University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
South African Voices

South African Voices: Created in Olden Times (2006)

Previous Previous section

Next section Next



 

South African artwork

THE PREGNANT BOY, VERSION ONE

RealAudio Listen to this section

Date:    August 2, 1972
Time:    1:45 p.m.
Place:    Outside, along the side of a ridge, near Masithathu Zenani's home, in Mboxo (Nkanga) Location, Gatyana District, the Transkei
The Performance:    Related in Xhosa
Audience:    Three teenagers, three children
Narrative 2S-14
Tape 1, side 2

A mother bears a son, then becomes barren. When the boy is older, she sends him to a doctor for medicine to cure her barrenness. The boy drinks the medicine, becomes pregnant, and bears a child.

Kwathi ke kaloku ngantsomi...umfazi nendoda...baze aba bafazi[198] bahlala bengenamntana bengenantoni...lo mfazi nale ndoda yakhe bahlala umfazi akamithi...konke...indoda iba ngamnyanga akamithi konke...kwahamba kwahamba kwakho mntu wad' es'ke wathi uya kwazi ukumenza[199] umfazi amithe...nxa indoda le ibalisa ngokuthi unkosikazi wam akamithi...kudala ndimnyanga...wathi lo mntu uz' ukh' umzise kum ndimph' iyeza amithe...waba nokuya umfo apho kuba ufuna umntana...ngoku ke wamnika ke iyeza umntu wasemzini...walitya ke umfazi iyeza...eli yeza ke lalizizo iingcambu...ezimbini...ezi ngcambu ke zazifakwa eziko...zithi zakufakw' eziko zihlafunwe ke ziginywe...ize ke ngoku ke ezi ngcambu a--- ziphinde ezinye zi--- zikhandwe zibe sebhotileni...asele...umithile ke umfazi lowo wamitha...zahamba iinyanga emith' wade wazala...akuzala wazala umntana oyinkwenkwe...lo mntana ke uyinkwenkwe wakhula wathl akukhul' umntana wad' es'ke ke wafanel' okokuba ngonje makabe uyaphind' amithe...waphinda lo mfazi...waqina kanjaqo akamitha...awu! yatsh' indoda...ndakuthin'[200] ukusoloko ndadleka...kanti lo mfazi akanakumitha ngaphandle kokunyangwa nangonje uphinde akamitha...ndiza kuyithini le nto...wathi umfazi hee! noko yise kaBani khawukh' undiyele kwa kulaa mntu...wayendinyangile[201] ndaze ndamitha...nxa kubonakal' uba ndiyaphinda ngok' andimith'...yahamba ke indoda...yaya apho kulo mntu...oo! molo nkosi ewe hm-mh khawutsho hayi ndivel' ekhaya ewe...hayi...laa mntu wakho wakh' wamnyanga...ngoku use[202] waphinda akasamithi...awu! m-mh...'cac' uba ke...u--- ufuna kanjaqo kuphindwe kufakw' iyeza...ewe...ngoku ke ndize kwa kuwe okuba uphind' umphe...yathi indoda ukuphendula umnini-yeza...hayi kaloku andikakuphinda ndikunike iyeza...ngokuba nangoko...ndandikunikile wamfumana umntana mdala ngoku...yinkwenkwe iya kwalusela...akukandiniki wena ibhatala[203] ...oo kungoba ke...ndingakubhatala ngantoni...hayi kaloku unokundibhatala undinike inkomo...ngoba ke ndi--- ndikwenzele umntana...oo hayi ndiza kuza nayo inkomo...noko ungalifun' iyeza...wathi umntu qal' uze nenkomo...ihambile indoda...yaya kufik' ekhaya...ekhaya yachazela umfazi...uthi ke ngoku...kulaa ndoda...andinakunikwa yeza...kufuneka ngoku mna ndirol' inkomo...kuba 'zange ndijirole inkomo...kanti ke wayekunikile iyeza waze wamitha unomntana ngoku mdala...uthini ke wena mfazi...wath' umfazi tyhini! 