South African Voices: Created in Olden Times (2006)
SOME GIRLS GO TO A CLAY PIT
Nomavo and other girls go to a clay pit to dig for ochre on the eve of their puberty rituals. Nomavo leaves something behind and must retrieve it by herself, and she moves into a transformation experience that symbolizes the changes that she undergoes as she moves to womanhood.
Yathi intsomi...kwaye kukho esixekweni esithile umzi wakomkhulu...lo mzi ke wakomkhulu wawutyebile[63] ...wawunabantwana[64] unento yonke kukomkhulu ke...apho ke komkhulu kuthe ke ebantwaneni apho...yaziintombi ezimbini zalekelana[65] ...zaye zona zisalekela umfana...kwaye ke kukho abantwana ababini abasemva kwazo...abangamakhwenkwe...ngoku ke kuthe kwakuba kudala ke kwabonakala kubhungwa kubhungwa into yokokuba heeee! noko ke iintombi ezi ziyalingan'...enye intombi nge[66] yamadodana enye intombi nge[67] yamakhwenkw' amadala... ngoku kufuneka ke ezi ntombi z--- zithombe...ke azinakuthomba kunye...kufuneka kuthonjiswe le indala yabafana...ngonje ke 'the[68] kwakubon' uba kubhungwa loo nto ke...zaye iintombi ezi zona ngokwazo zingamakhosazana...zinamaphakathi wazo nazo...le yabafana inamaphakathi wayo aziintombi zabafana...le yamakhwenkwe inamaphakathi wayo aziintombi zamakhwenkwe...unina inkosikazi umfazi wenkosi unamaphakathi wakhe angabafaz'...uyise inkosi inamaphakathi wayo angamadoda...ke nxa sukuba zihamba indawo ezi ntombi okokuba kuhamba le ntombi yabafana iya kuhamba namaphakathi wayo aziintombi zabafana...ukuba indawo ihanjwa yile yalekela le yabafana ihamba namaphakathi wayo aziintombi zamakhwenkwe...ibhungiwe ke into enjalo zaze ke iintombi ezi zayiva le nto...ukuba apha usisi lo uza kuthomba yatsho le inge[69] yamakhwenkwe intombi...ke andazi noba loo nto uza kuthini na nob' uya kusiqhuba na thina xa ebhek' emboleni...iintombi ke zazisithi[70] ke xa iza kuthomb' intombi ziqale ngokubheka emboleni...ngoko ke yathi ke le yabafana ngenye imini...kootanga bayo apho kumaphakathi wayo ke aph' ekhaya ndiyaqond' uba ndiza kuthonjiswa ke imbola andinayo...ndiyayiva loo nto qho...kuyathethwa ngoba mandithombe ke kufuneka ke sibheke emboleni ngosuku oluthile... zaqokelelana ke iintombi ngolo suku zilubonileyo...zaqokelelana zaze zaziintombi ezilishumi... ezi ntombi ke zingamaphakathi...zalishumi...zaze ke yaz' iinkosazana ezi zombini ngokwalekelana kwazo le ntomb' iza kuthomba kunye nale yalekelwa yiyo...zenza ke ngonje ishumi nambini...zahamba ke zabheka emboleni apho ziphethe imiphako yenkobe...kuba emboleni kukude...zifikile ke emboleni zafika kwangenwa k' emboleni apho yembiwa imbola leyo...ithe yakuba isimbiwa imbola kwaqala ngonje kwathiwa noko ke inkosazana le ayingekhe yona izimbele imbola...ekhon' amaphakathi...ithe ke enye intombi hayi bo makazimbele ngokuba kaloku ufuna imbola entle...ke ngonje uza kuyigxeka le mbola 'se siyimbile...ngoko ke yangena inkosazana...ithe yakungena ke yakufika emngxunyeni apho yayimba imbola...yaze ke ngonje yaphuma 'ze kanti ishiya inkciyo yayo pha' ngaphakathi emboleni...imbola ke kuhanjwa phantsi komhlaba...kuhanjwe kumnyama kuye