University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
Link to University of Wisconsin Digital Collections
South African Voices

South African Voices: Created in Olden Times (2006)

Previous Previous section

Next section Next



 

South African artwork

THE IGQIRA: THE DEVELOPMENT OF A DOCTOR

RealAudio Listen to this section

Date:    August 2, 1972
Time:    11:00 a.m.
Place:    In the home of Masithathu Zenani, in Mboxo (Nkanga) Location, Gatyana District, the Transkei
The Performance:    Related in Xhosa
Audience:    Masithathu Zenani's husband, her daughter, and her granddaughter
Narrative 2S-11
Tape 1, side 2

The ways of becoming a doctor are varied, but they merge at one point: a doctor is a person who has become troubled by certain pains, and, although she is treated in every possible way, there is no relief. Or, she is a person who has no pain but who is suddenly absent from her home. When she returns, she is very comfortable with things. The institution of medicine originates from a talent bestowed upon a person by his or her ancestors. An ancestor returns to the doctor as a spirit, in that person's sleep. He tells the doctor what is to be done.

Kwek'! satsho ukungena ngoku...ngoku ke umntu omnyama ukuze abe lilo igqira...iindlela zobugqira zizindidi ngendidi zidibana kodwa ngendawo...igqira ngumntu othe waba nguye umntu okhathazwa ziintlungu...uze athi akukhathazwa ziintlungu anyangwe ngako konke ukunyangwa kodwa angancedakali...ngenye indlela ngumntu osuke wathi akabinantlungu wasuka nje wanguye umnt' olahlekayo...athi akuba elahlekile abuye 's' enguye umnt' ongavaniyo nezinto ezisendlini...isiqaliso ke umnt' uba nombilini uze lo mbilini.. .a--- ubenze--- umenze iphakuphaku ukuze lo mbilini ube namahlaba ukuze lo mbilini ingqondo ibe mfitshane ukuze lo mbilini uthande okokuba angatyi ukuze lo mbilini abe nente yokungadibani nent' embi ukuze lo mbilini athi akubona umntu onent' embi...umzimba wakhe ugxume...kwaqalisa apho ke besithi abantu abakudala ngemveli...hee lo mntu unantoni bethu le nto...angafaniyo nabany' abantu ngaba uluhlobo luni lo mntu...lo mnt' uphakuphaku lo mntu ungatyiyo lo mnt' ungayifuniy' int' engcolileyo ungumnt' otheni lo mntu abe nguye umnt' ohambela bucala...kuhambe kwahamba ke le nto ingekaqondwa okokuba iyintoni na kanye igama layo bayifunafuna abantu abadala...bayifune bad' es'ke ke bayifumana bayifunyaniswa ke ligqira elathi ukuqalisa kokuba 'kho kwegqira[113] ...ukuqalisa kokuba 'kho kwegqira lathi eli gqira eli languye[114] umntu owalahlekayo...wathi akulahleka walahleka akaze abonwe kwamana kusithiwa hee 'fan' ukuba na woyele 'fan' ukuba ufile...'fan' ukuba utheni...kanti umntu wahlala wahlala ehlathini esitya amagqabi...amagqabi la emithi onwabil' ephelele kuloo nto engafuni kubonwa kuloo ndawo...kwalile kunyanga yesibini engekho lo mntu kwaphupha udadeboyise wakhe elele waphupha ngathi uyambona ehlathini ngathi e--- uthi ndombeleleni...ukoth--- ukuthi ke ndombeleleni kukuthi ke makwenziwe iingoma...yathi le nto yakuba ikho kweli xhegwazana lingudadeboyise layithetha le nto laman' ukuthi hee ndise ndiphuphe lo mfana wasekhapha walahlekayo ngath' usehlathini...yathi ke kuba abantu bakudala...babesebenza ngephupha be--- beliqwalasela iphupha