezo 'nto zisiwe ngumntan' oya kuthi abe mncinci...ukuze yena angazisi phaya ebakhwetheni amadod' esekho...athi ukuya kwakhe ahambe ngamathunzi abonwe ngabakhwetha namakhankatha angayi kukhw' abantu abadala...loo nto ke abakhwetha bethu ke ba'[357] betshiliswa kukhiwe amasundu...babhinqisw' ezinqeni kuthiwe kuya kuthathwa ingqongqo...kufuneke int' okokuba sithenge inqawe yomkhwetha...ndayithenga ke inqawe yomkhetha...nengxowa yomkhwetha...loo nto...yamacuba nemililo...nesephu yokuvasa umkhwetha...loo nto nxa iyonke isiwa ngumntanana omncinci walapha ekhaya...naye eya kuyisa phaya ethontweni ebakhwetheni engayivelisanga ebantwini abadala...yenzekile leyo ngoku kwafuneka senze iintsimbi zabakhwetha...abakhwetha bathengelwa izikwinisi ndazithenga izikwinisi izikwinisi zaseziqulubeni...naphantsi phaya ezin--- emaqatheni...naphezulu ezingalweni...neenamba yonke into yabakhwetha...ndagaya yonke umcimbi wasebakhwetheni ndigayela lo mkhwetha ndisenaye...ngoko ke yindlela yokukhula endikhule njalo...kuthe nxa kuse njalo baba bayaphuma abakhwetha...ngoku bangamakrwala...kufuneka ndisokile kwa lo mkhwetha le nkwenkwe ndandimetsha nayo ngonje ndayisoka ndayisoka ngengxowa kwakunye nedayiman' yamaso entloko idayimani ke ngoku yesifana engeyiyo leya yayiye yamakhwenkwe...ngonje ke ndasoka nangeqhiya nangecuba njalo umkhwetha lowo ikrwala lam okuba 'ze likwazi ukutshaya...kwaye ke ngoku amakrwala la engezi ezintombini...kuba kuthiwa ikrwala alinakuya entombini nxa livela ethontweni lingosulanga...ukosula ke kukuba maliqale lokulala[358] nomnye umntu...lingazi kulala nawe ukuba lilela nawe kuza kuthiwa losule ngawe unomdaka uya kuba namashwa...loo nto ke sawabaleka ke amakrwala naxa siwakhumbula njalo siwanqwenela kodwa sibaleka isiko elithi ngoku kufuneka ulibaleke xa lingekosuli...ngoko ke namakrwala lawo aman' ehambela phaya esikhumbula singayi kuwo...liza kuthi ke lakosula ngaloo ndlela k' elide layifumana losula uya kulibona ngokucheba...licheba inkqayi entsha ukuze lizilahle ezaa 'nto 'be ulinikile 'be lizijikela zonke lizilahle nengubo lizilahle linikwe ngubo zimbi ezindala kowalo...linikwe qhiya zimbi ezindala kowalo...uqale ke ngoku waz' uba losule ndilibonile ke ikrwala lam nxa losule lanjalo...ndaqala ke ngoku ukuya kulo ndivuya kuba 'be ndilikhumbula nalo livuya njalo kuba 'be lindikhumbula...ke ngoku sithe ke sakuba sidibene sangabantu bentlombe ke ngoku...sihamba intlombe yabafana...sihambile ke apho entlombeni yabafana ukuze ndibe ndiyahlukana nesithuba sokokuba ndibe lapho kulomama emaqabeni...ndihleli kakuhle kangangoko...kus'ke kwabonakal' okokuba amasoka manintshi afuna ukundithatha ndibe ngumfazi wawo...ndaqala ke ngoku ndafuna ukugoduka...ndimke kulomama ngoba ngoku apha ndiza kwendiswa isiqaba kanti ekhaya akukho siqaba...intombi ayis'ke ibonwe ithathwa...iya ithethe nesoka layo ndakhumbula okokuba kufanelek' ukuba mandigoduke ukuze ke ndahlukane nalo ikhaya lakulomama kwaba njalo ndatsho ke ngoku[359] ...ndatsho ke ngoku ndaba nokuhamba ke ndabheka ke ngonje ekhaya...nxa ndiyayo ekhaya andicebisanga ekhayeni lam elo lakulomama...ndithe nje kancinci hayi ndisakhumbula utata...ke utata ndinento endiyifunayo kuye ndifuna andiphe iwatsha...uphendule umalume wathi hayi bo iwatsha sinayo apha akunakuya kowenu ngaloo nto yaye kowenu kusesikolweni akuyinikwa[360] iwatsha...ndathi mna hayi malume ndiya kuyinikwa kuba ndiza kuthi kutata...makandinike ngonyaka ube mnye ndiza kubuya ndigoduke ndiyikhulule...uthe ke umalume kuba wayesazi yen' uba ndiza kuthathwa ngamasoka...'se evumile wathi uz' ukhawuleze nxa ndandimka ngalo mini kulomama kwakungolwesiHlanu wathi uz' ulale ngolwesiHlanu ulale ngomGqibelo...uze uvuke ufike ngeCawe...kanti esitsho nje nam 'se ndiyivile into kakuba mna ndiza kusiwa endodeni ngomVulo...kanti umalume yena akayazi ukuba loo nto ndiyayazi...le nto ke ndiyiva ngentwana le ndimane ndiyithuma iimpahla zam...phaya...ebakhwetheni...yandixelela into yoba[361] apha 'be kukho amadoda ndivile xa kuthethwayo...ungandipha ntoni ndikuxelele ndithe mna kulo mntana ndakukunika[362] imiliz' ibe mine...wathi ndinike ndatsho ndayikhulula ndamnika imiliza emine wayithatha umntana wayifaka eziqulubeni waye esithi kum nxa endibizayo sisi wathi uyabona ke sisi...la madod' ab' elapha athi afuna wena ngamadoda aseNgqaqini...ke wena kuthiwe uya kusiwa ngomVulo 'be ndikho ndiyivile loo nto kakuhle...ngoko ke ndathula ke ndasuka ke ndahamba ngolo hlobo sigqiba ngalo nomalume lokokuba ndakubuya[363] ngeCawe...ndithe ndakufika ekhaya kutata...uthe akubuza okokuba ndivela phi endibuka...ndathi mna tata...andifuni namnye umbhaco kum makuqhawulwe le miliza ndifuna ilokwe ngoku ngoku ngoku....wath' utata tyhini! kutheni mntan' 'am ndathi mna hayi kaloku tata phaya e--- ndandiyokundliwa ke ngoku ke ndiyagoduka...wathi utata loo nto mntan' 'am ayukundixabanisa[364] na nobawo lowa ngoba kaloku ndandithe mabakondle nxa ndingekayikhuphi inkomo yesondlo uze usuke ubuye ndathi mna tata uyabona phaya kusemaqabeni izinto zakowethu anduzaz'[365] ...ndakukhulela[366] esimangeni ukukhulela emaqabeni ndid' es'ke ndibe ngaka kanti iinto zasekhaya andizazi ndibe ndiziva ngabantu andikumazi[367] nomnt' ondinyaniselayo nondixokisayo...uthe utata kwo! enkosi mntan' 'am uthetha kakuhle...ke ufuna ukuba ungabisaphinda ubuye na ufuna 'se 'se[368] ngoku ugqibe na...ndithe mna ewe tata ndifuna ndigqibe ngoku...ize bandibone 'se ndisith' ndifuna ukubhek' ecaweni...uhambile ke utata waye ehamba nomama baya kuthenga ezo lokwe ndibona nokubona ukuba noko nangani na bangathi bayandibuza bayakholwa noko kodwa ke ukholo olu labo[369] bona bafuna kungabikho sigxeko kulaa ndawo yasebukhweni...kodwa ke ndiyibona yona le uba bayakholwa yile nto yoku kubuya kwam 'be bese bekhohliwe ukuba ndingathini na ukuze ndibuye...yabe ke apha ekhaya ndinaye udadewethu owalekela mna ekho nomnakwethu oza emva kodadewethu lowo singabantwana abathathu kuphela kumama...ngoko ke yena udadewethu lo useyintombi yamakhwenkwe kodwa 's'[370] ekufitshane kum yena umnakwethu lo uyinkwenkwe...loo nto ke yabavuyisa nabo zenziwe iilokwe kuthe kungeCawe ndaba 'se[371] ndibheka ecaweni...kwa oko...ngoko ke ndikhule ngolo hlobo ecaweni ndifike nda--- ndanguye umntu olilingwa ndafundiswa kakhulu ndiqaliswe ngokufundiswa isiXhosa okokuba mandazi icwilo[372] ndikwazi ukulibona...kangangokuba lithetha...ndafundiswa ke isiXhosa eso ubusuku nemini okokuba kubuthiwe ekhaya nalusapho ndifundiswa esi siXhosa ndad' es'ke ndanofifana lokuwabona amagama...ad' es'ke ke ndaqhela ndad' es'ke ndalazi necwilo kuloo nto ngoko ke ndithe ecaweni apho ndalilo ilingwa ndad' es'ke ndayiyo intombi yentlanganiso...ndaye nalapho ndiqhuba ngokomcimbi wesintwana senkulo okuba kukho abafana nabo apho ecaweni bathetha eyabo engeyo[373] yabucawe...bayaphimisa bafuna iintombi njalo loo nto yanjalo nalapha kwakho abafana abaphimisela okokuba bona befuna umfazi...kodwa ke andikhange ndivume konke kweso sithuba