kukhiwa imbola ngaphantsi behamba phantsi komhlaba... ithe yakuphuma ke ngonje kwahanjwa...zabotshw' iimbola kwathwalwa kwahanjwa kuthe kwakuba kukudala kuhanjiwe...kwabonakala okokuba aa! hayi ngoku...kuhlwile...kwawelwa umlanjana...bathe bakuwela lo mlanjana...zahlala phantsi iintombi zathi heee! namhlanje ib' iyimini...yokungena...kwenkosazana phaya...ke ngoku siza kuthini...ngoba kaloku...ngonje umkhusane asiwukhanga...hayi mawukhiwe...wakhiwa k' umkhusane...wenziwa wenziwa wenziwa wenziwa wenziwa kwalile xa begqib' ukwenz' umkhusane...yathi inkosazana iyho! iyho! iyho! iyho! ndalibala inkciyo yam...ndiya kuthini ngoku inkciyo yam ndilibele phaya emngxunyeni...kwo! ndikhaphe Bani...yangulowo andicingi ebusuku ndikhaphe Bani... andicingi!...o! ndikhapheni bethuna hayi andicingi wazigqiba zonke iintombi zoshumi zingavumi ukuphinda emva zisithi kukude phaya...kwalile xa kunjalo ke kwabonakal' okokuba ngoku hayi bo! makathi mntana kamama wena ndikhaphe Nomavo...wathi uNomav' andicingi tu ukuphinda ndiye pha' kanti ngonje kuleli xesha andicingi mna ndiyoyika...o! ndiya kuthini mnta' kamama ukushiya inkciyo yam hayi ungas'[71] uhambe...siza kusuka sikulinde...zihleli ke iintombi zathi kuba iintombi zakomkhulu zaziphatha imikhonto ngezandla...nxa zihambayo ngobukhosazana...yaze ke le ntombi yagxumeka umkhonto phantsi...yathi ndiyamba ke ndiyazincama...ke 'ze[72] nijonge kuloo mkhonto ke kuloo mkhonto okokuba ndikhubekile...uya kuwa...uphind' uvuke okokuba ndifile...uya kufa uba uya kuwa uze ugmxale ube nomhlwa ungavuki...zathi ke kulungile wawugxumeka ke wahamba...kwalile xa kuphi...wakhubeka waya kuwa...wakhubek' umkhonto nawo apha wawa...zathi iintombi yho! ufile masihambe...zahamba ke zashiy' apha lo mkhonto washiyeka ke won' umkhont' uvuka kuba kaloku eb' ewile waphinda wavuka...zithe zakuba zihambile zona...hee! siza kuthini...kuba nangu umkhusane...ke phay' ekhaya 'be siza kuthombisa nje...kufanelek' uba sithini hayi kaloku...masicebisane ngale ndlela...e--- 'fan' uba sibamb' unonkala...emanzini simthombise...nonkala! wath' unonkala hee? yiza! sikuthombise siya kukupha inyama...wathi unonkala andicingwa tu...mn' abantwana bam belila...kwabonwa intaka ihiungulu hlungulu yiza! sikuthombise sakukupha[73] inyama injeke...lavuma ihlungulu labanjwa lagqunywa...baze ke baliqab' umzimba...baligqumathela baze ke ngoku batsholoza benz' unongabe[74] ...kwaya kufikwa ekhayeni...bafika bangena kundlu yentonjane bawumisa umkhusane...balubeka ihlungulu ngaphaya layintonjane ligqunyiwe...yaze intombi lena ingudadebontonjane yalilo ikhankatha yahlala ikhankatha ke yinto yokuphekela intonjane... zahlala ke iintombi...kuthe ke kwakusa kwasa ke kusenziwa umngena-ndlini kuxhelwa inkomo... kusenziwa umngena-ndlini kuba kuthonjisiwe...kukikizelwa kusithiwa ayithombanga ithunukele inkosazana...heke ngokuya kulaa mngxunya...ihambile yona ithe yakufika apho yafika kukho idangatya elikhulu apha emngxunyeni kumhlophe int' e--- engathi kuthe ngqa umlilo ngath' yitosh'[75] ...yathi yakuyijonga le nto hee! yinto le...o! yoyika intombazana yayithatha le