baliqonde okokuba hayi eli linoba linayo inyaniso...baqalisa bathi hee ungayenzi nje le nto uman' usixelela...u--- siqaqanjelwa thina silahlekwe ngumntana wethu[115] ...uba ke nibo--- nibokuthi ezi 'nto zenu niziyek' ukuzithetha[116] ...ezi 'nto zenu nizithetha ningazigqibi thina siv' int' embi...ucinge wacinga udadeboyise lowo...wabon' okokuba makabizwe amantombazana azokubutha endlini yakhe wathi makulalwe phay' endlin' 'am...wasinda wasind' endlin' 'akhe...wathi ekuseni...'ze nindivuse...ndinengom' endifuna ukuyenza ukuze nindiqhwabele bantwana...ngoku ke kwalile ebusuku wavuka udadeboyise...wavuka wenza le ngoma...wayenza yedwa...abantwana abayazi le ngoma...ingoma engumhlahlo igama layo ekuthiwa yintsusa eyingoma yokuqala...ngoku ke le ngoma wayenza baqhwab' abantwana izandla bengakwazi bona ukuyilandela nokokuba bamenze--- benze nje ngaye bathula nje baqhwaba nje izandl' ezi wathatha udadeboyise ugaga...ugaga ufele lwenkomo olomileyo oludala waluthatha okwakuza kwenziwa ngalo isikhaka...waluthatha walubeka phantsi...wathatha intonga wongeza izandla ezi ukuba mazivakale...wangxola nhalo ke eqhwaba ngalo ebetha ngentonga kolu gaga esenz' okokuba ezi zandla maziphakame...baqhwaba abantwana esenza umhlahlo lo yena...ngoko ke le ngoma ingumhlahlo ibizwa ngokuba yingoma yokuqala...ngonje kwalile xa kunini esenza waphumla udadeboyise wathi camagwini...camagwini...yini okokuba bantwana bomntakwethu izandla zibe shushu thathani iintonga nani nibethe kolu gaga...bazithathile iintonga abantwana babetha kolu gaga nabo...yaye ke ukuhamba kobusuk' obu buqhubela ngasekubeni makube kuza kuba kuyasa...kwalile besenje njala njalo...babona ngomthinz' ongenayo ungena ugqumathele...babona okokuba ngumntu le nto ingenayo igqumathele kodwa...ufike wathi akungena benza bona le nto yab' abayiyeka...waxhentsa eziko ngeenyawo zakhe waxhentsa baze baqinisa ukubetha bengayeki uthe kwakuba kudala wathi chosi! wathi akugqiba ukutsho wathi ndiyabulela dadebobawo...ndibulela intlombe dadebobawo 'be kunga kungalala umnyama kuvele ukukhanya...ke dadebobawo 'be kufuneka kusasa uyokundikhelela ubulawu...ukuze ke dadebobawo uyokukha amanzi engxangxasini...loo manzi ke dadebobawo xa uwakhileyo uz' ungabheki ngasemva...loo manzi ke dadebobawo e--- uz' uncede ungawasi kweny' indlu uwabeke pha' kokwethu...ukhangele ke dadebobawo kwa ilitye apho engxangxasini uz' ulikhangele ngezantsi ilitye emanzini e--- 'ze elo litye lilingane okokuba uz' ukhande ubulawu...waze ke udadeboyise nx' ethetha unyana womnakwabo wathi yena camagu!...ngoku ke kuthe kwakubon' uba kunjalo waphinda udadeboyise wabetha ke kwa kwesi sikhumba olu gaga...wenza kwale ngoma...uyenze wayenza waxhentsa waxhentsa wade wabila wamanzi...wathi ke ngoku uyapheza yayekwa ke ingoma akakhanga ke aphinde emke usuke wahlala egumbini...kube kusasa njalo ehleli egumbini usukile udadeboyise wabheka endlini kumnakwabo wafika wathi mhmm! sisimanga endisibonayo...nguye lo lo mfana kulaa ndlu...wothuka uyise womfana wathi uthini na wathi ndithi nanku laa mfana kulaa ndlu...yaye lo mfana ungene ebusuku kuba ndombele ebusuku ndijonge okokuba kude kwalinga ukuza kukhany' iimpondo zeenkomo 'se kukudala engene...ngoku ke uxhentsile kulaa ndlu waze wemisa wandibulela intlombe...into