ndisahambisana nalowa eliqaba njalo kangangokumthanda endinako...yahlala le nto i--- igxijw' igxekwa ngabanye abangangam okokuba ndingathini na ukuhambisana neqaba 'se ndiphumile emaqabeni...kwakho igama endiloyikayo mna ndikhulele emaqabeni kuba nxa unokuba nenye indoda uphind' ube nenye indoda uphind' ube nenye indoda ubizwa ngokokuba ulihhule[374] uthanda amadoda kufuneka ugcinane nomntu abemnye nivisisane...ndamelwa yiloo nto ndingafuni kuba nomnye kodwa ke wazama ukuthi lo mfana angachuli nam emini abonakale ndamyala ndathi kaloku ngoku ndiyintombi yasesikolweni ke kufuneka ngoku uthi uze ngokuhlwa ungabonakali emini apha kuyanxitywa wena ke uhamba ze...wambatha iingubo...loo nto k' ayizukufaneleka[375] ...uvumile wakholwa nayileyo kuba sasivana kakhulu...ngoko ke kuthe esithubeni...sakokuba ngoku amasoka engaka yaye kukho nesoka...elisoka lesibhozo lakuNkanga ngonje kwabonakala okokuba kutata imbi le nto nxa ndinokungakufuni ukwenda...ngonje 's'[376] evile naye nangapha ngoomalume kulomama ukuba lo mntana apha ubaleka siza kumendisa...ngoko ke kwacac' okokuba kutata apha andifuni ukuba atye nto ngam...nxa ndinokungavumi ukwenda...ubuzile utata kum wathi e--- Nomatikiti mna tata utheni le nto mntan' 'am ungakufuniyo ukwenda...ndathi mna ukuphendula hayi tata andikhange ndingakufuni...int' ekunayo amasoka andiwabonayo andikholwa ngawo...kuba wona amanye anabafazi...andifuni sithembu...ke amanye ndizalana nawo andifun' ukwendela emntwini osisihlobo nam...uthe utata la masoka angaka...angade abe sibhozo na kanti onke azalana nawe na...kanti onke asisithembu na...ndithe mna hayi tata amanye la noko kukucaphukela nje imizi yokomawawo kuba ndiyazi...wathi ke utata kum ukususela namhlanje thatha isephu uyokundivasa elwandle...ukuze uzibonele...uyihlo oya kukuvisisana naye nalowo...uya kutya ngawe...nokuba kuse kunjani na mntan' 'am ndiyakuncama nxa undincamayo ngokuba ndazibula ngawe...ungumntana wam wamazibulo...nxa unongakufuni ukwenda uyakwenza imfundiso engalunganga ekhay' apha kubonelwe loo nto uyenzayo kuba iqalwe yenziwa nguwe wen' ungaphambili kwabo...ke loo nto ke iya kuhla ngoLwesibini ndifuna ngoLwesibini loo masok' 'akho osibhozo abe laph' ekhaya ndiza kuwabiza onke ndifuna ukuba ume phambi kwawo uthi ndiyabeja[377] andifuni namnye uze ke uhambe ke ngoLwesibini njalo nalo sepha[378] ...ndithe ke mna hayi ke tata...nakuba[379] kunjalo...kwakubonakala[380] ke ngalo mini yakho...nxa ufuna ngoku mna ndendel' emaqabeni ndakubaleka emaqabeni...andizukuyazi[381] ke loo nto kuba mna 'be ndiba ndenza into elungelelene nawe...wathula utata akathetha...kuhambile ke kwahamba iintsuku ezo simbalwana kwa'[382] ngoLwesibini...afikile amasoka nyani ngoLwesibini aqalele kusasa kuthe kuphungwa kwabe 'se ekho amabini elaseBhojini nelaseCiko...kwalile emva kweblakfesi[383] aphelela...lakhona nelakuNkanga...ngoku ke ndibiziwe ke ngutata 'se ndimane ndikroba ndibabona aba bantu...ndabizelwa phandle enkundleni phambi kothango...wathi ke ndakufika ndafika mna ndathi molweni...kwathiwa ewe...wathi utata bamb' izandl' abantw' aba...ndababamba ke mna izandla bonke...bephakamis' amehlo bendijongile ndiyintombazana...ngoko ke ndithe ndakuba ndenjenjalo wathi utata e--- ntomb' 'am ndathi tata...wathi uyabazi aba bantu...ndathi mna ndiyabazi...wathi ubazi bonke ndathi mna ndibazi bonke...wathi ukh' uthethe nabo bonke...ndathi mna 'zange ndithethe naye lowa wathi lowa yena ngowaphi ndathi mna ngowakuNkanga eNgqaqini...wathi uyakwazi kowabo ndathi mna ewe ndiyakwazi kusemaNtlaneni ndiyakwazi kowabo...ndiyalazi negama lakhe...wathi ngubani ndathi nguSteven...uthe utata wawumbona[384] phi ndathi mna ndandimbonile[385] nasemtshotshweni...ndandimbona nanini na soloko ndambona...wathi 'zang' athethe nto kuwe ndathi 'zang' athethe nto kum...into ewayeyithethile[386] kum wayeyithethe[387] eyinkwenkwe watheth' iinto zesintwana...wathi utata oo lisoka lakho ke eliya ndiyalonyula...ndathi mna e--- tata eli qaba...wathi ayiloqaba elo kuba uyise wakhe nonina babengamagqoboka wohle abuye mhlayimbi msinya wakuba wendile kuye...ndisukile ndahamba ndingaphendulanga ndabheka entangeni...ndafika ndangqengqa ebhedini[388] nda--- ndalila ngentliziyo ebuhlungu kuba ngoku ndoyiswa kukuphikisa utata...ndahlala ndihleli ndahlala apho kwangena utata kwangena udadobawo[389] ...wathi utata kudadobawo khawuthethe[390] nale ntombi yakho...uthe udadobawo e--- yintoni mntan' 'am uliliswa yintoni...ndathi mna hayi andililiswa nto...uthe utata e--- uyabona mntan' 'am uba uliliswa yile nto ndithi mna yendela kule ndoda yi--- yakuNkanga...ngoko ke ngaba ayikho le nto andifuni mna uzibophelele zicenge ndifuna kodwa wende ngomthetho wam...andiphendulanga ndithule ndase[391] kwakhona ndilila kakhulu wemka ke utata esithi mthuthuzele...hayi mthuthuzele andiyifuni le nto ngonje yalo mntana as'ke ab' elila mayis'ke iyekwe le nto...uthe akumka utata wathetha udadobawo wathi ucing' okuba umnakwethu angehlelwa ngamabhong' angaka na ekuthanda kangaka mntan' 'akhe kuba uyazazi na uba abantwana basekh' apha bonke bogqithiwe nguwe ngokuthandwa nguyise uyambonana ngok' uba uxhwelekile yile nto yose[392] ulile uyabonan' uba ngonje ufuna iyekwe le nto kodwa ke engayiyeki ngantliziyo yakhe eyiyekiswa yintliziyo ebuhlungu kuba ebon' uba wena uya kus' uzixhome uzenzakalise...engafun' uba wenzakale...hayi mntan' 'am noko...yeka le nt' uyenzayo...awusoze ungendi nawe uze uzalwe ngunyoko wenda...andithethanga nakudadobawo apho ndithule andaphendula...ndandingesosiphenduli kakhulu kakade ke umntu omdala x' ethethayo...wahamba ke udadobawo...andityanga ke ngalo mini ngokuhlwa andafuna nto ityiwayo kusile ngoLwesithathu...kuthe kwakusa ngoLwesithathu utata wandibiza wandibizela phantsi kothango...wathi ndifuna ntoni na...ndathi ke mna endiza[393] kuyithini na...wathi noba yintoni n' oyifunayo...ndathi mna enje ngantoni na tata...kuba ke akukho nto ndingenayo...wathi aku--- akukhanuki nto akukhanuki nenkuku...ndathi mna ilungile...uba ikhona...wath' ufuna ntoni inkuku...ndathi mna ilungile tata noba yinkuku na...wathi ke utata phek' amanzi ke uzi--- uzibambele laa nkuku yam...ndiwaphekile amanzi nam intliziyo ngoku yam 'se ibuhlungu ngutata ndimbon' uba hayi bo uyaqaqanjelwa yile nto waye akafuni ndive int' embi ndayipheka ke le nkuku ndayophula yakuvuthwa ndayisa kuye esahleli kulaa ndawo...uthe utata masiphe abantu kaloku nda--- ndeza nezinye izitya wabapha ke abantu wathi ubuye ke wena sizokutya sobabini...ndaye ke ndingatyi nay' esityeni ndiqhele ukutya nabanye abantwana...ndabuya ndahlala wathi yiza kutya kaloku ndathi mna tata ndinike esandleni...umane ke endinika ndayi--- ndayitya ke le nkuku...hayi ndayitya ndayitya...akwabi kho nt' ikhoyo...yaye isihla intliziyo yam kule nto ngoku 'se ndivel' int' embi yena...kuthe ke kusaqhubeka ngolo hlobo...kwasetyenzwa apha 'se ndingasaxelelwa ke ngoku...ndamane ukubona impahla...ndamane ukubona impahla ku--- kundlu ephakathi ndithi ndakuvula