nto yayithatha yayifaka engxoweni...yaye nenkciyo yayo 'se iyithathile le nto yayifaka engxoweni... ihlel' intombazana njalo isoyika ingenakho ukuthini yemka nayo ke le nto iyityathile egxalabeni intombazana leyo...yaya kungena nayo emzini wayo...ithe yakufika emzini wayo yayixhoma entla kanti into le ligongqongqo yinto etya abantu...ngoku ke yayixhoma phaya...kuthe ke xa kunjalo ke yahlala ke loo nto yaye le nto isithi xa ityayo itye itye itye ivungul' imivungulo...iyifake phay' engxoweni uba makutye laa ntombazana...ngoko ke kuthe kwakubon' uba ke kuseso simanga sinjalo kwathi kwelaa khaya kwabonakal' uba makutshatwe ke ngoku kuba kuthonjisiwe komkhulu...yatshata k' inkos' itshatela intombi yayo eyithombisileyo...yathi ukutshata yaxhela inkomo yabafazi...yayiwisela ngasesibayeni yaxhela inkomo yamadoda...yayiwisela ebuhlanti yaxhela inkomo yabafana...yayiwisela enkundleni yaxhela inkomo yamakhwenkwe...yayiwisela phantsi kothango yaxhela inkomo yakwantonjane yayiwiseia kwantonjane...ziphekiwe ke iinyama kwakusa apheka amakhwenkwe phantsi kothango kwaqhum' isisi kwanjalo kwasebuhlanti kwaqhum' isisi kwanjalo kwasenkundleni kwaqhum' isisi kwanjalo kwangasesibayeni kwaqhum' isisi kwanjalo kwa'[76] kwantonjane kwaqhum' isisi kwanjalo kwaye kuluvuyo ekh' apha kutshatelwe inkosazana...kwalile ke nxa kuyiloo nto ngalo mini kanye inkulu yokokuba kutyiwa izipheko zentonjane...yesuka laa nto emzini wayo yesuka yathatha laa ngxowa ...i--- iyixhome phay' entla...yalaa ntombazana...yayithath' emngxunyeni...yayityatha...yahamba nayo...isiva ivumba ngempumlo okokuba ikhona int' enuk' inyama...iza nomoya inyam' izokungen' empumlweni yayiv' uba awu! kunuka kamandi ngaph' yayityatha yemka nayo... yahamba ihamba ngeli vumba isezela mh! inuka ngaph' mh! inuka ngaph'...yaya kufika kulo mzi yathi yakufika kulo mzi yaqalisa emakhwenkweni phantsi[77] ...yafika apho yathi khaniphose ngasenqatheni nangasesihlunwini...e! makhwedini ndanikhalisela[78] intak' 'omnt'[79] omkhulu... aphosa amakhwenkwe aphosa ngasenqatheni nangasesihlunwini yatya yatya yatya yatya yavungula yavungula yavungula yaphos' engxoweni le ntombazana...le ntombazan' yayivuthulula le mivungulo yayibhekisa ecaleni...yesuka yathatha isiqobo...yathi guntshu yathi khala ntak' 'omnt' omkhulu...yathi le ntombazana
yayeka...e! 'hamba[83] ke ngoku...kwesuk'.umntana umntanan' omncinci...wabaleka lo mntana waya kutsho...ku--- kubhuti wakhe ebafaneni bhuti bhuti bhuti yhu yhu yhu yhu! nants' int' ikhala pha' int' engathi ng--- ngusisi Ntonjane[84] ...ibiza usisi lo ulikhankath' ibiza nawe ngegama yho yho yho yho! oo hayi bo...wathi umntana wahlala u--- umfana...yeza le nto...ebafaneni.. molweni bafana khaniphose ngasenqatheni nangasesihlunwini ndakunikhalisela[85] intak' yomnt' omkhulu...baphosa baphos' abafana...yatya yatya yatya yatya yatya yavungula yavungula yaphosa kule ngxowa...yayigatyel' intombazana le nt' yayiphosa pha' ...yathath' isiqobo yathi guntyu! khalukhale ntak' yomnt' omkhulu...
uthi mandithini mandithini
gibisel' emboleni ndahamba
ndalimal' endlu ntshana kabawo Noluhlu...