'se kaBani kaloku ndimele okokuba ndixole uyikhuphe inkomo...ngokuba ke ndifuna ndiphinde ndibe nomntana...umntan' omnye siza kumthin'...khuph' inkomo...yavuma ke indoda yayikhupha ke inkomo...yayisa inkomo...ithe yakufika ke yathi ke nantsi ke inkomo...ke ndinike ke iyeza hayi indoda leyo...ayalanga yathi oo hayi ke ukugqibile o'be ndikufuna ke iyeza ke uz' uz'[204] kulithatha ngomso ngoba kaloku ndisaza kuya kulifuna...alihlali khaya...hayi ke yavuma indoda...yagoduka...ifikile ke ekhaya...mfazi iyeza phaya ke andilifumananga kodwa ke ukholiwe yinkomo...int' ekhoyo ke uthe 'ze ndizolithatha ngomso...kuba usaza kulifuna...ke ndaye ke ngomso ndiza kuxakeka...iya kuthiwani le nto...oo umfazi...hayi tyhini kaloku lo mntana mdala...anga' 'lithath'[205] iyez' uyakwazi pha'...le nkwenkwe...oo mntan' 'am watsh' enkwenkweni...ungaya phaya uyolithatha iyeza...yath' inkwenkwe ewe...uyakwazi ewe ndiyakwazi tata pha'...uya kufik' uthini...ndiya kufika ndithi...uthe utata mandizokuthath' elaa yeza eb' ezolifuna[206] apha izolo...oo 'ze[207] ke x' andinikileyo ke ndakubuza[208] akundinika ndibuz' uba 'ze ndithi malithiweni na...oo hayi ke hamba mntan' 'am uyamva Nobani uba lo mntana uya kuyiqwalasela le nto wath' umfazi ewe...'be ndikuxelel' uba lo mntana 's'[209] emdala...kusile ke...now[210] ke ngonj' umntana wathunywa...hamba ke mntan' 'am...hambolithatha[211] ke...wahamba ke umntana...wanikwa ke iqhiya...ukuba az' alibophelele...wafika ke umntana pha'...umntan' efikile ke uthe nqo kwathiwa ngaphakathi...wathi umntana molweni...kwathiwa ewe...uvela phi mntana...hayi ndivela ekhaya...ndithunywa ngutata uthi mandizokuthatha iyeza...eliya eb' ezolifuna apha izolo...oo hayi kulungile ke...wesuka ke umfo...walithatha iyeza...eli yeza laziingcambu zane...wathi ezi zimbini iingcambu...kwedin'...uz' uthi mazifakwe eziko azitye umama wakho...aze zakuba shushu azitye aziginye...uz' utsho ke kumama wakho...ezi ke zimbini...zikhandwe...'ze zifakw' ebhotileni[212] zigalelwe amanzi...asele...uyeva kwedin'...ndiyeva tata...uhambile ke umntana wagoduka...ephethe iyeza elo ngalo qhiya...lo mntana uthe endleleni...walityhila eli yeza...esekud' ekhaya walijonga...wathi hee lihl' eli yeza...ezi ngcambu zintle...wathatha eziya 'be kuthiwa 'ze[213] unina azifak' eziko azitye wazifaka emlonyeni wath' akuv' emlonyeni tyhini! zimandi[214] ...mca![215] zinencasa...awu wa--- wahlafun' umntana...hmm! mca! tyhini! 'hle'[216] nje limand' eli yeza...lityiwa ngumama...mm! walitya walitya walitya wazigqiba ezi ngcambu zombini...ewe...wathatha eliya 'be kuthiwe 'ze likhandwe...waliva emlonyeni...wathi mmh! pt![217] likrakra likrakr' eli mmh! hayi andilifun' eli...waliyeka eli walibopha iingcambu ezimbini...wacinga wacing' umntan' ehamba...wathi hee ndiya kuthini bethu...ooo ndiza kuthi ndakufik' ekhaya...ndithi 'be kuthiwe e--- mayibenye...ayoj' ayity'[218] ...kwathiwa mayibenye ayikhande ayisel' ayifak' ebhotileni...ndingazixel' ezi zimbini...wafik' ekhaya...wath' akufik' ekhay' umntana...awu mntan' 'am tyhini! ukhawulezile watsh' uyise...mhm ndikhawulezile tata oo kunjani ulifumene...ewe ndilifumene liphi mntan' 'am nali...oo ku--- kuthiwani k' uxelelwe hayi ndixelelwe...kuthiweni kuthiwe le ngcamb' i--- ibenye[219] ...ayifak' eziko u--- umam' ayitye...le ngcambu le u--- umama ayikhande ayifak' ebhotileni ayisele...ooo...mh hee namhlanje edla ngokuzenza zibe nenje mntan' 'am...kutheni namhlanje le nt' azenza zibembini...andazi ke tat' andiyibuzanga ke leyo...andiyibuzanga ke loo ndawo ndinikw' ezi zombini kwathiwa le umama ayifak' eziko ayitye kwathiwa le umam' ayikhande ayifak' ebhotileni asel' namanzi...oo hayi noko umtheth' ucacile...wayithatha k' unina...'se engxamil' kub' ufun' uba nomntana...wayifak' eziko wayitya...wathi mhm!...hee!...namhlanje...litheni na yise kaBani...lalingenjanga ngokuya...ndandize ndizale lo mntana l' uyinkwenkwe le nkwenkwe...lalingenjanga...eli linjani na...eli andilazi...eli likrakra...awu...wenza lo mfazi l--- lalinjani ngoko...lalimandi laliswit'[220] elo likrakr' eli...hay' yitya amayez' akafani...hee watya...wakhand' eli...wasela...linjani k' elo...lalinje elo lokusela...awu wahlala