ndifike kukho iimpahla ezinintsh' zokwendisa...ndaqonda okokuba ezi mpahl' ezi iya kuba zezam...kodwa ndathul' andathetha nto...ndithi nxa bengekhoyo ndiyokuvula kulaa ndlu...ndizibale ndizibale ndizibal' ezi mpahla ndiziqonde kakuhl' uba ziimpahla zokwenda...akukho mpahl' ingekhoyo apha ngoku kwalile kwenye--- kwenye iCawe kwafika abayeni bakuNkanga...bafika beqhuba iinkomo ezintandathu...ezi nkomo zintandathu ingamathokazi odwa omathandathu...ngonje ke ezi nkomo behamba ke bona aba bayeni...'se ingumyeni wam i--- ingumkhuluwa wakhe...ingomnye umkhuluwa wakh' ophakathi bangamadod' amathathu...ndiphumile ngokuthatha iidyokhwe[394] ezisecalu kobuhlanti...ukuba ndibona ngathi kuza kukhwitsha...ndazingenisa endlini...ndimane ndizithatha bathe bona kuba bahleli pha' phandle...kutheni na ungezi nje sibulise...ndathula ndathi tu andaphendula mna ndahamba nday' endlini...ndangenisa zona kuphume utata ngelinye ixesha ehamba nale nkwenkwe yokokwethu...wafika waya kubo wabulisa wahlala phambi kwabo wandibiza ukuba mandize namanzi ndeza nawo la manzi...wafana wawaphath' apha ndathi nqa uba uza kuwenzani na la manzi...hayi wawaphatha wathi kum ubabulisile nje abantu aba ndathi mna ewe...bathi bona hayi 'khang'[395] abulise...wathi bulisa abantu...ndaya ndababamb' izandla...ndabona okokuba oo utata ufuna ndize kwaba bantu ufuna abon' uba ndiza kubabulisa na ndiza kuthini na la manzi la licebo...ngoku ke ndihleli apho kwaze kwabonakala okokuba ngoku makathume umntana wathuma le nkwenkwana...wathi mayibize omnye umfana kabawokazi weza naye bathethile ke into endingayaziyo ke mna ndiphaya mna endlini...ndabona ke kusithiwa masisuse ezi bhedi zisentangeni...kuza kungena abantu...sizisusile iibhedi sazikhulula...kwandlalwa amakhuko...kwesuka kwangena aba bafo apha entangeni aba bayeni...bahleli apho kwathathwa ibhokhwe yasiwa khona ndaphinda ndabona i--- ixhelwa phandle ixhelelwa bona ndaphinda ndabon' isiwa[396] khona ndaphinda ndabona omnye esisa inyama endlini...kodwa ke ndathi ngokwazi oku kodwa okokuba nxa kwenjiwa nje kuxhelelw' abayeni...ndazazela uba bayaxhelelwa...ewe...kuhlalekile...kuhlalekile njalo kwathi ngokuhlwa ndabona kutyiwa apha iibhotile[397] ...ityiwa ngaba bantu badala basekhaya kule ndlu inkulu sityela kuyo ngonje ndabona kuthululwa ngeglasi[398] kunikwa le nkwenkwanana yakokwethu...ndanikwa nam ndathi hayi andityi tywala babelungu mna...hayi sela ndathi mna hayi yaye ke thina ngoko kwakungatyiwa ngumntana...yayiba[399] yint' engathi iyatsara ngoko...singayifuni...kwahlaleka ke apha kwathiwa ke ngoku mna mandise amanzi kulaa ndlu i--- inabantu basemzini...ndiwathathile amanzi ndawasa ndiwaphethe ngejagi[400] ...ndafika pha' kulaa ndlu ndankqonkqoza kwathiwa ngaphakathi...ndangena ndema...bathi bona uyathetha ntombazana...ndathi mna kuthiwa mandizise la manzi...wawathatha athathwa ngulo myen' 'am ndawabeka phantsi wawathatha yena wawabeka...siphumile ke kuba ndihamba nomny' umntanana...sabhek' endlini sahlala...kwaphinda kwafika umfo ovela kulaa ndlu yabayeni...wathi uzise inyama uyizisa le nyama kumama enye uyizisa kutata iyinyama evuthiweyo...babulele...kwahlaliwa kwatyiwa ndasikelwa nam ndayitya le nyama...kwasa kusasa kuse behamba begoduka...yaye impahla leya ikulaa ndlu 'khe[401] ndaphinda ndayikroba...ndayibon' uba le mpahla ininji ndibiziwe ngutata...utata wandibizela egadini...wathi egadini[402] e--- kum ke ngoku kufanelek' uba noko undixelele eziny' izinto...ngoku sisedwa...ngoku sisedwa e--- nguwe ozaziyo izinto zasemaqabeni...ke emaqabeni nxa kwendiswayo kuye kuthini na...ndithe cwaka ndathi cwaka ndathi cwaka ndathi mna kufuneka iiponti[403] ezintathu zamankazana...kufuneka iindev' ishumi[404] kufuneka isazi-mz' ishumi kufunek' uluthi lwendlu isheleni[405] kufuneka i--- umvalo isihlanu kufuneka umthundiso isheleni ezintlanu kufuneka umkhwezo ishumi kufuneka umtya isihlanu kufuneka ukungena endlini isihlanu kufuneka ukutya nonina isihlanu kufuneka ukubamb' amacephe i-half gorweni[406] kufuneka e--- imali yokuphemba ekwa sisihlanu ukuze kufuneke imbola eye ibekwe kuthiwe yimbola...isentandweni yakhe umntu noba ingaka nani na...apho abone khona...ke utata wathi oo ewe mntan' 'am ndixelele wena kuba ezi zint' andizaz' akufunek' iintsimbi na...uya kuba njani kuba phaya kuyaqatywa akufuneki nt' iya kuba yintsimbi...ndathi mna kufuneka intsimbi intsimb' enjani mntan' 'am...ndathi ke yonke intsimbi kuba akukho mnt' uza kwenza ntsimbi apha zifuneka zonke iintsimbi ukuze ngelo xesha ndibe ndakukwaz'[407] ukuzenzela kungekho' ntsimb' ingekhoyo ndingasayi kuya venkileni kuba akukho mtshakazi ubheka venkileni...umtshakazi usebenza ekhaya angayi venkileni...ivenkile[408] ihanjwa ngumntu ose eyekile ubutshakazi...wathi ke utata kulungile...ke le yona yentuku intsi--- intsimbi ilungile ndathi mna ewe ilungile kuba yona ithathwa 'se iredi[409] evenkileni usuke uyinxibe emqaleni...ezo 'nto ke zizonke...sakuba sahlukene notata akabanga[410] aphinde athi mazize kum usuke wathuma abafazi belali kanti lo mfazi amthumayo ngulowo uza kuza kundendisa ingumfaz' obomvu...wamthuma ke wayithenga yonke loo ntsimbi yasisiqhuma eqhiyeni yabekwa phaya kwathengwa naleyo yentuku ifakwa emqaleni...kwalile ke kwinyanga ezayo ngoku ndabona mna 'se kufika abantu ababomvu ekhaya...aba bantu babomvu amadoda emabini ilixhego kunye nendoda ese ngumfana...ingamankazana amabini enye inkazana indala enye noko isentsha...iziintombi ezimbini enye ke intombi ingudadewethu wathathwa wabekwa kwelo qela...yaze ke ngoku ke ndafakwa amabhayi[411] kanti amabhayi la 'se egqityiwe ukwenziwa...'s' egqityiwe afakwa nembola...ndakhululwa ke iilokwe[412] ngutata wandifaka ke loo mabhayi...waba nokuthi ke utata ngezo mini...ke mntan' 'am ndiya kugxotha ekhay' apha ngesiko lesiXhosa isiko lesiXhosa ke lilona lemvela kuba nathi siguquke mva sasibomvu ngaphambili...kobawomkhulu...ke yiyona mvelaphi yomntu le yobu buqaba ngoko ke ndikwenzela ilungelo elihle ukukukhupha ngokwam ngomnyango ndikholwa okokuba uyokundikhonzela uze ugcine ke kuloo mzi ungagezi mntana wam 'be ndikuthembile ke andazi noba ndingadaniswa yintoni na kufuneka ke namhlanje uhambe kodwa ke phambi kokuba mntan' 'am uhambe uya kuphumela ebuhlanti...mqabeni imbola...kutsho ke ngoko ndakuba ndise--- ndilila ke ndaqatywa imbola ebomvu emzibeni wonke esithi 'be ndivela kuvasa 'nge ndiqala ngokuya kuvasa ndaye ke ngenyani ndivela kuvasa emlanjeni...waze ke wasiqaba sonke ke umfana osiqabayo lowo eb' efika uceliweyo uza kuya kundendisa...'the sakugqitywa ke ukuqaba sahlala kanti ke 'se kuxhelwa pha' phandle ibhokhwe endiza kushwanyiswa ngayo ndingcanyiswa kuba ndimka[413] ekhaya...yangena[414] ke umkhono lowo ndenzelwa umbengo wojiwa eziko ndasikelwa ukuba manditye ndaginya lalinye[415] ndath' andifuni ngoku kwathiwa akunanto ugqibile...ngoko ke yatyiwa ke ngabanye yaphela...kwangoko ke kuthiwe phumani naye watsh' utata phaya phandle wathi phumani naye...kwesukunywa ke kwaphunywa nam ke