akundipheleki
ntshi ngantsho-o
Nomavo akundipheleki
ntshi ngantsho-o...
awu! waqalisa lo mfana tyhini! yinyani le nto ithethwa ngulo mntana...waya umfana kuyise ebuhlanti...wafika tata khawusondel' apha wamsondez' uyise...tata naso k' isimanga namhlanje... kanti ekh' apha sidleka nje kunje...nants' into ikhala kule nto ikhala ngokwentonjane ibiz' igama lam ibiz' igama lodadewethu lowa...injalo nj' yintonjane-ntonjane ke tata uz' ungothuki uz' ungaphaphazeli...kwenziwe icebo ngale nto...wathula ke uyise wev' evile...bahlala ke...yangena ke emadodeni...yathi molweni ziinkosi awu! ewe! kwatshiwo yho! khanijule ngasesihlunwini nangasenqatheni ndonikhalisela[86] intak' yomnt' omkhulu...ajula zajul' iinkos' zamnika inyama watya...wath' akugqib' ukutya wavungula wayijula apha le mivungulo kule ngxowa...yayijula ecaleni le ntombazana...wathi ke ngoku warola le nto yesi siqobo wathi guntyu khala! ntak' yomnt' omkhulu...yaphind' intombazana yathi
uthi mandithini mandithini
gibisel' efolweni ndahamba
ndalimal' endlu ntshana kabawo Noluhlu...
akundipheleki
ntshi ngantsho-o...
Nomavo akundipheleki
ntshi ngantsho-o...
mh-mh! waqala uyise ngoku...awu! ...unyanisil' umfana...waphuma uyise ebuhlanti...waya ebafazini wafik' wabiza umfazi wakhe wamxelela int' enje okokuba az' angaphaphazeli umntan' 'akhe nanko aph' makuphekwe iinkobe zamazimba...aphothulelwe...e--- uze kufunwe isitshixo sokokuba avalelwe pha' ekoyini...loo nto ke iza kwenziwa ngabo ngecebo...hayi ke wahlala k' umfazi wasekunyamezeleni okunjalo...iphumile apho emadodeni yabheka enkundleni ebafazini... yathi molweni makhosikazi khanijule ngasenqatheni nangasesihlunwini ndiya kunikhalisela intak' yomnt' omkhulu...bayijula abafaz' inyama inqatha nesihlunu yatya le nto yathi yakugqiba ukutya...yaphind' yathatha isiqobo yabetha kule ntombazana guntyu! khala ntaka yomnt' omkhulu...iphindile le ntombazana yathi
uthi mandithini mandithini
gibisel' efolweni ndahamba
ndalimal' endlu ntshana kabawo Noluhlu...
akundipheleki
ntshi ngantsho-o...
Nomavo akundipheleki
ntshi ngantsho-o...
o! wabulila[87] umfazu kodw' akabonakalisa...hayi ke wahlala ke yajika ke yabheka emadodeni into leyo...ithe ke yakufika emadodeni ebuhlanti kwathiwa ke phaya o! apha ke komkhulu undwendwe umnt' ob' ehambele uye ayokhelela[88] inkos' amanzi emlanjeni...ukuze ke loo manzi awakhe kundaw' engenasele engakhal' isele...uze ke ngonje ke loo manzi ke a--- aye yedwa awanik' inkos' isele...ivumile into yathi ingxowa yam ndiya kuyithini na kwathiwa ke hayi ingxow' ayinakwenza nto unokuyibophelela... yayibophelela ke ingxowa yayo exhantini... yayithelekelela yayithelekelela yayithelekelela yanikwa ke ifatyi evuzayo...yahamba ke nale faty' ivuzayo le nto isiya phaya emilanjeni...yaba ngathi thu kulo mlambo...yathi thu kukhal' isele yegqitha...ihamb' ihamb' ihamb' ihamb' yaba ngafika kulo mlambo...ithi 'se isikha kukhal' isel' iwachithe yegqitha...yade yafika kundawo engenant' ikhala 'sele yakha...yathi yakukha tyhini! iyavuza le nto...ayaphuma la manzi...yacika le nto yacika yacika le nto...iyicika le nt' izimini...yakha kude ke ngoku yakh' apho ke ngoku ya thwala...apha ke amadoda acebisana aph' ekhayeni o! kuthiweni kukhululwe[89] le ngxowa yayo...njengoko ib' iman' ijika