ayithethileyo uthe 'ze ndikhe amanz' engxangxasini uze ndikhe ubulawu uze ndimkhandele uze ndithath ilitye kwasengxangxasini ngezantsi uze ndiphinde ndithathe kwalapho imbokothwe ukuze ke ngoku loo nto loo manzi ndingabheki nxa ndiwaphethe uthi 'ze ndizowabeka apha kokwabo entla...ewe eso simanga...ndithi mandizosichaza...uthe ke umnakwabo...hayi sisimanga nyani...ndiyoyika ngoku ukuya kulaa ndlu...ebekhe wathetha na emva koko ukuba ethethe loo nto...wathi ke udadeboyise hayi 'khang' athethe...wathi ke makuyekwe ke makusentyenzwe leyo e'b' eyixela into...wothetha kwa kuwe soyika ukona umcimbi...kuhleliwe ke ekhayeni akwathethwa nto ngunina noyise bakhe...waze ke wahamba udadeboyise wabheka engxangxasini...ingxangxasi ke ngamanzi omlambo indawo athi amanzi kuyo ehle ngamandla[117] ...ukuba amanzi athobeke esiwaneni nxa sukuba ingumlambo loo ndawo ke ibe sisiziba ngaphantsi...kuthiwe ke kusengxangxasini...ngoko ke uwakhile ke udadeboyise amanzi lawo wawabeka entla kokwabo mfana wahamba waya kukha ubulawu bakowabo...ubulawu bakowabo ke ngumthi ozingcambu okhiwayo ehlathini...oye utyiwe ngumntu wekhaya esithi ungowezinyanya esithi ngumthi wakowabo wendalo...loo nto ke ufike wawukha lo mthi udadeboyise wahamba waya kwa ngezantsi engxangxasini...wafika wakhangela ilitye...okunene ufike walibona ilitye elingangokuba akhande waphinda wafuna elincinc' eliyimbokothwe wawathatha amatye lawo waya kufika nawo ekhaya ufike wawabeka ecalu kweyeza...nka! kwayinkingi ngoku kuba ukhohliwe uba uza kuthini na ke ngonje xa ewabekile la matye...waphuma waya endlin' 'akhe uthe akufika endlin' 'akhe wafika wahlala ecalu kwalo mfana...akathetha uthe lo mfana hee dadebobawo...wasabel' omnye 'se uvela kukha ubulawu wathi ewe mntan' 'am sivela kubukha...e--- ilitye lon' ulifumene nembokotho wathi ewe ndilifumene...ke ngoku ke hambokukha[118] ixhayi...uthi ke udadeboyise yintoni na ke ixhayi...ixhayi ke dadebobawo sisibetha-nkunzi waye ke umthi lo usisibetha-nkunzi usaziwa unezinto eziya zidubule zityiwe emlonyeni kodwa ungowasehlathini...wathi 'z' ukhangele ke e--- e--- ixhayi eliya kuthi lona libe mbaxa uze ke ulinqumle endiza kuthi kaloku ndiphehle ngalo elaa yeza ukuze ndikwazi ukulitya...uz' uthi ke ngonje ke--- wamlinganisela wamlinganisela wamlinganisela...uz' uhambe ke ufike ulikhande uthi ke ngonje wakulikhand' ulibethe...ulibeth' ulibeth' ulibeth' uthi kwakunyuka igwebu uphinde ke ngoku wenze laa ngoma uhambe kwa nolu gaga...wahamba ke udadeboyise waya kukha ke elo xhayi kwa ngoloo hlobo e'b' elinganiselwe ngalo uthe ke ngonje akubuya wafika wangen' endlini wakhanda wakhanda wakhand' elaa yeza...wakhanda wakhanda wakhand' elaa yeza walifaka ebhekileni wafaka ixhayi waliphehla lanyuka iyeza laligweb' elikhulu...wath' akubon' uba izele ibhekile walibeka phandle...wathatha olaa gaga wabiza abaa bantwana bonke babetha olu gaga benza laa ngoma ingumhlahlo...bayenze bayenza le ngoma wangena umfana...ke ngoku ke kusemva kwemini emaxesheni...emva kwemini...ngoku ke waze wathi akuba esenza le ngoma bekho bonke ke ngoku abantu bekhaya kuba balinde lo mmangaliso esi simanga ngomntu owalahleka kudala ukuba ingenzeka na into yokokuba bas'ke bambon' ekho iza kuba le nto iyintoni na bathi sokhe sibone...wangena umfana