ndilila ke ngoku ndikhala kubhekwa nam ebuhlanti ebuhlanti kufike kwandlalwa ukhuko olu khuko ndahlaliswa kulo 'se ndambathiswe iblankethe[416] entsha editshiweyo ngembola...ngonje ke 'the ndakufika ke pha' kwathiwa heke ngutata lowo heke mntan' 'am ithamsanqa lakho elikhulu ukuba wena usuke ubheke emzini usisiwa ndim uyihlo ngokholo lam[417] ...uvote[418] ube phantsi kwento ethethwa ndim...uze ke mntan' 'am ube njalo nakuloo mzi uya kuwo namhlanje asikuba[419] mntana wam kum kumandi ngoku akumandanga int' ekunayo kungendalo nesiko akumele uze ube ngumfazi wam kufuneka ube ngumfazi womnye...loo nto ndiyenzayo ngokuya ubona umama wakho engumfazi wam nakuyise kwakungemandi kodwa kwakumandi ngenxa yendalo nesiko...kudaliwe okokuba umntana umzale uthi wakugqiba ukumzala ahambe ayokuzakhela yena kuloo ndawo esakhela kwa wena nalapho...ngoko ke ndithetha ukuthi hamba ke ntomb' 'am yiyo le inkabi yenkomo uSelani ke ndikunika impothulo uyiqhube ngaphambili ukuze kuqalwe ngayo kuloo mzi...uhambe kakuhle ke...isukile ke enye indoda yathi ewu! 'zange ndimve umntana othethelwa kakuhle kangaka ngumzali wakhe mntanandini ukuze wena uzithobe kangaka uyabonakala ukuba wakhulela kubantu bakomkhulu ezinkosini apho umntu aba phantsi komntu xa efuna ubuntu ndlela-ntle mntan' 'am hamba usikhonzele sonke sonke njengokuba silapha nje apho emzini wakho singooyihlo low' ufikileyo uza kuba nguye uyihlo sakubona[420] ngawe okokuba akulungisanga nxa sisithi sakugqitha apho kuthiwe hayi lo akangowa kwaGosani...ke ndahamba ke ngolo hlobo saphuma ke...saphuma ke kwathiwa masihambe...kwahanjwa ke gubhu kwathwalwa ke impahla leyo ke...sakuba sihambile ke sahamba kwabakho siphithana yalahleka inkomo ngoratya...nxa siseQwaninga kanti inkom' ayilahlekanga isishiyile ngamendu yase yona yawaz' umzi ib' ingazange yawubona umz' okude kangaka kanti yona isuke le nkomo yasisingqwane endleleni yaza kutsho kulo mzi wam yafika yalala esangweni...ngoko ke saza kufika ke thina ngoratya olukhulu...sathi sakufika sahlala entla komzi kwaya kubuzwa apho sikhonkothwa zizinja e--- ukuba singabantu abavela phi na kwathiwa sivela phesheya koMbashe siy' eNciba ngoko ke sidiniwe sicel' indawo...lisiko lesiXhosa ke elo kwathiwa ke ngumfana oze kubuza oo ndisay' endlini...uyile endlini wasishiya apho waphinda wabuya weza kuthi...wathi hambani ke sihambe sasukuma ndigqumathele ke mna ngeblankethe oko 'be ndigqumathele...siyokungena ke endlini sithe sakufika endlini kwenziwa iraladiya[421] ngenye ingubo sahlala thina ngaphaya kwaloo ngubo thina mantombazana...bahlala ngaphandle kwengubo aba bona bantu bonke bangabanye bane...amankazan' omabini namadod' omabini...thina mantombazana sobane sahlala eraladiyeni...kuthe ke xa kunjalo kwangena izitya zokutya imingqusho izity' ezibini kwatyiwa njalo sisitya nathi kuthe kuse njalo e--- kwabonakal' okokuba...kukho into engaziwayo phandl' apha kwankqonkqozwa kwabuzwa okokuba ngaba ib' ikho into engaba isiphuncukele na nake kubonwa inkomo engaziwayo le nkomo ifike apha nxa kuratyelayo yafika yalala esangweni inkab' 'enkomo[422] enkulu elubhelu...banduzukile abantu boduli bathi yiyo leyo yile 'be sisaza kuyilanda sithi[423] 'fan' ukuba ijikile isilahleke eQwaninga...ixheliwe ke inkab' 'enkomo leyo ekuseni ngomthetho ixhelwa ekuseni yaxhelwa ekuseni ke inkabi leyo yenkomo yaba ke icala liseludulini igama nxa senjenjenje silulo uduli[424] ...ithe ke njalo loo nto ke njengoko silulo uduli...yazizipheko ke zale nkabi kwakusa ke ilubhelu...inkab' eyayityebe[425] ngokusisimanga amafutha a'zalisa[426] amagqongo[427] ngoko ke loo nto kuruda abantwana ngamafutha ngonje ke kwalile emva koko kwaxhelwa ke apha inkabi yebhokhwe kwathiwa ngumothula entabeni kothulwa uduli entabeni...loo nto ke leyo ya[428] ye yaseludulini kuthe emva koko ngokulandelelana kweeveki kwaze ngonje kwathiwa uduli luyafuneka phandle ukufuneka koduli phandle okokuba umtshakazi aphume ngoku umtshato wesiXhosa...ngonje lo mtshato wesiXhosa wesiqaba nasesiXhoseni isiqaba ngonje ke kuza kuthi siqatywe sonke imbola sihamba ze sibhinq' iint' ezimfitshane sigqumathele ngeeqhiya ezimnyama sembethe iingubo sifake iibhutsi[429] emazantsi zamaso sifake amanquma entloko sifake amayila emqaleni nezidanga sahamba ke kukhokele unozakuzaku oyindoda lowa uzokwendisa mna wakhokela phambili yayinkazana emva kwakhe y--- yayintombi emva kwenkazana yaphinda yayenye intombi emva kwaloo ntombi yaza kuba ndim ngoku emva kwaleyo yaza kuba yenye intombi emva kwam yaza kuba yenye inkazana ngaphaya kwaloo ntombi senje[430] njalo ke ukubheka apho unozakuzaku lowa uphambili ephethe umnqayi 'hamba[431] echwetha izibi ekhaba namalongwe elungisa indlela ukuba singakhubeki kuba kaloku sihamba sijonge phantsi...loo nto ke sihambe njalo sihamba ke ngoko sade sakufika ebuhlanti sakuba sifikile ebuhlanti...sifike sandlalelwa ukhuko sahlala elukhukweni apho sihleli ngolaa hlobo 'be sihamba ngalo si--- senje njalo satyhilwa iingubo kwaye kungena abayeni nabo abayeni bakwangangentombi inani...ngoko abayeni bahlalela bona ngasesangweni nabo bandlalelwe ukhuko nabo banxibe izidanga namayila namanquma...ngoko ke bona bahamba ngeentloko ngonje ke bembethe kwa iiblankethe...kwatyhilwa ke ngoku kwathi ke kwakutyhilwa ukuba sigaqe ngamadolo apha zithathwe iingubo zibekwe ezinqeni umhlaba wonke ongentla uhambe ze ngasentla...kwathiwa ke ngunozakuzaku lo usityhilayo ub'[432] eduludulusa e--- phambi kweth' ethukwa kusithiwa wenz' umnqund' otsolo nje asifuni wena sifuna umfazi wethu tyhila 's'[433] ukudlisela uthe ngumnqundu ubhekise kuth' udlisele 'ze kanti thin' asikamboni owethu umfazi asifuni wena apha...unozakuzaku ke yena akahleli kuyahlekwa ke kuhlekwa ezi zithuko nangamadoda nangabantu bonk' abalapha bamthuke kuthiwe tyhini khawukhangele le nt' ijij' intamo yimbibhinxa[434] wantoni na le nto...lo mboxoka ungasesuki nje uthi sambona nini kwo! kakade 'zange simbone nesideng' esinje esihamba nabantu...esuke kunozakuzak' wadlisel' atyhile kujongwe ke...kuthiwe yhu yhu yhu 'be simthande singambonanga athi tyhi unozakuzaku cimi kwangok' agqume kuthiw' umgqumelani phinda asikamboni hee bethu sakha sasibonan' esi sidenge yintoni kodwa ib' iye phi na indoda okwenyani le nto kungaze kuz' int' enje aphind' athi tyhi kancinci...aphind' agqume...kube njalo ke kuyiloo ntsini kusukunywe ke ngoku kuhanjwe apha ke phantsi kwam...mna ndizokwenda kushiywa isheleni apha phantsi kwam kule ndawo 'be ndihleli kuyo kuhanjwe ke ngoku kuyiwe kwa phaya kusahanjwa kwangolaa hlobo lo uphambil' ikwa ngulo eb' ephambili 'hamb'[435] echwetha la malongwe ukubheka ebafazini ke ngoku enkundleni...ngonje ke uza kuthi ke abafazi bamthuke bonke kuthiwe yho yho yho yho le nto ngathi nesisende le nt' iqhangasayo...iya kufika nini le nto khawukhangele le nto 's' ihamb'[436] ichweth' amalongw' esi sidenge sakufika[437] nini kwo! yintlubule yomntu kuhlekwe ke kuthi yaa ade k' afike kuphinde ke nasebafazini kwandlalwe kuphinde sihlale kwa ngolo