se ikude ithi ningayiphatha-phath' ingxowa yomnt' omkhulu...kuthiwe hayi asiyi kuyiphatha...ma'kh'[90] ikhululwe yakhululwa le ngxowa...yathi yakukhululwa le ngxowa tyhini! yiyo le le ntombazana ithe gabhu! yimivungulo...yakhutshwa intombazana yaya kufakwa ekoyini yenzelwa umphothulo yavutyiselwa yatya kwavalwa kwatshixwa phay' ekoyini...kwathi kwakufikwa apha kwabizwa izilwanyana zonke zomhlaba mazize aph'...zeza izilwanyana yaziinyoka...yaziinyushu yaziintoni yangamavivinga[91] namabhabhathane iinkum' amasongololo yonke isilwanyana[92] kwazala kwathi qhu oonomanxelana noonomeva ntoni...kwabuzwa kuzo ngazinye yhe! yhe wena uya kuthini nxa kuthiwa khala ntaka yomnt' omkhulu wasuk' unomeva wasuk' wathi ndase[93] ndithi nxo! ngolwamvila kwabuzwa inyoka wena uya kuthini nxa kuthiwa khala ntaka yomnt' omkhulu yesuk' inyoka yathi ndiya kuthi xho! ndimtye...zonke zaxela ndiya kusuka ndimtye...kwade kwathi ekugqibeleni nxa zonke zisithi ziya kusuka ziyitye int' ebuzayo zathi ekugqibeleni kwasuka unomanxelana...kwathiwa wena Nomanxelana uya kuthini na wath' unomanxelana nxa kuthiwani na nxa kuthiwa khala ntaka yomnt' omkhulu wathi unomanxelana ndiya kuthi mna...
uthi mandithini mandithini
gibisel' efolweni ndahamba
ndalimal' endlu ntshana kabawo Noluhlu
akundipheleki
ntshi ngantsho-o
Nomavo akundipheleki
ntshi ngantsho-o...
kwathiwa kuye yes[94] wena ugqibile...wafakwa k' unomanxelana yaqala ke ngonje ke le nto yazaliswa ngazo zonke izilwanyana le ngxowa kwathiwa mazingene phakathi zangena ke... kwathiwa 'ze nikwenze konke oko nikwaziyo kwaqhinwa ke es--- emlonyeni wengxowa...yabotshelelwa ke kulaa ndawo ib' ibotshelelwe kuyo sesi silwanyana...baze bayithelelekelela ngolo hlobo eb' ebophelele ngalo kwahlaliwa ke...wathi thu ke umf' omkhulu evuzelwa yilo fatyi evela kude namanzi...wafika wangena ebuhlanti wathi nanga k' amanzi nkosi yesuka k' inkosi yasela kwathiwa k' uncedile yaphakelwa ke ngonj' inyama...yatya yatya yatya yatya yatya le nto... yathi kwok'! kodw' aniphatha-phathanga na le ngxowa hayi ayinakuphatha-phathw' ingxowa... hayi ke yathi ke ngonje ihluthi hayi ke isahamba ngoku kulungile yayikhulula ke ingxowa yayo phaya yathi ke nxa iza kuyityatha ingxowa leyo yathi guntyu yathi khawukhale ntak' yomnt' omkhulu...wesuk' unomanxelana wathi
uthi mandithini mandithini
gibisel' efolweni ndahamba
kwo! yeka yeka! pheza kuwe! yayityatha ke yemka nayo ke ingxowa leyo...ngoku ke yaba imke nayi ingxowa...ibheke kuwayo[95] layo yafika yayixhoma kwa kulaa ndawo...kweli khaya ke ngokwasemninikhaya...onendleko engako oxhele iinkomo zakhe kanti intombi yakhe ayikho... ubize ooyise beentombi zonke ezikwantonjane wathi ndoda nganye enomntana ophaya ndiyayifuna apha ke yiyo le intombi yam ke umntu othanda intombi yakhe...andifun' nokumbona ndifuna umntu aqumle intombi yakhe umqala ngokwakhe namhlanje...ngoko ke bazithandazel' abanye bathi barol' amathokaz' enkomo abanye bathini waye engev' umfo...zaye k' iintomb' eziya ke zaya ngonje zaku--- zakunantsikwa ngamadoda la...'vingcelwa[96] phaya kulaa ndlu yakwantonjane...kwathiwa khanithi sibone intonjane leyo waye uyise elapha...zathi iintombi yho! yho! iya kugubuka le ntonjane...ooyise baya phi kwathiwa khanithi siyibone...zan--- angen' amadoda...athe