waxhentsa...waxhentsa waxhentsa waxhentsa waxhentsa waxhentsa waxhentsa wathi akugqiba ukuxhentsa...wathi camagwini!...kwemiwa wathi dadebobawo ndiyabulela okokuba wenze le nto undikhandele umthi wakowethu mna ngokuba ndaqashwa ndawashwa zizilo zakowethu...int' endinayo lonke ixesh' eli ndenziwa kukuba ndingenamkhaphazeleli...ngese kudala ndaba lilo igqira yaye ke into efunekayo emayenzeke kum kufuneka kuvunywe ukufa kwam...ke likufa kwam kufuneka kuxhelwe ibhokh' emhlophe ingabi nabala kuze kwenziwe utywala kuphekwe iinkobe zamazimba...loo nto ke kufuneka ke le bhekile ibe sebuhlanti...ukuze ke le bhekile le iqale ngoku ithi ize ingen' endlini ibe ib' ikhandelw' ebuhlanti ngalo mhla kuza kuxhelwa le bhokhwe ngalo mhla obu tywala bungummango uba kuza kusa butyiwa...ize loo nto ke ibe nentlombe eya kuthi ke izipheko zibe ziya kutyiwa ngokuya izipheko kuza kuba kutyiwa utywala kuqalwe ngokophulwa inyama...ke nditheth' ukuba ke loo nto...mna ke ndigulile isilo sam ke sisehlathini...kwacanyagushwa ke yindlu yonke loo ntetho ithethwa nguye wathi ke ngoku ke into ekhoyo apha ndiza kuphehlela abanye abagulayo...abayi kuhamba njengam bona ndiya kubaphehlelela mna ukuze bona babe ngawo amagqira abo baqajelwe ebugqireni...wathi ke makuphinde kombelwe kombelwe ke uxhentse ke waxhentsa wesuka ke umfana wabheka pha' kulaa bhekile wafika wathatha elaa xhayi wafika waphehla kobaa bulawu benyuka...uthe ke ngoko wabutya wabutya wabutya wabutya wabutya laye ke ngok' ilanga 'se litshona...wabutya wabutya wabutya wath' akugqib' ukubutya wathath' iingubo zakhe wagqumathela waphuma nabo waya kuvasa ngasebuhlanti...wabuya ke ngoku wahlala endlini akaphinda ke ngoku abe nguye umntu ongena kulaa ndlu kadadeboyise wahlala kokwabo uhambe wahamba ke ngoku wanezilawulo kwaqalisa kwakho umntu obuhlungu...uthe loo mntu akuba buhlungu hee...elalini apha ma'khe siye kulaa mfana e'b' esombelelwa ngogaga...ukuba uya kubibona na le ndawo ibuhlungu ndinayo waye umntu lowo egula eneendawo ezibuhlungu emzimbeni...enguye umntu onehlaba enombilini enentloko...wathi akufika apho wafika bangabantu abavela ekhayeni ewe hayi sihambela apha...ewe...hayi size kulo mntu akh' asiqondise le nto singayiqondiyo...uthe kwa oko lo mfana was'ke wangcangcazela wangcangcazela was'ke wakhonya wakhonya wakhonya e--- esenza kwa into engaziwayo eza kuqalis' ukubonwa ngaye waman' ukukhonya esithi hheee hheee hheee...waya waya kulo mntu ubuhlungu wafika wambamba wambamb' esandleni wambamba ngemva wambamb' esifubeni wabambelela phantsi ngezandla zakhe waya kuhlala...wathi ukuthetha wathi lo mntu unentloko lo mnt' enentloko nje unamahlaba waye ke lo mntu enomzimb' obuhlungu yona nt' 'okuqala[119] umntu lo unombilini kanti ke umntu lo unesifo sakowabo...unesifo sentwaso ufuna ukuba ligqira aphehlelelwe...loo nto ke abantu bathe ke ewe...ewe kunjalo wathi yena 'san'[120] ukuthi ewe kunjalo okokuba into endiyithethayo ithe kanti inyanisile yithani xa nithi ewe nithi siyaphosa...bathi ke abantu siyaphosa! wathi ke loo nto leyo kufuneka ke nimfunele igqira...aze igqira elo limphehlelele limnika ubulawu bakowabo kwakhe...babuzile abantu okokuba uya kwenzeka kanjani na ukuphehlelelwa lathi ukuthetha igama lomfana uza kuxhentsa intlombe...kwenziwe iingoma axhentse