hlobo...kuphinde kubekwe isheleni phantsi kwam...ukuze ke ngoku ke atyhile ke unozakuzaku athi akutyhila kuthe xa kusathiwa yho yho yho bethu akabi mhle akabi mhle yhu yhu yhu yhu mamase[438] agqume unozakuzaku kuthiwe umgqumela ntoni sihibandini kwo! yinto yokubethwa le nto aphind' atyhile kancinci...'s'[439] edlalisa nangabo engakhathali nazezo zithuko kuba zingumthetho okokuba makathukwe ngoku ke asuke ke agqume silungise ke ngoku ukubheka endlini sigungxiswe siphinde ngoku siruqise siya kwa kundlu e'be[440] sisuka kuyo kuthiwe ngabafazi imilenze imilenze sifuna simbone ukuba anisiziselanga siqhwala na ayisosiqhwala n' eso...ingathi kanti omny' umlenz' awukho velis' imilenze kumiwe ke ngoku sijonge ke sifulathele ke ngoku size ngomva ebafazini sityhile ke emilenzeni kuthiwe yhu yhu yhu yhu yhu agqume unozakuzaku aphinde athukwe kanjalo ke ngoku ke ayeke kubhekwe ke ngonje endlini...sakufika ke endlini...'hlala[441] kuyo...net[442] uba singene nje endIini...awu! afike amankazana asekhay' apha...afik' epheth' ii-emele namakhuba neerenqe afik' ath' ekhay' apha kuyakhiw' ekhay' apha kuyalinywa ekhay' apha kuyathezwa aphume unozakuzaku ephethe yena intambo afike agaqe phambi kwabo athi tyoyiyo tyoyiyo tyoyiyo tyoyiyo atsh' asenga-senga athi siyasenga ke thina okunye sibopha iinkabi siqhube iinkomo yek! maan! e--- njalo njalo ke loo nto ajike ke amankazana alo mzi emke unozakuzaku angene ahlale kuthiwe ke iinkomo zatsha nozakuzaku...kanti ke xa kutshiwoyo kungeniswe iinkomo ebuhlanti ezileqiweyo...ezi k--- kuza ke kuza kuxhelwa ke ngonje inkom' ekuthiwa ke kukhona kutshatwayo...kuba kuqala kuhambe nina nigqibe kuzokugqityelwa[443] ngokuxhela...ziyatsha nozakuzaku xa besitsho ke bafuna unozakuzaku aphume aye phaya ebuhlanti kubekwe umvalo esangweni kufuneka ke unozakuzaku avule...lo mvalo ke akazi kuvula ngesandla uza kwahambisa imali...aye k' epheth' ishum' afike ke a--- alibek'...baqale ke bawuvule umvalo...kuthiwe ke umkhonto...kunozakuzaku...unozakuzaku kufuneke int' 'okokuba makakhuphe isihlanu okokuba ngonje inkomo mayixhelw'...ixhelwe ke inkomo akuzikhupha k' ezo 'nto zonke...ixhelwe inkomo leyo ithi yakugqitywa ukuxhelwa inkomo iziswe inkomo endlini...ngohlobo lukanozakuzaku ekuthiwa makathathe inyama yakhe waye le nyama yena eza kuyithutha ngokwakhe...ayithuthe ke eyithuthela kundlu yoduli ithe yakufika kundlu yoduli ke ngoku le sikuyo...kufunek' uba mayisiwe ngonje kwelaa cala ke ngoku lasekhaya ekhay' apha ngoku kufunek' icala lonke lithathwe ngalinye ngalinye kufunek' uba umhlubulo wenkomo...yisheleni...kuthiwe umqolo yisheleni kuthiwe umlenze yisheleni kuthiwe intloko yisheleni kuthiwe i--- amanqina yisheleni loo nto ke ihambe njalo ke elek'[444] uba eyisa kulaa ndlu uyisa nemali yayo eyisa kulaa ndlu uyisa nemali yayo ngoko ke 'se yakhutshwa ke eyokuthunda abantwana xa ba'[445] bez' ukuthundisa banikwa isihlanu...ngoku ke kuqale kungene inkazana ithi uluthi lendlu...ityiwe le nyama kakubi maphuthuphuthu ityiwa ngendlel' engenasimilo akukho sithuba sokuba konwatywe ityiwe kakuhle ngathi abantu babanjiwe...ithi inkazana uluthi lendlu...lukhutshwe uluthi lendlu i--- i--- isheleni...ihambe ibuye kwangoku...ithi isazi-mzi...kuthi kuse njalo e--- kuthiwe khawubuy' umva sisatya ithi inkazana andinaxesha andinaxesha andinaxesha...ikhutshwe ihambe...umzuzwana kusatyiwa ingen' inkazana...ndifuna ngoku 'be ndinike isazi-mzi ndifuna umkhwezo anikw' umkhwezo ndifun' iindevu kwangoku oo hamba sivile...ihambe kancinci kanti ngeliny' ixesh' im' ecala kwendlu aph'...iphind' ijike...ingene...inikwe ndifuna inkciyo awu! iya kuthini loo nto asiyazi 'be nitheni 'ze ningayazi 'be nithe niya kuthini...ukhon' umz' ongenankeiyo ibe yiminqango loo nto noba int' ikhona kwakukhe[446] kuthethwe kodwa ikho le nto 'se isaziwa ikhutshwe le nkciyo...njengoko ezi mali 'be sizibekwe ngolo hlobo...ihambe umzuzwana ube mncinci ibuye ndifun' iindevu...i--- inikwe ezi ndevu...umzuzwana ube mncinei ndifuna i--- i--- isa--- i--- i--- i--- i--- inantsi--- i--- inantsi--- agh! ndifun' umtya...ukhutshwe umtya...ihambe umzuzwana kancinci...ndifun' imal' 'amankazana[447] ...kuthiwe ke hayi sakubonana[448] kusasa...nga--- siyeva siyayazi loo ndima sakubonana ke kusasa asiyikhanyeli kuba noko asinakukhanyela loo nto...ngoko ke ihambe ke inkazana kucace okokuba noko nayo kulaa ndlu imisiwe kuba kalok' imali le yamankazana yona ibethana nokokuba kuphume ikhazi lanele kuzokwanelwa ngamadoda...ngoku ke emzuzwini ongako ngqi indoda izokuthi lo mzi niwaze ngani na...awu! sisabuzwa umzi uba siwaze ngani kusuku lesingaphi[449] ...hayi sithi lo mzi niwaze ngani na...ndiyathunywa lekhehl' ndizobuza loo nto apha...kukhutshwe ibhotile...ihambe loo bhotile...kubuye umfana azokungcamlisa abant' ababini...kube mzuzwana kancinci kuphindwe kungenwe...ndivela kulaa ndlu...yintoni ngoku...hayi kuthiwa isihlalo isihlalo...awu isihlal' esinjani...hayi isihlalo enihleli ngaso...kukhutshwe ibhotile iphinde ihambe iye kulaa ndlu...kubuywe kulaa ndlu kuzongcanyuliswa apha le nkazan' indala kunye nale ndod' indala kumkiwe ke! apha ngokuhlwa kuyabiwa aba bantwenyana abantwenyana ke zezi ntombi zonke ezi ntombi apha zilala namadoda abafana abaya 'be benganayeni bakhaph' umyeni njengoko umtshakazi naye enezi ntombi zimxhakileyo...ikhona ke indlu ekulalwa kuyo kuthi ngokuhlwa kunkqonkqoze inkazana yeli khaya...hayi ndiphuthume abantwenyana...ngoko ke esuke nathi ke unozakuzaku...senje njalo k' ukuya kuloo ndlu ngoko ke unozakuzaku uza kuphatha yena ukhuko lam mna mtshakazi...afike alu lam alandlale ukhoko kwelam icala...amanye amakhuko awandlale ezililini zawo...intombi iye endodeni intombi iye endodeni intombi iye endodeni...nam ndiye kweyam indoda...kuhlaliwe ke apha kwale ekuseni kufuneke okokuba masiphume apha kungekabonakali kuse ngomsobomvu[450] loo nto ke okokuba waselwa kwase kwade kwakhanya kakhulu unozakuzaku wade weza ngokwakhe waza kunkqonkqoza okokuba baphi na abantwenyana...baza kudliwa abayeni...umyeni lowo wabanakho ukudliwa igem'[451] kodwa yabanye esathi saselwa waze umyeni wadliw' ishumi...baze abakhaphi yazizihlanu...ngoko ke loo nto loo mali yonke xa idiben'...iye kanozakuzaku...lowa waseludulini uthuth' inyama...yenzekile ke le nto kwade ke kwafika isithuba soba malibe liyaphela uduli ngoku ke ekupheleni koduli bathi bona amasi batyisile...akuvunywa ngamadod' akuvunywanga...wathi unozakuzaku soze inkomo yomtshato idibane neyamasi...umntu otye amasi ngebhokhwe akabiyesabi[452] aphinde atshate...eyona nto inkulu kukutya amasi...umtshato obalulekileyo naxa kuthethwa amatyala...ungathi use-ofisini[453] kubuzwe okokuba wayekhe wawatyan' amasi ub' utshilo ukuthi wayewatyile[454] amasi loo nto ibubo ubunqina...okokuba wayetshatile kulo mzi...uduli yinto nje e--- yovuyo a--- ayinanto ingaze ubambelele kuyo...kwaphikiswana kakhulu ke ngaloo nto kwad' es'ke ke boyiseka abomzi wam yakhutshwa inkab' 'ebhokhwe engqoqo eyayinamabal' amhlophe namnyama yaye kanti