ke...akaz' amithe...hee!...'vel'[221] inyanga 'phind'[222] iphele akaz' amithe...kwavel' inyanga 'aphind'[223] 'aphela[224] akaz' amithe...walisel' iyeza laphela akaz' amithe...hee inkwenkwe yaphum' amabele...inkwenkwe...yaphum' amabele esifubeni...hee...yoyika le nkwenkwe...yahlala ya--- ya--- ya--- yawafihl' amabele yaman' iwafihla la mabele...yahlala yahlala ngeny' imini unina wath' akuyithi[225] ngamehlo tyhini le nkwenkw' iphum' amabele...uthen' uphum' amabele mntan' 'am...andiyazi le nto hayi wabethe wabethe wacikide uwathi[226] wacikide aman' ewacikid' umntana...akhul' amabele...sakhul' isisu inkwenkwe...hee!...ik! yath' ikwambath' inkwenkwe e--- ingubo yayibekisela pha' ifihl' esi sisu...sakhula isisu zaye zihamb' iinyanga...kwalile kwenye inyanga...yalunywa inkwenkwe isezinkomeni isalusa...yalunywa yalunywa yalunywa yalunywa[227] ...yabuya ezinkomeni...senga kwedin'...hayi mna umnwe wam isandla sibuhlungu...umnwe wam isandla sibuhlungu...yintoni kwedin' ub' uthen' esandleni ngawuth'[228] ndibone...hayi siyaqaqamba andikwaz' ukusenga...awu yambinambinek' inkwenkw' iyalunywa...hayi uthen' us' ub' umbinambineka...kubuhlung' intloko kwedin'...hayi ndiqaqanjelwa sisandla...awu! yahlal' indoda...ee yasenga indoda inkwenkwe ayiphilanga...kwalalwa yagqum' ubusuk' obu inkwenkwe...kwakhandw' amayeza...kwaphululw' isandla siphululwa...ee sithotyw' isandla siqatywa uthi siyaqaqamba...hee...hayi yaphuma nempahla inkwenkwe icothoza yaphuma nempahla yaya kwalusa...yalunywa koku kwalusa iyodwa kwewo!...yemb' isiduli esidulini yathath' intonga yemba yemba yemba yemba yemba yemba kwesi siduliiii phantsi kweliwa yemb' umngxunyan' obheke phayaaaa...ongathi ngowenyosi...yahlala le nkwenkwe yazala inkwenkwe yazal' umntana wayintombi...ee! aqal' amabel' enkwenkwe afaka avus' amas' amabele...yancancis' inkwenkwe yancancis' umntana...yamambathisa yakrazul' ingubo yamambathis' umntana yamambathisa yamambathisa yamqhushek' aph' yavala ngamatye...yanqand' iinkomo...yagoduka...yafik' ekhaya ithe yakufik' ekhaya inkwenkwe...yaququzela yasenga...a! sinjan' isandla kwedin'...hayi sibhetele[229] ...siphilile...oo siphilil' isandl' uza kukwaz' ukusenga ewe ndiza kukwazi tata siphilile...yasenga ke inkwenkwe yasenga yasenga yagqiba...yathi yakugqib' ukusenga yahlal' endlini yatya...mm! kwalalwa...kwewo! yazimel' ebusuku inkwenkwe yaphuma yangathi iyokuchama...yath' ukubhek' esidulini...kulaa ndaw' inomntana...yafik' aph' umntan' ekhala...yathath' umntana yamncancisa yamncancisa yamncancisa yamncancisa yaphinda yamambathisa ngeengubo zakhe yamqhusheka yahamba...yaya kutsh' ekhaya...yafika yahlala phandle...waphum' unina ub' uye phi na...hayi ndihlel' apha phandle kushush' endlini...oo yahlal' inkwenkwe...oo yaphuma nempahla kusasa yaya kwalusa...mm yal' emini...yasez' iinkomo...yabuy' ekusezen' iinkomo yakutsh'[230] emntaneni...yamncancisa yamncancisa yamncancisa yamncancis' umntana yaphinda yamambathisa yamqhusheka...yanqand' iinkomo yagoduka...yahlal' inkwenkwe...awu...wala ngaminazana...wakrokr' unina...wath' unina hee!...hayi bo ikhon' int' ekulo mntana...wahlal' aph' unina...wahlala wahlala wahlala wala yakuphuma neenkomo kusasa waphum' unina...wakuqabela[231] kweny' icala wakuvela[232] ngaphantsi...wajonga wabonisela wenje nje...yalus' aph' inkwenkwe...wayibona nxa ibalekay' isiy' emntaneni wayijong' unina yafik' emntaneni yamrola yamncancisa yamncancisa yamteketisa yamteketisa yamteketisa yamteketisa iphathe kumthi[233] iphathe kumth' umntana incancis' iphathe kumth' iphathe kumthi...wayijong' unina akavela...yamambathisa yamambathisa yamqhusheka yavala ngelitye...yahamba yabhek' ezinkomeni...wabalek' unina