atye ubulawu atye ibhotile...kwathiwa uya kwenzeka na okokuba abe ligqira wathi umfana uya kuba lilo igqira...nam lo naningandaz' okokuba ndingakwazi ukuyitheth' int' endingayibonanga...kwathiwa siyaphosa ngoko ke yaba yiyo ke int' ekuthiwa ke hayi ungakhe umenze wena...ngoko ke wathi umfana yithani ukuthetha xa nithetha loo nto kum yithani sinyuka nengalo...batsho ke abantu basemzini bathi sinyuka nengalo ke...ngoku ke batsho ke bamnika ke umkhonto bathi ke nangu ke umkhonto ukuba sithi ke nyanga...wawuthatha ke umfana umkhonto wawugalela uthuthu wawubeka...bamshiya apho umnt' ogulayo bagoduka...wanyangwa ke okokuba makazokuba ligqira ngulowo ngoko ke wathi ke ukumnyanga...wathi kufuneka e--- wenzelwe ibhekile kowenu waye ke int' 'okuqala kufunek' ufukanyisiwe khon' uze ibe loo nt' iya kuhamba ngendlela...kusetyezwe loo nto ke yaye le nto iyimfukamo iyinto nje engenanyama kwenziwa loo nto ke...waya apho ehamba naye bebobabini besiya kukhaya lo gulayo...ngoko apho wafika wamfukamisa wambeka yedwa esenza ngamayeza apho embeka yedwa wamvalela wahlala emnyameni...kwalile nxa kutshisa ilanga wamkhupha apho wamfaka iyeza wamgabhisa...ngoku wamhlamba ngeyeza wath'akugqib' ukumhlamba ngeyeza wamkhelela iyeza elilikhubalo elimnyama lasehlathini...walinqumla walibophelela kuye walibophelela ngoluzi...ngoku ke uluzi ke luthathwa kwa sehlathini...ngoku ke wath' akugqib' ukwenje njalo wa--- wathi ke kufunek' abe neentsuku iintsuku ezintandathu engay' emlanjeni azaye kusuku lwesixhenxe...wahlala ke engayi mlanjeni...wahlala wahlala wahlala wathi kusuku lwesixhenxe waya k' emlanjeni...kwanjaqo ke ngonje ke wamenzela ibhekile...wamenzela le bhekile yobulawu bakowabo wamkhandela emphehlelela emane embeka igwebu entloko loo nto elitya[121] ...kuthe ke ngonje wakuba enje njalo hayi ke ngonje waqalisa lo wanemibono naye aman' eyibona x' elele abone izinto laye lisithi igqira eli ndiyakuhlamba ndiyakugabhisa ndikuhlambela okokub' izinto zobugqira zivele kuwe zibonwe nguwe waqala naye ngoku...athi akulala umguli lo azibone ekumazwe azibone esimb' amayeza azibone ekhanda amayeza azibone engathi uphethe omny' umnt' ogulayo uyamseza avuke loo nto ayithethe athi akuvuka ayithethe apha egqireni lakhe lo mfana...athi zezaa 'nto 'be ndikuxelela ndithi ziza kuvela okokuba ndikuphethe ngamayeza uza kuba lilo igqira...igama laloo nto ke kwathiwa ngumkhwetha...ngumkhwetha lo ngumkhwetha wegqira uyaphehlelelwa...laa mfana yena waligqira kwathiwa nguyena gqira wakhe...baye buvela ke ubugqira njalo njalo...kundawo ngeendawo...abanye bathi xa bevelelwa bubugqira esuke aphambane esiwe emagezeni...angancedwa 'se elapho abe 'khona[122] agezayo...omnye akagezi usuka agule alale phantsi zintlungu kodwa ke kubonakale okokuba uyagula...ubugqira yinto eyimvelaphi yesiphiwo umntu aphiwe zizinyanya zakhe unyanya wakhe ngumntu omdala wokuqala owafayo into ethi xa ithethwa kuthiwe umntu wafa waza wangcwatywa kuthiwe ubheke ezulwini...uza ngomoya kuwe ulele akuxelele into omawuyenze ize loo nto uthi wakuyenza ibe nje ngoko ub' uyixelelwa ulele...loo nto ke ibe ligama lokokuba thina xa sithetha ngesiXhosa nguNyanya...le nto inguNyanya thina sithi nguThixo kuba nguThixo into yokuqala eyadala umntu kwaze ke ngoku emva koko umntu wabiz' int' ethi