yayiyibhokhwe[455] yomyeni lo wam kanye...yaba yiyo ibhokhwe eyenza lo mcimbi wamasi kwaqala ke kwaxhelwa yona...kwathiwa ke namhlanje ke lo mfazi simtshata impelelo simtyisa amasi...le bhokhwe ithe yakuxhelwa yaze kwaziswa umbengo ose ubengwe kwasebuhlanti weziswa ngubaw' omncinci waze ubaw' omncinci wam wawoja ngokwakhe kule ndlu yoduli ephethe amasi ngethunga ephethe intambo yokusenga...ufike wanyela intambo yokusenga wayithi nxu emasini waze waphinda wasika ilungu lenyama walithi nxu emasini wafaka intambo le apha kum emlonyeni ngale ndawo ib' inamasi waze wafaka eli lungu linamasi emlonyeni...waze ke wathi ugqibile ke nkosikazi yakowethu...utshatile...hee! ngoko ke uphumile ke yena ke ngoku yaba ke ngoku inyama ke iyeza xa iyonke endlini...yaqala ke ngonje ke yayinyama ke ngoku yomtshato bafumana ke isiphiwo ayahamba ngamali ke yona...yathi ngoku yayinyama abaphiwayo nje kuyo baze bakholisa ngokumane bephiwa evuthiweyo...kusiwe ke ngoku apha eludulini nxa kukule nyama y--- yokutyisa amasi kwathathwa isitya somyeni kumpahla yoduli kwathathwa imela yomyeni kumpahla yoduli yabekwa kwabekwa inyama kwasiwa emyeneni endlini ngunozakuzaku kuphindile kuleya ikulaa ndlu yakuvuthwa kuziswe imela imela kunye nenyama e--- ekuthiwa iphiwa mna ngoku nemela leyo yeyam ngoko ke yaqala ke yaba iyagqibeka into kuphunywe phandle emva koko ngoonozakuzaku bafuna amadoda ekhaya besithi sizama ukuboleka indlela khanisinike okwethu ngoku i--- imicimbi mayiqhubele phambili...kukhutshwe iinkomo ezimbini...ecalu kweenkomo ezintandathu ezazisiwe ngabayeni kwakhutshwa iinkomo ezimbini kwaqala ke ngoku bathi bona khanenze ngohlobo onanigqibe ngalo noyise wentombi asizube[456] sihamba siya kungqina okokuba kwakuthiwe nina niyayazi izigqibo zenu nxa naninikwa le ntombi kukhaya layo ke thina qha sifuna ukuhamba naleyo into siyinikwa ib' isaziwa...awu! nxa batshoyo kwagotywa ngumyeni okokuba ngaba ilwazi lwakhe luyini na wathi ke yena hayi nabakhuluwa bam bayayazi loo nto zikhutshiwe ke iinkom' ezimbini zaqala ke zalilo ishumi iinkomo ngoku ke bahambe ke nazo zi--- zizezo nkomo zine ngale mini yokuba kugqityelwa ngonje ke aqala k' amankazana...akubona kubuywa phaya enkundleni iinkomo zikhutshwa zibekwa ebantwini eza athi 'be sithin'[457] izolo...yeee ngantoni kanene makhosazana kanene izolo 'be singekho apha singatsh' uthi[458] sifun' imal' 'amankazana[459] ...ewe 'be nitshilo...ngaba ke siniken' okwethu ikhutshiwe ke imali leyo iiponti ezintathu zanikwa amankazana i--- imali ekuthiwa yimali yamankazana...aye abelane wona ngokwawo ke ngokwazana kwawo ngoko ke kwathathwa ke impahla yonke ke ngoku kwafuneka ke ndisiwe ke ngonje endlini kokwethu...ndizokushiywa kugodukwe ndihambile ke sibhinqile ke ngoku ndigungxisiwe ngeqhiya emnyama nezi ntombi zigungxile kodwa ngoku sembethe amabhayi...singambethanga iiblankethe zifike ke endlini zabekwa ke iimpahla zonke ahlala ke sahlala calanye thina sivela kwenye indlu kwathiwa ke ngonje ke e--- nithini ke zithathu hayi thina ke bantu baseSithathwini siyagoduka ngoku...e--- sizisa ke umfazi wenu apha endlini...ke umfazi wenu lo hayi akanasidlanga...isidlanga anaso ke esakuthi[460] sibe sinikhathaze e--- u--- usoloko ekhathazwa ngumbilini e--- umbilini onehlaba loo nto ke siye sithi sakumsa nasebantwini kuthiwe u--- uligqira ufuna ukuphehlelelwa ngamagqira...loo nto ke phofu nathi siyayibona kodwa ke ayinandawo ikhathaza ngayo kuba uyasebenza int' ekunayo ngexesha esukuba imxheshile loo nto angathandi kuthetha...ngoko ke akanayo enye into konke asizange simse gqireni...'zange simse gqireni[461] 'nga'[462] kukhathazeka nguye ngaphandle kos'ke[463] ...simbone ke enjalo sbe siyazi ke umntu onjalo siyamkhetha nangaphandle kwegqira...yiyo ke into enakuthi[464] nimgcine ngayo nimqwalasele ngayo...kuthe ke kwakuba kutshiwo ke ngabo ke abakowethu wesuka ke umf' ongubaw' omncinci wabulela ke...wathi hayi kulungile yimvela leyo siyayazi soyibona[465] ngoko ke noko ke aphelile amagama eziyalo...noko amagam' amanintshi akayali...ngawona as'ke umntu angayazi neyona nto 'be kuqale kwathethwa yona...la magama eb' ethethiwe nxa 'be kuziswa lo mfazi apha kuthi kowabo kusithiwa az' akhonze ngawo lawo...siza kuthetha wona nathi sifun' ukuba ukuba ukhonzela umzi wakowabo uya kulungisa kuthi akukho nto iyenye sinokuba sithethe yona mzi waseSithathwini siyabulela...kutsho ke emva koko ke bakhupha ke imali esisihlanu bathi ke yeyokungen' endlini kwakhutshwa imali esisihlanu kwathiwa yeyokutya nonina kwakhutshwa imali esisihlanu kwathiwa yeyokubamba amacephe kwakhutshwa imali ziiponti ezimbini ezineshumi kwathiwa yimbola yomfazana kwaba ke ngoko kuyasukunywa kuyahanjwa ngoko nxa kusukunyiweyo kwahanjwa kuthiwe gubhu iintombi zambini zaphuma ngeli ngathi ziyakhapha nam ndihamba ndijikile kwakufitshanana kwathiwa hayi masijike ngoku ewe bathe bona nxa sijikayo hayi ke sala kakuhle ke ntombi katata ndathula ndathi tu ke mna sahlala ke endlini sakuba singene aph' endlini 'hleli[466] kancinci ndathatha i-emele ndabheka emlanjeni...ndahamba nomntanana oyintombazana safika sakh' amanzi lawo sabuya ngoko nxa sibuyile ndathatha imbiza ndayivasa phandle kuba kwakusemini emini ebujika kancinci ndafuna ndafuna ngentliziy' uba ndiza kupheka ntoni n' andazi nto wathi usisi umkamkhuluwa wam mnikeni umbona lowa nithathe isingqusho esiya nisifake kulaa ndlu angqushe ndimnikwe lo mbona ndangqusha ndangqusha ndakugqiba ndawela umngqusho ndawupheka kwa kule ndlu indlu esecaleni ngoko ke sakuba sihleli ngokuhlwa kuthiwe kwakugqitywa ukutyiwa kwahanjwa nam kusiyiwa kwenye indlu kwafikwa kule ndlu iyilaa ndlu leya sasihleli kuyo ngokuya sasiluduli ngoko apho wahlala nam lo sisi apha ephethe ukhuko waphemba wathi ke wena uzokulala apha kuthe kuse njalo ndabona kungena umyeni lo wam ngoku wangena umyen' 'am wahlala...ngoku uhleli nje lo wasuka waphuma usisi wathi hayi ndisahamba ngoku ndisaya kulala ngoku ndasukuma nam ndisithi ndiyahamba nam siya kulala...hayi wena uza kulala apha ngoku ke ndahlala sabe ke sihleli hayi sahlala kakuhle kungekho nto ikhoyo ekuseni nxa kus' ekuseni ndiyavuka ndibheka endlini ndiya kuthatha i-emele...ndiya kuthatha i-emele yokubheka emlanjeni ngoko ke ndibheke ke emlanjeni njalo nxa ndibheka emlanjeni ndifika emlanjeni apho ndikhelelele ndivase umzimba wonke ukuze ndithi ndakufika ekhaya ndothule i-emele ndongena[467] entangeni ndiqabe umzimba...kwakuhamba[468] ukuhamba ndiyacweza ndiphuma kucala elingasegoqweni ndijikele emva komzi...ndijikel' emva komzi njalo ndiye--- ndiye njalo ke kwenye indlu ndingene kwa ngelo cala ndingena ngalo loo nto ke ndisebenzisile[469] isiko lomtshakazi ukuhamba ngasemva esenje njalo tot[470] uba ndes'ke ke ngoku nam ndizibone ndimith' ndizale umntana...ndazala umntana ke ndazalela kwa semzini wam apha ndingakhange ndiye ekhaya...kuthe ngelinye ixesha kwafuneka ndiphinde indlela liganyana elikhoyo lesiXhosa uhambe nomntana walapho emzini wakho ndihambile naye ukuya ekhaya umntana lowo