wakutshona[234] ...wakuvel'[235] ekhaya wafika wahlal' ekhaya...yafik' inkwenkwe...mmh yaququzela yasenga...kwabonakal' uba[236] ...mm! mhmm...hayi yen' unina akazibonakalis' uba ndiyibonile...wawathob' amehl' yonwab' aph' inkwenkwe...'ala[237] ...ebusuku...yavuk' inkwenkwe yaphuma...waphum' unina...yintoni...uya phi...hayi andiyi ndawo...ndihleli nje...wahlala phandl' unina...wangqengqa...ungqengqele ntoni mama yatsh' inkwenkwe...ungangen' endlini nje akugodola[238] ...wath' unina hayi andizukugodola[239] mntan' 'am nam ndifa bubushushu...ndiyakufun'--- ndiza--- kushush' endlini...yangen' endlin' inkwenkwe...yalala...wemk' unina...wakutsho[240] kulaa ndawo wathath' umntana...wamthatha weza naye wamthatha wambeka kuye...ee! yaphum' inkwenkwe...ya--- wamncancis' unin' umntana akalil' umntana wamfihl' unina lo mntana...yaphum' inkwenkwe...wangen' endlin' unina...ayimboni inkwenkw' umntan' uba nanku kunina...umfihlile...yabalek' inkwenkwe...yakutsho[241] pha'...yafika pha' elaa litye lipha' esi sigingqi sihlele sodwa umntan' akakho inton' akakho[242] ...yalila yalila yalila yalila yalila umntan' 'am utyiwe yintoni yalila yalila yalila yehl' intlambo yenyuka-nyuka yathini...kwade kwasa ijikelez' apha ijikeleza ijikeleza ayiboni nengub' 'omntan'[243] ayiboni nantoni kuthe tu!...oo yalil' apha le nkwenkwe...kwal' ukuphuma kwelanga yagoduka...yafik' ekhaya...amehlw' abomvu ib' ilila...yintoni kwedin' watsh' uyise...ayonto[244] ...ndinoqhume[245] ndifa ngumsi...ufe ngums' unjenjenje ngumsi ufe ngumsi...awu! umntan' 'am yint' eya kuthiwani le...unina ke 's' emxelel'[246] uyise...jonga lo mntana ngumntan' walo mntana lo mntan' uzele lo lo mntan' unamabele lo mntana wality' elaa yeza...uzele lo mntana...tyhini! tyhini! tyhini! oo nditsho lo mntan' unamabele ewe...hayi ke wahlala...wanikw' ukutya yitya yitya uvulel' impahl' uhambe...hayi andifuni kutya mna...uya kuthin' ukumk' ulambile andilambanga...hee! yaqala yambi[247] le nto usafihliwe k' umntan' ayikamboni...yaphuma neenkomo yahamba...wayikrob' uyise...wafik' isihla inyuka isihla iyafuna phay' iphind' iyokuma kulaa ndaw' iphind' imke iphind' ifune yancama...wabuy' uyise kwek'! Nobani hayi bo...mxelel' umntan' 'am makaxelelwe ngoku...makuthiwe nguye l' umntan' 'akhe...i--- uza kwenzakala...oo kulungile...yabuya ke ngoku inkwenkwe neenkomo emva kwemini yathi yakubuy' yazivalel' iinkomo yangen' endlini...wesuk' unina wavus' umntana lo wathath' umntana lo wamncancis'...yambon' inkwenkwe yamjonga...yathi tyhini mama tyhini mam' unomntana...unomntana mama...ewe ndinomntana...ndizicholele lo mntana umchole phi mama khawuthi ndimbone...ndimchol' es' apha...khawuthi ndimbone mama khawuthi ndimbone yhu! umntana kamama tyhini tyhini tyhini umntana kamam' akasemhle he he! ya--- yhu[248] mama hayi ndiyavuya mam' unomntana...wahlala yen' umfazi wathula wathi tu wa--- wancancis' umntan' 'akhe...ee wath' uyise hee mntan' 'am 'hle'[249] nje walitya elaa yeza...ke kulungile mntan' 'am le nt' ayizukuthethwa[250] uya kuhlazeka kwamany' amakhwenkwe ngumntana kamama wakho ke lo...ungaz' ub' uphinde ke ulity' elaa yeza...hayi ke ngonje k' umntana wathi ndalitya mama ndandiliv' uba linjani na ndase ndafika limandi ndandingazi ke mn' uba ndiza 'se[251] ndibe nomntana...ke ngoku ndanentloni yile nto ndinomntana...oo uyabona ke ngoku lo mntana ngudadewenu ngumntana kamama wakho ayingowakho...ewe kulungile...hayi ke yonwaba ke ngonj' inkwenkwe yaqala ngonje yasebenza kakuhle iphilile ayaphind' igule konke ith' ihlel' ib' isengel' umntana ubis' ub' umntana aze kuty' ubisi umnta' kanina yaz' int'[252] entle le nto ngonj' ekh' apha konwatywa yes[253] iyaphela intsomi kuloo ndawo.