yena kukho uNyanya...egameni lobugqira ngoko ke igqira lihamba ngolo hlobo ukuze ke igqira libe nesabelo e--- isiphiwo okokuba ligqira elixilonga nje lixilonge nje lingabinawo kakhulu amayeza okukhanda umntu aphile...lithi elinye libe nesiphiwo sokokuba lixilonge livumise...ukuvumisa ke kukusuka abantu kude besuke bodwa beshiya phantsi umnt' ogulayo bahambe baye kundaw' enegqira bafike apho bahlale...besithi bafuna indaba ize igqira libaxelele lithi nisuka phaya nisuka nizele apha ukuza kuva okokuba laa mntu lowa uyagula nimshiya ekhaya ugula yint' ethile yint' ethile yint' ethile yint' ethile yint' ethile...litsho ke igqira lizixele iinto ezikulaa mntu esekhaya njalo litsho ke...ibe yimvumisa ke leyo igama laloo nto...le yokuxilonga ngumnt' osukileyo ngeenyawo waya egqireni...afike ke athi ndizokuxilongisa...lisuke ke limxilonge limchaze ke iindawo ezibuhlungu lithi unendaw' ethile nendaw' ethile...leyo ke ibe lilo igqira lokuxilonga...alikwaz' ukuvumisa...e--- elinye igqira liyaxilonga livumisa nokunyanga likunikwe liphilise abantu abagulayo...kushiyashiyana ngoloo hlobo ke...ezi ziphiwo ke zasebugqireni azifani zinjalo...lithi ke elinye libe nokuthi lixilonge nje kuthiwe igama lalo elo gqira nguNobumba...kuba lona alikwaz' ukuvumisa...liphelele kule ndaw' 'okuxilonga[123] e--- 'se aba Nobumba bahlukane...kuphinde kube 'kho elinye igqira elithi lakugqiba ukuxilonga lithi into liyiqubule...liqubule ngomlomo ize litsale loo nto ingaphakathi ibuhlungu ngomlomo liyikhuphela ngaphandle...loo nto ke lisi--- lisi--- lisisiphiwo esinje elo...linguNobumba oqubulayo...ize elinye ke iggira libe lilo igqira...elingakwaziyo ukuxilonga elingakwaziyo ukuqubula elingakwaziyo ukuvumisa elingakwaziyo konke okwenziwa ngabo ukuze lona into yalo ibenye ibe kukunyanga kuthiwe ukubizwa kwalo litola...ize kuphinde kubekho igqira kwakhona igqira eliye livumise uze lithi lakugqiba ukuvumisa libe nguye umbululi phantsi kokokuba ezinye izinto zithi kwabo bantu bagulayo kuba kukho abenzi bentw' ezimdaka kunye nababulali benyama...kuthi kanti umntu egula nje ikhona into eyenziwayo zizazi ezo zazi kangako ize ke lona igqira elimbululayo liyokuyimbulula loo nto lilodwa ke nelo kuthiwa ukubizwa ligqira lokumbulula.


Notes

[113] A brief pause, during which she asks a member of the audience, Uyakholwa?

[114] languye: she says, yanguye.

[115] In the background, a cat knocks something down, and there is a clatter.

[116] A brief pause. Masithathu Zenani says, Khawukhuphelekati! Esisibhanxasekatiphandle!

[117] MasithathuZenani will permit no interruptions whatsoever of her performances. She insists that some whispering children leave the house: Hambani! Hambanisebezaniphandle! Umntumakambiz'umnt''athetheloontokuyephandle!

[118] hambokukha: hambauyekukha.

[119] nt''okuqala: intoyokuqala.

[120] 'san': musani.

[121] Again, Masithathu Zenani speaks angrily to a child in the audience: Khaniphume, Thembekile! Khaniphum'aninambeko! Phuma! Ub'uthen'ezi'nto ungazithathinjeuyokuziwaxazelapha'zibhanxandini! Wabon'izibhanx'ezinje! Hambahambahamba! Yeka! Yekalent'ueynzayondithihamba! Mka

[122] 'khona: kukhona.

[123] kulendaw''okuxilonga:kulendawoyokuxilonga.

Previous Previous section

Next section Next




Go up to Top of Page