sakufika ekhaya saxhelelwa apho njengomnt' ophind' indlela kwathengelwa umntana lowo izi--- izambatho zonke zomzimba nengubo yakhe...ngoku ke nxa ndibuya ndanikwa ingxowa yombona ekuthiwa igama lawo ndinikwa imbewu kowethu yaze ke loo nto ndeza nazo zonke ke izinto ezifanelekileyo izonka ne--- ne--- neswekile[471] zazo...oku ke kukuphinda indlela...loo nto ke umntana lowo yena wam walile nx' aqalayo ukuba enguye umntana...ohambayo...kwaqaliswa ngaye ukuthiwa uyasindelwa waxhelelwa ibhokhwe emhlophe...ngoko imhlophe ibala inekholo emnyama embonjeni...yaze ke ngoko kwathiwa ke uyasindelwa ndangumdlezana[472] ke ohleliyo endlini ekusindelwa usana ngonje ndaqaba imbol' emhlophe ebusweni...yaphela igem' eyintlalo yasekwendeni indoda yakhwela akwabikho nto naxa ikhwele yabheka emlungwini eRawutini yahlala apho eRawutini ibhala...ingabhaleli mna ibhalela umkamkhuluwa wam ingenaleta[473] iyikhupha ngam kuba abantwana bokuqala ingxabiso yabo ib' isekubeni kubhalelwe umnt' omdala ukuze umfazana yena eve ngomnt' omdala...ngoko ke naxa ithoba into eyithobayo noba yimali iyithobe ngaye umkamkhuluwa usisi ize ke ngoku yena umkamkhuluwa wam athi ubhuti[474] uthi mandikunike le mali usahlel' ubhuti...ndimxelele ke nam uba usahleli nawe ufuna ndikucelele ntoni kubhuti ndise ndithi ke mna hayi andifun' kucelelwa nto ngoko ke naxa ibuya ivela emlungwini yaye loo nto indixolisile ingandikhathazi ndiyithanda into yokokuba indoda yam mayithethe nomnt' omdala...ixabise umnt' omdala ondihlala naye ngoku ke xa ivela emlungwini iye ingene kule ndlu yomkhuluwa wam yan--- ingene kuyo ndive mna 'se kusithiwa yiza ubhut' ukhona ndise ndingene ikho ndibulise ndihlale ngoko nxa ifika iza kulala kuyo sibukana khona kuze kuthi nxa 'se ineentsuku kudala[475] ikho iqale ke ngoku ukuthi ke makuyokukhanyiswa kulaa ndlu ekanti naloo nto yintanga nje yokumane sisiya ngokulala apho sihlala khona sihlala apha endlini yomkhuluwa...yahlala ke loo nto injalo koko ke ekwam[476] ke ukwenda ay--- kuthe ngoko lo mntana lowo nxa ndimithiyo kanjaqo nxa ndikunyanga yesibhozo ukwalekela yena wabhubha...wagula ke kakhulu wagula phofu uyise ekho sihamba naye elizweni lonke konke engancedakali wad' es'ke wasishiya kwa--- kwaye ke ndinyanga-sibhozo ndimithi ndizokubeleka ke owalekela lowo ngoko 'se engekho waze ke lowo ke wakhula kakuhle inanamhla inguye lo ukhoyo nangoku unabantwana bakhe...kuthe emva kwakhe lowo ndaphinda ndamitha ndabeleka owalekela lowo waze lowo walekela lowo wayinkwenkwe waze lowo kwalile lo uyinkwenkwe kanjaqo nxa ehlala waphinda wagula wasweleka kwalile ekudaleni ndaphinda ndamitha ndabuye ndabeleka inkwenkwe leyo kanjaqo inkwenkwe iphinde yabe yasweleka yaphinda enye ezokuthi iz--- ezokuthi yona yasweleka emva komnyama iyona ndigqibele ngayo ke ukubeleka...ngoko ke sahlala ke phofu sonwabiseni kungekho nto kuzokuphithizela ekuveleni kokokuba e--- laa nto yayithethwa yobugqira yaqina kwaqina into yokuphatheka kakubi ngumbilini...loo nto e--- umntu owenze into ndise ndithi akuthi thu...e--- kanti lo mntu unent' embi ayenzileyo...ise loo nto umzimba ugxume kakubi ndibe nombilini loo nto ndiphatheke nangamahlaba kungafuneki ndihlale naye nxa iinto zakhe zingentlanga kwabonakala okokuba he! ikhona le nto noko ndinayo...ndaqala ke ngoku ndaxakeka endodeni yathi indoda le ngoku yafun' ukukhe indise emagqireni ikh' iyokuqond' uba ngaba yintoni na le ndinayo ndithe ngoko yandisa indoda emagqireni yemka nam ngobusuku...yaya kufika emagqireni yaze yandixilongisa apho kwelo gqira e--- igqira elo lachaza ngako konke okokuba e--- iintunja zam zezokufa ekumhlophe...igazi lam aliyifuni into emdaka ngoko ke ndinguye umntu omhlophe kufuneka qha ndinyangwe ukuze ndibe nakho ukhomelela kuziinto ezithi zilikhathaze igazi...yaba ke indoda ithi ngoko hayi ndiya kunika ke gqira mnyange...kuba ibuhlungu nakum loo nto ngoko ke igqira labiza imali e--- yokukhanda yodwa ukukhanda uba 'khe ndikhande...wayikhupha loo mali iponti...wandishiya kwelo gqira ngoko esithi uya kumane ukuza kundikhangela nje ndibe phantsi kweziyalo zolo hlobo...ngoko egqireni apho ndahlala ndahlala egqireni lindikhandela ngako konke lindigabisa lindihlamba lindityisa iyez' elilumayo emzimbeni elirawuzelayo...ndadamba aphela amahlaba wadamba umbilini lindixhentsisa lisenza yonke into kwas'ke kwathi kwangempanyazo kulo nyaka kwesuka kwathi kuba apha kuhamba abantu abagulayo nabazokuxilonga kanye laze ngonje igqira lathi makuye mna kukho umntu ofikileyo oza kuxilongwa kweny' indlu ndaya ndaxilonga lo mntu hayi ndamxilong' umntu nda--- ndamgqiba lafuna okokuba mandimenzele amayeza ndamenzela ke amayeza lowo ndamphatha wanokuphila landiruma ngayo intsimbi emhlophe umngqi owasuka wabotshelelwa entloko ebuchotsheni umngqi wokuqala...wokuqalisa...wabotshelelwa apho kokwesibini ukube ndiphinde ndixilonge ndigqibe uphinde lowo wafakwa emqaleni ifike indod' 'am kanjaqo ngoku yafika 'se ndinawo umngqi...yathi ngok' ikhoyo kwafika umnt' ogulayo ndaya ndayokuxilonga ndagqiba ngoku ikhoyo sihleli ke saqhuba ke konke ke ndad' es'ke ke ngoku ndana[477] bam abanyangwa abanye ndibachaze ndixele isifo esikubo beze ndisinyange baphile babe ngawo nabo amagqira nalowo nalowo ngenye indlela umntu enendawo omnye engamithi omnye e--- e--- e--- ebophekile njalo bangabantu k' abazindidi iintlobo ngeentlobo endisoloko ke ndibanyanga lade ke igqira elindinyangayo lathi noko kufanelekile ngoku...okokuba angaya kuzihlabela endlini yakhe anyange abantu bakhe kuba abantu bakhe ngoku banintsh' apha nabo ngoko ke hayi ya--- yayivotara[478] leyo yegqira...ndabuya ke ndahlala ke ekhayeni njalo...into ethe yafuna ukungathi ingaphazamisa e--- ayo ejikileyo 'se ikhe yalinga ukuphazamisa kakhulu...ithe indoda ngoku kwakuba njalo yi--- ndakuhamba aph' elizweni lonke ndinyanga ndihamba yase[479] ngoku ifik' inomsindo wokokuba kutheni na le nto ndingasabuyiyo endi--- ndide ndibemizi-minintshi ndinyanga kuyo ndingabuyi noba iveki noba ziveki zimbini loo nto yayikhathaza sabukhathazana ngayo yaqalisa ukungathi kuza 'bakho[480] intlalwana eza kusiphatha kakubi...kwad' es'ke kwabonakal' uba mna ndifuna okokuba inikwe iinkomo zayo ndikheth' ndingabi ngomfazi wayo kuba andinakukwazi ukunyanga ngohlobo lokungathi ndingugqir' omhlophe yena uzelwa endlini...thina bantu bamnyama siyathathwa uhambe kulo lonke ilizwe uzokuthathwa uhambe uyokunyanga kwelo 'zwe ke nxa endifunisa ngohlobo ondingadalelwanga lena kubhetel' uba ndikheth'...kodwa ke andadange ndaba ndiyakhetha int' ekhoyo kodwa ndakhe ndamlingisa ngokokuba hayi ndingakhetha ndingemka aph' kangangeshumi leminyaka...ndi--- ndimkile ndaphinda ndabuya 'se ke ngoku 'se kubuhlungu kuye endicenga esithini esithi hayi eb' esenziwa bubuntwana noko engekaqondi kakhulu ingathi kuye umkakh' uza kus'[481] emke nabantu...ndibuyile ke enyanisweni ke ukususela oko 'zange kube kuphinde kubekho into ephazamisana phakathi kokuhlala kwethu sobabini ngaphandle kokuba ingavela ngokutsha ndimile kuloo ndawo.