Notes

[198] bafazi: bantu is more accurate.

[199] ukumenza: she says ukuwenza.

[200] ndakuthin': ndiyakuthini.

[201] wayendinyangile: wabeendiyangile.

[202] use: usuke.

[203] ibhatala: from Afrikaans betalen, "pay."

[204] uz'uz': uzeuze.

[205] anga''lithath': angayakulithatha.

[206] ezolifuna: ezekulifuna.

[207] 'ze: ukuze.

[208] ndakubuza: ndiyakubuza.

[209] 's': use.

[210] now: she uses the English word.

[211] hambolithatha: hambauyekulithatha.

[212] ebhotileni: ibhotile, from English "bottle."

[213] 'ze: aze.

[214] MasithathuZenani regularly pronounces mnandi in this fashion: mandi.

[215] mca!: a chewing sound.

[216] 'hle': kuhleliwe.

[217] pt!: a spitting sound.

[218] ayoj'ayity': ayojeayitye.

[219] Masithathu Zenani characterizes him as being very nervous here.

[220] laliswit': switi, from English "sweet."

[221] 'vel': yavela.

[222] 'phind': iphinde.

[223] 'aphind': yaphinda.

[224] 'aphela: yaphela.

[225] akuyithi: followed by a gesture, casting a glance.

[226] uwathi: followed by a gesture, squeezing breasts.

[227] yalunywayalunywayalunywayalunywa: decreases to a whisper.

[228] ngawuth': khawuthi.

[229] sibhetele: from English "better."

[230] yakutsh': yayakutsho.

[231] wakuqabela: wayakuqabela.

[232] wakuvela: wayakuvela.

[233] kumthi: followed by a gesture, suggesting the cradling and hugging of a baby.

[234] wakutshona: wayakutshona.

[235] wakuvel': wayakuvela.

[236] kwabonakalauba: this seems to be a false start.

[237] 'ala: kwala.

[238] akugodola: akuyikugodola.

[239] andizukugodola: andizikugodola.

[240] wakutsho: wayakutsho.

[241] yakutsho: yayakutsho.

[242] akakho: ayikho.

[243] nengub''omntan': nenguboyomntana.

[244] ayonto: ayiyonto.

[245] ndinoqhume: ndinongcume?

[246] 's'emxelel': useemxelele.

[247] yambi: yabambi.

[248] He is very excited, and trips over his words. This is a superb piece of characterization by the performer, Masithathu Zenani.

[249] 'hle': kuhleliwe.

[250] ayizukuthethwa: ayizikuthethwa.

[251] 'se: kusuka.

[252] int': yayinto.

[253] yes: she uses the English word, emphatically.

Previous Previous section

Next section Next




Go up to Top of Page