akungena amadoda lavumbuluka ihlungulu laa ntaka...yathi ruru! mna kwakuthiwe ndiya kuphiw' inyama yabhabhazela yemka intaka...ngoku ke...iintombi ezo ke zabuyela entla kwaye kuvingciwe ke kusithiwa iphi na intonjane...uqalise ke uyise wentonjane ngeyakhe intombi leya ilikhakatha ingahlala kant' udadeway' akakho...waqala ngayo wayinqumla umqala...zonke z' ezo ntombi zinqunyulwe umqala kwashiywa apho iintombi ezaa zingekho ngalaa mhla kwakudalwa le nto ezazize kwantonjane nje...zona ezo zilishumi elinanye zanqunyulwa imiqala...zaze ke zemka ke zaya kulahlwa kwahlaleka ke njalo...ngoku ke kuthe kwakubon' uba kuhleliwe aph' ...kuthe ngenye imini iintombazana zingekho nabantu bengekho yeva intonjane ihleli yodwa...kusithiwa gingqi gingqi gingqi gingqi yathi hee! yintoni l' itshoyo iyodwa gingqi gingqi ntonjane yathi yona yho! unabani yathi ndindodwa yathi le nto 's'[97] ukuthi ndindodwa yithi ndindolwa...yathi ndindolwa ke...zangena iintloko zihamba ngeentamo[98] ... zangena iintioko zihamba ngeentamo gximfi gximfi gximfi ngeentamo...yho! hee hee! uyavuya umntu oyintonjane um hm! uthini na wethu khawuze 'khe[99] sikutyobe 'khe sikuntlantlathe... zamqofuza ngamazinyo hamm qofu qofu qofu qof' umzimba wonke wopha walityofu-tyofu zemka!...kufikiwe...zithe xa zimkayo uz' usixele...kufikiwe ngabanye nxa bebonke ayaxela intonjane okokuba inje...kwaye kuviwa uba iyancwina...int' enay' ayiyithethi le nto...ngoku ke kwabonwa ngegazi emnyango nangokunyathela...liba[100] lihlile liphantsi kwenxopho yaye ke kwandlelwe inxopho apha into ekhiwa emlanjeni...ngoku ke kubonakele okokuba hayi bo! ithen' intonjane ayityi ayithini i--- iyancwina apha hee! itheni le ntonjane...hayi bo yakhangelwa yad' es'ke ke ngonje ke yabonwa nguye wamnye yintoni...hayi asiyonto umzimb' ubuhlungu hayi ubuhlungu yintoni...hee yinton' eli gazi livela phi...yad' es'ke yabonakala le nt' uba iphuma kule ntonjane wenziwe yintoni ntonjane hayi 'be kufike iintlok' apha 'be zithe 'ze ndingazixeli ndiyayoyika le nto...yho yho yho yho yho! oo yaxela ke le nto phaya kumnakwayo...bhuti apha kufikwe intonjane inje wayibona k' ubhuti wakhe wayixela le nto emadodeni kwaqala ke ngonje okokuba 'ze[101] ezi ntonjane ke ngonje apha kulungile 'ze[102] kumkiwe ingagcinwa 'ze[103] abafana...baxhobe 'ze bahlale ngaphakath' ebuhlanti bangez' aph' ...baxhobile ke benje[104] njalo kwemkiwa...ngabavumi baxhoba bahlala ebuhlanti kuvakele emzuzwini...kwathi giqi giqi giqi giqi...ntonjane! yho! unabani ndindolo e! wena! sasithe 's'[105] ukutsho...uqhayise ngantoni... yathul' intonjane.. .zangena...gxikimfi gxikimfi gxikimfi...zalil' uba ziphelele ukungen' aph' endlini...abafana bayalunguza apha bayazibon'...beza bafika bavingca emnyango bavala...oo zatakatak' iintloko ziya kubetheka phezulu zitakataka ziya kubetheka phezulu hayi ke bazinqoloba bezibetha bezicumza bezithini bezithini zaye ke ngoko ke zathathwa ke ngoko zagalelwa engxoweni zigutywe zinjalo zakufakwa[106] emlanjeni...yahlala ke intonjane...ngoku ke kwakuba kunjalo intonjane leyo 'se itshatele ngokutsha yakhutshwa... phaya kulaa ndawo esaa silwanyana saxhoma laa ngxowa phaya entla sithe ngaminazana kubafazi baso bathathu... nkosikazi wam omkhulu khawuthule nantsiya ingxowa yam ekubeni