Notes
[321] AnEnglish translation of this autobiography appears in "And So I Grew Up," in Life Histories of African Women, ed. Patricia W. Romero (London: The Ashfield Press, 1988) 7-46.
[322] Nomatikiti: "mother of tickets," the name given to her as a child.
[323] yasemaTshalweni: her clan name is Tshawe.
[324] Nowekeni: probably her married name.
[325] Windy conditions were making the performance difficult at this point.
[326] Because of the strong wind, we moved to a better location, and Masithathu Zenani began again.
[327] Nojane: she seems to say Ncojane, but it should be nguNojane. This may be her first name. It is pronounced No-Jane.
[328] ube: ubuye.
[329] kuna: kunina.
[330] litshiza: from itshivela?
[331] ngasikolo: totalnegation.
[332] int''esikolo: intoyesikolo.
[333] Masithathu Zenani interrupts herself momentarily.
[334] ukutshintshana: from English "change."
[335] us'e: usuke.
[336] umakhuluoyindoda: lit., "my grandmother who is a man," i.e., "my grandfather."
[337] usomdala: useumdala.
[338] 'sowuphum': 'se uphuma.
[339] amaphambili: "fronts," a euphemism for vaginas.
[340] suba: sukuba.
[341] asoze: andisayikuze.
[342] imvotelwano: from English "vote."
[343] uzobona: uzekubona.
[344] Masithathu Zenani maintains a thoughtful, dignified, deliberate, and even pace throughout this lengthy autobiography.
[345] isipeliti: from Afrikaans speld, "pin."
[346] ub': ube.
[347] kwaba: kwadakwaba is the full form.
[348] amasiamuncu: the amasi is purposely kept longer (thus making it sour) for this ritual occasion.
[349] eseke: esuke.
[350] idayiman': from English "diamond."
[351] ibhirolti: from Afrikaans.
[352] inqawe: inqawa.
[353] kusenjenjwalo: kusenziwanjalo.
[354] ngetshova: from English "shove, force."
[355] 'ze: ukuze.
[356] ipalafin': from English "paraffin."
[357] ba': babe.
[358] lokulala: liyekulala.
[359] There is a pause here.
[360] akuyinikwa: akuyikuyinikwa.
[361] yoba: yokokuba.
[362] ndakukunika: ndiyakukunika.
[363] ndakubuya: ndiyakubuya.
[364] ayukundixabanisa: ayiyikundixabanisa.
[365] anduzaz': andiyikuzazi.
[366] ndakukhulela: ndiyakukhulela.
[367] andikumazi: andiyikumazi.
[368] 'se'se: kusekusuke.
[369] labo: lwabo.
[370] 's': use.
[371] 'se: ndise.
[372] icwilo: iculo.
[373] engeyo: engeyiyo.
[374] ulihhule: from Afrikaans hoer, "whore."
[375] ayizukufaneleka: ayizikufaneleka.
[376] 's': ese.
[377] ndiyabeja: -beja is from English "bet."
[378] isepha: variant of isephu, from Afrikaans zeep, "soap."
[379] nakuba: nokuba.
[380] kwabonakala: kuyakubonakala.
[381] andizukuyazi: andizikuyazi.
[382] kwa': kwaba.
[383] kweblakfesi: sometimes kwebrakfesi, from English "breakfast."
[384] wawumbona: wabeumbona.
[385] ndandimbonile: ndabendimbonile.
[386] ewayeyithethile: ewabeeyithethile.
[387] wayeyithethe: wabeeyithethe.
[388] ebhedini: from English "bed."
[389] udadobawo: udadebobawo.
[390] khawuthethe: she sometimes says nga.
[391] ndase: ndasuke.
[392] yose: yokusuke.
[393] mnaendiza: mnaintoendiza.
[394] iidyokhwe: from Afrikaans juk, "yoke."
[395] 'khang': akakhange.
[396] isiwa: isisiwa.
[397] iibhotile: from English "bottle."
[398] ngeglasi: iglasi, from English "glass."
[399] yayiba: yabeiba.
[400] ngejagi: ijagi, from English "jug."
[401] 'khe: ndikhe.
[402] egadini: igadi, from English "garden."
[403] iiponti: from English "pounds" (sterling).
[404] ishumi: "ten shillings"; the word "shillings" is understood.
[405] isheleni: from English "shilling."
[406] i-halfgorweni: from English "half-crown."
[407] ndakukwaz': ndiyakukwazi.
[408] ivenkile: from Afrikaans winkel, "shop."
[409] iredi: from English "ready"; here, it means "ready-made."
[410] akabanga: she says, akabakangaba, apparently confusing in her haste akabanga and akakhange.
[411] amabhayi: from English "bay."
[412] iilokwe: from Afrikaans rok, "dress."
[413] ndimka: ndisimka.
[414] yangena: referring to ibhokhwe.
[415] lalinye: ithamo is understood here.
[416] iblankethe: from English "blanket."
[417] lam: lwam.
[418] uvote: from English "vote."
[419] asikuba: asikukuba.
[420] sakubona: siyakubona.
[421] iraladiya: from Afrikaans gordyn (?), "curtain."
[422] inkab''enkomo: inkabiyenkomo.
[423] sithi: sisithi.
[424] There is a brief pause here.
[425] yayityebe: yabaityebe.
[426] a'zalisa: awazalisa.
[427] amagqongo: amagongqo?
[428] ya: yaba.
[429] iibhutsi: from English "boots."
[430] senje: senze.
[431] 'hamba: uhamba.
[432] ub': ube.
[433] 's': musa.
[434] yimbibhinxa: ngumbibhinxa.
[435] 'hamb': uhamba.
[436] 's'ihamb': 's'k'ib'ihambe.
[437] sakufika: siyakufika.
[438] mamase: term of endearment.
[439] 's': ese.
[440] e'be: esibe.
[441] 'hlala: esihlala.
[442] net: from Afrikaans net, "just," "exactly."
[443] kuzokugqityelwa: kuzekugqityelwa.
[444] elek': from Afrikaans, elk, "each."
[445] ba': babe.
[446] kwakukhe: kuyakukhe.
[447] imal''amankazana: imaliyamankazana.
[448] sakubonana: siyakubonana.
[449] lesingaphi: lwesingaphi.
[450] ngomsobomvu: ngaumsoobomvu.
[451] igem': from English "game, to take a turn in a game."
[452] akabiyesabi: akayeabesaba.
[453] use-ofisini: ofisi, from English "office."
[454] wayewatyhile: wabeewatyhile.
[455] yayiyibhokhwe: yayeiyibhokhwe.
[456] asizube: asizikube.
[457] sithin': sisithin'.
[458] uthi: ukuthi.
[459] imal''amankazana: imaliyamankazana.
[460] esakuthi: esiyakuthi.
[461] 'zangesimsegqireni: she repeats this because of a brief interruption.
[462] 'nga': ningayi.
[463] kos'ke: kokusuke.
[464] enakuthi: eniyakuthi.
[465] soyibona: siyakuyibona.
[466] 'hleli: ndihleli.
[467] ndongena: ndiyekungena.
[468] kwakuhamba: kwaukuhamba.
[469] ndisebenzisile: ndilisebenzisile.
[470] tot: from Afrikaans tot, "until."
[471] neswekile: iswekile, from English "sugar."
[472] ndangumdlezana: ndabangumdlezana.
[473] ingenaleta: ileta, from English "letter."
[474] ibhuti: from Afrikaans boetie, "brother."
[475] kudala: kukudala.
[476] ekwam: okwam.
[477] ndana: ndabana.
[478] yayivotara: ivotara, from English "voter."
[479] yase: yasuka.
[480] 'bakho: kubakho.
[481] kus': kusuke.
Text copyright © 2006 by the Board of Regents of the University of Wisconsin System.
Photographs copyright © 2006 by Harold Scheub. Used with permission.
Those interested in using these materials for any purpose not covered under Fair Use must seek the permission of the University of Wisconsin-Madison Libraries and/or Harold Scheub.


Listen to this section