begqiba kubasa umlil' omkhulu e--- ebe beyokutheza kuba kuza kutyiwa isi--- isilwanyana esisengxoweni kwabaswa kwabekwa imbiza yalile xa ibomvu wathi yothuleke...uyile umfazi omkhulu uthe akuyibamba yamfikila ingxowa wathi shu shu shu Sobani iyaluma le ngxow' 'akho...yathatha intonga le nto yathi ntyu! hamba esi sidenge...int' esisibhanxa esingeyonto le nto mfazi wam wasekunene... umfazi wam yena endamlobola ngeenkom' ezintle khawuthule pha' laa ngxowa nkosikaz' 'am...uyile lowo yaye imbiz' ibomvu ezik' umlil' mnkhulu...wafika wayibamba yamfikila ingxowa...yho! yho yho! iyaluma Sobani le ngxowa waphinda kuntyu! hamba sibhanxa...ithole lesibhanxa okwalo iint' ezingento...yiza mfazi wam waseqadini ondamlobola ngeenkom' ezirwanqa yena oza kundothulela ingxowa yam...wangena lowo umfazi wafika waya...uthe akuyibamba yamfikila ingxowa waphinda yhu! shu shu shu Sobani iyandiluma le ngxowa waphinda wathi kuntyu! hamba! int' engeyonto...mka iluma nton' ingxow' 'am...'ze nivale apho! valani! valani! andifuni nokunibona...baxove udaka abafazi bevale neefestile neminyango...wathi valani andifuni nokubona nentunja encinci...zityatyekiwe iintunja kwatyatyekwa nocango ngodaka kwamnyama kwathi mbe! kwakhanya umlilo wodwa yesuka yona yaya kuthatha laa ngxowa yayo...ayaluma ngoku le ngxowa apha kuyo ifike yayivula umlomo yayibhukuqa kumbiza ebomvu eseziko...ithe yakuyibhukuqa akuwanga nasinye phantsi zonke ziphumele kuye emzimbeni[107] ...wathi yhoooooo! ndafa! oo! yini mfazi wam umkhulu vula ndafa! kwathiwa yitya! into yakho leyo...oo! yini mfazi wam wasekunene vula ndaphela ndafa[108] khawutye into yakho leyo!...oo! yini mfazi wam omncinci ndaphela khanivule[109] bethu ndatyiwa wathi nomncinci sithe yitya into yakho leyo...ulungile...imtye! zamtya zamtya ezo 'nto washiyeka engamathambo odwa odwa amathambo emhlophe nje kungekho nqathe kungekho sihlunu...uthe pulukutshu!... waphuma phezulu endlini waye waqinis' emhlophe mbe kungekho nyama!...waqinis' ebalekile wafika waya kungena echibini kwaye kukho isipunzi apho wa--- wa--- esinguye wangena wema ngentloko emanzini...uthe akuma ngentloko emanzini ethe ngho enjalo waze ngonje yena ebhekise isibunu phezulu kwakhela iinyosi zingena ke ngonj' entunjeni kuye...zakhela zakhela iinyosi zatyeba...zithe ngaminazana iinyos' ezo kwakho abayeni bakomkhulu abaziinkosi ababheka ebukhweni...bathi nxa bahambayo njalo bengamadod' amathathu hee! yintoni le... yintoni l' ilaph' ngoku...hee! esi sipunzi...sineenyosi...bajonga bajonga babon' uba ziinyosi...baya baphakula...zaxing' izandla zabanye zaxing' izandla zabanye zikhulu...hayi! nkos' esakho sincinc' isandla singangen' aph' ...yesuk' inkosi yil' ingumyeni yangenis' isandla esayo sangen' yarol' ucango yabeka...yaphinda yangenis' isandla yarol' ucango yabeka yaphinda yangenisa... waqin'[110] into...saqin' isandla saqina ngaphakathi...awu! iza kuthini ngoku le nto... yatsala apha yatsala hayi bo! isandla siqinile...kwakh' int' ethi phantsi emanzini bamba mnqund' wendod' endala![111] ...awu! yintoni ngoku satheth' isipunzi...kweziwa...endaweni yokokuba kuzameke ntoni barole imela basinqumla eso sandla basinqumlela ngaphakathi bathe xa besukayo sataka ngaphandle isandla...waneso[112] sandla iphelile ke ngoku.
Notes
[63] wawutyebile: wabautyebile.
[64] wawunabantwana: wabaunabantwana.
[65] zalekelana: zisalekelana.
[66] nge: Hlubi form. Xhosa: ye.
[67] nge: Hlubi form. Xhosa: ye.
[68] 'the: kuthe.
[69] inge: Hlubi form. Xhosa: iye.
[70] zazisithi: zabezisithi.
[71] ungas': ungasuka.
[72] 'ze: nize.
[73] sakukupha: siyakukupha.
[74] unongabe: the Nongabe ("you might") chant.
[75] yitosh': from English "torch" (flashlight).
[76] kwa': kwaba.
[77] Masithathu Zenani coughs, then briefly discusses her coughing with a member of the audience.
[78] ndanikhalisela: ndiyakunikhalisela.
[79] intak' 'omnt': intakayomntu.
[80] She sings these words.
[81] endluntshana: or endlumtshana, "favorite of my father."
[82] The song at an end, Masithathu Zenani allows herself a quiet, self-deprecatory laugh.
[83] 'hamba: yahamba.
[84] ngusisiNtonjane: out of respect, a younger child refers to an older sister as sisi, followed by her name (Sisi Nosipho). Here, sisi is followed by the noun describing the present state of the sister, ntonjane.
[85] ndakunikhalisela: ndiyakunikhalisela.
[86] ndonikhalisela: ndiyakunikhalisela.
[87] wabulila: wababulila.
[88] ayokhelela: ayekukhelela.
[89] kukhululwe: makukhululwe.
[90] ma'kh': mayikhe.
[91] yaziinyoka...yaziinyushuyaziintoniyangamavivinga: yabaziinyoka...yabaziinyushuyabaziintoniyabangamavivinga.
[92] yonkeisilwanyana: yonkeintoesisilwanyana.
[93] ndase: ndiyakusuka.
[94] yes: she uses the English word.
[95] kuwayo: kowayo, kuplusikowayo.
[96] 'vingcelwa: zakuvingelwa.
[97] 's': musa.
[98] She stops to ask me if I am enjoying the intsomi.
[99] 'khe: sikhe.
[100] liba: kuba.
[101] 'ze: zize.
[102] 'ze: kuze.
[103] 'ze: baze.
[104] benje: benze.
[105] 's': musa.
[106] zakufakwa: zayakufakwa.
[107] With increasing excitement.
[108] ndaphelandafa: ndazandaphelandazandafa.
[109] khanivule: she says nganivule.
[110] waqin': yaqin'.
[111] Laughter.
[112] waneso: wabaneso.
Text copyright © 2006 by the Board of Regents of the University of Wisconsin System.
Photographs copyright © 2006 by Harold Scheub. Used with permission.
Those interested in using these materials for any purpose not covered under Fair Use must seek the permission of the University of Wisconsin-Madison Libraries and/or Harold Scheub.


Listen to this section